Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Uyathanda ukufunda amabali obomi abazalwana noodade?

Omnye umzalwana nomfazi wakhe abafunda ibali lobomi qho ekuseni bathi: “La mabali ayasikhuthaza futhi asenza sonwabe kakhulu. Asikhumbuza ukuba nathi sinokuhlala sithembekile nokuba kwenzeka ntoni.” Omnye udade oziva njengabo yena uthi: “La mabali ayandithuthuzela, ayandivuyisa futhi ayandikhuthaza. Abazalwana noodade abaphili nje ubomi bokuba masisele, sitye kuba ngomso siza kufa. Amabali abo andenza ndisebenze ngaphezu kokuba ndisenza entsimini, ndikhuthaze nabantwana bam ukuba babe kwinkonzo yexesha elizeleyo.”

La mabali anokukwenza uzame ukumsebenzela kakhulu uYehova, ulungise izinto ongazenzi kakuhle uze unyamezele iingxaki ezinzima uvuya futhi uzolile. Unokuwafumana njani?

• Bhala “Ibali Lobomi” kwindawo ethi khangela ku-jw.org/xh