Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Abafazi Ubaphatha Ngendlela Abaphatha Ngayo UYehova?

Ngaba Abafazi Ubaphatha Ngendlela Abaphatha Ngayo UYehova?

KULILUNGELO elikhulu ukukhonza noodade abaninzi abathembekileyo. Siyabathanda kwaye siyabaxabisa aba dade basebenza nzima. Ngoko abazalwana bazama kangangoko ukubaphatha ngembeko nangobubele. Kodwa kuba singafezekanga, kuba nzima ngamanye amaxesha ukuyenza loo nto. Kwabanye abazalwana kukho nezinye izinto ezinokongeza kobo bunzima.

Abanye bakhulele kwiindawo ezibajongela phantsi abafazi. Ngokomzekelo, uHans ongumveleli wesiphaluka eBolivia uthi: “Amanye amadoda akhuliswe kwiindawo apho ayekhuthazwa ukuba azidle kuba engamadoda. La madoda akholelwa ukuba abhetele kunabafazi kwaye abaphatha ngendlela engenasidima.” USheng-xian, umdala waseTaiwan uthi: “Apho ndihlala khona amadoda amaninzi avakalelwa kukuba abafazi abanakuwacebisa amadoda. Ukuba indoda iveza icebiso elisuka kumfazi, isenokujongelwa phantsi ngamanye amadoda.” Amanye amadoda aye abacalule abafazi nangezinye iindlela, njengokwenza iziqhulo ezihlazisa abafazi.

Okumnandi kukuba amadoda anako ukutshintsha. Angafunda ukuba amadoda nabafazi baxabiseke ngendlela efanayo. (Efe. 4:22-24) Ukufunda ngendlela uYehova abaphatha ngayo abafazi kunokuwanceda ayenze le nto. Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela uYehova abajonga ngayo abafazi, indlela abazalwana abanokufunda ngayo ukubaphatha abafazi ngendlela kaYehova, nendlela abadala abanokuba yimizekelo ngayo ngokuhlonipha oodade.

UYEHOVA UBAPHATHA NJANI ABAFAZI?

UYehova umisela umzekelo omhle wendlela yokuphatha abafazi. Ekubeni enguTata onobubele, ubathanda bonke abantwana bakhe. (Yoh. 3:16) Noodade abathembekileyo kuye bafana neentombi zakhe azithandayo. Jonga ezi ndlela uYehova abonisa ngazo ukuba uyabathanda kwaye ubaxabisile abafazi.

Akabacaluli. UYehova wadala amadoda nabafazi ngokomfanekiso wakhe. (Gen. 1:27) Akazange adale amadoda ukuba abe nengqondo kunabafazi okanye abe nezakhono ezogqitha ezabafazi. Kwakhona akathandi amadoda ukogqitha abafazi. (2 Kron. 19:7) Wenze amadoda nabafazi bakwazi ukuqonda iBhayibhile ngendlela efanayo baza bakwazi ukuba neempawu ezifana nezikaYehova. Kwakhona ukholo lwamadoda nolwabafazi luyafana kuye​—nokuba banethemba lokuphila kumhlaba oyiparadesi okanye lokuba ngookumkani nababingeleli ezulwini. (2 Pet. 1:1) Kucacile ukuba uYehova akabakhethi abafazi.

Uyabamamela. UYehova uyikhathalele indlela abafazi abaziva ngayo kunye neengxaki abanazo. Ngokomzekelo, wawumamela umthandazo kaHana nokaRakeli waza wabanceda. (Gen. 30:22; 1 Sam. 1:10, 11, 19, 20) UYehova waphefumlela ababhali beBhayibhile ukuba babhale ngamabali amadoda awamamela icebiso labafazi. Ngokomzekelo, uAbraham wamamela umyalelo kaYehova wokuba amamele umfazi wakhe uSara. (Gen. 21:12-14) UKumkani uDavide wammamela uAbhigali. Wade wavakalelwa kukuba nguYehova othumele uAbhigali ukuba azokuthetha naye. (1 Sam. 25:32-35) UYesu omlinganisa kakuhle uTata wakhe, wammamela umamakhe uMariya. (Yoh. 2:3-10) Le mizekelo ibonisa ukuba enye yeendlela uYehova abonisa ngazo ukuba uyabaxabisa abafazi, kukubamamela.

Uyabathemba. Ngokomzekelo, uYehova wamthemba uEva ukuba uza kuncedisa ekunyamekeleni umhlaba. (Gen. 1:28) Ngaloo ndlela wabonisa ukuba wayengamjongi njengongabalulekanga kunomyeni wakhe uAdam, kodwa wayembona njengomncedi oxabisekileyo. UYehova wathemba nomprofetikazi uDebhora noHulida ababeza kucebisa isizwe sakwaSirayeli, ookumkani kunye nababingeleli. (ABagwe. 4:4-9; 2 Kum. 22:14-20) Namhlanje, uYehova uyabathemba abafazi abangamaKristu ekwenzeni umsebenzi wakhe. Aba dade bathembekileyo bakhonza njengabavakalisi, oovulindlela, nabavangeli. Bancedisa kumsebenzi wokuzoba iiplani, ekwakheni, ekulungiseni iiHolo zoBukumkani kunye nezakhiwo zamasebe. Abanye bakhonza eBheteli, kanti abanye basebenza kwiiofisi zokuguqulela. Aba dade bafana nomkhosi omkhulu osetyenziswa nguYehova ukuze afeze injongo yakhe. (INdu. 68:11) Kucacile ukuba uYehova akabajongi abafazi njengabantu ekungekho yabo okanye abangakwazi kwenza nto.

