Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 2

‘Guquka Ngokutshintsha Indlela Ocinga Ngayo’

‘Guquka Ngokutshintsha Indlela Ocinga Ngayo’

“Guqukani ngokutshintsha indlela enicinga ngayo, ukuze nizibonele ngokwenu ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.”​—ROMA 12:2.

INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. Yintoni ekufuneka siqhubeke siyenza emva kokuba sibhaptiziwe? Cacisa.

 UKLINA kangaphi apho uhlala khona? Mhlawumbi xa wawusafika waklina kwabeth’ umoya. Kodwa kwakunokwenzeka ntoni ukuba wawunokuzixelela ukuba awusoze uphinde ukline? Ukuze kube kuhle apho uhlala khona, kufuneka ukline qho.

2 Nathi ke, kufuneka sihlale silungisa indlela esicinga ngayo nobuntu bethu. Ngaphambi kokuba sibhaptizwe sasebenza nzima sitshintsha ubomi bethu ukuze ‘sicoce imizimba yethu neengqondo zethu.’ (2 Kor. 7:1) Kodwa ngoku simele senze into esayicetyiswa ngumpostile uPawulos esithi ‘qhubekani nisenziwa batsha.’ (Efe. 4:23) Kutheni simele siyenze loo nto? Kaloku eli hlabathi linokukhawuleza lisenze sibe mdaka emehlweni kaYehova. Ngoko ukuze ingenzeki loo nto, kufuneka sihlale sigade izinto esizicingayo, ubuntu bethu nezinto esizinqwenelayo.

QHUBEKA ‘UTSHINTSHA INDLELA OCINGA NGAYO’

3. Kuthetha ukuthini ukutshintsha indlela ocinga ngayo? (Roma 12:2)

3 Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sitshintshe indlela esicinga ngayo? (Funda amaRoma 12:2.) Amagama esiGrike aguqulelwe ngokuthi ‘tshintsha indlela ocinga ngayo’ anokuguqulelwa nangokuthi ‘lungisa ingqondo yakho.’ Ngoko le nto ithetha ukuba asimelanga senze nje izinto ezimbalwa ezilungileyo. Simele sihlole iintliziyo zethu size silungise nantoni na ekufuneka siyilungise ukuze siyithobele kangangoko sinako imithetho kaYehova. Le yinto esimele sihlale siyenza.

Ngaba izigqibo ozenzayo ngemfundo nangomsebenzi zibonisa ukuba eyona nto ibalulekileyo kuwe buBukumkani BukaThixo? (Jonga isiqendu 4-5) c

4. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze singalivumeli eli hlabathi lisenze sicinge njengalo?

4 Xa singasenaso isono siza kuhlala sisenza izinto ezivuyisa uYehova. Okwangoku sisenaso, masizimisele ukusebenza nzima ukuze simvuyise. Phawula ukuba kumaRoma 12:2 uPawulos uthi ukuze sizazi izinto uThixo afuna sizenze, kufuneka sitshintshe indlela esicinga ngayo. Kunokuba sivumele eli hlabathi litshintshe indlela esicinga ngayo, simele sijonge ukuba izinto esizimisele ukuzenza nezigqibo esizenzayo zibonisa ukuba sicinga njengoThixo na okanye njengelihlabathi.

5. Sinokuzibona njani ukuba sihlala sicinga ngobukho bemini kaYehova? (Jonga umfanekiso.)

5 Nanku umzekelo. UYehova ufuna ‘sihlale sicinga ngobukho bemini yakhe.’ (2 Pet. 3:12) Khawuzibuze: ‘Ngaba ubomi endibuphilayo bubonisa ukuba ndiyayiqonda indlela esikufutshane ngayo isiphelo seli hlabathi? Izigqibo endizenzayo ngemfundo nangomsebenzi wempangelo ngaba zibonisa ukuba kukukhonza uYehova eyona nto ibalulekileyo ebomini bam? Ngaba ndiyamthemba uYehova ukuba uza kusinceda nentsapho yam ngezinto esizidingayo, okanye ndizikhathaza ngokufuna ukuba nezinto ezininzi?’ UYehova uvuya kakhulu xa esibona sizama ukwenza izinto athi masizenze.—Mat. 6:25-27, 33; Fil. 4:12, 13.

6. Yintoni esimele singayeki ukuyenza?

6 Kufuneka sihlale siyijonga indlela esicinga ngayo size silungise nantoni na ekufuneka siyilungise. UPawulos wathi kumaKristu aseKorinte: “Hlalani nizihlola ukuba nisenalo na ukholo, hlalani nizihlola ukuba ningabantu abanjani.” (2 Kor. 13:5) Ukuba ‘nokholo’ akuthethi ukuman’ usiya kwiintlanganiso nasentsimini nje qha. Kubonakala kwizinto esizicingayo, esizinqwenelayo, nakwisizathu sezinto esizenzayo. Kufuneka sitshintshe indlela esicinga ngayo ngokufunda iLizwi LikaThixo, sicinge ngendlela acinga ngayo, size senze izinto eziza kumenza avuye.—1 Kor. 2:14-16.

