Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 4

INGOMA 18 Siyabulela Ngentlawulelo

Sifunda Ntoni Kwidini LikaYesu?

Sifunda Ntoni Kwidini LikaYesu?

“UThixo wasibonisa ukuba uyasithanda.”1 YOH. 4:9.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngento esiyifundayo ngeempawu ezintle zikaThixo nezikaYesu Kristu kwidini likaYesu.

1. Kusinceda ngantoni ukubakho kwiSikhumbuzo sokufa kukaYesu?

 NGOKUQINISEKILEYO uyavuma ukuba idini likaYesu sesona sipho sizodlula zonke! (2 Kor. 9:15) Ngenxa yokuba uYesu wancama ubomi bakhe, ngoku uyakwazi ukuba ngumhlobo kaYehova. Unokuba nalo nethemba lokuphila ngonaphakade. Yiloo nto simele sibe nombulelo kuYehova ngenxa yedini likaYesu asenzele lona kuba esithanda! (Roma 5:8) Ukuze asincede sihlale sinaloo mbulelo, singaze siyilibale into esayenzelwayo, uYesu waqalisa iSikhumbuzo sokufa kwakhe, esibakho kanye ngonyaka.—Luka 22:19, 20.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Kulo nyaka, iSikhumbuzo siza kuba ngoMgqibelo, nge-12 ka-Aprili 2025. Ngokuqinisekileyo sonke sifuna ukubakho. Kwiveki ezingaphambi nezisemva kweSikhumbuzo, kuza kusinceda kakhulu ukucingisisa ngento esayenzelwa nguYehova noNyana wakhe. Kweli nqaku, siza kuthetha ngento esiyifundayo ngoYehova nangoNyana wakhe kwidini likaYesu. Kwelilandelayo, siza kuncedwa siqonde ukuba linokusinceda njani, futhi sinokubonisa njani ukuba siyababulela ngalo.

LISIFUNDISA NTONI NGOYEHOVA?

3. Kunokwenzeka njani ukuba iimiliyon zabantu zikhululwe esonweni nasekufeni, ngenxa yokufa komntu nje omnye? (Jonga nomfanekiso.)

3 Idini likaYesu lisifundisa ukuba uYehova unobulungisa. (Dut. 32:4) Njani? Cinga ngale nto: Ngenxa yokuba uAdam engazange amthobele uYehova, waba nesono waza wafa. Kuba singabantwana bakhe, nathi sinesono futhi siyafa. (Roma 5:12) Ukuze uYehova asikhulule esonweni nasekufeni, walungiselela ukuba uNyana wakhe asifele. Kodwa ukufa komntu omnye ongenasono kunokuzikhulula njani iimiliyon zabantu? Umpostile uPawulos uyicacisa kanje le nto: “Kanye njengokuba abantu abaninzi benziwa aboni ngenxa yokungathobeli komntu omnye [uAdam], ngokufanayo, abantu abaninzi baza kwenziwa amalungisa ngenxa yokuthobela komntu omnye [uYesu].” (Roma 5:19; 1 Tim. 2:6) Ngamanye amazwi, ngenxa yomntu omnye owayengenasono nongazange athobele, saba ngamakhoboka esono nokufa. Ngoko ukuze sikhululwe, kwakufuneka umntu omnye ongenasono nothobelayo.

Umntu omnye wasenza sangamakhoboka esono nokufa. Ngokufanayo, sakhululwa ngumntu omnye kwisono nokufa (Jonga isiqendu 3)


4. Kwakutheni ukuze uYehova angasuki nje avumele abantwana baka-Adam abathobelayo ukuba baphile ngonaphakade?

4 Ngaba kwakunyanzelekile ukuba uYesu ade afe ukuze sisindiswe? UYehova wayengenosuka nje avumele abantwana baka-Adam abathobelayo ukuba baphile ngonaphakade? Kubantu abanesono, le ibinokubonakala ngathi yeyona ndlela ibhetele yokulungisa le ngxaki. Kodwa kuYehova ibingenakuba bubulungisa obu. Ngenxa yokuba enobulungisa, wayengenosuka enze ngathi wayengayibonanga into eyenziwa nguAdam, yokungamthobeli.

5. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusoloko esenza into elungileyo?

