Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 2

INGOMA 132 Ngoku Sibanye

Madoda Baphatheni Ngembeko Abafazi Benu

Madoda Baphatheni Ngembeko Abafazi Benu

“Nina ke madoda, . . . baphatheni ngembeko.”1 PET. 3:7.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela umyeni anokumphatha ngayo ngembeko umfazi wakhe, kwizinto azithethayo nazenzayo.

1. Sesiphi esinye sezizathu zokuba uYehova enze kubekho umtshato?

 UYEHOVA ‘unguThixo owonwabileyo,’ ibe nathi ufuna sonwabe. (1 Tim. 1:11) Usiphe izinto ezininzi ukuze asincede sonwabe. (Yak. 1:17) Enye yazo ngumtshato. Xa indoda nomfazi betshata, baye bafunge ukuba baza kuthandana baze bahloniphane. Ukulugcina luvutha uthando lwabo kunokubenza bavuye nyhani.—IMize. 5:18.

2. Injani imitshato emininzi namhlanje?

2 Okubuhlungu kukuba abantu abaninzi abatshatileyo namhlanje, bayazilibala izithembiso abazenzayo ngosuku lwabo lomtshato. Ngenxa yaloo nto abonwabanga. Uphando olusand’ ukwenziwa yiWorld Health Organization lubonisa ukuba abayeni abaninzi bandlongondlongo kubafazi babo, bathetha rhabaxa nabo, okanye babaphathe kakubi ngezinye iindlela. Umyeni onjalo unokumphatha kakuhle umfazi wakhe xa ephakathi kwabanye abantu, kodwa xa engabonwa amphathe kakubi. Imitshato emininzi iye ibe neengxaki naxa umyeni ebukela iphonografi.

3. Zeziphi ezinye izinto ezinokwenza abayeni babaphathe kakubi abafazi babo?

3 Kutheni abanye abayeni bebaphatha kakubi abafazi babo? Kusenokwenzeka ukuba bakhuliswe ngootata abandlongondlongo, ngoko bacinga ukuba ukuphatha umfazi ngale ndlela yinto eqhelekileyo. Abanye kwiindawo abakhulele kuzo kukhuthazwa ukuba, ukuze ube “yindoda nyhani” kufuneka umfazi eve ngawe ukuze azi ukuba ngubani ophetheyo. Kanti amanye amadoda zange afundiswe ukukwazi ukuzibamba, njengaxa enomsindo. Amanye wona awajonga ngendlela egqwethekileyo amabhinqa nokwabelana ngesondo ngenxa yokubukela iphonografi. Ukongezelela, uphando lubonisa ukuba ikhorona izandisile ezi ngxaki. Kakade ke, akukho nenye kwezi zinto emenza athetheleleke umyeni oyiphatha kakubi inkosikazi yakhe.

4. Yintoni abamele bayilumkele abayeni abangamaKristu? Ngoba?

4 Abayeni abangamaKristu kufuneka bakulumkele ukubajonga ngendlela elibajonga ngayo ihlabathi abafazi. a Ngoba? Esinye isizathu kukuba izinto azenzayo umntu, uzenza ngenxa yezinto azicingayo. Umpostile uPawulos walumkisa amaKristu athanjisiweyo aseRoma esithi ‘mawayeke ukulinganisa izinto zeli hlabathi.’ (Roma 12:1, 2) Xa uPawulos wayewabhalela, kuyabonakala ukuba ibandla lawo lalisele lineminyaka likhona. Kodwa amazwi kaPawulos abonisa ukuba amanye aloo maKristu ayesalinganisa izithethe nendlela yokucinga yehlabathi. Yiloo nto wawakhuthaza ukuba atshintshe indlela acinga nazenza ngayo izinto. Elo cebiso lisasebenza nakubayeni abangamaKristu namhlanje. Okubuhlungu kukuba, abanye babo baye baqalisa ukucinga njengehlabathi, bade babaphatha kakubi abafazi babo. b UYehova ulindele ukuba umyeni amphathe njani umfazi wakhe? Impendulo ifumaneka kwisibhalo othathwe kuso umxholo weli nqaku.

5. Ngokutsho kuka-1 Petros 3:7, umyeni umele amphathe njani umfazi wakhe?

5 Funda u-1 Petros 3:7. UYehova uyalela ukuba abayeni babaphathe ngembeko abafazi babo. Imbeko yindlela esiye simphathe ngayo umntu esimhloniphayo. Umyeni omphatha ngembeko umfazi wakhe, uza kumphatha ngobubele nangendlela ebonisa ukuba uyamthanda. Kweli nqaku siza kuva ukuba umyeni unokuyibonisa njani imbeko kumfazi wakhe. Kodwa kuqala, masithethe ngezinto ezinokwenziwa ngumyeni ezibonisa ukuba akamphathi ngembeko.

