Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 3

INGOMA 124 Namathela KuYehova

UYehova Uza Kukunceda Xa Kunzima

UYehova Uza Kukunceda Xa Kunzima

“[UYehova] uyintsika yexesha lakho.”​—ISA. 33:6.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngento esinokuyenza ukuze uYehova asincede xa kunzima.

1-2. Zeziphi iingxaki ezinokwehlela abakhonzi bakaYehova?

 IZINTO ezibuhlungu ezinokusehlela zinokubutshintsha ngokuqhwanyaza nje kweliso ubomi bethu. Ngokomzekelo, omnye umzalwana othembekileyo, uLuis, a kwafunyaniswa ukuba unomhlaza ongaqhelekanga. Ugqirha wamxelela ukuba uza kuphila nje iinyanga ezimbalwa. UMonika nomyeni wakhe babexakekile besebenzela uYehova. Ngenye imini uMonika wafumanisa ukuba kangangexesha elide umyeni wakhe ongumdala wayesona kodwa eyifihla loo nto. Udade ongatshatanga onguOlivia kwanyanzeleka ukuba emke ekhayeni lakhe kuba kwakuza kubakho inkanyamba enkulu. Xa ebuya wafumanisa ukuba loo nkanyamba iyidilizile indlu yakhe. Ngokuqhwanyaza nje kweliso, ubomi babo bonke aba bantu batshintsha ngendlela engathethekiyo. Ngaba wakha wehlelwa yinto embi eyabutshintsha ngokukhawuleza ubomi bakho?

2 Ngoxa sithembekile kuYehova, siba nazo iingxaki futhi siyagula njengabanye abantu. Kusenokufuneka sinyamezele nokuphathwa kakubi ngabantu abangamfuniyo uThixo. UYehova akazinqandi ukuba zingenzeki kuthi ezi zinto, kodwa uthembisa ukuba uza kusinceda. (Isa. 41:10) Uza kusinceda sihlale sivuya, senze izigqibo ezifanelekileyo size sihlale sithembekile kuye nokuba sineengxaki ezinzima kangakanani. Kweli nqaku siza kuthetha ngeendlela eziyi-4 uYehova asinceda ngazo xa kusenzeka izinto ezimbi kuthi. Siza kuthetha nangezinto esinokuzenza ukuze asincede.

UYEHOVA UZA KUKUKHUSELA

3. Yintoni ekusenokuba nzima ukuyenza xa sehlelwe yinto eyophul’ intliziyo?

3 Ingxaki. Xa sisehlelwa yinto eyophul’ intliziyo kusenokuba nzima ukucinga kakuhle nokwenza izigqibo. Yintoni enokwenza kube nzima? Kukuba sisenokuba buhlungu kakhulu, sibe nalo nexhala. Sinokubhideka, singazi nokuba senze ntoni. Phawula indlela abaziva ngayo oodade ababini ababeneengxaki, ekuthethwe ngabo kwisiqendu sokuqala. UOlivia uthi, “Emva kokuba inkanyamba idilize indlu yam, ndandingazi nokuba ndithini, ndiphelelwe ngamandla.” Xa ethetha ngokungathembeki komyeni wakhe, uMonika uthi: “Ndandidane nyhani. Yayingathi intliziyo yam ikrazuke phakathi. Kwakunzima nokwenza izinto endiqhele ukuzenza. Zange ndicinge ukuba ingenzeka le nto kum.” UYehova uthembisa ukuba uza kusinceda njani xa siphelelwe ngamandla?

4. AmaFilipi 4:6, 7 athi yintoni esiyithenjiswa nguYehova?

4 Yintoni ayenzayo uYehova? Uthembisa ukuba uza kusinika into iBhayibhile eyibiza ngokuba ‘luxolo lukaThixo.’ (Funda amaFilipi 4:6, 7.) Olu xolo yindlela esizola ngayo engqondweni nasentliziyweni, ngenxa yokuba singabahlobo bakhe. ‘Luyayodlula indlela yabantu yokucinga’; lumangalisa ngendlela engathethekiyo. Ngaba wakha wazola ngendlela owawungayilindelanga emva kokuthulula isifuba sakho kuYehova? Loo ndlela wawuziva ngayo, ‘luxolo lukaThixo.’

