Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 4

UYehova Uyazisikelela Iinzame Esizenzayo Zokubakho ESikhumbuzweni

UYehova Uyazisikelela Iinzame Esizenzayo Zokubakho ESikhumbuzweni

Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”—LUKA 22:19.

INGOMA 19 Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. Kutheni sisiya eSikhumbuzweni qho ngonyaka?

 KWIMINYAKA ephantse ibe yi-2 000 eyadlulayo uYesu wanikela ngobomi bakhe ngenxa yethu ukuze siphile ngonaphakade. Ngobusuku bangaphambi kokuba afe, waxelela abafundi bakhe ukuba bahlale bekhumbula ukufa kwakhe besebenzisa isonka newayini.​—1 Kor. 11:23-26.

2 Kuba simthanda kakhulu uYesu, siyawuthobela lo myalelo wakhe. (Yoh. 14:15) Qho ngonyaka, ngexesha leSikhumbuzo sibonisa indlela esimbulela ngayo ngokucingisisa ukuba ukufa kwakhe kuthetha ntoni kuthi. Enye into sisebenza ngaphezu kokuba siqhele ukwenza entsimini, sikhuthaza abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ukuba babe kunye nathi ngolu suku lukhethekileyo. Asizimiselanga ukuvumela nantoni na isenze singakwazi ukuya eSikhumbuzweni.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu abaye bazame ngamandla abo onke ukuzenza abantu bakaYehova ukuze bakhumbule ukufa kukaYesu: (1) ukwenza iSikhumbuzo ngendlela uYesu awabafundisa ukuba basenze ngayo, (2) ukumema abanye ukuba baye (3) nokuya nokuba sekunzima.

SISENZA NGENDLELA AWASIFUNDISA NGAYO UYESU

4. Zeziphi izinto esifunda ngazo eSikhumbuzweni qho ngonyaka? Kutheni singamele sizithathe lula? (Luka 22:19, 20)

4 Qho ngonyaka eSikhumbuzweni simamela intshumayelo ephendula imibuzo eliqela. Siye sifunde isizathu sokuba abantu bemele bahlawulelwe nangendlela ukufa komntu omnye okuzihlawulela ngayo izono zabantu abaninzi. Sikhunjuzwa nokuba isonka newayini zimela ntoni futhi ngoobani abamele bazitye. (Funda uLuka 22:19, 20.) Siye sicinge nangezinto ezintle abaza kuzenzelwa abantu abaza kuphila ngonaphakade emhlabeni. (Isa. 35:5, 6; 65:17, 21-23) Asimele sizithathe lula ezi mfundiso. Abantu abaninzi abazazi, abayiqondi nendlela elibaluleke ngayo idini likaYesu, neSikhumbuzo abasenzi ngendlela awathi masenziwe ngayo. Kutheni?

5. Emva kokufa kwabapostile abaninzi abantu baqalisa ukukhumbula njani ukufa kukaYesu?

5 Kungabanga xesha lide abapostile abaninzi bakaYesu beswelekile, kwangena abantu ababezenza amaKristu ebandleni. (Mat. 13:24-27, 37-39) Babethetha “izinto ezigqwethekileyo kuba befuna abafundi balandele bona.” (IZe. 20:29, 30) Enye ‘yezinto ezigqwethekileyo’ ababezifundisa yayikukuba uYesu zange anikele ngomzimba wakhe kube “kanye ukuze athwale izono zabantu abaninzi” njengokuba iBhayibhile isitsho. Babesithi umnikelo awasihlawulela ngawo umele wenziwe qho. (Heb. 9:27, 28) Sithetha nje baninzi abantu ababukholelwayo obu buxoki. Basoloko besiya ezicaweni, ngamany’ amaxesha qho ngosuku, ukuze benze into abathi “Ngumnikelo Wedini.” b Kwezinye iicawe asenziwa qho isikhumbuzo sokufa kukaYesu, kodwa abantu abaninzi abakuzo abaqondi kakuhle ukuba kuthetha ukuthini ukufa kwakhe. Abanye basenokuzibuza, ‘Ngaba nyhani ukufa kukaYesu kuthetha ukuba izono zam zingaxolelwa?’ Kutheni bezibuza lo mbuzo? Abanye baqhathwe ngabantu abathandabuzayo ukuba ukufa kukaYesu kungasenza sixolelwe izono. Abalandeli bakaYesu babancede njani aba bantu?

