Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 1

Qiniseka Ukuba “ILizwi [LikaThixo] Liyinyaniso”

Qiniseka Ukuba “ILizwi [LikaThixo] Liyinyaniso”

UMXHOLO WONYAKA KA-2023 UTHI: “Lonke ilizwi lakho liyinyaniso.”​—INDU. 119:160.

INGOMA 96 Incwadi KaThixo​—Ixabisekile

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Kutheni abantu abaninzi bengayithembi iBhayibhile?

 ABANTU abaninzi namhlanje abazi ukuba ngubani abanokumthemba. Abaqinisekanga nokuba izinto ezenziwa ngabantu ababahloniphayo njengoososayensi, abezopolitiko noosomashishini bazenza kuba befuna ukunceda abantu nyhani na. Kwakhona, ababahloniphi nabefundisi abathi bangamaKristu. Ngoko ayothusi into yokuba bangayithembi iBhayibhile, incwadi abathi bayayikholelwa abo befundisi.

2. Ngokutsho kweNdumiso 119:160, yintoni esimele siqiniseke ngayo?

2 Thina siqinisekile ukuba uYehova esimkhonzayo ‘nguThixo wenyaniso’ futhi usoloko esenza izinto eziza kusinceda. (INdu. 31:5; Isa. 48:17) Siyazi ukuba sinokuzithemba izinto esizifunda eBhayibhileni kuba “lonke ilizwi [LikaThixo] liyinyaniso.” (Funda iNdumiso 119:160.) Sivumelana nento eyathethwa ngomnye umphengululi weBhayibhile esithi: “Kuzo zonke izinto awazithethayo uThixo, akukho nenye engeyonyani okanye engasoze yenzeke. Abantu bakhe banokuzikholelwa izinto azithethayo kuba bayamthemba.”

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Sinokubanceda njani abanye abantu balithembe njengathi iLizwi LikaThixo? Siza kukhe sithethe ngezizathu ezintathu ezisenza siyithembe iBhayibhile. Siza kubona ukuba izinto ezabhalwa kuyo zange zitshintshe, zenzekile izinto eyaprofeta ngazo futhi inamandla okutshintsha ubomi babantu.

UMYALEZO OSEBHAYIBHILENI AWUTSHINTSHANGA

4. Kutheni abanye abantu becinga ukuba into esiyifunda eBhayibhileni ayiseyiyo leya yayibhalwe ekuqaleni?

4 UYehova wasebenzisa amadoda athembekileyo amalunga nayi-40 ukuba abhale iincwadi zeBhayibhile. Kodwa akusekho nomnye umbhalo-ngqangi ofumanekayo namhlanje. b Kukho iikopi ezakhutshelwa kwiikopi zayo nje qha. Le nto yenza abanye abantu bazibuze ukuba into esiyifunda eBhayibhileni iseyila nto yayibhalwe ekuqaleni na. Wakhe wazibuza ukuba yintoni enokusenza siqiniseke ukuba iseyiyo?

Abantu ababeqeqeshelwe ukukhuphela iZibhalo ZesiHebhere babesenza zonke iindlela zokuba baqiniseke ukuba iikopi abazibhalayo zeLizwi LikaThixo zichanile (Jonga isiqendu 5)

5. Zakhutshelwa njani iZibhalo zesiHebhere? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

5 Ukuze umyalezo weBhayibhile ungalahleki, uYehova wayalela abantu bakhe ukuba bawukhuphele. Waxelela ookumkani bakwaSirayeli ukuba bakhuphele uMthetho owawubhaliwe waza wakhetha nabaLevi ukuba bawufundise abantu bakhe. (Dut. 17:18; 31:24-26; Neh. 8:7) Emva kokuba amaYuda ekhululwe eBhabhiloni, abakhupheli ababengamachule baqalisa ukwenza iikopi ezininzi zeZibhalo zesiHebhere. (Ezra 7:6, imibhalo esemazantsi) Babekulumkele ukwenza iimpazamo. Ekuhambeni kwexesha, babengasapheleli nje ekubaleni amagama, babebala noonobumba ukuze baqiniseke ukuba yonke into ikhutshelwe njengokuba injalo. Kuba babenesono, zikhona iimpazamo abazenzayo. Kodwa ke, zazininzi iikopi abazenzayo, ngoko ezo mpazamo zaziza kubonakala. Njani?

