Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 5

INGOMA 108 Uthando LukaThixo Alugungqi

Uthando LukaYehova Lusinceda Njani?

Uthando LukaYehova Lusinceda Njani?

“UKristu Yesu weza ehlabathini ukuze asindise aboni.”1 TIM. 1:15.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngeendlela elisinceda ngazo idini likaYesu, nangeendlela esinokumbonisa ngazo uYehova ukuba siyambulela.

1. Yintoni esinokuyenza ukuze sivuyise uYehova?

 KHAWUCINGE ngale nto: Unika umntu isipho esihle nanokusisebenzisa. Udana nyhani xa esuka asitshixele ekhabhathini, angaze aphinde acinge ngaso. Kanti uvuya kakhulu xa ekubulela ngaso aze asisebenzise. Idibana njani le nto nedini likaYesu? UYehova uye wanikela ngoNyana wakhe ukuba asifele. Inoba uvuya nyhani uYehova xa esibona simbulela ngesi sipho nangothando lwakhe olumenze wancama uNyana wakhe.—Yoh. 3:16; Roma 5:7, 8.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Njengoko ixesha lihamba, lisenokuqalisa ukungabaluleki kangako kuthi idini likaYesu, kufane nokuba sisitshixele ekhabhathini isipho sikaThixo. Sinokusivuyela sona, kodwa kungabikho nto ingako siyicingayo ngaso. Ukuze ingenzeki loo nto, simele sihlale sicinga ngazo zonke izinto esizenzelwe nguThixo noKristu. Eli nqaku liza kusinceda sikwazi ukuyenza loo nto. Siza kuthetha ngeendlela elisinceda ngazo ngoku idini likaYesu nelinokusinceda ngazo kwixesha elizayo. Siza kubona nokuba singambulela njani uYehova ngendlela asithanda ngayo, ngokukodwa kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo nezisemva kwaso.

LISINCEDA NJANI NGOKU IDINI LIKAYESU?

3. Lisinceda njani ngoku idini likaYesu?

3 Khona ngoku liyasinceda idini likaKristu. Ngokomzekelo, ngenxa yalo uYehova uyazixolela izono zethu. Akukho nto imnyanzelayo ukuba asixolele, kodwa usixolela kuba efuna. Xa wayebulela uYehova umdumisi wathi: “Kaloku wena Yehova, ulungile futhi usoloko ufuna ukuxolela.”—INdu. 86:5; 103:3, 10-13.

4. UYehova walilungiselela oobani idini likaYesu? (Luka 5:32; 1 Timoti 1:15)

4 Abanye basenokucinga ukuba akubafanelanga ukuxolelwa nguThixo. Phofu sonke akusifanelanga. Umpostile uPawulos wayeqonda ukuba ‘akakufanelekelanga ukubizwa ngokuba ngumpostile.’ Kodwa wathi: “Ngenxa yokuba uThixo endenzele ububele, ndiyile nto ndiyiyo.” (1 Kor. 15:9, 10) UYehova uyasixolela xa siguquka. Uyenziswa yintoni loo nto? Akayenzi kuba isifanele, uyenza kuba esithanda. Ukuba ukhathazwa kukuziva ngathi awufanelanga uxolelwe nguYehova, khumbula ukuba idini likaYesu zange alilungiselele abantu abangenasono, kodwa walenzela aboni abaguqukayo.—Funda uLuka 5:32; 1 Timoti 1:15.

5. Ngaba ukhona kuthi emfaneleyo inceba kaYehova? Cacisa.

5 Akakho kuthi onokuthi inceba kaYehova imfanele, nokuba sele eneminyaka emininzi kangakanani emkhonza. Yinyani yona into yokuba uYehova akazilibali izinto esimenzele zona. (Heb. 6:10) Kodwa xa wayenikela ngoNyana wakhe, wayengasibhatali, wayemnikela njengesipho. Ukuba besinokuthi uYehova ufanele asenzele inceba kuba zininzi izinto esimenzele zona, besiza kuba ngathi sithi kwakungekho sizathu sokuba uYesu asifele.—Thelekisa amaGalati 2:21.

