Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 30

Nceda Abantu Abangakhonziyo Bamthande UThixo

Nceda Abantu Abangakhonziyo Bamthande UThixo

“Ndiye ndaba zizinto zonke kubantu bazo zonke iintlobo, ukuze ngandlela zonke ndisindise abathile.”​—1 KOR. 9:22.

INGOMA 82 ‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni ebisenzeka kangangeminyaka etshintshileyo ngoku?

KANGANGEMINYAKA, abantu abaninzi emhlabeni babekhonza. Kodwa ngoku, izinto zitshintshe kakhulu. Baninzi abantu abangakhonziyo. Ngapha koko, kwamanye amazwe abantu abaninzi bade batsho ngokwabo ukuba akukho nkonzo bahamba kuyo. *​—Mat. 24:12.

2. Kutheni abantu abaninzi bengakhonzi?

2 Kutheni besiya besanda abantu abangakhonziyo nabangakholelwayo kuThixo? Kwabanye le nto iye yabangelwa kukuthanda ulonwabo okanye ukuhoya kakhulu iingxaki zabo. (Luka 8:14) Abanye ababekade bekhonza, ngoku bathi akakho uThixo. Naba bathi ukhona, bathi ukukhonza kuphelelwe lixesha, akuncedi nganto ibe izinto ezifundiswa enkonzweni azivakali ibe ziyaphikisana nesayensi. Basenokuva abahlobo, ootitshala, amaphephandaba, iTV noonondaba besithi izinto zazivelela. Kodwa abadli ngakuva izizathu ezivakalayo zokuba ukhona uThixo. Abanye bacatshukiswa ngabefundisi abathanda imali nezikhundla. Kwamanye amazwe, oorhulumente babeka imithetho eyenza kube nzima ukuba abantu bakhonze kakuhle.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 UYesu ufuna ‘sibenze abafundi abantu beentlanga zonke.’ (Mat. 28:19) Sinokwenza njani ukuze sincede abantu abangakhonziyo bathande uThixo baze babe ngabafundi bakaKristu? Simele sikhumbule ukuba umntu unokusimamela okanye angasimameli ngenxa yendawo akhulele kuyo. Ngokomzekelo, abantu baseYurophu nabaseAsia abanakumamela ngendlela efanayo xa sishumayela kubo. Ngoba? Abantu abaninzi baseYurophu baqhelene neBhayibhile ibe badla ngokuyiva into yokuba zonke izinto zadalwa nguThixo. Kodwa eAsia, abantu abaninzi abazi kwanto ngeBhayibhile, abanye bayazi nje kancinci ibe abanye abakholelwa ukuba ukhona uMdali. Eli nqaku liza kusibonisa indlela esinokubafundisa kakuhle ngayo bonke abantu esidibana nabo entsimini, enoba basuka phi okanye bakholelwa ntoni.

UNGACINGI UKUBA ABANAKUZE BATSHINTSHE

4. Kutheni simele sibe nethemba lokuba bangatshintsha abantu ababekade bengakhonzi?

4 Yiba Nethemba Lokuba Bangatshintsha. Qho ngonyaka, baninzi abantu ababengakhonzi ababa ngamaNgqina KaYehova. Abaninzi babehleli beziphethe kakuhle kodwa becatshukiswa ngabantu becawa abangazenziyo izinto abazifundisayo. Abanye babeziphethe kakubi ibe kwafuneka bayeke izinto ezimbi ababezenza. Nathi sinokuqiniseka ukuba uYehova angasinceda sibafumane abantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’​—IZe. 13:48; 1 Tim. 2:3, 4.

Tshintsha indlela oshumayela ngayo xa uthetha nabantu abangayikholelwayo iBhayibhile (Jonga isiqendu 5-6) *

5. Yintoni edla ngokwenza abantu basimamele?

5 Yiba Nobubele Uze Uthethe Kakuhle. Amaxesha amaninzi, abantu bayasimamela xa sithetha nabo. Le nto ayibangelwa yinto esiyithethayo, kodwa yindlela esiyithetha ngayo. Bayonwaba xa sinobubele, sithetha kakuhle ibe sinomdla kubo. Asibanyanzeli ukuba basimamele. Endaweni yoko, sizama ukuqonda izinto ezibabangela bangakhonzi. Ngokomzekelo, abanye abakuthandi ukuthetha ngenkonzo nabantu abangabaziyo. Abanye bathi kukungabi nambeko ukubuza omnye umntu ukuba ucinga ntoni ngoThixo. Ukanti abanye baneentloni zokubonwa befunda iBhayibhile, ingakumbi beyifunda namaNgqina KaYehova. Enoba yintoni ebabangela bangakhonzi, kuye kufuneke sizame ukubacingela.​—2 Tim. 2:24.