6. Zinokubonwa njani iimpazamo kwiikopi zeBhayibhile?

6 Abaphengululi banamhlanje banendlela esinokuyithemba yokubona iimpazamo ezenziwa ngabantu ababekhuphela iBhayibhile. Masithi kucelwa abantu abayi-100 ukuba bakhuphele ngesandla into ebhalwe kwiphepha elinye, aze omnye wabo enze impazamo encinci. Enye indlela esinokuyibona ngayo loo mpazamo kukuthelekisa into ayibhalileyo nezo zibhalwe ngabo bonke abanye. Ngendlela efanayo, abaphengululi baye bathelekise imibhalo-ngqangi emininzi yeBhayibhile, ukuze babone iimpazamo okanye izinto ekusenokwenzeka ukuba zange azibhale omnye wabantu ababeyikhuphela.

7. Yintoni ebonisa ukuba abantu ababekhuphela iBhayibhile babezimisele nyhani ukungazenzi iimpazamo?

7 Abantu ababekhuphela imibhalo-ngqangi yeBhayibhile bazama ngamandla abo onke ukuyikhuphela njengokuba injalo. Nanku umzekelo obonisa loo nto. Umbhalo-ngqangi opheleleyo weZibhalo zesiHebhere nongowona umdala kuneminye, wenziwa ngo-1008 okanye ngo-1009 C.E. Kuthiwa yiLeningrad Codex. Kodwa kule mihla yethu kufunyenwe imibhalo-ngqangi neziqwenga ezininzi, ekuqikelelwa ukuba zabakho kwiminyaka eyi-1 000 ngaphambi kokuba ibekho iLeningrad Codex. Omnye umntu usenokucinga ukuba emva kokuba ikhutshelwe ngokuphindaphindiweyo loo mibhalo-ngqangi kangangeminyaka eyi-1 000, izinto ezibhalwe kuyo zahluke kakhulu kwezo zibhalwe kwiLeningrad Codex. Kodwa ayenzekanga loo nto. Bathe abaphengululi xa bethelekisa imibhalo-ngqangi yakudala neyabhalwa emva kwayo, bafumanisa ukuba kukho umahluko omncinci kwindlela abhalwe ngayo amagama, kodwa wona umyalezo weBhayibhile awutshintshanga.

8. Iikopi zeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zahluke njani kwezinye iikopi zeencwadi zakudala?

8 NamaKristu okuqala enza into eyayisenziwa ngabantu ababekhuphela iZibhalo ZesiHebhere. Ayekulumkele ukwenza iimpazamo xa ayekhuphela iikopi eziyi-27 zeZibhalo ZesiGrike, awayezisebenzisa kwiintlanganiso naxa eshumayela. Emva kokuthelekisa imibhalo-ngqangi yeZibhalo ZesiGrike neencwadi ezabhalwa ngexesha elifanayo nayo, omnye umphengululi uthi: “ZiZibhalo ZesiGrike ezineekopi ezininzi, . . . nezikhutshelwe kakuhle kunezo ncwadi.” Incwadi ethi Anatomy of the New Testament ithi: “Sinokuqiniseka ukuba into esiyifundayo namhlanje kwiZibhalo ZesiGrike eziguqulelwe kakuhle isafana naleya yayibhalwe ngababhali bokuqala.”

9. UIsaya 40:8 usifundisa ntoni ngomyalezo oseBhayibhileni?

9 Abakhupheli abaninzi basebenza nzima kangangeminyaka emininzi ukuze bayikhuphele kakuhle iBhayibhile. Yiloo nto iBhayibhile esinayo namhlanje isathetha into efanayo naleyo yayibhalwe ngababhali bokuqala. c Siyazi ukuba nguYehova oye waqinisekisa ukuba umyalezo wakhe awutshintshi. (Funda uIsaya 40:8.) Kodwa abanye basenokuthi into yokuba umyalezo weBhayibhile ungatshintshanga ayibobungqina bokuba iphefumlelwe nguThixo. Ngoku masithethe ngento esenza siqiniseke ukuba iphefumlelwe nguye.

