Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 29

Vuyela Izinto Okwaziyo Ukuzenza!

Vuyela Izinto Okwaziyo Ukuzenza!

‘Mntu ngamnye makangazithelekisi namntu. Uza kutsho avuye ngenxa yesiqu sakhe.’​—GAL. 6:4.

INGOMA 34 Hamba NoThixo Uthembekile

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni uYehova engasithelekisi nabanye abantu?

UYEHOVA uyazithanda izinto ezingafaniyo. Le nto siyibona kwindalo yakhe. Udale abantu abangafaniyo, kanti nezityalo nezilwanyana uzidale azafana. Asifani. Ngoko uYehova akasoze akuthelekise nabanye abantu. Ujonga intliziyo, akubone ukuba wena ungumntu onjani. (1 Sam. 16:7) Wazi izinto okwazi kakuhle ukuzenza nezo ungazenzi kakuhle, kanti uyayazi nendlela okhule ngayo. Akafuni wenze into ongenamandla okuyenza. Kufuneka sifane naye, sibone le nto ayibonayo kuthi. Loo nto iza kusenza sibe ‘nengqondo ephilileyo,’ singacingi ukuba sibhetele kwabanye okanye sizijongele phantsi.​—Roma 12:3.

2. Yintoni enokwenzeka xa sizithelekisa nabanye abantu?

2 Kuyasinceda kona ukufunda kwabanye abantu. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba wazi umzalwana okanye udade oqhuba kakuhle entsimini, onamabuyelo nezifundo eziqhuba kakuhle. (Heb. 13:7) Unokufunda kwindlela enza ngayo uze ubone ukuba yintoni onokuyilungisa kwindlela oshumayela nofundisa ngayo. (Fil. 3:17) Ukulinganisa umntu akufani nokuzithelekisa naye. Xa uzithelekisa nomntu unokuzibona sowummonela, utyhafa okanye ubone ngathi akukho yakho. Njengokuba litshilo inqaku ebesilifunda kule veki iphelileyo, xa uzithelekisa namanye amaKristu asebandleni, unokuzibona sowungasamkhonzi kakuhle uYehova. Yiloo nto esithi: “Mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye, angazithelekisi namntu. Uza kutsho avuye ngenxa yesiqu sakhe.”​—Gal. 6:4.

3. Zeziphi izinto ezikuvuyisayo oye wakwazi ukumenzela zona uYehova?

3 UYehova ufuna uvuyiswe zizinto oye wakwazi ukuzenza kakuhle enkonzweni. Ngokomzekelo, ukuba ubhaptiziwe, umele uvuyele ukuba ukwazile ukuyenza loo nto. Ibiyinto obuzimisele ukuyenza kuba uthanda uThixo, khange unyanzelwe. Cinga ngezinto oye wakwazi ukuzenza emva kokuba ubhaptiziwe. Ngokomzekelo, ngaba uye wakuthanda kakhulu ukufunda iBhayibhile? Ngaba ngoku xa uthandaza uyakwazi ukumxelela le nto isentliziyweni yakho uYehova? (INdu. 141:2) Ngaba uthetha ukhululekile ngoku entsimini, sowukwazi nokusebenzisa izixhobo zethu zokufundisa? Ukuba unentsapho, ngaba uYehova ukuncedile wayindoda, umfazi okanye umzali othandwayo ekhaya? Umele uvuye nyhani kuba uye wakwazi ukuzenza ezi zinto.

4. Yintoni esiza kuyifunda kweli nqaku?

4 Sinokunceda nabanye abazalwana noodade bavuyiswe zizinto abazama ukuzenza kakuhle enkonzweni. Sinokubanceda bayeke ukuzithelekisa nabanye abantu. Kweli nqaku, siza kufunda ukuba abazali banokubanceda njani abantwana babo, abantu abatshatileyo banokuncedana njani, amanye amaKristu nabadala banokubanceda njani abazalwana noodade. Ekugqibeleni, siza kubona ukuba yeyiphi imigaqo yeBhayibhile enokusinceda sizimisele ukwenza izinto esinokukwazi ukuzenza.