6. UPawulos wayitshintsha njani indlela awayeshumayela ngayo, ibe yintoni esiyifundayo kuye?

6 Sinokwenza njani xa sibona ngathi umntu akakhululekanga xa sithetha “ngeBhayibhile,” “ngendalo,” “ngoThixo,” okanye “ngokukhonza”? Sinokwenza njengompostile uPawulos ngokuthi sitshintshe indlela esithetha ngayo naye. UPawulos wayesebenzisa iZibhalo xa ethetha namaYuda. Kodwa xa wayethetha neentanda-bulumko eAreyopago, akazange athi uzithatha eBhayibhileni izinto awayezithetha. (IZe. 17:2, 3, 22-31) Yintoni esiyifundayo kuPawulos? Ukuba uthetha nomntu ongayikholelwayo iBhayibhile, kusenokuba bhetele ukuba ungamxeleli ukuba uzithatha eBhayibhileni izinto omxelela zona. Ukuba ucinga ukuba loo mntu usenokuba neentloni xa ebonwa efunda iBhayibhile nawe, usenokumfundela iBhayibhile efowunini, kwithablethi okanye kwesinye isixhobo se-elektroniki. Xa usenza ngolu hlobo, abanye abantu basenokungaboni ukuba nifunda iBhayibhile.

7. Ngokutsho kweyoku-1 kwabaseKorinte 9:20-23, yintoni esimele siyenze ukuze sishumayele njengoPawulos?

7 Zama Ukubaqonda Uze Ubamamele. Simele sizame ukuqonda ezona zinto zibangela abantu esishumayela kubo bacinge ngendlela abacinga ngayo. (IMize. 20:5) Makhe siphinde sithethe ngoPawulos. Wakhula namaYuda. Ngoko, kwafuneka atshintshe indlela awayeshumayela ngayo xa ethetha nabantu bezinye iintlanga. Ngoba? Kaloku abantu bezinye iintlanga babengazi nto ingako okanye bengazi kwanto ngoYehova nangeZibhalo. Ukuze nathi sibaqonde abantu esishumayela kubo, kusenokufuneka siphande okanye sibuze kubavakalisi abasebandleni ekudala beshumayela.​—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 9:20-23.

8. Sinokuqalisa njani ukuncokola ngeBhayibhile nabantu?

8 Sifuna abantu ‘abafanelekayo.’ (Mat. 10:11) Ukuze yenzeke loo nto, simele sibabuze abantu esishumayela kubo ukuba bacinga ntoni size sibamamele kakuhle. Omnye umzalwana waseNgilani uye abuze abantu ukuba bacinga ukuba yintoni enokwenza umntu onwabe emtshatweni, akhulise kakuhle abantwana, okanye akwazi ukunyamezela nangona ephethwe kakubi. Emva kokubamamela uye athi, “Ucinga ntoni ngeli cebiso labhalwa malunga neminyaka eyi-2 000 eyadlulayo?” Emva koko, uye ambonise isibhalo efowunini yakhe, kodwa engalibizanga igama elithi “iBhayibhile.”

BENZE BAYITHANDE INYANISO

9. Sinokuthetha njani nabantu abangakuthandiyo ukuthetha ngoThixo?

9 Sinokubenza babe nomdla abantu abangakuthandiyo ukuthetha ngoThixo ngokuthetha ngezinto abazithandayo. Ngokomzekelo, abantu abaninzi bayayithanda indalo. Ngoko usenokuthi kubo: “Mhlawumbi uyayazi ukuba abantu besayensi badla ngokukopa kwindalo xa besenza izinto ezintsha. Ngokomzekelo, abantu abenza isandisi-lizwi badla ngokujonga indlela esebenza ngayo indlebe, baze abenza iikhamera bajonge indlela elisebenza ngayo ilihlo. Ucinga ukuba ngubani owenza iindlebe namehlo?” Emva kokumamela kakuhle, sisenokuthi: “Xa iinjineli zibone indlela ezisebenza ngayo iindlebe namehlo, sisenokuzibuza ukuba zikope kubani. Ndiyayithanda into eyakha yathethwa yenye imbongi yakudala. Yathi: ‘Lowo utyala indlebe, akanakuva na? Okanye Lowo uyila iliso, akanakukhangela na? . . . NaLowo ufundisa abantu ulwazi?’ Nabanye abantu besayensi bayangqinelana nale mbongi.” (INdu. 94:9, 10) Emva koko, sinokumbonisa ividiyo kujw.org/xh kwindawo ethi “Incoko Namava” kwiividiyo ezikwindawo ethi “Iimbono Ngemvelaphi Yobomi.” (Jonga kwindawo ethi IIMPAPASHO > IIVIDIYO.) Okanye unokumnika incwadana ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? okanye ethi The Origin of Life​—Five Questions Worth Asking.

