Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Nyhani UYesu Wafela Nam Lo?

Ngaba Nyhani UYesu Wafela Nam Lo?

IBHAYIBHILE ithetha ngabantu ‘ababeneemvakalelo ezinjengezethu.’ (Yak. 5:17) Ngokomzekelo, kulula ukuyiqonda into eyathethwa nguPawulos kwabaseRoma 7:21-24, xa wathi: “Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum. . . . Hayi usizana endilulo!” Kuyakhuthaza ukwazi ukuba umntu othembekileyo onjengoPawulos wayecinga ngale ndlela. Loo nto isinceda sibone ukuba sinako ukulwisana nezinto esizenzayo kuba singafezekanga.

UPawulos wathetha nenye into awayeqiniseke ngayo kwabaseGalati 2:20. Wathi uYesu ‘wamthanda waza wazinikela ngenxa yakhe!’ Ngaba nawe utsho? Mhlawumbi utsho ngamanye amaxesha.

Ukuba sisebuhlungu ngenxa yeempazamo esazenzayo, sisenokungakholelwa ukuba uYehova uyasithanda ibe usixolele. Le nto isenokwenza kube nzima ukukholelwa ukuba uYesu wafela mntu ngamnye kuthi. Ngaba uYesu ufuna sicinge ngolo hlobo? Yintoni enokusinceda sikholelwe ukuba uYesu wafela mntu ngamnye kuthi? Makhe siphendule le mibuzo mibini.

UYESU UFUNA SIYIJONGE NJENGAYE INTLAWULELO

UYesu ufuna sazi ukuba wafela mntu ngamnye kuthi. Yintoni esenza siqiniseke ngaloo nto? Khawucinge ngento eyenzeka kuLuka 23:39-43. Enye indoda yayixhonywe epalini, ecaleni kukaYesu. Yavuma ukuba yayenze into embi. Imele ukuba yayimbi kakhulu le nto yayiyenzile kuba yayingabantu abenze izinto ezimbi kakhulu qha ababebulawa epalini. Le ndoda yayikhathazekile ibe yacenga uYesu yathi: “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.”

Wathini uYesu? Khawube nombono wakhe njengoko ejika intloko yakhe ukuze ajonge le ndoda nangona esezintlungwini. Emva koko, uzama ukuncuma aze ayithuthuzele le ndoda ngokuthi: “Inene ndithi kuwe namhlanje, uya kuba nam eParadesi.” UYesu wayenokuvele nje ayikhumbuze le ndoda ukuba ‘uNyana womntu weza . . . ukuze anikele ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’ (Mat. 20:28) Kodwa uYesu akazange athethe ngabantu abaninzi, endaweni yoko wathetha ngayo ngqo. Wathetha ngobubele xa wathi “uya” naxa wathi “nam.” Wayixelela le ndoda ukuba iza kuphila kwiparadesi elapha emhlabeni.

Ngokuqinisekileyo uYesu wayefuna le ndoda iyazi ukuba intlawulelo yayiza kuyinceda. Ukuba wacinga ngolu hlobo ngomntu owayengamkhonzi uThixo, siqinisekile ukuba ucinga ngolu hlobo nangomKristu obhaptiziweyo okhonza uThixo. Yintoni enokusinceda sikholelwe ukuba uYesu wafela mntu ngamnye kuthi enoba sakhe senza izinto ezimbi?

YINTONI EYANCEDA UPAWULOS?

UPawulos waqonda ukuba uYesu wafela yena kuba wamthuma ukuba ashumayele. Njani? Wathi: “Ndinombulelo kuKristu Yesu iNkosi yethu, owandinika amandla, ngenxa yokuba wandigqala ndithembekile ngokundabela ubulungiseleli, nangona ngaphambili ndandingumnyelisi nomtshutshisi nomntu osileyo.” (1 Tim. 1:12-14) Kuba uYesu wathi uPawulos makashumayele, uPawulos watsho wabona ukuba uYesu uyamthanda, uyamthemba ibe umxolele. Ngokufanayo, nathi uYesu uye wasithuma ukuba sishumayele. (Mat. 28:19, 20) Ngaba ukushumayela kungasinceda siqonde ukuba uYesu wafela mntu ngamnye kuthi?

UAlbert osandul’ ukubuyiselwa emva kokukhutshelwa ngaphandle kangangeminyaka ephantse ibe yi-34, uthi: “Ndisoloko ndicinga ngezinto ezimbi endandizenza. Kodwa xa ndisentsimini ndiba njengoPawulos, kuba ndiyazi ukuba nguYesu lo undithumileyo. Ndiye ndonwabe ndize ndicinge izinto ezintle ngam, ngobomi bam nangezinto eziseza kwenzeka.”​—INdu. 51:3.

Xa ufundela abantu abahlukahlukeneyo, baqinisekise ukuba uYesu uyabathanda ibe ukulungele ukubaxolela

Ngaphambi kokuba uAllan abe liNgqina, wayesophula umthetho ibe ethanda nokulwa. Uthi: “Ndisazicinga nangoku zonke izinto ezimbi endazenzayo ebantwini. Ngamanye amaxesha, ndiye ndikhathazeke kakhulu. Kodwa ndiyambulela uYehova kuba esebenzisa umoni onjengam ukuze ashumayele iindaba ezilungileyo. Xa ndibona izinto abantu abaye bazenze xa ndishumayele kubo, ndiye ndibone indlela uYehova alunge nasithanda ngayo. Ndiye ndibone nokuba usebenzisa mna ukuze ancede abantu abaye benza izinto ezimbi njengam.

Xa sisentsimini, sinceda abantu ibe sihlala sicinga izinto ezintle. Loo nto isinceda siqiniseke ukuba uYesu uyasithanda, uyasithemba ibe usixolele.

UYEHOVA MKHULU KUNEENTLIZIYO ZETHU

Njengoko ihlabathi likaSathana lingekatshatyalaliswa, sisenokungayeki ukuba buhlungu ngenxa yezinto ezimbi esakha sazenza. Yintoni enokusinceda siyeke ukuba buhlungu?

Ixesha elininzi uJean uba buhlungu ngenxa yendlela awayephila ngayo. Wayezenza kakuhle izinto xa ephambi kwabazali bakhe naxa eseHolweni YoBukumkani kodwa aziphathe kakubi xa ekwenye indawo. Uthi: “Indivuyisa gqitha into yokuba ‘uThixo emkhulu kuneentliziyo zethu.’” (1 Yoh. 3:19, 20) NjengoJean, nathi sinokutsho sikhululeke kuba siyazi ukuba uYehova noYesu bayaqonda ukuba asifezekanga. Ungayilibali into yokuba, intlawulelo abazange bayenzele abantu abafezekileyo, endaweni yoko bayenzela abantu abangafezekanga kodwa abazimisele ukuguquka.​—1 Tim. 1:15.

Sitsho siqiniseke nyhani ukuba uYesu wafela mntu ngamnye kuthi, xa sijonga indlela awabaphatha ngayo abantu abangafezekanga, naxa sishumayela kangangoko sinako. Xa uyenza le nto, njengoPawulos, uza kutsho ukwazi ukuthi: UYesu ‘wandithanda waza wazinikela ngenxa yam.’