‘NXIBA UBUNTU OBUTSHA’

7. AmaEfese 4:31, 32 athi yintoni esimele siyenze? Kutheni kusenokuba nzima ukuyenza loo nto?

7 Funda amaEfese 4:31, 32. Enye into ebalulekileyo ekufuneka siyenze ‘kukunxiba ubuntu obutsha.’ (Efe. 4:24) Ukuze sikwazi ukubunxiba kufuneka sisebenze nzima. Ezinye izinto ekufuneka sisebenze nzima ukuze siziyeke yinkohlakalo, umsindo nokungxolisana. Kutheni kusenokufuneka sisebenze nzima ukuze siyeke ezi zinto? Kaloku ezinye iimpawu ezingathandekiyo esinazo sezisegazini. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi abanye abantu ‘bafane bacaphuke, bakhawuleze nokuba nomsindo.’ (IMize. 29:22) Umntu owenza ezi zinto kusenokufuneka asebenze nzima ukuze ohlukane nazo nasemva kokuba ebhaptiziwe. Loo nto siza kuyibona kwinto eyenzeka kuStephen.

8-9. Into eyenzeka kuStephen ibonisa njani ukuba simele sihlale sibukhulula ubuntu obudala?

8 Omnye umzalwana, uStephen wayengakwazi ukuwubamba umsindo. Uthi: “Nasemva kokuba ndibhaptiziwe, kwafuneka ndiqhubeke ndisilwa ukuba neengcwangu. Ngokomzekelo, ngenye imini xa ndandikumsebenzi wokufundisa abantu iBhayibhile emakhayeni abo, ndaleqa isela elalibe irediyo emotweni yam. Xa ndisondele kulo, layilahla phantsi laza labaleka. Xa ndandibalisela abo ndandihamba nabo indlela endiyifumene ngayo irediyo yam, umdala owayekwelo qela wandibuza, ‘Stephen, ubuza kwenzani xa ulifumene ela sela?’ Loo mbuzo wandenza ndacinga, waza wandikhuthaza ukuba ndisukele uxolo.” b

9 Into eyenzeka kuStephen ibonisa ukuba kunokusuka kuthi gqi uphawu olungathandekiyo ebesicinga ukuba asisenalo. Ukuba nakuwe iyenzeka le nto ungatyhafi okanye ucinge ukuba ungumKristu ongalunganga. Nompostile uPawulos wavuma ukuba ‘xa wayenqwenela ukwenza izinto ezilungileyo, kwakusuke kuthi qatha izinto ezimbi.’ (Roma 7:21-23) Onke amaKristu kufuneka alwe neempawu ezingalunganga ezimana zivela njengobumdaka nothuli olumana lubakho emakhayeni ethu. Simele singayeki ukusebenzela ukuba sihlale singenabala. Sinokuyenza njani loo nto?

10. Yintoni esimele siyenze ukuze silwe neempawu ezingalunganga? (1 Yohane 5:14, 15)

10 Thandaza kuYehova umxelele ngolu phawu kunzima ukulutshintsha, uqiniseke ukuba uza kukuva aze akuncede. (Funda u-1 Yohane 5:14, 15.) Nangona engazukuliphelisa ngokumangalisayo, uza kukunceda ukwazi ukuzibamba. (1 Pet. 5:10) Nawe kufuneka usebenzele kule nto uyithandazelayo, ungenzi izinto eziza kukubuyisela kubuntu obudala. Ngokomzekelo, kulumkele ukubukela iimuvi, iinkqubo zeTV okanye ukufunda amabali enza kubonakale ngathi akuyongxaki ukuba nezi mpawu ufuna ukuzitshintsha. Sukuhlal’ ucinga ngezinto ezingalunganga.—Fil. 4:8; Kol. 3:2.

11. Ziintoni esinokuzenza ukuze siqhubeke sinxiba ubuntu obutsha?

11 Emva kokuba uziyekile iimpawu zobuntu obudala, kubalulekile ukuba usebenzele ezobuntu obutsha. Unokuyenza njani loo nto? Funda ngeempawu zikaYehova uze uzixelele ukuba uza kumlinganisa. (Efe. 5:1, 2) Ngokomzekelo, xa ufunda iivesi zeBhayibhile ezibonisa indlela uYehova axolela ngayo, zibuze, ‘Ngaba mna ndiyabaxolela abanye?’ Xa ufunda ngendlela uYehova abavela ngayo abantu abatsala nzima, zibuze, ‘Ngaba nam ndiyabavela abazalwana noodade abangenazinto ndize ndibancede?’ Hlala utshintsha indlela ocinga ngayo ngokunxiba ubuntu obutsha. Ungatyhafi xa kunzima ukubunxiba ngamany’ amaxesha.