IZINTO EZINOKWENZIWA NGABAZALI NABANTU ABATSHATILEYO

Bazali, bonke abantwana benu mababone ukuba niyazivuyela izinto ezintle abakwaziyo ukuzenza (Jonga isiqendu 5-6) *

5. AmaEfese 6:4 athi yintoni abamele balumkele ukuyenza abazali?

5 Abazali mabalumkele ukuthelekisa abantwana babo okanye ukufuna umntwana enze into angenamandla okuyenza. Ezo zinto zinokubacaphukisa abantwana. (Funda amaEfese 6:4.) Udade onguSachiko * uthi: “Ootitshala bam babefuna ndibodlule bonke abantwana endandifunda nabo. Yena umama wayefuna ndizenze kakuhle zonke izinto esikolweni ukuze ootitshala notata ongeloNgqina bathethe kakuhle ngamaNgqina. Eyona nto wayeyifuna kukuba ndingabhudi nenye into xa ndibhala iimviwo. Ndandingenakukwazi ukuyenza ke leyo into. Ndaphuma kudala esikolweni, kodwa nangoku ndikhe ndicinge ukuba uYehova akayithandi indlela endimkhonza ngayo nokuba sendizama kangakanani.”

6. Abazali banokufunda ntoni kwiNdumiso 131:1, 2?

6 Into ebalulekileyo abamele bayifunde abazali yile ikwiNdumiso 131:1, 2. (Yifunde.) UKumkani uDavide wathi ‘akafuni izinto ezinkulu kakhulu’ okanye ukwenza izinto ezingaphaya kwamandla akhe. Indlela awayethobeke ngayo yamenza “wazola.” Yintoni abanokuyifunda abazali kule nto yathethwa nguDavide? Bamele bathobeke, bangafuni izinto ezinkulu, bangalindeli nokuba abantwana babo benze izinto abangenakukwazi ukuzenza. Bamele bazazi izinto abakwaziyo nabangakwaziyo ukuzenza baze babancede bazimisele ukwenza ezo banokukwazi ukuzenza. Udade onguMarina uthi: “Umama zange andithelekise nabantwana basekhaya abathathu okanye nabanye abantwana. Wandifundisa ukuba izinto esikwaziyo ukuzenza kakuhle azifani, nokuba uYehova usithanda sonke. Ezo zinto zenza kwanzima ukuba ndizithelekise nabanye abantu.”

7-8. Yintoni eyenzayo indoda ehlonipha umfazi wayo?

7 Indoda engumKristu imele imhloniphe umfazi wayo. (1 Pet. 3:7) Xa umntu umhlonipha, umphatha ngendlela ekhethekileyo. Ngokomzekelo, indoda ehlonipha umfazi wayo imphatha ngembeko. Ayifuni enze into angenakukwazi ukuyenza. Ayiyenzi nakancinci impazamo yokumthelekisa nabanye abafazi. Yintoni enokwenzeka xa inokuyenza loo nto? Umyeni ongeloNgqina wodade onguRosa uhlala emthelekisa nabanye abafazi. Uthetha amazwi ahlabayo, amenza uRosa acinge ukuba akukho mntu umthandayo. Uthi, “Ndifuna ukusoloko ndikhunjuzwa ukuba uYehova uyandithanda.” Indoda engumKristu ayiyenzi into efana nale, iyamhlonipha umfazi wayo. Iyazi ukuba xa imhlonipha, uza kuhlala eyithanda, ithandwe nanguYehova. *

