SingabakaYehova
“Lunoyolo uhlanga oluThixo walo unguYehova, abantu abanyule njengelifa lakhe.”—INDU. 33:12.
1. Kutheni sisithi yonke into yekaYehova? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)
YONKE into yekaYehova! Ngawakhe “amazulu, nditsho amazulu awo amazulu, nomhlaba nako konke okukuwo.” (Dut. 10:14; ISityhi. 4:11) Yiloo nto sisithi bonke abantu ngabakaYehova. (INdu. 100:3) Kodwa ke, kubo bonke abantu abakhe baphila emhlabeni, uye wakhetha abantu abathile ukuba ibe ngabakhe ngokukhethekileyo.
2. Ngoobani ethi iBhayibhile ngabakaYehova ngokukhethekileyo?
2 Ngokomzekelo, xa ithetha ngamaSirayeli awayethembekile kuYehova, iNdumiso 135 ithi, ‘ayinqobo kuye’ okanye ngabantu bakhe. (INdu. 135:4) Nencwadi kaHoseya yaprofeta yathi nabanye abantu ababengengomaSirayeli babeza kuba ngabantu bakaYehova. (Hos. 2:23) Esi siprofeto senzeka xa uYehova waqalisa ukukhetha abantu ababengengomaSirayeli ukuba balawule noYesu. (IZe. 10:45; Roma 9:23-26) Olu ‘hlanga lungcwele lusisizwana esikhethekileyo’ sikaYehova kuba uye waluthambisa ngomoya oyingcwele ukuze luphile ezulwini. (1 Pet. 2:9, 10) Kodwa kuthekani ngamanye amaKristu amaninzi athembekileyo anethemba lokuphila emhlabeni? Nawo uthi ‘ngabantu bakhe abanyulileyo.’—Isa. 65:22.
3. (a) Ngoobani abantu bakaYehova kule mihla? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?
3 Kule mihla, ‘umhlambi omncinane’ onethemba lokuphila ezulwini, kunye “nezinye izimvu” ezinethemba lokuphila emhlabeni, zenza ‘umhlambi omnye’ athi uYehova ngabantu bakhe. (Luka 12:32; Yoh. 10:16) Sifuna ukumbulela kakhulu uYehova ngokuba eye wasenza abantu bakhe. Eli nqaku liza kusifundisa iindlela esingambulela ngazo.
SIZINIKELE KUYEHOVA
4. Yeyiphi enye indlela esinokumbulela ngayo uYehova, ibe uYesu wenza ntoni?
4 Enye indlela esimbulela ngayo uYehova kukuzinikela kuye. Xa sibhaptizwa, sibonisa ukuba singabakaYehova ibe sizimisele ukumthobela. (Heb. 12:9) Xa wayebhaptizwa, uYesu wenza into efanayo. Ngoxa wayezalelwe kuhlanga olwalusele luzinikele kuYehova, naye wazinikela kuye. Wayengathi uthi: “Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile.”—INdu. 40:7, 8.
5, 6. (a) Wathini uYehova xa uYesu ebhaptizwa? (b) Yenza umzekelo wendlela uYehova avuya ngayo xa sizinikela kuye nangona yonke into iyeyakhe.
5 Wathini uYehova xa uYesu ebhaptizwa? IBhayibhile ithi: “Emva kokuba ebhaptiziwe uYesu ngoko nangoko wenyuka emanzini; yaye, khangela! amazulu avuleka, waza wabona umoya kaThixo usihla njengehobe phezu kwakhe. Khangela! Kwakukho ilizwi eliphuma emazulwini lisithi: ‘Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.’” (Mat. 3:16, 17) Nangona uYesu wayesele engokaYehova, wavuya nyhani uYehova xa ebona uNyana wakhe efuna ukwenza ukuthanda kwakhe. UYehova uyavuya xa nathi sizinikela kuye, ibe uza kusisikelela.—INdu. 149:4.
6 Le nto masiyizekelise ngotata opha intombazana yakhe ibhiskithi. Le ntombazana iyayithatha ize iqhekezele kwalo tata wayo. Ibingayiphiwa ngutata na le bhiskithi? Kutheni ngoku iqhekezela kwalo mntu ebeyiphile? Utata ebengasoze ayicinge nokuyicinga imibuzo enjalo. Kunoko ebeza kuyithatha encumile loo bhiskithi. NoYehova uyavuya xa sizinikela kuye.—Eks. 34:14.
