Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 1

INGOMA 2 UYehova Ligama Lakho

Masimzukise UYehova

Masimzukise UYehova

UMXHOLO WONYAKA KA-2025: “Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe.”INDU. 96:8.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Siza kufunda ngendlela esinokumnika ngayo uYehova uzuko olumfaneleyo.

1. Yintoni abayenzayo abantu abaninzi namhlanje?

 UKHE wayiphawula into yokuba abantu abaninzi namhlanje bacingela iziqu zabo kunabanye abantu? Ngokomzekelo, abanye baqhayisa ngeziqu zabo nangezinto abazenzileyo kwiiwebhsayithi zokuncokola. Sekunjalo, basekhona abantu abambalwa abazukisa uYehova uThixo. Kweli nqaku siza kuthetha ngokuba kuthetha ukuthini ukuzukisa uYehova, nokuba ziintoni ezisenza simzukise. Siza kufunda ukuba sinokumnika njani uzuko olumfaneleyo, sive nokuba yena uza kulizukisa njani igama lakhe kungekudala.

KUTHETHA UKUTHINI UKUZUKISA UYEHOVA?

2. UYehova walubonakalisa njani uzuko lwakhe kwiNtaba YeSinayi? (Jonga ongaphandle.)

2 Yintoni uzuko? EBhayibhileni igama elithi “uzuko” libhekisela kuyo nantoni na eyenza umntu abe mkhulu. UYehova walubonakalisa ngendlela emangalisayo uzuko lwakhe emva nje kokuba amaSirayeli ekhululwe kubukhoboka eYiputa. Khawube nombono wento eyayisenzeka: Iimiliyon zamaSirayeli zidibene phambi kweNtaba YaseSinayi ukuze zive ukuba uThixo wazo uza kuzixelela ntoni. Le ntaba yogqunywa lilifu elimnyama. Kusenjalo, kwenzeka inyikima enkulu, kubonakale umsi nomlilo kuloo ntaba. Indawo ezimi kuyo iyashukuma, kulanyaze imibane, kududume, kuze kuvakale nengxolo enkulu yophondo. (Eks. 19:16-18; 24:17; INdu. 68:8) Inoba zaziwamangalise nyhani amaSirayeli ezi zinto zazisenziwa nguYehova nezazibonisa uzuko lwakhe.

KwiNtaba YeSinayi uYehova wabonisa amaSirayeli uzuko lwakhe ngendlela emangalisayo (Jonga isiqendu 2)


3. Simzukisa njani uYehova?

3 Ngaba thina singakwazi ukumzukisa uYehova? Ewe singakwazi. Enye indlela esimzukisa ngayo uYehova kukuxelela abanye abantu ngamandla akhe amangalisayo nangeempawu zakhe ezithandekayo. Siyamzukisa uThixo naxa simdumisa ngenxa yezinto asincede sakwazi ukuzenza. (Isa. 26:12) UKumkani uDavide wayengumzekelo obalaseleyo wokuzukisa uYehova. Kumthandazo awawenza phambi kwebandla lamaSirayeli wathi kuThixo: “Owu Yehova, bobakho ubukhulu, amandla, ubuhle, ukubalasela nobungangamsha, kuba yonke into esemazulwini nesemhlabeni yeyakho.” Ukugqiba kwakhe ukuthandaza, “lonke ibandla lamdumisa uYehova.”—1 Kron. 29:11, 20.

4. UYesu wamzukisa njani uYehova?

4 Xa wayelapha emhlabeni uYesu wazukisa uTata wakhe ngokwenza abantu baqonde ukuba wayewafumana kuye amandla okwenza imimangaliso. (Marko 5:18-20) Waphinda wamzukisa ngezinto awayezithetha ngaye, nangendlela awayebaphatha ngayo abantu. Ngenye imini uYesu wayefundisa kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda. Kubantu ababemmamele kwakukho umfazi owayeneminyaka eyi-18 enedemon. Le demon yamenza wagoba, akakwazi tu ukuma nkqo. Yayibuhlungu nyhani le nto! Enosizi, uYesu waya kuye, waza wathetha naye enobubele wathi: “Mfazindini, uphilisiwe.” Emva koko wambeka izandla, waza ngoko nangoko lo mfazi wema nkqo “wazukisa uThixo,” embulela kuba emenze waphila. (Luka 13:10-13) Wayenesizathu esivakalayo sokuzukisa uYehova. Kunjalo ke nakuthi.

ZIINTONI EZISENZA SIZUKISE UYEHOVA?