UNGAZENZI IZINTO EZINGABONISI MBEKO

6. UYehova uziva njani ngabayeni ababaphatha kakubi abafazi babo? (Kolose 3:19)

6 Ukuba ndlongondlongo. UYehova uyamcaphukela nabani na othanda ubundlobongela. (INdu. 11:5) Ucaphuka nyhani xa umyeni emphatha kakubi umfazi wakhe. (Mal. 2:16; Funda amaKolose 3:19.) Ngokutsho kuka-1 Petros 3:7, isibhalo othathwe kuso umxholo weli nqaku, ukuba umyeni umphatha kakubi umfazi wakhe, loo nto inokumosha ubuhlobo bakhe noThixo. UYehova usenokungayimameli imithandazo yakhe.

7. Ngokutsho kwamaEfese 4:31, 32, yeyiphi indlela abangamelanga bathethe ngayo abayeni? (Jonga “Negama Elicacisiweyo.”)

7 Ukuthetha rhabaxa. Abanye abayeni babaphatha kakubi abafazi babo ngokuthetha nabo benomsindo, bethetha nezinto ezibakhathazayo. Kodwa uYehova uyawucaphukela “umsindo, ukucaphuka, ukungxolisana, ukuthetha amazwi ahlabayo.” c (Funda amaEfese 4:31, 32.) Uva yonke into. UYehova uyikhathalele indlela umyeni athetha ngayo nomfazi wakhe nokuba basekhayeni labo. Umyeni othetha rhabaxa nomfazi wakhe, akamoshi nje umtshato wakhe, umosha nobuhlobo bakhe noYehova.—Yak. 1:26.

8. UYehova uziva njani ngephonografi? Kutheni?

8 Ukubukela iphonografi. UYehova uziva njani ngephonografi? Uyayicaphukela. Ngoko umyeni obukela imifanekiso engcolileyo umosha ubuhlobo bakhe noYehova, athobe nesidima somfazi wakhe. d UYehova ulindele ukuba umyeni angathembeki nje kuphela kumfazi wakhe ngezenzo kodwa nangezinto azicingayo. UYesu wathi umyeni ojonga omnye umfazi aze ambawele, ugqibile ukukrexeza “entliziyweni yakhe.” eMat. 5:28, 29 .

9. Kutheni uYehova eyicaphukela into yokuba umyeni enzise umfazi wakhe izinto ezithoba isidima xa besabelana ngesondo?

9 Ukumenzisa izinto ezithoba isidima xa nisabelana ngesondo. Abanye abayeni bayabanyanzela abafazi babo ukuba benze izinto ezithoba isidima xa besabelana ngesondo, nezibenza bazive bengacocekanga okanye bengathandwa. UYehova uyayicaphukela into yokuba umyeni angamcingeli futhi angamkhathaleli ngolo hlobo umfazi wakhe. UYehova ulindele ukuba amthande, amphathe ngobubele aze ahloniphe indlela aziva ngayo. (Efe. 5:28, 29) Kuthekani xa umyeni ongumKristu emphatha kakubi umfazi wakhe, emthoba isidima okanye ebukela iphonografi? Yintoni enokumnceda atshintshe indlela acinga, nazenza ngayo zizinto?

UNOKUZIYEKA NJANI IZINTO EZINGABONISI MBEKO?

10. Yintoni anokuyifunda amadoda kuYesu?

10 Yintoni enokunceda umyeni ayeke ukumphatha kakubi nokumthoba isidima umfazi wakhe? Unokuzama ukulinganisa uYesu. UYesu zange atshate, kodwa indoda inokufunda indlela yokuphatha umfazi wayo kwindlela awayebaphatha ngayo abafundi bakhe. (Efe. 5:25) Ngokomzekelo, makhe sibone ukuba amadoda anokufunda ntoni kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abapostile bakhe, nawayethetha ngayo nabo.