ABAZALWANA BANOKUYIFUNDA KUYEHOVA INDLELA YOKUPHATHA ABAFAZI

Bazalwana, ukuze sikwazi ukubona ukuba siphatha oodade abangamaKristu njengoYehova, kufuneka sizihlole ngokunyanisekileyo izinto esizenzayo nesizicingayo ngabo. Siza kudinga uncedo ukuze sikwazi ukuyenza le nto. Umhlobo olungileyo neLizwi LikaThixo zingasinceda sikwazi ukubona ukuba sinazo na iingcinga ezingafanelekanga ngabafazi ekusenokwenzeka zihleli emazantsi eentliziyo zethu, kanye ngendlela umatshini weX-ray okwazi ngayo ukubona ingxaki esentliziyweni yokoqobo yomntu. Yintoni esinokuyenza ukuze silufumane olo ncedo?

Buza umhlobo omthembayo. (IMize. 18:17) Kuza kusinceda ukubuza umhlobo esimthembayo onobubele nowaziwa ngokuba nengqiqo imibuzo efana nethi: “Ndibaphatha njani oodade? Ngaba bayabona ukuba ndiyabahlonipha? Ngaba ikhona into endinokuyitshintsha kwindlela endibaphatha ngayo?” Ukuba umhlobo wakho ukubonisa iindawo onokulungisa kuzo, sukuzithethelela. Kunoko zimisele ukwenza naluphi utshintsho oludingekayo.

Funda iLizwi LikaThixo. Eyona ndlela ibhetele yokubona ukuba sibaphatha kakuhle na oodade, kukuhlolisisa izinto esizenzayo sisebenzisa iLizwi LikaThixo iBhayibhile. (Heb. 4:12) Xa sifunda iBhayibhile siza kuva ngamabali amadoda awabaphatha kakuhle abafazi, nalawo angazange abaphathe kakuhle. Emva koko sinokuthelekisa izinto awazenzayo kunye nezo sizenzayo. Ngaphezu koko, ukuthelekisa ezinye iivesi zeBhayibhile kunokusinceda singazisebenzisi ngendlela engafanelekanga ukuze zixhase indlela engachananga esibajonga ngayo abafazi. Ngokomzekelo, u-1 Petros 3:7 uthi umfazi umele ‘aphathwe ngembeko, njengesitya esingomelelanga.’ a Ngaba le nto ithetha ukuba ababalulekanga, abanazakhono okanye abanangqondo kunamadoda? Hayi! Thelekisa la mazwi kaPetros kunye nento ethethwa kumaGalati 3:26-29 ebonisa ukuba uYehova ukhethe amadoda kunye nabafazi ukuba balawule kunye noYesu Kristu ezulwini. Xa sifunda iLizwi LikaThixo size sibuze nomhlobo esimthembayo ukuba sibaphatha njani abafazi, siza kufunda indlela yokubonisa ukuba siyabahlonipha oodadewethu.

ABADALA BABONISA NJANI UKUBA BAYABAHLONIPHA OODADE?

Abazalwana ebandleni banokufunda ukubahlonipha oodade ngokulandela umzekelo wabadala. Abadala banokuba ngumzekelo njani wokuhlonipha oodade? Nazi izinto abanokuzenza.

Bayabancoma oodade. Umpostile uPawulos wabekela abadala umzekelo omhle abanokuwulinganisa. Kwileta awayibhalela ibandla laseRoma uPawulos wancoma oodade abaliqela esidlangalaleni. (Roma 16:12) Ngaba unokuyicingela indlela ababevuya ngayo aba dade xa le leta yayifundwa ebandleni? Ngendlela efanayo, abadala bayabancoma kakhulu oodade ngeempawu zabo ezintle nangezinto abazenzela uYehova. Le nto ibenza baqinisekise oodade ukuba bayaxatyiswa futhi bayahlonitshwa ebandleni. Amazwi akhuthazayo asuka kumdala asenokubanceda kakhulu baqhubeke bekhonza uYehova ngokuthembeka.​—IMize. 15:23.

Ncoma

Abadala bancoma oodade ngokusuka entliziyweni ibe bayabaxelela izinto abazenze kakuhle. Ngoba? Udade onguJessica uthi: “Kumnandi xa umzalwana esithi kuwe ‘usebenzile.’ Kodwa kuba mnandi nakakhulu xa abazalwana bekuxelela ukuba yintoni le uyenze kakuhle, njengaxa ufundise abantwana ukuba bangangxoli eholweni okanye uye wazidina waya kulanda isifundo seBhayibhile ukuze size kwiintlanganiso.” Xa abadala bebancoma oodade baze babaxelele nezinto abazenze kakuhle, babenza bazive bethandwa kwaye bedingeka ebandleni.