8 Indoda emhloniphayo umfazi wayo ithetha izinto ezimnandi ngaye kwabanye abantu, imenza aqiniseke ukuba iyamthanda futhi iyamncoma. (IMize. 31:28) Yiloo nto eye yenziwa ngumyeni kaKaterina ekuthethwe ngaye kwinqaku lale veki iphelileyo ukuze amncede ayeke ukucinga ukuba akukho yakhe. Esemncinci, umama wakhe wayehlala emgxeka, emthelekisa neetshomi zakhe namanye amantombazana. Naye uKaterina wazibona sele ezithelekisa nabanye abantu. Zange ayeke nasemva kokuba eye waliNgqina LikaYehova! Umyeni wakhe ongumKristu uye wamnceda wade wazibona ebalulekile naye. Uthi: “Uyandithanda, uyandincoma xa ndenze into entle futhi uyandithandazela. Undikhumbuza nangeempawu ezithandekayo zikaYehova aze andincede ndilungise indlela endicinga ngayo.”

YINTONI ENOKWENZIWA NGABADALA NAMANYE AMAKRISTU?

9-10. Abadala bamnceda njani uHanuni owayenengxaki yokuzithelekisa nabanye abantu?

9 Abadala banokubanceda njani abavakalisi abathanda ukuzithelekisa nabanye? Khawuve into eyenzeka kudade onguHanuni. Esengumntwana wayengafane anconywe. Uthi: “Ndisemncinci ndandineentloni ndibona ngathi abanye abantwana babhetele kunam. Ndaqala ukuzithelekisa nabanye.” Zange ayeke ukuzithelekisa nabantu nasemva kokuba eliNgqina. Loo nto yamenza wabona ngathi akabalulekanga nganto ebandleni. Kodwa ngoku nguvulindlela owonwabileyo. Wancedwa yintoni?

10 Uthi wancedwa ngabadala. Bamxelela indlela abaluleke ngayo ebandleni, bencoma nendlela athembeke ngayo kuYehova. Uthi: “Abadala babekhe bandicele ukuba ndiye kukhuthaza oodade abadinga ukukhuthazwa. Loo nto yayindenza ndibone ukuba nam ndinokusetyenziswa ebandleni. Ndikhumbula xa babendincoma ngokuba ndikhuthaze abanye oodade abasebatsha. Emva kokuba bendincomile bandifundela ama-1 Tesalonika 1:2, 3. Yandivuyisa kakhulu loo nto. Abo badala bandenza ndabona ukuba nam ndibalulekile ebandleni.”

11. UIsaya 57:15 uthi sinokubanceda njani abantu ‘abatyumkileyo nabanomoya othobekileyo’?

11 Funda uIsaya 57:15. UYehova ubakhathalele kakhulu abantu ‘abatyumkileyo nabanomoya othobekileyo.’ Asingobadala bodwa abamele babakhuthaze aba bantu, kodwa ngabo bonke abazalwana noodade. Enye indlela esinokubakhuthaza ngayo kukubabonisa ukuba sibakhathalele. UYehova ufuna sibabonise indlela azithanda ngayo izimvu zakhe. (IMize. 19:17) Sinokubanceda nangokuba sithobeke, singaqhayisi ngezinto esikwaziyo ukuzenza. Asifuni ukuthetha nokwenza izinto eziza kwenza abantu babe nomona. Eyona nto siyifunayo kukuba zonke izinto esizithethayo nesizenzayo zibakhuthaze.​—1 Pet. 4:10, 11.

Abafundi bakaYesu babemthanda kuba zange enze nenye into eza kwenza abonakale ngathi ubhetele kunabo. Wayekuthanda ukuhlala ancokole nabahlobo bakhe (Jonga isiqendu 12)

12. Yintoni eyayisenza uYesu athandwe ngabantu ababejongelwa phantsi? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

12 Sinokufunda indlela yokuphatha abantu kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abalandeli bakhe. Wayengoyena mntu ubalulekileyo wakha waphila, kodwa ‘wayezolile, ethobekile.’ (Mat. 11:28-30) Zange aqhayise ngendlela awayelumke ngayo nangezinto awayezazi. Xa efundisa wayethetha ngendlela abayiqondayo abantu athetha nabo, ezekelisa nangezinto abazaziyo ukuze babe nomdla kwizinto azifundisayo. (Luka 10:21) Wayengafani nabefundisi beecawe abanekratshi, ababesenza abanye abantu bazibone bengabalulekanga kuThixo. (Yoh. 6:37) Yena wayebahlonipha abantu ababejongelwa phantsi.