IZIPROFETO EZISEBHAYIBHILENI ZINOKUTHENJWA

Ekhohlo: C. Sappa/DeAgostini/Getty Images; right: Image © Homo Cosmicos/Shutterstock

Izinto ezaprofetwa eBhayibhileni zenzeka futhi zisenzeka nangoku (Jonga isiqendu 10-11) e

10. Khawuchaze isiprofeto esiye senzeka esibonisa ukuba u-2 Petros 1:21 uthetha inyani. (Jonga imifanekiso.)

10 Izinto ezininzi ezaprofetwa eBhayibhileni zenzeka. Ezinye zazo zachazwa kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba zenzeke. Imbali ibonisa ukuba nyhani ezi ziprofeto zenzekile. Ayisothusi ke loo nto, kuba siyazi ukuba uMbhali weziprofeto eziseBhayibhileni nguYehova. (Funda u-2 Petros 1:21.) Khawucinge ngesiprofeto esithetha ngokutshatyalaliswa kweBhabhiloni. Kwiminyaka ephakathi ko-778 no-732 B.C.E., umprofeti uIsaya waphefumlelwa ukuba athi esi sixeko sasibonakala ngathi asinakoyiswa sasiza kuthinjwa. Wade wathi umntu owayeza kusoyisa nguKoreshi, wachaza nendlela awayeza kuyenza ngayo loo nto. (Isa. 44:27–45:2) Waprofeta nokuba iBhabhiloni yayiza kude itshatyalaliswe, kungaphindi kuhlalwe kuyo. (Isa. 13:19, 20) Kwenzeka loo nto kanye. Yoyiswa ngamaMedi namaPersi ngo-539 B.C.E. Indawo eyayikuyo isengamabhodlo nanamhlanje.—Bukela ividiyo ethi IBhayibhile Yakuchaza Kwakudala Ukuwa KweBhabhiloni kwincwadi ekwisixhobo se-elektroniki ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, kwisifundo 3, isiqendu 5.

11. Khawuchaze indlela esenzeka ngayo isiprofeto esikuDaniyeli 2:41-43 namhlanje.

11 Iziprofeto eziseBhayibhileni zange zenzeke kwixesha eladlulayo nje qha, zisenzeka nanamhlanje. Ngokomzekelo, cinga ngendlela emangalisayo esenzeke ngayo isiprofeto sikaDaniyeli, esithetha ngeGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. (Funda uDaniyeli 2:41-43.) Esi siprofeto, salichaza kakuhle eli Gunya Lehlabathi ukuba laliza kuba neendawo ‘ezomelele’ njengentsimbi ‘zibekho nezithambe’ njengodongwe. Kwenzeka loo nto kanye. IBritani neMerika ziye zazibonakalisa ukuba zomelele njengentsimbi ngokoyisa kwiimfazwe zehlabathi nangokuba nemikhosi enamandla. IBritani neMerika ziye zazibonakalisa ukuba zomelele njengentsimbi kuba ngawona mazwe ayenomkhosi onamandla kumazwe awoyisa kuzo zombini iiMfazwe Zehlabathi nasenomkhosi onamandla nanamhlanje. Kodwa abantu abahlala kula mazwe, abasoloko betoyitoyela amashishini norhulumente, balenza lingomeleli kangako eli Gunya Lehlabathi. Enye indoda ezazi kakuhle iipolitiki zehlabathi yathi: “IUnited States lelona lizwe lingamanyananga kuwo onke amazwe alawulwa yidemocracy.” Into eyenza ingamanyani ke yona iBritani, nayo ekhoyo kweli Gunya Lehlabathi, ngabantu abaphikisana ngokuba imele ivane kangakanani namazwe akwiEuropean Union. Ngenxa yoku kungamanyani, akukho lula ukuba iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika lenze izinto elifuna ukuzenza.

