Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 3

INGOMA 35 ‘Qiniseka Ngezinto Ezibaluleke Ngakumbi’

Yenza Izigqibo Ezivuyisa UYehova

Yenza Izigqibo Ezivuyisa UYehova

“Ubulumko buqala ngokoyika uYehova, ibe ukwazi Oyena Ungcwele kukuqonda.”IMIZE. 9:10.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela okunokusinceda ngayo senze izigqibo ezifanelekileyo ukuba nolwazi, ukuqonda nokusebenzisa ingqondo.

1. Yintoni ekungekho lula ukuyenza kuthi sonke?

 YONKE le mihla senza izigqibo. Ezinye kulula ukuzenza, njengokukhetha into esiza kuyitya ekuseni okanye ixesha esiza kulala ngalo. Ezinye izinto akululanga ukwenza izigqibo kuzo. Kaloku zisenokuba nento yokwenza nempilo yethu, ukonwaba kwethu, abantu esibathandayo nendlela esikhonza ngayo. Izigqibo esizenzayo sifuna zincede thina neentsapho zethu. Eyona nto ibalulekileyo kukuba, sinethemba lokuba izigqibo zethu ziza kuvuyisa uYehova.—Roma 12:1,2.

2. Zeziphi izinto eziza kukunceda wenza izigqibo ezifanelekileyo?

2 Into enokukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo (1) kukufumana ulwazi olwaneleyo, (2) ukuzibuza ukuba ucinga ntoni uYehova (3) nokucingisisa ngezinto onokukhetha ukuzenza. Eli nqaku liza kuthetha ngezi zinto zintathu, lisincede sibone nokuba sinokuziqeqesha njani iingqondo zethu.—Heb. 5:14.

FUMANA ULWAZI OLWANELEYO

3. Yenza umzekelo obonisa isizathu sokuba kufuneke ube nolwazi olwaneleyo ngaphambi kokuba wenze isigqibo.

3 Into yokuqala enokukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo kukufumana ulwazi olwaneleyo. Kutheni ibalulekile nje le nto? Khawucinge ngomntu ogula kakhulu oye kubona ugqirha. Ngaba ugqirha uza kusuka agqibe ngendlela amele amnyange ngayo, engakhange aqale amxilonge okanye ambuze imibuzo? Ngokuqinisekileyo soze ayenze loo nto. Nawe, ukuze wenze isigqibo esifanelekileyo, kuza kuba bhetele uqale ube nolwazi olwaneleyo ngemeko okuyo. Unokulufumana njani?

4. Unokuqiniseka njani ukuba uyazi ngokwaneleyo into? (IMizekeliso 18:13) (Jonga nomfanekiso.)

4 Into edla ngokusinceda sibe nolwazi ngento kukubuza imibuzo. Masithi uyamenywa ukuba uye kuzonwabisa nabanye abantu. Ngaba umele uye? Ukuba awuqhelananga nomntu okumemayo, awazi nokuba kuza kwenziwa ntoni apho, kuza kufuneka uqale ube nezinto ozibuzayo. Unokumbuza imibuzo efana nale: “Iza kuba phi le nto? Iza kuqala nini? Bangaphi abantu abayayo? Ngubani oza kuqiniseka ukuba yonke into ihamba kakuhle? Ngoobani abanye abaza kubakho? Ziintoni eziza kwenziwa? Buza kubakho utywala?” Iimpendulo zale mibuzo ziza kukunceda wenze isiqgibo esifanelekileyo.—Funda iMizekeliso 18:13.

Buza imibuzo ukuze ube nolwazi olwaneleyo (Jonga isiqendu 4) a


5. Yintoni omele uyenze emva kokuba ufumene ulwazi olwaneleyo?

5 Emva kokuba ufumene ulwazi olwaneleyo, cingisisa ngayo yonke loo meko. Ngokomzekelo, uza kuthini xa usiva ukuba kuza kubakho nabantu abangenaxesha lemigaqo yeBhayibhile, okanye utywala buza kubakho kodwa akukho mntu uza kuqiniseka ukuba akuselwa kakhulu? Awucingi ukuba oko kuzonwabisa kunokutshintsha kube yipati engalawulekiyo? (1 Pet. 4:3) Uza kuthini ukuba ixesha lale nto umenyelwe kuyo lingqubana neleentlanganiso okanye elentsimi? Xa ucingisisa ngazo zonke ezi zinto, uza kutsho ukwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo. Kodwa ikhona nenye into ekufuneka uyenze. Ngoku uyayazi indlela wena oziva ngayo ngemeko okuyo. Kodwa khawuzibuze: ‘Uthini yena uYehova?’IMize. 2:6.

ZIBUZE UKUBA UCINGA NTONI UYEHOVA

6. Ngokutsho kukaYakobi 1:5, kutheni sifanele sicele uncedo kuYehova?

6 Cela uYehova akuncede uyiqonde indlela acinga ngayo. Usithembisa ukuba uza kusinika ubulumko bokuqonda ukuba isigqibo esisenzayo siza kumvuyisa na. Obu bulumko “ubapha kakhulu bonke ababucelayo, engagxeki mntu.”—Funda uYakobi 1:5.