13. UYesu wabonisa njani ukuba unobubele futhi uyabathanda abantu kwindlela awayebaphethe ngayo abafundi bakhe?

13 UYesu wayebathanda abantu futhi enobubele. Loo nto yayibonakala kwindlela awayebaphethe ngayo abafundi bakhe. Wayesazi ukuba azifani izinto abakwaziyo ukuzenza, neemeko zabo azifani. Yayingafani imisebenzi ababekwazi ukuyenza okanye bengenakusebenza ngendlela efanayo nasentsimini. Eyona nto wayeyithanda yindlela ababezinikele ngayo. Loo nto wayenza yacaca kumzekeliso wakhe weetalente. Kulo mzekeliso, inkosi yanika amakhoboka iitalente ‘ngokwamandla awo.’ Elinye ikhoboka elikhutheleyo lafumana iitalente ezininzi kunelinye elikhutheleyo. Kodwa omabini inkosi yawo yawancoma ngendlela efanayo isithi: “Usebenzile khoboka lam elilungileyo nelithembekileyo!”​—Mat. 25:14-23.

14. Sinokuyilinganisa njani indlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu?

14 UYesu unobubele futhi uyasithanda nathi. Uyazi ukuba izinto esikwaziyo ukuzenza neemeko zethu azifani, eyona nto imvuyisayo yindlela esizinikele ngayo enkonzweni. Nathi sifanele sibaphathe ngendlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu. Singaze senze umzalwana okanye udadewethu azive ngathi akukho yakhe okanye abe neentloni ngenxa yokuba engakwazi ukwenza izinto njengabanye. Kunokuba senze loo nto, masibancome ngokuzinikela kwabo enkonzweni.

ZIMISELE UKWENZA IZINTO ONOKUKWAZI UKUZENZA

Zimisele ukwenza izinto onokukwazi ukuzenza, uze uzenze (Jonga isiqendu 15-16) *

15-16. Kwamnceda njani uMidori ukuzimisela kwakhe ukwenzela uYehova izinto anokukwazi ukuzenza?

15 Ukuba sinezinto esizimisele ukuzenza kwintlangano kaYehova, siyayazi into esiyiphilelayo. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba sizimisele ukwenza izinto esinokukwazi ukuzenza, singazithelekisi nabanye. Asifuni ukuphoxeka nokutyhafa. (Luka 14:28) Khawuve into eyenzeka komnye udade onguvulindlela, uMidori.

16 Esemncinci utata wakhe ongeloNgqina wayemenza abe neentloni, emthelekisa nabantwana bakowabo abancinci kuye. Wayengamthelekisi naba bantwana bakowabo qha, kodwa nabanye abantwana afunda nabo. Uthi: “Yayingathi akukho yam.” Ngokuya ekhula, wade wazithemba. Uthi, “Yonke imihla ndifunda iBhayibhile ukuze ndixole entliziyweni futhi ndibone indlela andithanda ngayo uYehova.” Enye into ayenzayo kukuzimisela ukwenza izinto anokukwazi ukuzenza, athandaze ecela uYehova amncede azenze. Loo nto imncedile wavuyela izinto akwaziyo ukumenzela zona uYehova.

HLALA UMENZELA IZINTO ONAMANDLA OKUZENZA UYEHOVA

17. Ziintoni ekufuneka sizenze ukuze ‘iqhubeke isenziwa ntsha indlela esicinga ngayo’? Ukuba siyazenza ezi zinto, yintoni eza kwenzeka?