5. Uxolo lukaThixo luzikhusela njani iingqondo neentliziyo zethu?

5 AmaFilipu 4:7 aphinda athi ‘uxolo lukaThixo luza kuzikhusela iintliziyo neengqondo zenu.’ Igama elithi ‘ukukhusela’ lalisetyenziswa emkhosini xa kuthethwa ngamajoni awayegada isixeko ukuze singahlaselwa. Abantu beso sixeko babelala obehlayo kuba besazi ukuba kukho amajoni agade ezigeyithini. Ngokufanayo ke, xa uxolo lukaThixo lukhusela iingqondo neentliziyo zethu, siyazola kuba siyazi ukuba sikhuselekile. (INdu. 4:8) Nokuba imeko yethu ayikhawulezi itshintshe, sinokuzola njengoHana. (1 Sam. 1:16-18) Xa sizolile kudla ngokuba lula ukucinga kakuhle nokwenza izigqibo ezifanelekileyo.

Thandaza de “uxolo lukaThixo” lukhusele intliziyo nengqondo yakho (Jonga isiqendu 4-6)


6. Sinokwenza ntoni ukuze lusincede uxolo lukaThixo? (Jonga nomfanekiso.)

6 Yintoni esimele siyenze? Xa usengxakini, ubiza unogada, ngokungathi kunjalo. Unokuyenza njani loo nto? Thandaza de ube noxolo lukaThixo. (Luka 11:9; 1 Tes. 5:17) ULuis ekuthethwe ngaye kwisiqendu sokuqala, uchaza into eyanceda yena nenkosikazi yakhe uAna bakwazi ukunyamezela emva kokuba bevile ukuba uza kuphila iinyanga ezimbalwa. Uthi: “Xa ukwimeko efana nale, kuba nzima kakhulu ukwenza izigqibo ngonyango nangezinye izinto. Kodwa ngenxa yomthandazo siye sazola ngoxa kunzima.” ULuis nenkosikazi yakhe bathi babesoloko bethandaza kakhulu becela uYehova abaphe uxolo lwengqondo, intliziyo ezolileyo nobulumko bokwenza izigqibo ezifanelekileyo. Bayibona indlela awabanceda ngayo. Xa unengxaki thandaza qho. Uza kuluva uxolo lukaYehova lukhusela intliziyo nengqondo yakho.​—Roma 12:12.

UYEHOVA UZA KUKWENZA UNGAGUNGQI

7. Zeziphi iindlela esinokuziva ngazo xa sinengxaki enkulu?

7 Ingxaki. Xa sinengxaki enkulu, sisenokungacingi size sizive ngendlela eqhelekileyo, kanti kusenokuba njalo nangezinto esizenzayo. Njengokuba inqanawa isisiwa ngapha nangapha ngamaza olwandle xa kukho isaqhwithi, nathi sisenokuziva ngathi sisiwa ngapha nangapha ziindlela esivakalelwa ngazo. UAna ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi wavakalelwa ngeendlela ezininzi ezahlukahlukeneyo emva kokusweleka kukaLuis. Uthi: “Xa ndiziva ndingento yanto, ndandiye ndizisizele. Ndandiye ndicatshukiswe nakukuba engasekho.” Ngamanye amaxesha wayesiba nesithukuthezi, edikwa nakukuba kufuneka enze izigqibo ngezinto awayezenza kakuhle uLuis. Wayemana eziva ngathi ukulwandle olunesaqhwithi. UYehova usinceda njani xa iimvakalelo ezinjalo ziqalisa ukuba ngaphezu kwamandla ethu?

8. Ngokutsho kukaIsaya 33:6 uYehova usiqinisekisa ngantoni?

8 Yintoni ayenzayo uYehova? Usithembisa ukuba uza kusinceda singagungqi. (Funda uIsaya 33:6.) Xa kukho isaqhwithi inqanawa isenokuntlithwa ngamaza olwandle, ayise ngapha nangapha. Ukuze zingagungqi, ezinye iinqanawa zineentsimbi ezifana namaphiko eziye ziphume emacaleni phantsi kwamanzi. Ezi ntsimbi zinokuyinceda inqanawa ingagungqi kakhulu. Loo nto yenza abantu abakhweleyo bazive bekhuselekile baze balonwabele uhambo lwabo. Kodwa ezinye zezi ntsimbi zisebenza kakuhle kakhulu xa inqanawa ihamba. Ngokufanayo, uYehova uza kusinceda singagungqi ukuba asiyeki ukuthembeka kuye naxa sinengxaki.