12. Amandla eBhayibhile abutshintsha njani ubomi bukaStephen?

12 UStephen ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo wafumanisa ukuba uya ebunxiba ubuntu obutsha. Uthi: “Oko ndabhaptizwa, zininzi izinto endikhe ndadibana nazo ezazinokundenza ndigqajukelwe ngumsindo. Kodwa ndiye ndafunda ukubashiya abantu abacaphukisayo, okanye ndizame ukulungisa ingxaki ngaphandle komsindo. Abantu abaninzi, kuquka umkam, baye bandincoma ngendlela endiye ndazilungisa ngayo iimeko ezinjalo. Nam ndikhe ndothuke yindlela entle endisabela ngayo kwezinye iimeko! Andizingombi sifuba ngako oko. Ukusuk’ apho, ndikholelwa ukuba yiBhayibhile enamandla okutshintsha umntu.”

UNGAYEKI UKULWA NEMINQWENO ENGAFANELEKANGA

13. Yintoni eza kusinceda sinqwenele ukwenza izinto ezilungileyo? (Galati 5:16)

13 Funda amaGalati 5:16. UYehova usinika umoya wakhe oyingcwele ukuze asincede sikwazi ukwenza izinto ezilungileyo. Xa sifunda iLizwi lakhe siyawuvumela ukuba usikhokele. Naxa sisezintlanganisweni siyawufumana umoya wakhe oyingcwele. Xa sikuzo, sikhuthazwa kukuba kunye nabazalwana noodade abazama ngamandla abo onke ukwenza izinto ezilungileyo njengathi. (Heb. 10:24, 25; 13:7) Xa sithandaza kuYehova ngokunyanisekileyo, simcele ukuba asincede silungise into esingakwazi ukuyenza kakuhle, uza kusipha umoya wakhe, sitsho sibe namandla okuhlala sizama ukuyenza kakuhle. Mhlawumbi ezi zinto zisenokungasenzi siyeke ukunqwenela ukwenza izinto ezingafanelekanga kodwa ziza kusinceda sikwazi ukuzibamba. AmaGalati 5:16 athi abantu ‘abakhokelwa ngumoya abazukuzenza izinto ezifunwa yimizimba enesono.’

14. Kutheni kubalulekile ukusebenzela ukuhlala sinqwenela ukwenza izinto ezifanelekileyo?

14 Xa sesiqalile ukwenza izinto ezisinceda sibe ngabahlobo bakaYehova, kubalulekile ukuba sihlale sizenza, size sisebenzele ukuqhubeka sinqwenela ukwenza izinto ezifanelekileyo. Kutheni kubalulekile? Kaloku olunye lweentshaba zethu lusebenza imini nobusuku. Olo tshaba kukunqwenela ukwenza izinto ezingalunganga. Nasemva kokuba sibhaptiziwe sinokuzibona sesinqwenela ukwenza izinto esimele singazenzi, ezinjengokugemblisha, ukusela kakhulu nokubukela iphonografi. (Efe. 5:3, 4) Omnye umzalwana osemtsha uthi: “Enye yezinto ekuye kwanzima kakhulu kum ukuziyeka kukuthanda abanye abafana. Ndandicinga ukuba yinto njee eza kudlula, kodwa ayikapheli nangoku.” Yintoni enokukunceda xa ukunqwenela kakhulu ukwenza into engafanelekanga?

Ukuba unqwenela ukwenza into engafanelekanga, sukulahl’ ithemba; bakhona abantu abaye balwa naloo mnqweno baza bawoyisa (Jonga isiqendu 15-16)