17 Kusenokuba nzima ukukhawuleza siyitshintshe indlela esiziva ngayo. Yiloo nto uYehova esithi: “Mayiqhubeke isenziwa ntsha indlela enicinga ngayo.” (Efe. 4:23, 24) Ukuze sikwazi ukuyenza le nto kufuneka sithandaze, sifunde iLizwi LikaThixo size sicinge ngezinto esizifundayo. Masizimisele nyhani ukuzenza ezi zinto, sicele uYehova asiphe amandla. Umoya wakhe oyingcwele uza kusinceda siyeke ukuzithelekisa nabanye abantu. UYehova uza kusinceda sizibone xa sisiba nomona nekratshi, aze asincede siyikhuphe ezintliziyweni zethu le mikhwa.

18. Isithuthuzela njani into ethethwa kwizi-2 Kronike 6:29, 30?

18 Funda izi-2 Kronike 6:29, 30. UYehova uyazazi izinto esizicingayo. Uyazi nokuba sizama ngamandla ukuba eli hlabathi lingasosuleli ngemikhwa yalo futhi silwa nemizimba yethu enesono. Usithanda kakhulu xa ebona indlela esizama ngayo.

19. UYehova uyizekelisa ngantoni indlela aziva ngayo ngathi?

19 UYehova uzekelisa indlela aziva ngayo ngathi ngomama nosana lwakhe. (Isa. 49:15) Khawuve into ethethwa ngomnye umama, uRachel. Uthi: “Intombi yam uStephanie ndayizala ngaphambi kwexesha. Ukuqala kwam ukumbona, wayemncinci kakhulu, etyokololo. Kwinyanga endamzala ngayo, wayesiziswa kum ndimfunqule yonke imihla. Loo nto yamenza wandiqonda ukuba ndingumama wakhe, nam ndamthanda. Ngoku uneminyaka eyi-6, ubonakala emncinci kunoontanga bakhe. Eyona nto indenza ndimthande kakhulu kukuba wazama ngamandla ukuphila futhi kuyandivuyisa ukuba naye!” Kuyasivuyisa ukwazi ukuba uYehova usithanda ngolo hlobo nathi xa ebona ukuba sizama ngamandla ukumkhonza ngazo zonke iindlela esinokukwazi ngazo.

20. Mkhonzi kaYehova ozahluleleyo, yintoni ekwenza uvuye?

20 Mkhonzi kaYehova, ungumntwana wakhe amthanda kakhulu, akakho ofana nawe kubantwana bakhe. Khange akutsale kuba ubhetele kwabanye abantu. Uye wajonga intliziyo yakho, wabona ukuba uthobekile futhi uyafuna ukufundiswa nguye nokutshintsha indlela ophila ngayo. (INdu. 25:9) Qiniseka ukuba uyavuya xa ebona indlela ozinikele ngayo enkonzweni. Indlela onyamezele nothembeke ngayo ibonisa ukuba ‘unentliziyo entle nenyanisekileyo.’ (Luka 8:15) Ungaze uyeke ukwenza izinto onokukwazi ukumenzela zona ngawo onke amandla onawo. Loo nto iza kukwenza uvuye “ngenxa yesiqu sakho.”

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

^ isiqe. 5 UYehova akasithelekisi nabanye abantu. Kodwa kusenokwenzeka ukuba abanye kuthi bayayenza loo nto baze babone ngathi bona abazi nto. Eli nqaku liza kusixelela ukuba kutheni kuyingxaki ukuzithelekisa nabanye abantu. Siza kubona nokuba singabanceda njani abantu esihlala nabo nabasebandleni babone le nto uYehova ayibonayo kubo.

^ isiqe. 5 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 7 Nangona sithetha ngamadoda, kodwa imigaqo emininzi ekuthethwa ngayo apha iyasebenza nakubafazi.

^ isiqe. 58 INGCACISO YOMFANEKISO: Kwenziwa unqulo lwentsapho, abazali bavuyiswa zizinto abazenzayo abantwana xa besakha umkhombe kaNowa.

^ isiqe. 62 INGCACISO YOMFANEKISO: Udade ongenamyeni onomntwana osesekhrishi uzimisele ukuba nguvulindlela ongumncedani, uvuyiswa kukuba eye wakwazi.