10. Sinokuyiqala njani incoko nomntu ongakuthandiyo ukuthetha ngoThixo?

10 Abantu abaninzi bafuna ukuphila kamnandi. Kodwa ke, bayoyika kuba becinga ukuba lo mhlaba uza kutshatyalaliswa okanye kungabikho mntu unako ukuhlala kuwo. Omnye umveleli wesiphaluka waseNorway uthi abantu abangafuni ukuthetha ngoThixo bayafuna ukuthetha ngezinto ezenzeka emhlabeni. Emva kokubulisa, udla ngokuthi ebantwini: “Ucinga ukuba siza kuphila njani kwixesha elizayo? Ngaba siza kuncedwa ngabantu beepolitiki, abesayensi okanye ngomnye umntu?” Emva kokumamela kakuhle, udla ngokufunda okanye athethe ngevesi ebonisa indlela esiza kuphila kamnandi ngayo kwixesha elizayo. Abanye baye bavuye kakhulu xa besiva ukuba iBhayibhile ithembisa ukuba lo mhlaba awuzukutshatyalaliswa ibe abantu abalungileyo baza kuhlala kuwo ngonaphakade.​—INdu. 37:29; INtshu. 1:4.

11. Kutheni simele sithethe ngeendlela ezahlukahlukeneyo ebantwini? Sinokuyilinganisa njani indlela uPawulos awayeshumayela ngayo, ekuthethwa ngayo kwabaseRoma 1:14-16?

11 Simele sithethe ngeendlela ezahlukahlukeneyo ebantwini. Ngoba? Kuba abantu abafani. Into eyenza omnye abe nomdla, inokumcaphukisa omnye. Abanye abanangxaki ngokuthetha ngoThixo nangeBhayibhile, kodwa abanye bafuna siqale sithethe ngezinye izinto. Ngoko simele sizame ukuthetha nabo bonke abantu esidibana nabo, enoba kufuneka sithethe njani nabo. (Funda eyabaseRoma 1:14-16.) Kakade ke, simele sikhumbule ukuba nguYehova oyikhulisayo inyaniso esiyityala kubantu abathanda izinto ezilungileyo.​—1 Kor. 3:6, 7.

SINGASHUMAYELA NJANI KUBANTU BASEASIA?

Abavakalisi abaninzi baba nomdla ebantwini abahlala kwiindawo ezinabantu abangakhonziyo nabangakholelwayo kuThixo. Bancokola nabo ngezinto eziluncedo ezifumaneka eBhayibhileni. (Jonga isiqendu 12-13)

12. Yintoni esinokuyenza ukuze sinceda abantu baseAsia abangayihoyanga kangako into yokuba ukhona uMdali okanye akakho?

12 Emhlabeni wonke, abavakalisi badibana nabantu abasuka eAsia, nabasuka kumazwe apho oorhulumente babeke imithetho eyenza kube nzima ukukhonza. Abantu abaninzi baseAsia abazange bayihoya kangako into yokuba ukhona na uMdali okanye akakho. Kuba abanye bethanda ukufunda izinto ezintsha, baye bavume xa becelwa ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile, kodwa ke abanye baye bangabi namdla. Singabanceda njani? Abanye abavakalisi ekudala beshumayela bathi kuyanceda ukuqala uncokole nje, ube nomdla kuloo mntu, uze emva koko umbalisele ngendlela iBhayibhile ekuncede ngayo waphucula ubomi bakho.

13. Yintoni enokwenza abantu babe nomdla eBhayibhileni? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

13 Abantu abaninzi bayawathanda amacebiso aseBhayibhileni athetha ngendlela esimele siphile ngayo. (INtshu. 7:12) Omnye udade waseNew York odla ngokushumayela kubantu abathetha isiTshayina uthi: “Ndiye ndizame ukuba nomdla ebantwini ndize ndibamamele kakuhle. Ukuba ndivile ukuba bayafika kweli lizwe, ndiye ndibuze: ‘Kuyaqheleka apha noko? Sele uwufumene umsebenzi? Bakuphethe kakuhle abantu balapha phofu?’” Ukuqala incoko ngolu hlobo kukhe kumncede akwazi ukushumayela. Ngamanye amaxesha, lo dade uye aphinde abuze lo mbuzo: “Ucinga ukuba yintoni eyona nto ibalulekileyo enokukwenza uvane nabanye abantu? Ndingakubonisa umzekeliso olapha eBhayibhileni? Uthi: ‘Ukuqala kosukuzwano kunjengovulela amanzi; ngoko ngaphambi kokuba kuvele ingxabano, rhoxa.’ Ucinga ukuba eli cebiso lingasinceda sivane nabanye abantu?” (IMize. 17:14) Ukuncokola ngolu hlobo nabantu kungasinceda sifumane amabuyelo.