5. Zeziphi izizathu ezisenza simhloniphe uYehova?

5 Sizukisa uYehova kuba simhlonipha kakhulu. Zininzi izizathu ezisenza simhloniphe. UYehova unamandla angapheliyo nangenakulinganiswa nanto. (INdu. 96:4-7) Ubulumko bakhe bubonakala ngokucacileyo kwizinto azidalileyo. Nguye osinike ubomi nosinceda siqhubeke siphila. (ISityhi. 4:11) Uthembekile. (ISityhi. 15:4) Yonke into ayenzayo iyaphumelela, usoloko ezenza nezinto azithembisileyo. (Yosh. 23:14) Yiloo nto umprofeti uYeremiya wathi ngaye: “Phakathi kwezilumko zonke zeentlanga naphakathi kwazo zonke izizwe zazo, akukho namnye unjengawe.” (Yer. 10:6, 7) Zininzi nyhani izizathu esinazo zokumhlonipha uTata wethu osezulwini. Kodwa uYehova akenzi izinto ezisenza simhloniphe nje kuphela, unazo neempawu ezisenza simthande.

6. Kutheni simthanda uYehova?

6 Sizukisa uYehova kuba simthanda kakhulu. Cinga ngeempawu ezininzi uYehova anazo ezisenza simthande. Unenceba futhi uyabavela abantu. (INdu. 103:13; Isa. 49:15) Xa sikhathazekile naye uyakhathazeka. (Zek. 2:8) Wenza kube lula ukuba sibe ngabahlobo bakhe. (INdu. 25:14; IZe. 17:27) Uthobekile kuba “uyagoba ukuze ajonge ezulwini nasemhlabeni, avuse ongenanto eluthulini.” (INdu. 113:6, 7) Ngubani ke ongenakufuna ukuzukisa lo Thixo wethu omkhulu?—INdu. 86:12.

7. Sinethuba lokwenza ntoni?

7 Sizukisa uYehova kuba sifuna nabanye abantu bamazi. Abantu abaninzi abayazi inyani ngoYehova. Kutheni? Kaloku uSathana uye wazimfamekisa iingqondo zabo ngokusasaza ubuxoki ngoThixo. (2 Kor. 4:4) Uye wenza abantu bakholelwa ukuba uYehova akaxoleli, akakhathali, futhi nguye owenza kubekho izinto ezibuhlungu emhlabeni. Thina siyayazi inyaniso ngoThixo, ngoko sinalo ithuba lokubaxelela le nyaniso siyaziyo ngoThixo ukuze nabo bamzukise. (Isa. 43:10) KwiNdumiso 96 kuthethwa kakhulu ngokuzukisa uYehova. Njengoko siza kuthetha ngamanye amazwi aphefumlelweyo akule Ndumiso, cinga ngeendlela onokumnika ngazo uzuko olumfaneleyo uYehova.

SINOKUMNIKA NJANI UYEHOVA UZUKO OLUMFANELEYO?

8. Yeyiphi enye indlela esinokumzukisa ngayo uYehova? (INdumiso 96:1-3)

8 Funda iNdumiso 96:1-3. Sinokumzukisa uYehova ngezinto esizithethayo ngaye. Kwezi vesi kuthiwa abantu bakaYehova ‘mabamculele, badumise igama lakhe, bavakalise iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe, baze bathethe ngozuko lwakhe phakathi kweentlanga.’ Zonke ezi ziindlela esinokumzukisa ngazo uTata wethu osezulwini. AmaYuda athembekileyo namaKristu exesha labapostile ayengazibambi xa kufuneka axelele abantu ngazo zonke izinto ezintle uYehova awenzele zona, naxa kwakufuneka athethelele igama lakhe. (Dan. 3:16-18; IZe. 4:29) Sinokuwalinganisa njani thina?

9-10. Ufunda ntoni kwibali lika-Angelena? (Jonga nomfanekiso.)

9 Khawuve into eyenziwa ngomnye udade ohlala eUnited States, uAngelena. a Waba nesibindi sokuthethelela uYehova kwinkampani asebenza kuyo. Njengoko wayesand’ ukuqashwa, uAngelena wamenywa kwintlanganiso apho abantu abasand’ ukufika kule nkampani babenikwa ithuba lokuchazela abanye ngobomi babo. UAngelena walungiselela ukubabonisa iifoto ukuze babone indlela ekumnandi ngayo ukuba liNgqina LikaYehova. Kodwa ngaphambi kokuba athethe, kwathetha omnye umntu asebenza naye, ezichaza ukuba ukhule eliNgqina LikaYehova. Wahlekisa ngezinto esizikholelwayo. UAngelena uthi: “Lwabetha uvalo. Kodwa ndazibuza: ‘Ndiza kuyeka umntu axoke ngoYehova okanye ndiza kulimela igama Lakhe?’”