7. Unokuyazi njani indlela uYehova acinga ngayo? Yenza umzekelo.

7 Emva kokuba ucele uYehova akuncede, yijongisise indlela akuphendula ngayo. Masithi uyalahleka, uze ucele umntu ohlala kuloo ndawo ukuba akuncede. Ngaba unokusuka uhambe, engekakuphenduli nokukuphendula? Awunakuyenza loo nto, kodwa unokummamela kakuhle. Ngendlela efanayo, emva kokucela ukuba uYehova akuphe ubulumko, zama ukubona indlela akuphendula ngayo ngokujonga ukuba yeyiphi imithetho nemigaqo yeBhayibhile onokuyisebenzisa kwimeko yakho. Ngokomzekelo, xa ugqiba ukuba uye na kula nto ubumenywe kuyo, okanye ungayi, unokujonga ukuba ithini iBhayibhile ngeepati ezingalawulekiyo, ngabahlobo abangalunganga, nengedlela ekubaluleke ngayo ukubeka uBukumkani kwindawo yokuqala kunezinto ezifunwa nguwe.—Mat. 6:33; Roma 13:13; 1 Kor. 15:33.

8. Yintoni onokuyenza eza kukunceda xa udinga uncedo lokufumana amacebiso owadingayo? (Jonga nomfanekiso.)

8 Sekunjalo, ngamanye amaxesha usenokudinga uncedo ukuze ufumane amacebiso owadingayo. Usenokucela icebiso kumzalwana okanye udade oyazi kakuhle indlela amaKristu amele aphile ngayo. Kodwa enye into eza kukunceda kukuba uzenzele uphando. Maninzi amacebiso onokuwafumana kwiincwadi zethu, ezifana nethi ISikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova nethi IZibhalo Ezibonisa Indlela Yokuphila YamaKristu. Mayingaphumi engqondweni yakho into yokuba, eyona nto uyifunayo kukwenza isigqibo esiza kuvuyisa uYehova.

Zibuze ukuba ucinga ntoni uYehova (Jonga isiqendu 8) b


9. Yintoni enokusenza siqiniseke ukuba isigqibo esisenzayo siza kumvuyisa uYehova? (Efese 5:17)

9 Yintoni enokusenza siqiniseke ukuba isigqibo esisenzayo siza kumvuyisa uYehova? Okokuqala, kufuneka simazi kakuhle. IBhayibhile ithi: “Ukwazi Oyena Ungcwele kukuqonda.” (IMize. 9:10) Kaloku oku kuqonda sikufumana ngokwazi uYehova, injongo yakhe, izinto azithandayo nazicaphukelayo. Zibuze, ‘Ngenxa yezinto endizaziyo ngoYehova, sesiphi isigqibo endinokusenza esiza kumvuyisa?’—Funda amaEfese 5:17.

10. Kutheni imigaqo yeBhayibhile ibaluleke ngaphezu kwendlela ezenziwa ngayo izinto entsatsheni okanye ekuhlaleni?

10 Ukuze sivuyise uYehova, kufuneka sibadanise abantu abasondeleyo kuthi. Ngokomzekelo, abanye abazali abaneenjongo ezintle banokufuna ukuba intombi yabo itshate nomzalwana osisityebi okanye oza kukhupha ilobola enkulu, nangona ukholo lwakhe lungaqinanga. Ewe kona, bafuna intombi yabo ingasokoli, kodwa ngubani oza kuyinceda luqine ukholo lwayo? Uthini yena uYehova? Impendulo yalo mbuzo ikuMayetu 6:33. Kwesi sibhalo, amaKristu akhuthazwa ukuba ‘afune kuqala uBukumkani bukaThixo.’ Nangona sibahlonipha abazali bethu nabantu basekuhlaleni, eyona nto siyifunayo kukuvuyisa uYehova.

CINGISISA NGEZINTO ONOKUKHETHA UKUZENZA

11. Loluphi uphawu ekuthethwa ngalo kumaFilipi 1:9, 10 oluza kukunceda ucingisise ngezinto onokukhetha ukuzenza?

11 Emva kokuba uyibonile imigaqo yeBhayibhile onokuyisebenzisa xa usenza isigqibo, cingisisa ngezinto onokukhetha ukuzenza. (Funda amaFilipi 1:9, 10.) Ukuqonda okanye ukusebenzisa ingqondo, kuza kukunceda ubone ukuba iza kuba yintoni imiphumo yento nganye onokukhetha ukuyenza. Ngamanye amaxesha, kusenokuba lula ukwenza izigqibo. Kodwa ayizizo zonke izigqibo ekulula ukuzenza. Ukusebenzisa ingqondo kuza kukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo nakwezona meko zinzima.

12-13. Ukusebenzisa ingqondo kunokukunceda njani uwukhethe kakuhle umsebenzi wempangelo?