14. Omnye umzalwana waseAsia ubanceda njani abantu abathi abakholelwa kuThixo?

14 Simele sithini xa umntu esithi akakholelwa kuThixo? Omnye umzalwana ekudala eshumayela kubantu abangakhonziyo baseAsia uthi: “Ngokuqhelekileyo, apha xa umntu esithi akakholelwa kuThixo uthetha ukuthi akakholelwa koothixo abakhonzwa kwindawo ahlala kuyo. Ngoko ndiye ndivumelane naye ukuba oothixo abaninzi benziwe ngabantu ibe abaphili. Amaxesha amaninzi ndiye ndifunde uYeremiya 16:20. Le vesi ithi: ‘Umntu wasemhlabeni unokuzenzela na oothixo xa bengengabo oothixo?’ Emva koko ndiye ndibuze: ‘Ngowuphi umahluko phakathi kothixo wokwenene nothixo owenziwe ngabantu?’ Ndiye ndimmamele kakuhle ndize ndifunde uIsaya 41:23, othi: ‘Xelani izinto eziza kuza emva koko, ukuze sazi ukuba ningoothixo.’ Emva koko, ndiye ndithethe ngento uYehova awayichaza ingekenzeki.”

15. Yintoni esinokuyifunda kumzalwana waseMpuma Asia?

15 Omnye umzalwana waseMpuma Asia uwenza ngolu hlobo amabuyelo. Uthi: “Ndiye ndithethe ngendalo, ngendlela ezinobulumko ngayo izinto ezithethwa yiBhayibhile, nangezinto ezenzekayo ezazichazwe ngaphambili eBhayibhileni. Emva koko, ndiye ndibabonise ukuba zonke ezi zinto zibonisa ukuba ukhona uMdali ophilayo nolumkileyo. Xa umntu eqalisa ukukholelwa ukuba ukhona uThixo, ndiye ndimbonise ukuba iBhayibhile ithini ngoYehova.”

16. Ngokutsho kwamaHebhere 11:6, kutheni abantu esibafundelayo bemele baqiniseke ukuba ukhona uThixo baze bayikholelwe neBhayibhile, ibe singabanceda njani?

16 Xa sifundela abantu abangakhonziyo okanye abangakholelwayo kuThixo, kufuneka simane sibanceda baqiniseke ukuba ukhona uThixo. (Funda kumaHebhere 11:6.) Kwakhona kufuneka sibancede bayikholelwe iBhayibhile. Le nto isenokufuna ukuba simane siziphindaphinda izinto esasibafundise zona. Qho xa sifunda, kusenokufuneka sithethe ngezinto ezingqina ukuba iBhayibhile iliLizwi LikaThixo. Sisenokuthetha ngeziprofeto zeBhayibhile ezenzekayo, indlela iBhayibhile evumelana ngayo ngesayensi nembali, nangendlela iBhayibhile esinceda ngayo.

17. Yintoni enokwenzeka xa sibathanda abantu?

17 Xa sibathanda abantu, sinokubanceda babe ngabafundi bakaKristu enoba bayakhonza okanye abakhonzi okanye bayakholelwa kuThixo okanye abakholelwa kuye. (1 Kor. 13:1) Njengoko sibafundisa, sifuna babone ukuba uThixo uyasithanda ibe ufuna nathi simthande. Qho ngonyaka, abantu ababekade bengazi nto ingako ngoThixo okanye bengenamdla baye bafunda ngoThixo baza babhaptizwa. Ngoko yiba nomdla kubo bonke abantu uze ube nethemba lokuba bangatshintsha. Bamamele uze uzame ukuqonda ukuba kutheni becinga ngendlela abacinga ngayo. Bafundise ukuba babe ngabalandeli bakaKristu ngendlela ozenza ngayo izinto.

INGOMA 76 Uziva Njani Na?

^ isiqe. 5 Ixhaphakile ngoku into yokudibana nabantu abangakhonziyo okanye abangakholelwayo kuThixo kunokuba kwakunjalo ngaphambili. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela esinokubafundisa ngayo ngeBhayibhile nangendlela esinokubanceda ngayo bayikholelwe iBhayibhile baze babe nokholo nakuThixo.

^ isiqe. 1 Kukhe kwaphandwa ngamazwe anabantu abaninzi abangakhonziyo. Nanga amanye awo: iAlbania, iOstreliya, iAustria, iAzerbaijan, iKhanada, iTshayina, iCzech Republic, iDenmark, iFransi, iJamani, iHong Kong, i-Ireland, i-Israel, iJapan, , iNetherlands, iNorway, iMzantsi Korea, iSpeyin, iSweden, iSwitzerland, iUnited Kingdom, neVietnam.

^ isiqe. 53 UMFANEKISO: Lo mzalwana ushumayela kumntu asebenza naye esibhedlele. Emva koko, lo mntu uya kujw.org.