6. Kwakutheni ukuze uPawulos asebenze nzima ekhonza uYehova?

6 Ukuba uPawulos wayesazi ukuba inceba kaThixo ayimfanelanga, kwakutheni ke ukuze asebenze nzima kangaka emkhonza? Wayengazami ukubonisa uYehova ukuba imfanele inceba yakhe, kodwa wayembulela ngenxa yokuba emenzele ububele. (Efe. 3:7) NjengoPawulos, siyaqhubeka sikukhuthalele ukusebenzela uYehova. Asikhuthalanga kuba sifuna asenzele inceba, kodwa sifuna ukumbonisa ukuba siyambulela ngenceba asenzele yona.

7. Yeyiphi enye indlela elisinceda ngayo idini likaYesu? (Roma 5:1; Yakobi 2:23)

7 Enye indlela elisinceda ngayo idini likaYesu ngoku kukuba ngenxa yalo sinokuba ngabahlobo bakaYehova. a Kwinqaku elidlulileyo sifundile ukuba zange sizalwe singabahlobo bakaThixo. Kodwa ngenxa yedini likaYesu sinokuba ‘seluxolweni noThixo’ size sibe ngabahlobo bakhe.—Funda amaRoma 5:1; Yak. 2:23.

8. Kutheni simele simbulele uYehova ngenyhweba asinike yona yokuthandaza?

8 Ngenxa yokuba singabahlobo bakaYehova, siyakwazi ukuthandaza sithethe naye. UYehova akayimameli xa bedibene nje kuphela imithandazo yabakhonzi bakhe, kodwa naxa umkhonzi wakhe ethandaza eyedwa uyamva. Umthandazo unokusenza sizole, kodwa awupheleli apho. Unokusenza sisondelelane noThixo. (INdu. 65:2; Yak. 4:8; 1 Yoh. 5:14) Xa wayelapha emhlabeni uYesu wayesoloko ethandaza kuba wayesazi ukuba uYehova wayemmamela, futhi ukuthandaza kwakuza kubenza basondelelane. (Luka 5:16) Simbulela kakhulu uYehova kuba ngenxa yedini likaYesu siyakwazi ukuba ngabahlobo bakhe, side sithethe nokuthetha naye.

LINOKUSINCEDA NJANI KWIXESHA ELIZAYO?

9. Idini likaYesu liza kubanceda njani abakhonzi bakaYehova abathembekileyo kwixesha elizayo?

9 Idini likaYesu liza kubanceda njani abakhonzi bakaYehova abathembekileyo kwixesha elizayo? Baza kufumana ubomi obungunaphakade. Abantu abaninzi bacinga ukuba soze yenzeke loo nto kuba kudala abantu besifa. Kodwa xa uYehova wayedala abantu wayefuna baphile ngonaphakade. Ukuba uAdam wayengonanga, akakho umntu owayeza kucinga ukuba ayisoze yenzeke loo nto. Ngoxa isenokungakholeleki ngoku into yokuba abantu bangaphila ngonaphakade, sinokuqiniseka ukuba iza kwenzeka, kuba uYehova uhlawule ixabiso elikhulu ngokuncama uNyana wakhe amthandayo ukuze yenzeke.—Roma 8:32.

10. Yintoni abakhangele phambili kuyo abathanjiswa nezinye izimvu?

10 Ngoxa ukuphila ngonaphakade kuyinto eza kwenzeka kwixesha elizayo, uYehova ufuna sicinge ngako ngoku. Abathanjiswa bakhangele phambili ekuphileni kamnandi ezulwini, apho baza kube bekunye noKristu, belawula emhlabeni. (ISityhi. 20:6) Ezinye izimvu zona zikhangele phambili ekuphileni kumhlaba oza kube uyiparadesi, apho kuza kube kungekho zintlungu. (ISityhi. 21:3, 4) Ngaba ungomnye wezinye izimvu ezinethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni? Le ayiyontsikelelo nje engabalulekanga kangako kunokuphila ezulwini. Ukuphila emhlabeni kuza kusenza sonwabe nyhani.