12 Makhe senze nanku umzekelo. Masithi ukhangela umsebenzi ukuze ukwazi ukondla intsapho yakho. Ufumana emibini. Ujonga zonke izinto ngale misebenzi: Uzama ukuqonda ukuba yimisebenzi enjani, ixesha oza kulichitha kuyo, nelokuhamba ukuya nokubuya emsebenzini nezinye izinto. Kuyo yomibini le misebenzi akukho nto ingqubanayo neZibhalo. Uthanda omnye, ngenxa yohlobo olulo okanye kuba ubhatala kakhulu. Zikhona kodwa nezinye izinto omele ucinge ngazo ngaphambi kokuba wenze isigqibo.

13 Ngokomzekelo, ngaba ukhona kule misebenzi oza kwenza kubekho iintlanganiso ezikuphosayo? Ukhona oza kukwenza ungabi nalo ixesha lokunceda intsapho yakho yonwabe futhi ibe nokholo oluqinileyo? Ukuzibuza le mibuzo kuza kukunceda ukuze ‘ezona zinto zibalulekileyo’ kuwe ibe kukukhonza uYehova nokuhoya intsapho yakho, kunokwenza imali. Emva koko, unokukwazi ukwenza isigqibo uYehova aza kusisikelela.

14. Ukusebenzisa ingqondo nokuba nothando kuza kusinceda njani singabakhubekisi abanye?

14 Ukusebenzisa ingqondo kuza kusenza sicinge ukuba izigqibo esizenzayo ziza kubaphatha njani abanye, ukuze ‘singabakhubekisi.’ (Fil. 1:10) Ibalulekile ke loo nto xa sisenza izigqibo kwizinto ezifana nokukhetha indlela esiza kunxiba nesiza kuzilungisa ngayo. Ngokomzekelo, sisenokuba nendlela esiyithandayo yokunxiba nokuzilungisa. Kodwa siza kuthini xa kukho abantu abangamaNgqina okanye abangengawo, ebakhubekisayo? Ukusebenzisa ingqondo kuza kusinceda siyihloniphe indlela abaziva ngayo. Uthando luza kusenza sifune “kulungelwe abanye,” size sinxibe ngendlela ebonisa ukuba sinesidima. (1 Kor. 10:23, 24, 32; 1 Tim. 2:9, 10) Siza kutsho senze isigqibo esibonisa ukuba siyabathanda abanye futhi siyabahlonipha.

15. Xa wenze isigqibo esibaluleke kakhulu, ziintoni omele ucinge ngazo ukuze siphumelele?

15 Xa usenza isigqibo esibaluleke kakhulu, cinga ngezinto ekuza kufuneka uzenze ukuze siphumelele. UYesu wasifundisa ukuba ‘sibale iindleko.’ (Luka 14:28) Ngoko cinga ngexesha, izinto oza kuzisebenzisa, nemizamo ekuza kufuneka uyenze ukuze yenzeke into ogqibe ukuyenza. Ngamany’ amaxesha usenokuncokola nentsapho yakho ngezinto ngamnye wenu ekuza kufuneka azenze. Kutheni ibalulekile nje le nto? Isenokukunceda ubone xa isigqibo osenzileyo sifuna ukulungiswa pha naphaya, okanye xa kukhona indlela ebhetele onokwenza ngayo. Xa uthetha nentsapho yakho ngesigqibo osenzileyo, uze uyimamele xa ikucebisa, iza kuba nomdla wokusebenzisana nawe ukuze isigqibo sakho siphumelele.—IMize. 15:22.

YENZA ISIGQIBO ESIZA KUPHUMELELA

16. Ziintoni eziza kukunceda ukuze isigqibo osenzayo siphumelele? (Jonga ibhokisi ethi “ Indlela Yokwenza Izigqibo Ezifanelekileyo.”)

16 Ukuba sele uzenzile izinto ekuthethwe ngazo kwiziqendu ezidlulileyo, ukulungele ngoku ukwenza isigqibo esifanelekileyo. Unolwazi olwaneleyo, uyijongisisile nemigaqo eza kukunceda wenze isigqibo esiza kuvuyisa uYehova. Ngoku ungamcela uYehova akuncede, siphumelele eso sigqibo.

17. Yeyiphi eyona nto iza kukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo?

17 Nokuba zininzi kangakanani izigqibo ozenzileyo eziye zaphumelela kwixesha elidlulileyo, khumbula ukuba, awuzukuncedwa kukuba kleva kwakho okanye yindlela obuzenza ngayo izinto ukuze wenze izigqibo ezifanelekileyo. Eyona nto iza kukunceda bubulumko obuvela kuYehova. Nguye yedwa onokukunika ulwazi oluchanileyo nokuqonda, akuncede ukwazi nokusebenzisa ingqondo. Ezi zizinto ezibalulekileyo eziza kukwenza ube nobulumko. (IMize. 2:1-5) UYehova unokukunceda wenze izigqibo ezimvuyisayo.—INdu. 23:2, 3.

INGOMA 28 Masibe Ngabahlobo BakaYehova

a INGCACISO YOMFANEKISO Iphepha 15: Abazalwana noodade abasebatsha bathetha ngesimemo sepati esingene kwiifowuni zabo.

b INGCACISO YOMFANEKISO: Omnye wabazalwana uyaphanda ngaphambi kokwenza isigqibo sokuba aye na kwipati amenywe kuyo.