Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba amaNgqina KaYehova afanele akhangele abantu afuna ukutshata nabo kwiiwebhsayithi?

UYehova ufuna abantu abatshatileyo bonwabe, bangaze bohlukane. (Mat. 19:4-6) Ukuba ufuna ukutshata, yintoni ekufuneka uyenze ukuze ufumane umntu omthandayo, othanda uYehova noza kukuthanda? Cela uYehova akubonise. NguMdali wethu, uyayazi into ekufuneka siyenze ukuze sonwabe xa sitshatile. Ngoko, ukuba uyayisebenzisa imigaqo akunike yona, uza konwaba. Nantsi eminye yaloo migaqo.

Okokuqala, nantsi into esimele siyazi: “Intliziyo inamaqhinga kunayo nantoni na, ibe iyatyhudisa.” (Yer. 17:9) Xa abantu ababini abafuna ukutshata bedibana baze bathandane, basenokuthandana kakhulu kube nzima ukuyifihla indlela abaziva ngayo. Loo nto inokubenza bangakwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo. Ukuba baza kutshata ngenxa yendlela abaziva ngayo, ekuhambeni kwexesha kusenokuba nzima kuloo mtshato. (IMize. 28:26) Yiloo nto kufuneka balumke, bangaxelelani indlela abaziva ngayo besand’ uthandana okanye bangathembisani nganto bengekazani kakuhle.

IMizekeliso 22:3 ithi: “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe, kodwa ongenamava uya ngqo kuyo aze achaneke.” Yintoni enokuba yingxaki xa umntu ekhangela umntu afuna ukutshata naye kwiiwebhsayithi zokuthandana? Abaninzi baye bafumana abantu abacinga ukuba bangatshata nabo kwezi webhsayithi, bathandana nabo, zaza zabuhlungu kakhulu iintliziyo bakufumanisa ukuba lonke eli xesha bebethandana namaxoki. Enye into, aba bantu bangenanyani baye babaqhatha abantu, abazichaza ukuba bangoobani kanye kanye, befuna ukuba imali yabo. Abanye babo bade bathi ngamaNgqina.

Nantsi enye ingxaki. Ezinye zezi webhsayithi zikukhangelela umntu ozichaze ngendlela ephantse ifane ngqo nozichaze ngayo, ziqonde ukuba niyafanelana, zize zikudibanise naye. Kodwa abukho ubungqina bokuba loo nto ingakwenza ufumane umntu ofanelana naye. Bubudenge ukucinga ukuba inkqubo yekhompyutha eyenziwe ngumntu inokukunceda ukwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo ngomntu ofuna ukutshata naye. Sisigqibo esibaluleke kakhulu esi. Kutheni uza kuthemba iinkqubo zekhompyutha ngaphezu kwemigaqo eseBhayibhileni?​—IMize. 1:7; 3:5-7.

Umgaqo okwiMizekeliso 14:15 uthi: “Umntu ongalumkanga ukholelwa yonke into, kodwa olumkileyo uyacinga ngaphambi kokuba enze.” Ngaphambi kokuba uqiniseke ukuba umntu uza kuba yindoda okanye umfazi omthandayo nothanda uYehova, kufuneka umazi kakuhle. Kodwa ingenzeka lula loo nto kumntu odibana naye ngeintanethi? Masithi niyabhalelana, nixelelana ukuba ningabantu abanjani, abathanda ntoni, abaphila njani okanye nincokola kakhulu kwi-intanethi, ngaba loo nto ingakwenza uqiniseke ukuba umazi kakuhle loo mntu? Abanye abebecinga ukuba bafumene umntu abathandana naye baye bothuswa zizinto abazifumanisayo xa bencokola ubuso ngobuso.

Umdumisi wathi: “Andihlali nabantu abangamaxoki, ibe ndiyabaphepha abo bazifihlayo into abayiyo.” (INdu. 26:4) Abantu abaninzi bacinga ukuba iqhelekile into yokuba umntu athethe izinto eziza kwenza abantu bamthande kwi-intanethi, abe exoka. Xa bebhalelana nabanye kwi-intanethi basenokungacaci ukuba ngabantu abanjani. Abanye basenokuthi ngamaNgqina KaYehova, kodwa ngaba babhaptiziwe? Ngaba bayamthanda uYehova? Bayathandwa ebandleni? Okanye ngaba benza izinto ezenza abantu abathanda uYehova bahambele kude kubo? (1 Kor. 15:33; 2 Tim. 2:20, 21) Ngaba imigaqo yeBhayibhile iyabavumela ukuba batshate? Ezi zizinto ekufuneka uzazi, kodwa ukuze uzazi kakuhle kufuneka uncokole namanye amaNgqina amazi kakuhle loo mntu. (IMize. 15:22) Into esiqiniseke ngayo yile, umkhonzi othembekileyo kaYehova akanakuyicinga nokuyicinga into ‘yokubotshwa edyokhweni enye’ nomntu ongamkhonziyo uYehova.​—2 Kor. 6:14; 1 Kor. 7:39.

Sizibonile iingxaki azifaka kuzo umntu okhangela umntu afuna ukutshata naye kwiiwebhsayithi zokuthandana. Zikhona iindlela ezingenakukufaka engxakini zokujonga umntu ofuna ukutshata naye nokumazi kakuhle. Unokumfumana njani? AmaNgqina KaYehova ayadibana aze azane kwiintlanganiso, kwiindibano ezinkulu nezincinci nakwezinye iindawo.

Xa nisoloko nikunye, uza kukwazi ukubona ukuba izinto afuna ukuzenza ebomini ziyafana na nezakho nokuba niyafanelana na

Xa engakwazi ukudibana kwezi ndawo, njengokuba kunjalo kweli xesha lekhorona, adibana ngoZoom. Unokuqhelana namanye amaNgqina angekatshati kuZoom. Unokuweva xa enikela iintetho naxa ephendula kwiintlanganiso. (1 Tim. 6:11, 12) Ninokuncokola nasemva kweentlanganiso xa kubuliswana kwibreakout rooms. Xa nonwabe namanye amaKristu kuZoom okanye kwiConference call, unokuyibona indlela abaphatha ngayo abanye abantu loo dade okanye umzalwana onomdla kuye. Zonke ezi ndlela ziza kukwenza uqiniseke ukuba ungumntu onjani. (1 Pet. 3:4) Njengoko nisiya niqhelana, unokubona ukuba izinto enizimisele ukuzenza ebomini ziyafana na nokuba niyafanelana na.

Xa abantu abafuna ukutshata besebenzisa imigaqo yeBhayibhile xa bekhangela abantu abanokutshata nabo, banokonwaba xa sebetshatile. Banokuzibonela indlela achane ngayo amazwi akwiMizekeliso 18:22 athi: “Umntu ofumene umfazi olungileyo ufumene into entle,ibe uyathandwa nguYehova.”​—IMize. 18:22.