12. Iziprofeto zeBhayibhile zisiqinisekisa ngantoni?

12 Iziprofeto ezininzi eziseBhayibhileni ezenzekileyo zisenza siqiniseke ukuba nezinye izinto esizithenjiswe nguYehova ziza kwenzeka. Siziva ngendlela efanayo neyomdumisi owathi kuYehova: “Ndinqwenela usindiso lwakho, kuba ndithembele kwilizwi lakho.” (INdu. 119:81) EBhayibhileni, uYehova usinike “ithemba nekamva.” (Yer. 29:11) Ithemba esinalo lezinto eziza kwenzeka alixhomekekanga mntwini, lixhomekeke kwizinto esizithenjiswe nguYehova. Masihlale sizifundisisa iziprofeto zeBhayibhile ukuze silithembe kakhulu iLizwi LikaThixo.

IBHAYIBHILE INCEDA IIMILIYON ZABANTU

13. Ngokutsho kweNdumiso 119:66, 138 yintoni enye esenza siyithembe iBhayibhile?

13 Enye into esenza siyithembe iBhayibhile yindlela ebanceda ngayo abantu abawasebenzisayo amacebiso ayo. (Funda iNdumiso 119:66, 138.) Ngokomzekelo, abantu abatshatileyo ababesele beza kudivosana bonwabile ngoku ngenxa yokusebenzisa amacebiso ayo. Nabantwana babo bavuyiswa kukuba kwintsapho yamaKristu enabazali ababathandayo nababakhathaleleyo.—Efe. 5:22-29.

14. Khawusibalisele into ebonisa ukuba ukwenza izinto ezithethwa yiBhayibhile kubanceda baphile ubomi obubhetele abantu.

14 Ukusebenzisa amacebiso eBhayibhile kuncede nkqu nootsotsi aboyikwayo batshintsha ubomi babo. Cinga ngendlela okwamnceda ngayo uJack owayelibanjwa. d Wayeyindlobongela, engomnye wawona mabanjwa anobungozi kumabanjwa awayegwetyelwe ukufa. Kodwa ngenye imini kwenzeka wakhona xa kwakuqhutywa isifundo seBhayibhile. Indlela ababenobubele ngayo abazalwana ababeqhuba eso sifundo yamshiya ebambe ongezantsi, waza naye waqalisa ukufundelwa. Akusebenzisa amacebiso eBhayibhile, waziphatha kakuhle waza wanobubele kunakuqala. Ekuhambeni kwexesha, waba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, emva koko wabhaptizwa. Wayekukhuthalele ukushumayela ngoBukumkani BukaThixo kwamanye amabanjwa kangangokuba wanceda ayi-4 afunda inyaniso. Lwathi lufika usuku lokubulawa kwakhe, wabe sel’ etshintshile. Elinye lamagqwetha akhe lathi: “UJack akaseyiyo la ndoda wayeyiyo kwiminyaka eyi-20 eyadlulayo. Izinto azifundiswa ngamaNgqina KaYehova zibutshintshile obomi bakhe.” Nangona engazange asinde kwisigwebo sokufa, ukutshintsha kwakhe kusibonisa ukuba sinako ukuyithemba iBhayibhile, futhi inamandla okubenza bube bhetele ubomi babantu.—Isa. 11:6-9.

Amacebiso eBhayibhile ancede abantu abaninzi nabasuka kwiindawo ezingafaniyo baphila ubomi obubhetele (Jonga isiqendu 15) f