5 Kwakuza kwenzeka ntoni ukuba uYehova wayenganikelanga ngoNyana wakhe, asuke nje abubekele ecaleni ubulungisa bakhe, ayeke oonyana neentombi zika-Adam ezinesono ziphile ngonaphakade? Mhlawumbi abantu bebeza kucinga ukuba nakwezinye izinto uThixo unokububekela ecaleni ubulungisa. Ngokomzekelo, bebenokuzibuza ukuba uza kuzenza zonke na izinto asithembise zona. Kodwa asinasizathu sokuba nexhala laloo nto. Into yokuba uYehova enze ubulungisa ngokuncama uNyana wakhe amthandayo, isenza siqiniseke ukuba uza kusoloko esenza into elungileyo.

6. Idini likaYesu liyibonisa njani indlela uYehova asithanda ngayo? (1 Yohane 4:9, 10)

6 Ngoxa idini likaYesu lisinceda sibone indlela uYehova anobulungisa ngayo, eyona nto lisinceda siyiqonde yindlela asithanda ngayo. (Yoh. 3:16; funda u-1 Yohane 4:9, 10.) Into esiyifunda kulo ibonisa ukuba uYehova akafuni nje siphile ngonaphakade, kodwa ufuna sibe kwintsapho yakhe. Cinga ngale nto: Xa uAdam wonayo, uYehova wamgxotha kwintsapho yabakhonzi bakhe. Ngoko sonke sasingekho kwintsapho kaThixo xa sasizalwa. Kodwa ngenxa yedini likaYesu, uYehova uyazixolela izono zethu, futhi uza kubamkela kwintsapho yakhe bonke abantu ababonisa ukholo nabathobelayo. Nangoku siyakwazi ukuba ngabahlobo bakaYehova, sibe nabo nabahlobo abangabazalwana noodade. Sithandwa nyhani nguYehova!—Roma 5:10, 11.

7. Ukunyamezela iintlungu kukaYesu kusinceda njani siyiqonde indlela asithanda ngayo uYehova?

7 Ukuze siyiqonde bhetele indlela uYehova asithanda ngayo, masicinge ngezinto ekwafuneka azinyamezele xa wayenikela ngoNyana wakhe. USathana uthi akukho mntu ukhonza uThixo oza kuhlala ethembekile kuye xa kunzima. Ukuze uYehova abonise ukuba uSathana wayexoka, wavuma ukuba uYesu angcungcutheke ngaphambi kokuba afe. (Yobhi 2:1-5; 1 Pet. 2:21) UYehova wambukela uYesu egezelwa ngabefundisi bamaYuda ababengamfuni, wabethwa kabuhlungu ngamajoni aza ambethelela esibondeni. Wabukela uNyana wakhe amthandayo esifa kabuhlungu. (Mat. 27:28-31, 39) Wayenawo amandla okuyinqanda ingenzeki le nto. Ngokomzekelo, xa abantu ababengamfuni uYesu babesithi: “[UThixo] makamsindise kaloku ukuba uyamfuna,” uYehova wayenokusuka enze loo nto. (Mat. 27:42, 43) Kodwa ukuba uThixo wayeyenzile loo nto, sasingazukuhlawulelwa, size sihlale singenathemba. Ngoko uYehova wavumela ukuba uNyana wakhe anyamezele iintlungu, de asweleke.

8. Ngaba uYehova waba buhlungu xa wayebukele uNyana wakhe esiva iintlungu? Cacisa. (Jonga nomfanekiso.)

8 Masingacingi ukuba, kuba uThixo enguSomandla akavakalelwa. Wasidala ngokomfanekiso wakhe, saneemvakalelo. Ngoko umele ukuba naye uyavakalelwa. Xa iBhayibhile ithetha ngaye ithi ‘uyakhathazeka.’ (INdu. 78:40, 41) Khawucinge ngebali lika-Abraham noIsake. UYehova wathi uAbraham makanikele ngonyana wakhe ekuphela kwakhe. (Gen. 22:9-12; Heb. 11:17-19) Sinokuyicinga indlela amele ukuba wayeziva kabuhlungu ngayo uAbraham njengoko wayelungiselela ukubulala unyana wakhe. Inoba wayebuhlungu kangakanani ke yena uYehova, xa wayebukela uNyana wakhe engcungcuthekiswa de afe, ngabantu abangamaziyo uThixo?—Bukela ividiyo ethi Xelisa Ukholo Lwabo—UAbraham, Inxalenye 2 kujw.org/xh.

Kwakubuhlungu kuYehova ukubukela uNyana wakhe esiva iintlungu (Jonga isiqendu 8)


9. AmaRoma 8:32, 38, 39 akunceda uqonde ntoni ngendlela uYehova akuthanda ngayo, nabathanda ngayo abanye abakhonzi bakhe?