6. Yintoni ababesele beyiqonda abafundi beBhayibhile ngo-1872?

6 Ekupheleni koo-1800 abafundi beBhayibhile ababekhokelwa nguCharles Taze Russell baqalisa ukufundisisa iZibhalo. Babefuna ukwazi ukuba kuthetha ntoni kanye kanye ukufa kukaYesu nokuba kumele kukhunjulwe njani. Kwathi kusiba ngu-1872 babe sebeqonda ukuba nyhani uYesu wahlawulela bonke abantu. Zange bayigcine kubo loo nto. Bayisasaza ngeencwadi, amaphephandaba neemagazini ukuze nabanye abantu bayazi. Kungabanga xesha lide emva koko, baqalisa ukulinganisa amaKristu exesha labapostile ngokudibana kube kanye ngonyaka ukuze benze iSikhumbuzo sokufa kukaYesu.

7. Zisinceda njani izinto ezafunyanwa ngabafundi beBhayibhile xa babephanda?

7 Izinto abazifumana xa babephanda abo bafundi beBhayibhile zisasinceda nanamhlanje. Njani? UYehova usincede sayiqonda into ethethwa kukufa kukaYesu nezinto okuza kusenzela zona. (1 Yoh. 2:1, 2) Siye safunda nokuba iBhayibhile ithi abantu abavuyisa uThixo bangamaqela amabini; abanye banethemba lokuphila ezulwini apho bangazukuphinda bafe baze abaninzi babe nethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Umntu uye abe ngumhlobo kaYehova xa ecinga ngendlela asithanda ngayo nendlela okumnceda ngayo ukufa kukaYesu. (1 Pet. 3:18; 1 Yoh. 4:9) Ngoko nathi senza into eyayisenziwa ngabazalwana bethu kudala, simema abantu ukuba babe kunye nathi xa sisenza iSikhumbuzo ngendlela uYesu awafundisa abalandeli bakhe ukuba basenze ngayo.

SIMEMA ABANTU

Yintoni esinokuyenza ukuze simemele abantu abaninzi kangangoko eSikhumbuzweni? (Jonga isiqendu 8-10) e

8. Yintoni eyenziwe ngabantu bakaThixo ukuze bakwazi ukumemela abantu eSikhumbuzweni? (Jonga umfanekiso.)

8 Abantu bakaYehova kudala bamemela abantu eSikhumbuzweni. Isaziso esasikwiMboniselo ka-1881 sathi abazalwana noodade baseUnited States mabaye kusenza kwikhaya lomzalwana elaliseAllegheny, ePennsylvania. Ekuhambeni kwexesha, amabandla aqalisa ukuzenzela ngokwawo iSikhumbuzo. NgoMatshi 1940, abavakalisi baxelelwa ukuba kwindawo abahlala kuyo bangamema nabani na onomdla. Ngo-1960 iBheteli yaqalisa ukuthumela izimemo eziprintiweyo emabandleni. Ukususela ngoko, kuye kwahanjiswa iibhiliyon zezimemo zeSikhumbuzo. Kutheni sisebenza nzima kangaka, simema abantu?

9-10. Ngoobani abancedwa ziinzame esizenzayo zokumemela abantu eSikhumbuzweni? (Yohane 3:16)

9 Enye into esenza simemele abantu eSikhumbuzweni kukuba sifuna abantu abaqalayo ukuya bayazi eyona nto siyenzelwe nguYehova noYesu. (Funda uYohane 3:16.) Siba nethemba lokuba izinto abaza kuziva nabaza kuzibona zisenziwa ziza kubenza bafune ukufunda ngoYehova baze bamkhonze. Kodwa bakhona nabanye abancedakalayo.