15. Ukwenza izinto ezifundiswa yiBhayibhile kubenza bohluke njani abantu bakaYehova? (Jonga umfanekiso.)

15 Abantu bakaYehova bamanyene kuba bayazenza izinto ezifundiswa yiBhayibhile. (Yoh. 13:35; 1 Kor. 1:10) Uxolo nomanyano lwabantu bakaThixo lucaca gca xa luthelekiswa nendlela abangamanyananga ngayo abantu beli hlabathi ngenxa yeepolitiki, ubuhlanga nokujongelana phantsi. Ukubona indlela abamanyene ngayo abantu bakaYehova kwammangalisa omnye umfana ekuthiwa nguJean. Wakhulela eAfrika. Xa kwabakho imfazwe, waba lijoni kodwa ekuhambeni kwexesha wabalekela kwilizwe elikufutshane nalapho wayekhulele khona. Kulapho wadibana khona namaNgqina KaYehova. Uthi: “Ndafunda ukuba abantu abakhonza uThixo ngendlela ayifunayo abazingeni izinto zeepolitiki, bamanyene futhi bayathandana. Ndandikade ndiphilela ukulwela ilizwe, kodwa xa ndafunda iBhayibhile ndafuna ukuphilela uYehova.” Wayetshintshe nyhani. Ngoku, kunokuba alwe nabantu bamanye amazwe uxelela wonke umntu ngomyalezo weBhayibhile owenza kubekho uxolo. Into yokuba iBhayibhile ikwazi ukunceda abantu abaninzi nabasuka kwiindawo ezingafaniyo ibonisa ukuba nyhani sinako ukulithemba iLizwi LikaThixo.

UNGAYEKI UKULITHEMBA ILIZWI LIKATHIXO ELIYINYANISO

16. Kutheni kubalulekile ukuba silithembe kakhulu iLizwi LikaThixo?

16 Njengokuba eli hlabathi lisiya lisonakala, kuza kuya kusiba nzima ukulithemba iLizwi LikaThixo. Abantu basenokuzama ukusenza sizithandabuze izinto ezithethwa yiBhayibhile okanye sithandabuze ukuba ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi lisetyenziswa nguYehova ukuze akhokele abantu bakhe. Kodwa xa siqinisekile ukuba iLizwi LikaThixo lisoloko lithetha inyani, asizukuphelelwa lukholo. ‘Siza kuzimisela ukuthobela imithetho kaYehova ngamaxesha onke, ukuya kutsho kowokugqibela.’ (INdu. 119:112) ‘Asizukuba nazintloni’ zokufundisa abantu inyaniso nokubakhuthaza ukuba bazenze izinto abazifunde eBhayibhileni. (INdu. 119:46) Siza kukwazi nokuba ‘nomonde yaye sivuye’ nangona sinyamezele ezona ngxaki zinzima, nkqu nokutshutshiswa.—Kol. 1:11; INdu. 119:143, 157.

17. Umxholo wonyaka uza kusikhumbuza ntoni?

17 Simbulela kakhulu uYehova kuba eye wasazisa inyaniso! Isinceda sizole ize isifundise indlela esimele siphile ngayo njengoko eli hlabathi lisiya lingalawuleki. Isenza sibe nethemba lokuba izinto ziza kuba bhetele xa kulawula uBukumkani BukaThixo. Sinethemba lokuba umxholo wonyaka ka-2023 uza kusinceda sihlale siqinisekile ukuba lonke iLizwi LikaThixo liyinyaniso.—INdu. 119:160.

INGOMA 94 Siyalixabisa ILizwi LikaThixo

a Umxholo walo nyaka uqinisa ukholo. Uthi: “Lonke ilizwi lakho liyinyaniso.” (INdu. 119:160) Ngokuqinisekileyo nawe uyayikholelwa loo nto. Kodwa abantu abaninzi abakholelwa eBhayibhileni okanye abakholelwa ukuba inamacebiso anokusinceda. Eli nqaku, liza kuthetha ngezizathu ezintathu esinokuzisebenzisa ukuze sincede abantu abanyanisekileyo bayikholelwe iBhayibhile nezinto esicebisa zona.

b Igama elithi “umbhalo-ngqangi” libhekisela kumbhalo wakudala owabhalwa ngesandla.

c Ukuze ufunde nezinye izinto ngokukhuselwa kweBhayibhile, yiya ku-jw.org/xh uze ubhale “Imbali NeBhayibhile” kwindawo ethi “khangela.”

d Amanye amagama atshintshiwe.

e INGCACISO YEMIFANEKISO: Njengokuba uThixo watshoyo, isixeko esikhulu saseBhabhiloni satshatyalaliswa.

f INGCACISO YEMIFANEKISO: Umboniso—Umfana ufunda eBhayibhileni indlela yokuhlala nabantu ngoxolo endaweni yokulwa nabo, aze abancede benze loo nto.