9 Idini likaYesu lisifundisa ukuba akakho umntu osithanda njengoYehova, nkqu nezalamane noyena mhlobo wethu simthandayo. (Funda amaRoma 8:32, 38, 39.) Sinokuqiniseka nokuba uYehova usithanda ngaphezu kokuba sizithanda. Uyakufuna ukuphila ngonaphakade? Yena uYehova ufuna ngaphezu kokuba ufuna wena. Uyafuna zixolelwe izono zakho? UYehova ufuna ukuzixolela ngaphezu kokuba wena ufuna. Into ayilindeleyo kuthi kukuba simbulele ngento asenzele yona, ngokuthi sibe nokholo size simthobele. Idini likaYesu sesona sipho sikhulu esibonisa indlela uYehova asithanda ngayo. Kwihlabathi elitsha, siza kufunda nezinye izinto ezininzi ngendlela uYehova asithanda ngayo.—INtshu. 3:11.

LISIFUNDISA NTONI NGOYESU?

10. (a) Kwakutheni ukuze uYesu akhathazeke ngenxa yezinto awayeza kubulalelwa zona? (b) UYesu walithethelela njani igama likaYehova? (Jonga nebhokisi ethi “ Ukuthembeka KukaYesu Kwalithethelela Igama LikaYehova.”)

10 UYesu uzikhathalele nyhani izinto abantu abazikholelwayo ngoTata wakhe. (Yoh. 14:31) Wayekhathazwa kukuba wayeza kubulawa, kuba kusithiwa udelela uThixo futhi ukhuthaza abantu ukuba bangathobeli, kuba loo nto yayiza kulingcolisa igama likaTata wakhe. Yiloo nto wathandaza esithi: “Tata, ukuba kunokwenzeka, mayidlule le ndebe kum.” (Mat. 26:39) Ngokuhlala ethembekile kuYehova, de wasweleka, uYesu walithethelela ngokupheleleyo igama likaTata wakhe.

11. Ziintoni ezenziwa nguYesu ezibonisa ukuba uyabathanda abantu? (Yohane 13:1)

11 Idini likaYesu lisifundisa ukuba ubakhathalele nyhani abantu, ngokukodwa abafundi bakhe. (IMize. 8:31; funda uYohane 13:1.) Ngokomzekelo, uYesu wayesazi ukuba zaziza kuba nzima ezinye izinto awayezithunyiwe apha emhlabeni, kodwa eyayiza kuba nzima kakhulu kukufa kwakhe kabuhlungu. Sekunjalo, ezo zinto zange azenze njee kuba wayethunywe nguYehova. Kodwa wayeshumayela, efundisa futhi enceda abantu ngentliziyo yakhe yonke. Nangosuku awayeza kufa ngalo, wazipha ixesha lokuhlamba iinyawo zabapostile bakhe, ebakhuthaza futhi ebathuthuzela. (Yoh. 13:12-15) Ngoxa wayekwisibonda sokungcungcutheka, wanceda utsotsi owayesifa wanethemba, walungiselela nokuba kubekho umntu oza kuhoya umama wakhe. (Luka 23:42, 43; Yoh. 19:26, 27) Ngoko indlela asithanda ngayo uYesu zange ayibonakalise nje ngokusifela kwakhe, kodwa wayibonakalisa ubomi bakhe bonke esemhlabeni.

12. Ziintoni asenzela zona uYesu?

12 Ngoxa uYesu wafa “kwaba kanye,” kusekho izinto asenzela zona. (Roma 6:10) Ziintoni ezo? Usaqhubeka esebenzisa ixesha namandla akhe, ukuze asinike nezinye izinto esizifumana ngenxa yedini lakhe. Khawuve izinto axakeke zizo. Ngoku nguKumkani wethu, uMbingeleli Omkhulu nentloko yebandla. (1 Kor. 15:25; Efe. 5:23; Heb. 2:17) Uyakhokela kumsebenzi wokuqokelela abathanjiswa nesihlwele esikhulu. Lo msebenzi uza kugqitywa ngaphambi kokuba kuphele intlungu engathethekiyo. a (Mat. 25:32; Marko 13:27) Uyaqiniseka nokuba kule mihla yokugqibela abakhonzi bakhe bayazifumana izinto eziqinisa ukholo. (Mat. 24:45) KuLawulo Lweminyaka Eliwaka, uza kuqhubeka esinceda. Nyhani uYesu usisipho esixabisekileyo esisinikwe nguYehova!