7. UMalaki uyibonisa njani indlela uYehova aziva ngayo ngabantu abafuna ukumkhonza?
7 Funda uMalaki 3:16. Ukuba awukazinikeli kuYehova uze ubhaptizwe, khawucinge ngendlela ekubaluleke ngayo ukwenza loo nto. Xa sithetha inyani, ubungokaYehova ungekazalwa, njengabo bonke abantu. Kodwa khawucinge indlela uYehova aya kuvuya ngayo xa usamkela into yokuba unguMlawuli wendalo yonke uze uzinikele kuye. (IMize. 23:15) UYehova uyabazi abantu abafuna ukumkhonza, ibe ubabhala ‘kwincwadi yokukhumbuza.’
8, 9. UYehova ulindele ntoni kubantu ababhale kwincwadi yakhe?
8 Ukuze amagama ethu angacinywa encwadini kaYehova, kukho izinto esimele sizenze. UMalaki wathi Eks. 32:33; INdu. 69:28.
simele ‘simoyike uYehova size sicinge ngegama lakhe.’ Ukuba sinokunqula umntu okanye nantoni na, amagama ethu aya kucinywa encwadini kaYehova.—9 Ngoko ukuzinikela kuYehova akuphelelanga nje ekubeni simthembise ukuba siza kwenza ukuthanda kwakhe size sibhaptizwe. Ezi zinto sizenza kube kanye, kodwa uYehova simkhonza ubomi bethu bonke. Ngoko, njengoko siphila, izinto esizenzayo zimele zibonise ukuba siyamthobela uYehova.—1 Pet. 4:1, 2.
ASIZENZI IZINTO ZELI HLABATHI
10. Yintoni abamele bohluke ngayo abantu abakhonza uYehova nabangamkhonziyo?
10 Kwinqaku elidlulileyo sifunde ngoKayin, uSolomon namaSirayeli. Bonke babesithi bakhonza uYehova, kodwa babengazinikelanga ngokupheleleyo kuye. Siye safunda ukuba abo bathanda uYehova bamele bathande okulungileyo bathiye okubi. (Roma 12:9) UYehova uthi kuya kubakho “umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.”—Mal. 3:18.
11. Kutheni abantu bemele babone kuba singabakaYehova?
11 Nantsi enye indlela esinokumbulela ngayo uYehova kuba esikhethile sangabantu bakhe. Indlela esikhule ngayo elukholweni imele ‘ibonakale ebantwini bonke.’ (1 Tim. 4:15; Mat. 5:16) Zibuze: ‘Ngaba ndiyabonakala kwabanye abantu ukuba ndikhonza uYehova? Ngaba ndiye ndizichaze ukuba ndiliNgqina LikaYehova?’ Unokuba buhlungu kakhulu uYehova xa sinokoyika ukuzichaza ukuba singabantu bakhe ekubeni sele esikhethile.—INdu. 119:46; funda uMarko 8:38.
12, 13. Yintoni ebangele kube nzima ukubabona abanye ukuba ngamaNgqina KaYehova?
12 Abanye abazalwana noodade baye benza kwanzima ‘ukubohlula 1 Kor. 2:12) Lo moya ubangela umntu enze ‘iminqweno yenyama.’ (Efe. 2:3) Ngokomzekelo, nangona kudala kuthethwa ngesinxibo nokuzilungisa, abanye basanxiba kwaye bazilungisa ngendlela engenasidima. Basanxiba iimpahla ezipitsayo neziveza umzimba naxa besiya kwiintlanganiso. Nendlela abazicheba nabazilungisa ngayo iinwele ayinasidima. (1 Tim. 2:9, 10) Loo nto ibangela ukuba naxa bekunye nabantu behlabathi kube nzima ukubabona ukuba ngamaNgqina KaYehova.—Yak. 4:4.
ukuba bakhonza uThixo okanye abamkhonzi’ ngenxa yokuba belandela “umoya wehlabathi.” (13 Amanye amaNgqina asazenza ezinye izinto zehlabathi. Ngokomzekelo, ezipatini ajayiva yaye enza izinto ezingenziwayo ngamaKristu. Iifoto zawo nezinto azibhala kwiiwebhsayithi zokuncokola ziyayiphika into yokuba ngabakhonzi bakaYehova. Asenokuba zange ohlwaywe ebandleni ngenxa yokwenza isono esinzulu, kodwa anefuthe elibi kumaKristu azama ukuhamba ngeendlela zikaYehova.—Funda eyoku-1 kaPetros 2:11, 12.