10 Siye simeme nabo bapholileyo kuba sifuna bakhumbule ukuba uYehova usabathanda. Abaninzi baye beze, sitsho sivuye kakhulu xa sibabona. ISikhumbuzo sibenza bacinge ngendlela ekwakumnandi ngayo ukukhonza uYehova. Cinga ngento eyenzeke kuMonica. c Ngexesha lekhorona uye wavuselelwa waza waphinda wangumvakalisi. Emva kokuba eye eSikhumbuzweni ngo-2021 wathi: “Esi Sikhumbuzo besibaluleke kakhulu kum. Kwiminyaka eyi-20, ibikokokuqala ndishumayela futhi ndimemela abantu eSikhumbuzweni. Ndiye ndazama ngamandla am onke ukumema abantu kuba ndibulela into endiyenzelwe nguYehova noYesu.” (INdu. 103:1-4) Nokuba bayavuma okanye abavumi ukuya, asityhafi kuba siyazi ukuba ziyamvuyisa uYehova iinzame esizenzayo.

11. UYehova uye wazisikelela njani iinzame zethu zokumemela abantu kwiSikhumbuzo? (Hagayi 2:7)

11 UYehova uye wazisikelela kakhulu iinzame zethu zokumemela abantu kwiSikhumbuzo. Ngo-2021 imithetho yekhorona yenze akwabi lula ukumema abantu ngendlela eqhelekileyo, kodwa abantu ababeseSikhumbuzweni babeyi-21 367 603. Eli nani liphantse liliphinde kayi-2,5 inani lamaNgqina KaYehova emhlabeni wonke! Kodwa eyona nto ayikhathaleleyo uYehova ayilonani, ngabantu abaseSikhumbuzweni. (Luka 15:7; 1 Tim. 2:3, 4) Siqinisekile ukuba xa sihambisa izimemo usinceda sifumane abantu abaneentliziyo ezilungileyo.—Funda uHagayi 2:7.

SIYAYA NOKUBA SEKUNZIMA

UYehova uyazisikelela iinzame esizenzayo zokubakho eSikhumbuzweni (Jonga isiqendu 12) f

12. Ziintoni ezinokwenza kube nzima ukwenza iSikhumbuzo? (Jonga umfanekiso.)

12 UYesu wathi ngemihla yokugqibela siza kuba neengxaki ezininzi ezifana nokungafunwa ngabantu esizalana nabo, ukutshutshiswa, iimfazwe, izifo ezingubhubhani nezinye izinto ezininzi. (Mat. 10:36; Marko 13:9; Luka 21:10, 11) Ngamanye amaxesha ezi zinto zenza kube nzima ukwenza iSikhumbuzo. Ziintoni abazenzileyo abazalwana noodade ukuze bangaphoswa siso? UYehova ubancede njani?

13. UYehova wakusikelela njani ukuba nesibindi kuka-Artem nokuzimisela kwakhe ukwenza iSikhumbuzo xa wayesetrongweni?

13 Ukuvalelwa etrongweni. Abazalwana noodade abavalelwe etrongweni ngenxa yokholo lwabo bazama ngamandla abo onke ukukhumbula ukufa kukaYesu. Khawuve into eyenziwa nguArtem. Ngexesha leSikhumbuzo sika-2020 wayevalelwe kwisisele esingena amabanjwa ayi-5 ngexesha. Ngelo xesha wasebenzisa izinto awayenazo ezaziza kumela isonka newayini, wazixelela nokuba uza kuzenzela intetho yeSikhumbuzo. Kodwa amadoda awayevalelwe nawo ayetshaya futhi ethuka kakhulu. Wenza ntoni? Wabacela ukuba bangathuki futhi bangatshayi iyure nje enye. Wothuka xa bavumayo. Uthi, “Ndacela ukubaxelela ngeSikhumbuzo.” Zange bavume ukuba abaxelele ngaso, kodwa bathi bakumbona esenza, beva nentetho, bambuza ngaso.