Bayabamamela oodade. Abadala abathobekileyo bayaqonda ukuba ayingabo bodwa abaneembono ezintle. Abo badala bayawacela amacebiso koodade baze babamamele kakuhle xa bethetha. Ngaloo ndlela bayabakhuthaza oodade, kanti nabo bayancedakala. Njani? Umdala ogama linguGerardo, okhonza eBheteli uthi: “Xa ndicela amacebiso koodade ndiyancedakala, ndikwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi wam. Amaxesha amaninzi badla ngokuba namava kulo msebenzi ukogqitha abazalwana abaninzi.” Ebandleni oodade abaninzi bangoovulindlela, ngoko bazi izinto ezininzi ngabantu basekuhlaleni. Umdala onguBryan uthi: “Zininzi izinto oodadewethu abanokuzenzela intlangano. Funda kubo!”

Mamela

Abadala abalumkileyo abafanele bangawahoyi amacebiso eza noodade. Ngoba? Umdala onguEdward uthi: “Amacebiso namava oodade angakwazi ukumnceda umdala awuqonde ngokupheleleyo umbandela. Loo nto inokumnceda ayazi nendlela abaziva ngayo abanye.” (IMize. 1:5) Nokuba umdala akazukulisebenzisa icebiso likadade, umele ambulele ngecebiso lakhe.

Bayabaqeqesha oodade. Abadala abalumkileyo basoloko bekhangela amathuba okubaqeqesha oodade. Ngokomzekelo, bayabaqeqesha ukuze bakwazi ukuqhuba ingxubusho yentsimi xa engekho umzalwana obhaptiziweyo. Babaqeqeshela nokusebenzisa izixhobo ezithile ukuze bakwazi ukuncedisa xa kusakhiwa okanye kulungiswa izakhiwo zentlangano. NaseBheteli abaveleli bamasebe baye baqeqesha oodade ukuba benze imisebenzi eyahlukeneyo enjengokulungisa izinto, ukuthenga, ukubala imali, ukusebenza ngeekhompyutha neminye. Xa abadala beqeqesha oodade babonisa ukuba bayabathemba ukuba baza kukwazi ukuwenza umsebenzi.

Qeqesha

Oodade abaninzi basebenzisa olo qeqesho ukuze bancede nabanye. Ngokomzekelo, abanye oodade baye basebenzise uqeqesho abaye balufumana elwakhiweni ukuze bancede ekwakheni amakhaya abo behlelwe ziintlekele. Abanye baye basebenzisa ubuchule ababufumene xa bebeqeqeshelwa ukushumayela esidlangalaleni, ukuze bancede oodade abaninzi kulo msebenzi. Baziva njani oodade xa beqeqeshwa ngabadala? Udade onguJennifer uthi: “Xa ndandincedisa kusakhiwa enye iHolo yoBukumkani, omnye umdala wazenzela ixesha lokundiqeqesha. Wawuqaphela umsebenzi endiwenzayo waza wandincoma. Ndandithanda ukusebenza naye kuba ndandiziva ndixabisekile yaye ndithenjwa.”

IINTSIKELELO ZOKUPHATHA ABAFAZI NJENGOODADEWETHU

Sibathanda njengoYehova oodade. Yiloo nto sibaphatha njengentsapho. (1 Tim. 5:1, 2) Siyazidla ngeli lungelo lokusebenza nabo. Sivuya kakhulu xa beyazi into yokuba siyabathanda kwaye siyabaxhasa. Udade ogama linguVanessa uthi: “Ndiyambulela kakhulu uYehova ngokuba kwintlangano yakhe enabazalwana abaye bandikhuthaza kakhulu. Omnye udade waseTaiwan uthi: “Kuyandivuyisa ukwazi ukuba uYehova nentlangano yakhe babaxabisa kakhulu abafazi ibe bazikhathalele kakhulu neemvakalelo zethu. Le nto iyaluqinisa kakhulu ukholo lwam kwaye indenza ndilixabise kakhulu ilungelo lokuba kwintlangano kaYehova.”

Uvuya kakhulu uYehova xa ebona amadoda ezama ukuphatha abafazi ngendlela abaphatha ngayo. (IMize. 27:11) Omnye umdala waseScot-land, uBenjamin, uthi: “Amadoda amaninzi emhlabeni namhlanje, awabaxabisi abafazi. Xa abafazi bengena eHolweni yoBukumkani sifuna bawuve umahluko.” Akwaba sonke singenza konke okusemandleni ukulinganisa uYehova ngokuphatha oodade abathandekayo ngothando size sibahloniphe.​—Roma 12:10.

a Ukuze ufumane iinkcukacha ngegama elithi “isitya esingomelelanga,” funda inqaku elithi “Ukuxabiseka ‘Kwesitya Esibuthathaka’kwiMboniselo kaMeyi 15, 2006, nelithi “Ulwalathiso Lobulumko Kubantu AbatshatileyokwiMboniselo kaMatshi 1, 2005.