14. Yintoni esimele siyenze ukuze sihlale singabakaYehova?
14 Eli hlabathi likhuthaza kakhulu “inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo nokuqhayisa ngezinto zobu bomi.” (1 Yoh. 2:16) Kodwa thina kuba singabakaYehova sikhuthazwa ukuba “sizilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi size siphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.” (Tito 2:12) Xa sisitya, sisela, naxa sinxibile, sizilungisile okanye sisebenza, kuyo yonke into esiyenzayo, abantu bamele babone ukuba sizinikele kuYehova.—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:31, 32.
THINA MAKRISTU SITHANDANA KAKHULU
15. Kutheni simele sibe nobubele kwaye sibathande abazalwana noodadewethu?
15 Enye indlela esimbulela ngayo uYehova yindlela esibaphatha ngayo abazalwana noodade. Nabo ngabakaYehova. Ukuba asiyilibali loo nto, siya kuhlala sinobubele kubazalwana noodadewethu kwaye sibathanda. (1 Tes. 5:15) UYesu wathi kubalandeli bakhe: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”—Yoh. 13:35.
16. Sifunda ntoni kuMthetho KaMoses ngendlela uYehova abakhathalele ngayo abantu bakhe?
16 Makhe sithethe ngoMthetho KaMoses ukuze sibone indlela esimele sibaphathe ngayo abazalwana. Izitya ezazisetempileni kaYehova zazisetyenziselwa umsebenzi ongcwele. UMthetho KaMoses wachaza indlela ezazimele zisetyenziswe ngayo, ibe abantu ababengawuthobeli babebulawa. (Num. 1:50, 51) Ukuba uYehova wayezikhathalele ngolo hlobo ezo zitya, unokuba ubakhathalele kangakanani abakhonzi bakhe abazinikele kuye? UYehova wakhe wathi kubantu bakhe: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.”—Zek. 2:8.
17. UYehova ‘unikela ingqalelo ephulaphule’ xa besenza ntoni abantu bakhe?
17 UMalaki wathi uYehova ‘unikela ingqalelo ephulaphule’ xa abantu bakhe bencokola naxa besenza izinto. (Mal. 3:16) “UYehova uyabazi abakhe.” (2 Tim. 2:19) Wazi yonke into esiyithethayo nesiyenzayo. (Heb. 4:13) Xa singabaphathi kakuhle abazalwana bethu, ‘unikela ingqalelo ephulaphule.’ Xa sinobubele kwaye sibaxolela abazalwana bethu, siqinisekile ukuba uYehova uyayibona loo nto.—Heb. 13:16; 1 Pet. 4:8, 9.
“UYEHOVA AKAYI KUBASHIYA ABANTU BAKHE”
18. Singambonisa njani uYehova ukuba siyambulela ngokuba esenze abantu bakhe?
18 Sizimisele ukubonisa uYehova ukuba siyambulela ngokuba esenze abantu bakhe. Sazinceda ngokukhetha ukuzinikela kuye. Ngoxa siphila “phakathi kwesizukulwana esigwenxa nesijijekileyo,” sifuna abantu babone ukuba akukho nto ‘sisoleka ngayo kwaye simsulwa, sinjengezikhanyiso ehlabathini.’ (Fil. 2:15) Sikuthiyile okubi. (Yak. 4:7) Siyabathanda kwaye siyabahlonipha abazalwana bethu, kuba nabo ngabakaYehova.—Roma 12:10.
19. UYehova ubasikelela njani abantu bakhe?
19 IBhayibhile inesi sithembiso: “UYehova akayi kubashiya abantu bakhe.” (INdu. 94:14) Esi sithembiso asoze sijike. Nokuba kwenzeka ntoni, uYehova uya kuhlala enathi. Nokuba singafa, akasoze asilibale. (Roma 8:38, 39) “Ukuba siyaphila, siphilela uYehova, yaye ukuba siyafa, sifela uYehova. Ngoko ke ukuba siyaphila nokuba siyafa, singabakaYehova.” (Roma 14:8) Ingathi alisafiki ixesha laxa uYehova eya kuvusa abantu bakhe abafa bethembekile kuye. (Mat. 22:32) Nangoku zininzi izinto uYehova asisikelela ngazo. IBhayibhile ithi: “Lunoyolo uhlanga oluThixo walo unguYehova, abantu abanyule njengelifa lakhe.”—INdu. 33:12.