10 Ukugqiba kwakhe ukuthetha loo mntu, uAngelena wenza umthandazo omfutshane, ethe cwaka. Emva koko wathetha naye enobubele, wathi: “Nam ndikhule njengawe. Ndikhule ndiliNgqina, futhi ndiselilo nangoku.” Kwakunzima; kodwa uAngelena wahlala ezolile, wababonisa iifoto zakhe nabahlobo bakhe bonwabile, bekhonza uYehova, waza wathetha nabo ngembeko, ebacacisela ngezinto azikholelwayo. (1 Pet. 3:15) Kwenzeka ntoni? Wathi egqiba ukuthetha uAngelena yabe loo ndoda yehle umoya. Yade yathetha ngezinto ezimnandi ezikhumbulayo ezazisenzeka ngela xesha yayisakhula iliNgqina LikaYehova. UAngelena uthi: “Sifanele simthethelele uYehova. Yinyhweba ukuthethelela igama lakhe.” Nathi sinenyhweba yokudumisa nokuzukisa uYehova nokuba abanye abantu bathetha kakubi ngaye.

Sinokuzukisa uYehova ngendlela esithetha ngayo, ngezinto esinazo nangendlela esiziphethe ngayo (Jonga isiqendu 9-10) b


11. Abantu abakhonza uYehova ngendlela ayifunayo bebesoloko bewuthobela njani umgaqo okwiNdumiso 96:8?

11 Funda iNdumiso 96:8. Sinokuzukisa uYehova ngezinto esinazo. Le yindlela ababesoloko bemzukisa ngayo uYehova abantu abamkhonza ngendlela ayifunayo. (IMize. 3:9) Ngokomzekelo, amaSirayeli ayenikela ngezinto zawo ukuze ancede xa kwakusakhiwa itempile naxa yayilungiswa. (2 Kum. 12:4, 5; 1 Kron. 29:3-9) Abafundi bakaKristu ababenobubele banceda yena nabapostile bakhe ‘ngezinto ababenazo.’ (Luka 8:1-3) NamaKristu okuqala anikela ukuze ancede abazalwana noodade ngezinto ababezidinga. (IZe. 11:27-29) Nathi namhlanje singamzukisa uYehova ngeminikelo esiyenzayo.

12. Iminikelo yethu inokumzukisa njani uYehova? (Jonga nomfanekiso.)

12 Cinga ngomzekelo nje omnye obonisa indlela iminikelo yethu emzukisa ngayo uYehova. Ngo-2020 eZimbabwe kwabakho imbalela eyathatha ixesha elide. Iimiliyon zabantu, ekwakukho kuzo udade onguPrisca, zazisengozini yokubulawa yindlala. Sekunjalo, uPrisca zange ayeke ukushumayela ngoLwezithathu nangoLwezihlanu njengesiqhelo, nangona kwakulixesha lokulima. Abamelwane bakhe bahlekisa ngaye kuba wayesiya kushumayela kunokuba aye emasimini, besithi, “Uza kulamba uthi shu wena.” UPrisca wayebaphendula engoyiki athi, “UYehova zange wakhe wabalahla abakhonzi bakhe.” Kungabanga xesha lide emva koko, wafumana izinto awayezidinga, ezazivela kwintlangano yethu. Ezo zinto zafumaneka ngenxa yeminikelo yethu. Yabamangalisa loo nto abamelwane bakaPrisca kangangokuba bathi, “UThixo wakho khange akulahle, nathi siyafuna ukufunda ngaye.” Abayi-7 kubo baqalisa ukuya kwiintlanganiso.

Sinokuzukisa uYehova ngezinto esinazo (Jonga isiqendu 12) c


13. Indlela esiziphethe ngayo inokumzukisa njani uYehova? (INdumiso 96:9)

13 Funda iNdumiso 96:9. Sinokuzukisa uYehova ngendlela esiziphethe ngayo. Imizimba yababingeleli ababekhonza etempileni kaYehova kwakufuneka icoceke. (Eks. 40:30-32) Sekunjalo, eyona nto kubaluleke kakhulu ukuba icoceke yindlela esiziphethe ngayo. (INdu. 24:3, 4; 1 Pet. 1:15, 16) Kufuneka sisebenze nzima ukuze sikhulule “ubuntu obudala” obukukucinga nokwenza izinto ezingcolileyo, size sinxibe “ubuntu obutsha” obukukucinga nokwenza izinto ezibonisa ukuba silinganisa uYehova neempawu zakhe ezintle. (Kol. 3:9, 10) UYehova unokunceda nabona bantu baziphethe kakubi nabandlongondlongo batshintshe, baze banxibe ubuntu obutsha.