11. UYesu wayebaphatha njani abapostile bakhe?

11 UYesu wayenobubele kubapostile bakhe, futhi ebaphatha ngembeko. Nangona wayeyinkosi yabo, wayengasoloko esenza izinto ezazibakhumbuza ukuba unegunya kubo. Endaweni yaloo nto wayezithoba, azenze isicaka sabo. (Yoh. 13:12-17) Wathi kubo: ‘fundani kum, kuba ndizolile, ndithobekile, ibe niza kuhlaziyeka.’ (Mat. 11:28-30) Uvile ukuba uYesu wayezolile? Umntu ozolileyo akalogwala. Uyakwazi ukuzibamba, naxa ecatshukiswa uhlala ezolile.

12. UYesu wayethetha njani nabantu?

12 UYesu zange athethe kakubi nabalandeli bakhe. Wayethetha izinto ezibathuthuzelayo nezibakhuthazayo abantu. (Luka 8:47, 48) Naxa wayethukwa ngabantu ababengamfuni, bezama ukumcaphukisa, “akazange aphindise.” (1 Pet. 2:21-23) Ngamanye amaxesha, kunokuba athethe kakubi nabo, wayeye athule. (Mat. 27:12-14) Ininzi nyhani into enokufundwa ngabayeni abangamaKristu kuYesu.

13. Yintoni enokuyenza indoda ukuze “ithi nca emfazini wayo”? (Mateyu 19:4-6) (Jonga nomfanekiso.)

13 UYesu wayalela amadoda ukuba ahlale ethembekile kubafazi bawo. Wathetha into eyathethwa nguTata wakhe esithi indoda imele “ithi nca emfazini wayo.” (Funda uMateyu 19:4-6.) Igama lesiGrike elisetyenziswe kule vesi, ngokoqobo lithetha ‘ukuncamathisela.’ Ngoko indoda nomfazi wayo bamele bathandane kakhulu, de kube ngathi omnye uncanyathiselwe komnye. Nantoni na ebohlukanisayo inokwenza umonakalo omkhulu kubo bobabini. Umyeni oncamathele ngolo hlobo kumfazi wakhe akazukufuna ukubukela naluphi na uhlobo lwephonografi. Uza ‘kukhawuleza awadlulise amehlo akhe angajongi izinto ezingafanelekanga.’ (INdu. 119:37) Phofu wenza isivumelwano namehlo akhe ukuba angancwasi naliphi na elinye ibhinqa elingengomfazi wakhe.—Yobhi 31:1.

Umyeni othembekileyo akavumi ukujonga iphonografi (Jonga isiqendu 13) g


14. Ziintoni amele azenze umyeni omphatha kakubi umfazi wakhe, ukuze aphinde athandwe nguYehova nanguye?

14 Umyeni ondlongondlongo okanye othetha kakubi nomfazi wakhe, kufuneka enze izinto eziza kumenza aphinde athandwe nguYehova nangumfazi wakhe. Ziintoni ezo? Okokuqala, uyavuma ukuba ingxaki anayo inkulu. Kaloku uYehova ubona yonke into. (INdu. 44:21; INtshu. 12:14; Heb. 4:13) Okwesibini, uyayeka ukumphatha kakubi umfazi wakhe, atshintshe nendlela azenza ngayo izinto. (IMize. 28:13) Okwesithathu, uye acele uxolo kuYehova nakumfazi wakhe. (IZe. 3:19) Kufuneka acele uYehova amenze abe nomnqweno wokutshintsha, amcele ukuba amncede acinge, athethe aze enze izinto ngendlela efunwa nguYehova. (INdu. 51:10-12; 2 Kor. 10:5; Fil. 2:13) Okwesine, akapheleli nje ekuthandazeni, ufunda nokucaphukela zonke iintlobo zobundlobongela nokuthetha kakubi. (INdu. 97:10) Okwesihlanu, ukhawuleza acele uncedo kubadala abanothando. (Yak. 5:14-16) Okwesithandathu, ucinga ngento eza kumnceda angaphindi azenze izinto ezirongo ebezenza. Umyeni obukela iphonografi umele enze ezi zinto zingasentla. (INdu. 37:5) Kodwa akwanelanga ukuba umyeni ayeke ukwenza izinto ezimbi nje kuphela. Umele afunde nokumphatha ngembeko umfazi wakhe. Unokuyenza njani loo nto?

UNOKUMPHATHA NJANI NGEMBEKO UMFAZI WAKHO?