UNGAZE UYEKE UKUFUNDA

13. Yintoni onokuyenza ukuze uqhubeke ufunda ngendlela uThixo noKristu abasithanda ngayo?

13 Ukuba awuyeki ukucingisisa ngezinto uYehova uThixo noKristu Yesu abasenzele zona, unokuqhubeka ufunda ngendlela abasithanda ngayo. Mhlawumbi kwiiveki eziphambi kweSikhumbuzo salo nyaka nezisemva kwaso, unokufundisisa incwadi yeVangeli enye nangaphezulu. Sukuzama ukufunda into eninzi ngexesha elinye. Yithi chu, ukhangele nezinye izizathu zokuba simele simthande uYehova noYesu. Zama ukuxelela nabanye ngezinto ozifundileyo.

14. INdumiso 119:97 nombhalo osemazantsi, zibonisa ukuba ukuphanda kunokusinceda njani singayeki ukufunda ngedini likaYesu nangezinye izinto eziseBhayibhileni? (Jonga nomfanekiso.)

14 Ukuba kudala uliNgqina, usenokuzibuza ukuba ikhona na into entsha onokuyifunda ngobulungisa bukaThixo, ngothando lwakhe nangedini likaYesu. Inyaniso kukuba soze sithi sigqibile ukufunda ngezi zinto nezinye. Yintoni ke onokuyenza? Funda ngezinto ezimangalisayo ezithethwa yiBhayibhile kwiincwadi zethu. Xa kukho iivesi ongaziqondi kakuhle eBhayibhileni, phanda ngazo. Imini yonke cingisisa ngokuba izinto ozifundileyo zikuxelela ntoni ngoYehova, ngoNyana wakhe nangendlela abakuthanda ngayo.—Funda iNdumiso 119:97 nombhalo osemazantsi.

Nokuba kudala singamaNgqina, sinokuya silixabisa idini likaYesu (Jonga isiqendu 14)


15. Kutheni sifanele siqhubeke sikhangela into entsha eBhayibhileni?

15 Sukutyhafa xa kungekho nto intsha okanye inika umdla qho xa ufunda iBhayibhile okanye uphanda. Kaloku ufana nomntu okhangela igolide. Umntu okhangela igolide uye achithe iiyure okanye iintsuku ezininzi, ngaphambi kokuba afumane igolide nje encinci. Kodwa akancami kuba loo golide ayifumanayo, nokuba incinci kangakanani, uyixabise kakhulu. Zonke izinto ezintsha esizifunda eBhayibhileni zixabiseke ngaphezu kwegolide. (INdu. 119:127; IMize. 8:10) Ngoko sukutyhafa, qhubeka ufunda iBhayibhile yonke imihla.—INdu. 1:2.

16. Unokumlinganisa njani uYehova noYesu?

16 Njengoko ufunda iBhayibhile, cinga ngeendlela onokuzisebenzisa ngazo izinto ozifundayo. Ngokomzekelo, linganisa uphawu lobulungisa uYehova analo, ngokubaphatha ngendlela afanayo abantu. Linganisa indlela uYesu amthanda ngayo uTata wakhe nabantu, ngokuba ukulungele ukuzincama ngenxa yegama likaYehova namanye amaKristu. Mlinganise nangokushumayela ebantwini, ukuze nabo bafumane ithuba lokubonisa ukholo kwidini likaYesu.

17. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Xa sisiya siliqonda futhi silixabisa idini likaYesu, siza kuya simthanda uYehova noNyana wakhe. Nabo baza kuya besithanda. (Yoh. 14:21; Yak. 4:8) Ngoko masingayeki ukusebenzisa izinto asilungiselele zona uYehova, ukuze siqhubeke sifunda ngedini likaYesu. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngeendlela elinokusinceda ngazo nangendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyambulela uYehova ngokusithanda kwakhe.

INGOMA 107 Umzekelo KaThixo Wothando

a Ukuqokelela “izinto ezisemazulwini” athetha ngako uPawulos kumaEfese 1:10, kwahlukile ekuqokeleleni ‘abo bakhethiweyo’ athetha ngako uYesu kuMateyu 24:31 nakuMarko 13:27. UPawulos uthetha ngexesha laxa uYehova ekhetha abantu abaza kulawula noYesu ezulwini, ngokubathambisa ngomoya oyingcwele. UYesu uthetha ngexesha laxa abathanjiswa abasesemhlabeni beza kuqokelelelwa ezulwini ngexesha lentlungu engathethekiyo.