Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INTO ONOKUYENZA XA UFUNDA

Zoba Imifanekiso Eza Kukunceda Ukhumbule

Zoba Imifanekiso Eza Kukunceda Ukhumbule

Mhlawumbi njengabaninzi kuthi, kuba nzima ukuyikhumbula into oyifundileyo. Kodwa uyayiphawula indlela ekulula ngayo ukuyikhumbula imizekelo awayefundisa ngayo uYesu? Uba nombono wezinto awayezithetha, utsho ukwazi ukuzikhumbula. Ngoko unokuzikhumbula izinto ozifundayo ngokuzama ukuba nombono wazo. Unokuyenza njani ke loo nto? Ngokuzizoba izinto ozifundayo.

Xa abantu bezizoba izinto ezintsha abazifundayo, kudla ngokuba lula ukuzikhumbula. Le nto ayibancedi bakhumbule amagama nje kuphela, kodwa ibanceda bakhumbule neyona nto bebeyifunda. Imizobo yabo ayidingi buchule bokuzoba, yimizobo nje elula. Ukuzoba imifanekiso kubanceda kakhulu abantu abadala bayikhumbule into abayifundileyo.

Xa uphinda ufunda, unokuzama ukuzoba imifanekiso yezinto ozifundileyo. Inokukumangalisa indlela ozikhumbula ngayo.