Sebenzisa izixhobo zethu zokuphanda ukuze ungagungqi (Jonga isiqendu 8-9)


9. Izixhobo zokuphanda zinokukunceda njani xa iimvakalelo onazo zikugqiba amandla? (Jonga nomfanekiso.)

9 Yintoni esimele siyenze? Xa iimvakalelo zakho zikugqiba amandla, yenza yonke into onokukwazi ukuyenza ukuze ungayeki ukuthandaza, ukuya kwiintlanganiso nokushumayela. Ewe kona, usenokungakwazi ukuzenza ngendlela obukade uzenza ngayo ezi zinto, kodwa khumbula ukuba uYehova akalindelanga ukuba wenze okungaphaya kwamandla akho. (Thelekisa uLuka 21:1-4.) Yiba nalo nexesha lokufunda nokucingisisa ngezinto ozifundayo. Ngoba? Esebenzisa intlangano yakhe, uYehova usilungiselele amanqaku neevidiyo ezinokusinceda singagungqi. Ukuze ufumane into oyifunayo, unokusebenzisa izixhobo zethu zokuphanda ezikhoyo ngolwimi lwakho, njengeJW Library neSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova. UMonika ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo, uthi wayesebenzisa izixhobo zethu zokuphanda ukuze afumane into enokumnceda xa ebona ngathi iimvakalelo zakhe ziza kumgqiba amandla. Ngokomzekelo, wayephanda ngegama elithi “umsindo.” Ngamanye amaxesha wayephanda ngelithi “ukungcatsha” okanye elithi “ukuthembeka.” Emva kokuba eyifumene loo nto ebephanda ngayo, wayeyifunda de abe bhetele. Uthi: “Xa ndandiqala ukuphanda ndandikhathazeke kakhulu, kodwa ngokuya ndifunda, kwaba ngathi uYehova uyandanga. Ndatsho ndabona ukuba uYehova uyandazi ukuba ndiziva njani futhi uyandinceda.” Xa uYehova ekunceda ngale ndlela, iimvakalelo zakho ziza kuyeka ukuba ngaphezu kwamandla akho, ekugqibeleni uza kude uzole.​—INdu. 119:143, 144.

UYEHOVA UZA KUKUXHASA

10. Sinokuziva njani emva kokuba kwenzeke into ebuhlungu kakhulu?

10 Ingxaki. Emva kokuba kwenzeke into ebuhlungu kakhulu, ngezinye iintsuku sisenokuphelelwa ngamandla side sidinge nokuthuthuzelwa. Sisenokuziva sifana nembaleki eyayikade ibaleka ngesantya esiphezulu, kodwa eqhwalelayo ngoku. Kusenokuba nzima ukwenza izinto ekwakulula ukuzenza okanye sisenokungabi namdla wokwenza izinto esasizithanda. Sisenokufana noEliya, kube nzima ukuvuka, sifune nje ukulala. (1 Kum. 19:5-7) UYehova usithembisa ukuba uza kwenza ntoni xa sityhafile?

11. Yeyiphi enye indlela uYehova asinceda ngayo? (INdumiso 94:18)

11 Yintoni ayenzayo uYehova? Usithembisa ukuba uza kusixhasa. (Funda iNdumiso 94:18.) Njengokuba imbaleki elimeleyo kufuneka incedwe ukuze ihambe, nathi kufuneka sincedwe ukuze sikhuthale ekwenzeni umsebenzi kaYehova. Ngamaxesha anjalo nantsi into uYehova asiqinisekisa ukuba uza kuyenza: “Mna, Yehova uThixo wakho, ndibamba isandla sakho sasekunene, ndithi kuwe, ‘Sukoyika. Mna lo ndiza kukunceda.’” (Isa. 41:13) UKumkani uDavide walufumana olo ncedo. Xa wayeneengxaki, kukho nabantu ababengamfuni, wathi kuYehova: “Isandla sakho sasekunene siyandixhasa.” (INdu. 18:35) Kodwa uYehova usixhasa njani?

Lwamkele uncedo lwentsapho, abahlobo nabadala (Jonga isiqendu 11-13)


12. Ngoobani uYehova anokubasebenzisa ukuze asincede xa sityhafile?

12 UYehova udla ngokusixhasa ngokwenza abanye basincede. Ngokomzekelo, xa uDavide wayetyhafile, umhlobo wakhe uYonatan waya kumbona, wamthuthuzela waza wamkhuthaza. (1 Sam. 23:16, 17) Ngendlela efanayo, uYehova wakhetha uElisha ukuba ancede uEliya. (1 Kum. 19:16, 21; 2 Kum. 2:2) Namhlanje uYehova usenokusixhasa esebenzisa iintsapho zethu, abahlobo okanye abadala. Kodwa xa sikhathazekile sisenokufuna ukuba sodwa. Iqhelekile ke loo nto. Yintoni ke esinokuyenza ukuze uYehova asixhase?

13. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze uYehova asixhase?