14. Ufunda ntoni kwibali likaJack? (Jonga nomfanekiso.)

14 Ngokomzekelo, uJack wayengutsotsi owayeyingozi kakhulu ebantwini kangangokuba kwakusithiwa nguDemon. Ngenxa yezinto ezimbi awayezenza wagwetyelwa ukufa. Ngoxa wayesalinde eso sigwebo, wavuma ukuqhutyelwa isifundo ngomnye umzalwana owayeye kuloo trongo wayevalelwe kuyo. Nangona uJack wayesenza izinto ezimbi, wabukhulula ubuntu obudala waza ekuhambeni kwexesha wafanelekela ukubhaptizwa. Wayetshintshe kakhulu kangangokuba ngosuku awayeza kubulawa ngalo zehla iinyembezi kwabanye oonogada xa babembhabhayisa. Ipolisa elalisebenza kuloo trongo lathi: “Kuwo onke amabanjwa alapha, uJack ebelelona lingalunganga. Kodwa ngoku lelinye lawona alungileyo.” Emva kweveki ebulewe, abazalwana ababeye kuqhuba iintlanganiso kuloo trongo babona elinye ibanjwa elaliqala ukuya kwiintlanganiso. Yintoni eyalenza laya? Layithanda indlela awayetshintshe ngayo uJack, laza lafuna ukwazi into ekufuneka liyenze ukuze likhonze uYehova. Kucacile ukuba indlela esiziphethe ngayo inokumzukisa uTata wethu osezulwini.—1 Pet. 2:12.

Sinokuzukisa uYehova ngendlela esiziphethe ngayo (Jonga isiqendu 14) d


UYEHOVA UZA KULIZUKISA NJANI IGAMA LAKHE KUNGEKUDALA?

15. UYehova uza kulizukisa ngokupheleleyo njani igama lakhe kungekudala? (INdumiso 96:10-13)

15 Funda iNdumiso 96:10-13. Ezi vesi zokugqibela zeNdumiso 96 zichaza uYehova njengoMgwebi noKumkani olilungisa. UYehova uza kulizukisa njani igama lakhe kungekudala? Ngemigwebo yakhe. Kungabanga xesha lide, uza kuyigweba iBhabhiloni Enkulu kuba iye yalingcolisa igama lakhe elingcwele. (ISityhi. 17:5, 16; 19:1, 2) Abanye abantu basenokukhetha ukukhonza uYehova kunye nathi xa bebona iBhabhiloni Enkulu itshatyalaliswa. Ekugqibeleni, ngeArmagedon uYehova uza kulitshabalalisa lonke ihlabathi likaSathana, asuse bonke abantu abangamfuniyo nabangcolisa igama lakhe, asindise abo bamthandayo, abamthobelayo nabafuna ukumzukisa. (Marko 8:38; 2 Tes. 1:6-10) Emva kovavanyo lokugqibela oluza kuba semva kweMinyaka Eliwaka Yokulawula KukaKristu, uYehova uza kube elingcwalise ngokupheleleyo igama lakhe. (ISityhi. 20:7-10) Ngelo xesha, “umhlaba uza kugcwala kukwazi uzuko lukaYehova njengamanzi agubungele ulwandle.”—Hab. 2:14.

16. Uzimisele ukwenza ntoni? (Jonga nomfanekiso.)

16 Kuza kuba mnandi nyhani xa wonke umntu ophilayo eza kube enika uYehova uzuko olufanele igama lakhe. Kodwa okwangoku lingekafiki elo xesha, sinokwenza konke esinokukwazi ukukwenza ukuze sizukise uThixo wethu. Ukuze lisincede sibone indlela ebaluleke ngayo le nto, iQumrhu Elilawulayo liye lakhetha umxholo wonyaka ka-2025 ukuba ube yiNdumiso 96:8, ethi: Mnikeni uYehova uzuko olufanele igama lakhe.”

Ekugqibeleni, wonke umntu ophilayo uza kunika uYehova uzuko olufanele igama lakhe! (Jonga isiqendu 16)

INGOMA 12 Thixo Omkhulu, OnguYehova

a Amanye amagama atshintshiwe.

b INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso wento eyenzeka kuAngelena.

c INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso wento eyenzeka kuPrisca.

d INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso wento eyenzeka kuJack.