14. Ziintoni eziye zenziwa ukuze abantu bakaYehova bangaphoswa siSikhumbuzo ngexesha lekhorona?

14 Ikhorona. Ikhorona yenza abantu bakaYehova abakwazi ukuya kwiSikhumbuzo. Kodwa loo nto ayenzanga ababi naso. d Amabandla aneIntanethi asenza ngevideoconference. Kodwa enza njani amabandla amaninzi awayengenayo? Kwamanye amazwe, iiofisi zamasebe zalungiselela ukuba abantu babukele intetho kwiTV okanye bayimamele kwirediyo. Enye into eyenziwe ziiofisi zamasebe kukurekhoda le ntetho ngeelwimi ezingaphezu kwe-500 ukuze nabantu abahlala emaphandleni bakwazi ukwenza iSikhumbuzo. Emva koko abazalwana baye bazisa kwezo ndawo zifuneka kuzo.

15. Ufunda ntoni kwinto eyenziwa nguSue owayefundelwa iBhayibhile?

15 Ukungafunwa ngabantu bakowenu kuba uliNgqina. Eyona nto yenza kube nzima ukwenza iSikhumbuzo kuxa abantu bakokwenu bengawafuni amaNgqina. Cinga ngento eyenzeka kuSue owayefundelwa iBhayibhile. Ngosuku olwalungaphambi kweSikhumbuzo sika-2021, waxelela umntu owayemfundisa iBhayibhile ukuba akazukwazi ukuya eSikhumbuzweni kuba abantu bakowabo abawafuni amaNgqina. Lo dade wafunda uLuka 22:44. Emva koko wamcacisela ukuba xa sinengxaki simele silinganise uYesu, sithandaze kuYehova size sithembele kuye ngokupheleleyo. Ngosuku olulandelayo uSue walungiselela isonka newayini waza wabukela itekisi yosuku lweSikhumbuzo ku-jw.org. Ukutshona kwelanga waya endlini yakhe waza wamamela intetho yeSikhumbuzo efowunini. Emva kwaso wabhalela udade owayemfundela iBhayibhile wathi: “Undikhuthaze nyhani izolo. Ndizame ngamandla am onke ukubakho eSikhumbuzweni, uYehova undincedile. Indlela endivuya ngayo nendibulela ngayo andikwazi nokuyichaza.” Ukuba unengxaki efana nale, ucinga ukuba uYehova angakunceda?

16. Kutheni siqinisekile ukuba uYehova uza kuzisikelela iinzame esizenzayo zokubakho kwiSikhumbuzo? (Roma 8:31, 32)

16 Zimvuyisa kakhulu uYehova iinzame esizenzayo zokukhumbula ukufa kukaYesu. Sinokuqiniseka ukuba uza kusisikelela xa sibonisa indlela esimbulela ngayo ngento awasenzela yona. (Funda amaRoma 8:31, 32.) Ngoko masizimisele ukungaphoswa siSikhumbuzo salo nyaka size ngexesha laso simsebenzele ngaphezu kokuba besisenza uYehova.

INGOMA 18 Siyabulela Ngentlawulelo

a NgoLwesibini nge-4 ka-Aprili 2023, abantu abaninzi emhlabeni wonke baza kuya kwiSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Abaninzi baza kube beqala ukuya. Kuza kubakho nabapholileyo abagqibela kudala ukuya eSikhumbuzweni. Abanye baza kube beneengxaki ebezinokubenza bangakwazi ukuya, kodwa baza kuya. Nokuba zeziphi iingxaki onazo, qiniseka ukuba uYehova uza kuvuyiswa ziinzame oye wazenza ukuze ubekho.

b Abantu abenza lo mnikelo bakholelwa ukuba isonka newayini ziye zitshintshe zibe ngumzimba negazi likaYesu Abantu becawa bakholelwa ukuba xa kusenziwa lo mnikelo, isonka newayini ziyatshintsha zibe ngumzimba negazi likaKristu. Bacinga ukuba qho xa umntu esitya esi sonka, esela nale wayini kunikelwa ngomzimba negazi lakhe.

c Amanye amagama atshintshiwe.

d Jonga namanqaku esiNgesi aku-jw.org athi “2021 Memorial Commemoration.”

e INGCACISO YOMFANEKISO: Ukusuka koo-1960, izimemo zeSikhumbuzo ziye zaya ziphucuka. Ngoku ziyaprintwa, zifumaneka nakwizinto ze-elektroniki.

f INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso—Abazalwana noodade bakwiSikhumbuzo ngeli xesha kukho isidubedube.