13 Yintoni esimele siyenze? Masingavumi tu ukuba sodwa. Xa sizikhetha, sisenokucinga kuphela ngeziqu zethu nangengxaki esinayo. Loo nto inokusenza singakwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo. (IMize. 18:1) Xa sithetha inyani, siyawadinga amaxesha okukhe sibe sodwa, ngokukodwa xa sehlelwe yinto ebuhlungu. Kodwa xa sisiba sodwa ixesha elide sinokubavalela ngaphandle abantu abasetyenziswa nguYehova ukuze asincede. Vuma ukuncedwa ngabantu bakowenu, abahlobo nabadala, nokuba kunzima ukuyenza loo nto. Babone njengabantu abasetyenziswa nguYehova ukuze akuxhase.​—IMize. 17:17; Isa. 32:1, 2.

UYEHOVA UZA KUKUTHUTHUZELA

14. Ziintoni ezisenokusoyikisa?

14 Ingxaki. Ngamany’ amaxesha kusenokwenzeka izinto ezisoyikisayo. EBhayibhileni abakhonzi bakaThixo ababethembekile bathetha ngamaxesha apho babesoyika iintshaba okanye ezinye izinto. (INdu. 18:4; 55:1, 5) Ngendlela efanayo, sisenokungafunwa ngabantu esifunda nabo, esisebenza nabo, abasekhaya okanye urhulumente kuba sikhonza uYehova. Kusenokwenzeka nokuba sigulela ukufa. Xa kusenzeka ezi zinto, sisenokuphelelwa ngamandla, sifane nomntwana ongakwaz’ ukuzenzela nto. Uye asincede njani ke uYehova?

15. INdumiso 94:19 isenza siqiniseke ngantoni?

15 Yintoni ayenzayo uYehova? Uyasithuthuzela aze asenze sizole. (Funda iNdumiso 94:19.) Le ndumiso inokusenza sicinge ngentombazana encinanana, engakwaziyo ukulala kuba isoyikiswa ziindudumo. Sinokuba nombono katata wayo esiya kuyo, eyiphakamisa aze ahlale eyiphethe de ilale. Nangona kungekayeki ukududuma, lo mntwana uziva ekhuselekile ezandleni zikatata wakhe. Xa sineengxaki ezisoyikisayo, sisenokudinga ukuba uTata wethu osezulwini abe ngathi usisingathile, side siyeke ukoyika. Sinokwenza ntoni ukuze uYehova asithuthuzele ngale ndlela?

Mvumele uTata wakho osezulwini akuthuthuzele ngeZibhalo (Jonga isiqendu 15-16)


16. Yintoni esinokuyenza ukuze uYehova asithuthuzele? (Jonga nomfanekiso.)

16 Yintoni esimele siyenze? Hlala uzipha ixesha lokuba kunye noYehova, ngokuthandaza nokufunda iLizwi lakhe. (INdu. 77:1, 12-14) Ukuba uyazenza ezi zinto, into yokuqala oza kuyenza xa unestres kukubalekela kuTata wakho osezulwini. Mxelele izinto ozoyikayo nonexhala lazo. Mvumele athethe nawe aze akuthuthuzele ngeZibhalo. (INdu. 119:28) Usenokufumana iincwadi zeBhayibhile ezinokukuthuthuzela nyhani xa usoyika. Ngokomzekelo, ungakhuthazwa yincwadi kaYobhi, iiNdumiso, iMizekeliso nangamazwi kaYesu akuMateyu isahluko 6. Xa uthandaza, ufunda neBhayibhile, uza kuyiva indlela akuthuthuzela ngayo uYehova.

17. Yintoni esinokuqiniseka ngayo?

17 Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kuhlala enathi ngamaxesha anzima. Soze asishiye. (INdu. 23:4; 94:14) Uthembisa ukuba uza kusikhusela, asenze singagungqi, asixhase aze asithuthuzele. KuIsaya 26:3 kuthiwa ngoYehova: “Uza kubakhusela abo bayame ngawe ngokupheleleyo; uza kubenza bahlale benoxolo, kuba bathembele kuwe.” Ngoko thembela ngoYehova uze uzisebenzise zonke iindlela akunceda ngazo. Xa usenza loo nto uza komelela naxa uneengxaki.

KHAWUTSHO

  • Kunini apho sinokuludinga ngokukhethekileyo uncedo lukaYehova?

  • Zeziphi iindlela eziyi-4 asinceda ngazo uYehova ngamaxesha anzima?

  • Yintoni esinokuyenza ukuze uYehova asincede?

INGOMA 12 Thixo Omkhulu, OnguYehova

a Amanye amagama atshintshiwe.