15. Indoda inokumbonisa njani umfazi wayo ukuba iyamthanda?

15 Mbonise ukuba uyamthanda. Abanye abazalwana abonwabileyo emitshatweni yabo bayaqiniseka ukuba yonke imihla benza izinto ezibonisa ukuba bayabathanda abafazi babo. (1 Yoh. 3:18) Indoda inokwenza izinto ezincinci ezibonisa ukuba iyamthanda umfazi wayo, njengokumbamba isandla okanye ukumgona. Inokumbhalela umyalezo othi “ndiyakukhumbula” okanye othi “luhamba njani usuku lwakho?” Enye into enokumane iyenza kukumbhalela amazwi amnandi kwikhadi. Xa indoda izenza ezi zinto, imphatha ngembeko umfazi wayo futhi iyawuqinisa umtshato wabo.

16. Kutheni indoda kufuneka imncome umfazi wayo?

16 Mbulele. Indoda emphatha ngembeko umfazi wayo, iyamkhuthaza. Enye indlela engayenza ngayo le nto kukukhumbula ukumbulela ngazo zonke izinto ayincede ngazo. (Kol. 3:15) Xa indoda imncoma ngokusuka entliziyweni umfazi wayo, imenza avuye. Uza kuziva ekhuselekile, ethandwa futhi ehlonitshwa.—IMize. 31:28.

17. Indoda inokubonisa njani ukuba iyamhlonipha umfazi wayo?

17 Yiba nobubele kuye uze umhloniphe. Indoda emthandayo umfazi wayo iyamxabisa. (IMize. 18:22; 31:10) Kuyo usisipho esihle esivela kuYehova. Loo nto yenza ibe nobubele ize imhloniphe naxa besabelana ngesondo. Xa besabelana ngesondo ayizukumenzisa izinto ezimenza angakhululeki, ezimthoba isidima nezikhathaza isazela sakhe. f Nayo iza kuzama ukuhlala inesazela esiklini phambi koYehova.—IZe. 24:16.

18. Yintoni amele azimisele ukuyenza amadoda? (Jonga nebhokisi ethi “ Iindlela Ezine Zokuhlonipha Umfazi Wakho.”)

18 Madoda, qinisekani ukuba uYehova uyavuya xa enibona nizama nyhani ukubaphatha ngembeko abafazi benu, kuzo zonke izinto enizithethayo nenizenzayo. Zimiseleni ukubaphatha ngembeko ngokungenzi nantoni na eza kubakhathaza, ngokuba nobubele kubo, nibahloniphe. Loo nto ibonisa ukuba niyabathanda futhi niyabaxabisa. Baphatheni ngembeko abafazi benu. Xa nisenza loo nto niza kuhlala ningabahlobo bakaYehova, ibe leyo yeyona nto ibalulekileyo.—INdu. 25:14.

INGOMA 131 ‘Oko UThixo Akumanyileyo’

a Kuza kuwanceda amadoda ukufunda inqaku elithi, “Ngaba Abafazi Ubaphatha Ngendlela Abaphatha Ngayo UYehova?kwiMboniselo kaJanuwari 2024.

b Ukuba uphethwe kakubi ngumntu otshate naye, kuza kukunceda ukufunda inqaku elithi “Ukunceda Abo Baphethwe Kakubi Emakhayeni Abo” kumanqaku athi “Imixholo Engakumbi” kujw.org/xh nakuJW Library.

c IGAMA ELICACISIWEYO: “Ukuthetha amazwi ahlabayo” kukubiza umntu ngamagama amabi, nokusoloko umgxeka. Nantoni na oyithethayo ebonisa inkohlakalo, ukumthoba isidima okanye ukuba krwada kumfazi wakho, ngamazwi ahlabayo.

d Jonga inqaku elithi “Iphonografi Inokuwuphelisa Umtshato Wakho” kujw.org/xh nakuJW Library.

e Inqaku elithi “Xa Umntu Otshate Naye Ebukela IphonografielikwiMboniselo ka-Agasti 2023 linokumnceda umfazi onomyeni obukela iphonografi.

f IBhayibhile ayisichazeli ukuba ziintoni ezifanelekileyo nezingafanelekanga, ezinokwenziwa yindoda nomfazi xa besabelana ngesondo. Umyeni nomfazi bamele benze izigqibo ezibonisa ukuba bayamhlonipha uYehova, ezivuyisa bona bobabini neziza kubanceda bahlale benezazela eziklini. Ngokuqhelekileyo abantu abatshatileyo abancokoli nabanye abantu ngezinto ezifana nezi, abazenzayo emtshatweni wabo.

g INGCACISO YOMFANEKISO: Abantu abangengomaNgqina bazama ukubonisa umzalwana imagazini yephonografi.