11-12. Zeziphi ezinye izinto eziza kwenzeka eParadesi esinokukhangela phambili kuzo? (Jonga nemifanekiso.)

11 Khawube nombono wobomi oza kubuphila kumhlaba oyiParadesi. Awuzukuba naxhala lokugula nokufa. (Isa. 25:8; 33:24) UYehova uza kukunika zonke izinto ezintle ozinqwenelayo. Ziintoni onokufuna ukuzifundela? Ngaba kukuthunga, ukufunda ngezilwanyana, umculo okanye ukuzoba? Siqinisekile ukuba baza kubakho abazobi beeplani, abakhi nabalimi. Baza kufuneka ke nabantu abaza kupheka, benze izinto zokusebenza, benze neegadi baze bazihoye. (Isa. 35:1; 65:21) Ekubeni uza kuphila ngonaphakade, uza kuba nexesha lokwenza nantoni na onokucinga ngayo.

12 Kuza kuba mnandi kakhulu ukwamkela abantu esibathandayo abavusiweyo. (IZe. 24:15) Khawube nombono wendlela oza kukuvuyela ngayo ukufunda nezinye izinto ngoYehova xa ubuka izinto ezininzi azidalileyo. (INdu. 104:24; Isa. 11:9) Eyona nto iza kuba mnandi kakhulu kukukhonza uYehova singatyiwa nakancinci sisazela. Ngaba ungancama ubomi obuza kuba mnandi kangaka eParadesi ngenxa nje ‘yokunandipha isono okwexeshana’? (Heb. 11:25) Soze uyenze loo nto. Ezi ntsikelelo zibhetele kakhulu kunayo nantoni obunokuyifumana kweli hlabathi. Khumbula ukuba iParadesi esemhlabeni ayizukusoloko iyinto esinethemba lokuba iza kwenzeka. Ngenye imini iza kubakho. Zonke ezi zinto ziza kwenzeka ngenxa yokuba uYehova wasithanda kakhulu, kangangokuba wade wanikela ngoNyana wakhe ukuba asifele.

Zeziphi izinto eziza kwenzeka eParadesi okhangele phambili kakhulu kuzo? (Jonga isiqendu 11-12)


MBULELE UYEHOVA NGOTHANDO ANALO

13. Sinokumbulela njani uYehova ngothando analo? (2 Korinte 6:1)

13 Sinokumbulela njani uYehova ngokusincamela uNyana wakhe? Ngokuqiniseka ukuba umsebenzi wakhe ngowona ubalulekileyo ebomini bethu. (Mat. 6:33) Kaloku uYesu wafa ukuze “abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele lowo wabafelayo waza wavuswa.” (2 Kor. 5:15) Asifuni tu ukuyiphosa injongo yobubele bukaYehova.—Funda ama-2 Korinte 6:1.

14. Yintoni enokubonisa ukuba siyamthemba uYehova size sizenze izinto uYehova athi masizenze?

14 Enye indlela esinokumbulela ngayo uYehova ngothando analo kukumthemba size sizenze izinto athi masizenze. Njani? Xa sisenza izigqibo ngokuba ingakanani imfundo esiyidingayo okanye luhlobo olunjani lomsebenzi esiza kuwamkela, simele sicinge ukuba uYehova ufuna senze ntoni. (1 Kor. 10:31; 2 Kor. 5:7) Xa sisenza izinto ezibonisa ukuba sinokholo kwenzeka into evuyisayo, ukholo lwethu luyaqina, siye sisondela nakuYehova. Siye siqiniseke kakhulu nangethemba esinalo.—Roma 5:3-5; Yak. 2:21, 22.