15. Kutheni kukhuthaza ukwazi ukuba ‘kuqhelekile ebantwini’ ukuba neminqweno engafanelekanga? (Jonga umfanekiso.)

15 Xa usilwa nomnqweno onamandla wokufuna ukwenza into engafanelekanga, khumbula ukuba bakhona nabanye abakhe balwa nawo. IBhayibhile ithi: “Zonke izilingo enizifumeneyo ziqhelekile ebantwini.” (1 Kor. 10:13a) Enye inguqulelo yeBhayibhile iyibeka ngolu hlobo le vesi: “Nasiphi na isilingo esikuhlelayo, siyinto eqhelekileyo ebantwini.” Apha kwakuthethwa namaKristu angamadoda nangabafazi awayehlala eKorinte. Amanye awo ayekrexeza, amadoda elala namadoda, abafazi belala nabafazi, engawo namanxila. (1 Kor. 6:9-11) Ucinga ukuba emva kokuba ebhaptiziwe ayeka ukunqwenela ukwenza izinto ezingafanelekanga? Asinakutsho. Ewe kona ayethanjisiwe, kodwa ayenesono. Ngokuqinisekileyo ngamathuba athile kwakufuneka alwe neminqweno yokufuna ukwenza izinto ezingafanelekanga. Imele isikhuthaze ke loo nto. Kutheni sisitsho? Kuba le nto ibonisa ukuba nokuba ngowuphi umnqweno wokwenza into engafanelekanga olwisana nawo, ukhona omnye umntu oye wakwazi ukumelana nawo. Ngoko unokuhlala ‘uqinile elukholweni, usazi ukuba behlelwa bubunzima obufanayo bonke abazalwana bakho.’—1 Pet. 5:9.

16. Yeyiphi ingozi esimele silumkele ukuzifaka kuyo? Ngoba?

16 Kulumkele ukuzifaka engozini ngokucinga ukuba akukho mntu unokuyiqonda ingxaki onayo. Xa ucinga njalo unokubona ngathi imeko okuyo ayiniki themba, uze ucinge ukuba awunawo amandla okumelana neminqweno yokwenza izinto ezingafanelekanga. Ithetha enye into ke yona iBhayibhile. Ithi: “UThixo uthembekile, ibe akazukuniyekela nilingwe ngento eningenakumelana nayo, kodwa uza kuninika indlela yokuphuma kweso silingo ukuze nikwazi ukusinyamezela.” (1 Kor. 10:13b) Ngoko nokuba unamandla kangakanani umnqweno esinawo wokwenza izinto ezingafanelekanga, sinokuhlala sithembekile kuYehova. Unokusinceda singayenzi into engafanelekanga.

17. Nangona singenakukwazi ukuyiphelisa tu iminqweno engafanelekanga, yintoni esinokuyenza?

17 Nantsi into emele ihlale isengqondweni yakho: Unesono, ngoko awunakukwazi ukuyiphelisa tu iminqweno engafanelekanga. Kodwa xa unayo unokuyisusa ngokukhawuleza engqondweni yakho, ufane noYosefu owakhawuleza wabaleka umkaPotifare. (Gen. 39:12) Akukho sizathu sokuba ude uzenze izinto ezingafanelekanga ozinqwenelayo.

UNGANCAMI

18-19. Yeyiphi imibuzo esinokuzibuza yona xa sizama ukutshintsha indlela esicinga ngayo?

18 Ukutshintsha indlela esicinga ngayo kuthetha ukuba kufuneka sihlale siqiniseka ukuba indlela esicinga ngayo nezinto esizenzayo ziyamvuyisa uYehova. Ngoko simele sihlale sizijonga ukuba siqhuba njani size sizibuze: ‘Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba ndiyayiqonda indlela angxamiseke ngayo amaxesha esiphila kuwo? Ikhona into ebonisa ukuba ndiya ndibunxiba ubuntu obutsha? Ngaba ndivumela umoya kaYehova ukhokele indlela endiphila ngayo ukuze ndikwazi ukulwa neminqweno engafanelekanga?’

19 Xa uzijonga indlela oqhuba ngayo, ungalindeli ukuba ziza kukuvuyisa zonke iimpendulo zale mibuzo ingasentla, kodwa vuyiswa zizinto izinto okwazileyo ukuzenza. Xa ubona ukuba kusekho indawo ekufuneka ulungise kuyo, sukutyhafa. Yenza into esiyicetyiswa kumaFilipi 3:16 athi: “Ngokwenqanaba esele sihambele phambili ngalo, masiqhubeke sihamba ngaloo ndlela.” Xa usenza loo nto, qiniseka ukuba uYehova uza kukunceda ude ukwazi ukutshintsha indlela ocinga ngayo.

INGOMA 36 Masikhusele Iintliziyo Zethu

a Umpostile uPawulos wacacisela abazalwana noodade indlela ekwakubaluleke ngayo ukuba bangalivumeli eli hlabathi libenze bacinge njengalo. Into awayithethayo isasebenza nakuthi namhlanje. Simele siqiniseke ukuba asilivumeli tu eli hlabathi lisenzise izinto ezifunwa lilo. Ukuze yenzeke loo nto, simele sihlale siyitshintsha indlela esicinga ngayo xa sibona ukuba ayimvuyisi uThixo. Kweli nqaku siza kubona ukuba singayenza njani loo nto.

b Jonga inqaku elithi “Ndaye Ndisiba NguncanyelwenikwiMboniselo kaJulayi 1, 2015.

c INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana osemtsha uyazibuza ukuba aye eyunivesithi na okanye abe kwinkonzo yexesha elizeleyo.