15. Kwiiveki ezingaphambi nezisemva kweSikhumbuzo sinokubonisa njani ukuba siyambulela uYehova?

15 Ikhona nenye indlela esinokumbulela ngayo uYehova ngothando analo. Kukwenza konke esinokukwazi ukukwenza kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo nezisemva kwaso ukuze simbonise ukuba siyambulela ngedini likaYesu. Ngaphandle kokulungiselela ukuba thina sibekho kwiSikhumbuzo sinokumema nabanye. (1 Tim. 2:4) Baxelele abantu obamemileyo ngento eza kwenzeka kwiSikhumbuzo. Kunokukunceda nokubabonisa ividiyo ethi Kwakutheni Ukuze UYesu Afe? nethi Khumbula Ukufa KukaYesu eziku-jw.org/xh. Abadala bamele baqiniseke ukuba bayabamema abantu abapholileyo. Khawube nombono wendlela ekunokuvuywa ngayo ezulwini nasemhlabeni xa ezinye izimvu zikaYehova ezilahlekileyo zibuyela kumhlambi wakhe. (Luka 15:4-7) KwiSikhumbuzo masiqiniseke ukuba asibulisani sodwa, siyababulisa nabo baqalayo nabagqibele kudala ukuza. Sifuna ukubenza bazive besekhaya.—Roma 12:13.

16. Kutheni sifanele sicinge ngokumsebenzela ngaphezu kokuba sisenza uYehova kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo nezisemva kwaso?

16 Ngaba unokumsebenzela ngaphezu kokuba usenza uYehova kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo nezisemva kwaso? Leyo yindlela entle yokubulela uThixo noKristu ngazo zonke izinto abasenzele zona. Xa sisiya kakhulu entsimini, siza kuyibona kakhulu nendlela uYehova asinceda ngayo, sitsho siye simthemba. (1 Kor. 3:9) Qiniseka nokuba uhambisana nofundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo olukwincwadi ethi Ukuhlolisisa IZibhalo Imihla Ngemihla nolukwitshathi ekwincwadi yeentlanganiso zaphakathi evekini. Ezo vesi zeBhayibhile unokude uzenze zibe lufundisiso lwakho lobuqu.

17. Yintoni emvuyisayo uYehova? (Jonga ibhokisi ethi “ Unokumbulela Njani UYehova Ngothando Analo?”)

17 Mhlawumbi iimeko zakho azizukukuvumela ukuba wenze yonke into ecetyiswa kweli nqaku. Nantsi into omawuyikhumbule: UYehova akathelekisi izinto omenzela zona nezo azenzelwa ngabanye, kodwa ubona intliziyo. Uyavuya xa ebona indlela ombulela ngokunyaniseke ngayo ngesipho sakhe esilidini loNyana wakhe.—1 Sam. 16:7; Marko 12:41-44.

18. Kutheni simbulela uYehova uThixo noYesu Kristu?

18 Ngenxa yedini likaYesu sinokuxolelwa izono zethu, sinokuba ngabahlobo bakaYehova, futhi sinethemba lokuphila ngonaphakade. Sinqwenela ukuhlala simbonisa uYehova ukuba siyambulela ngothando analo olumenze wasinika ezi ntsikelelo. (1 Yoh. 4:19) Sifuna nokubonisa ukuba siyambulela uYesu oye wasithanda kakhulu de wancama nobomi bakhe.—Yoh. 15:13.

INGOMA 154 Uthando Soze Luphele

a UYehova wabaxolela abakhonzi bakhe bakudala kwanangaphambi kokuba uKristu asifele. Le nto wayenza kuba eqinisekile ukuba uNyana wakhe wayeza kuthembeka de afe. Ngoko kuYehova kwakufana nokuba abantu sebehlawulelwe.—Roma 3:25.