Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Ziintoni Omele Uqale Ngazo?

Sonke asinaxesha lingako lokufunda. Sinokwenza ntoni ukuze silisebenzise kakuhle elo xeshana sinalo? Okokuqala, yithi chu xa ufunda. Uza kuncedakala kakhulu xa ufundisisa into nje emfutshane kunokuba uleqe ukugqiba into ende.

Emva koko, zazi izinto oza kuqala uzifunde. (Efe. 5:15, 16) Mhlawumbi kunokukunceda ukwenza ezi zinto:

  • Funda iBhayibhile yonke imihla. (INdu. 1:2) Mhlawumbi unokuqala ngokufunda izahluko ekuza kuthethwa ngazo kwintlanganiso yaphakathi evekini.

  • Lungiselela intlanganiso yaphakathi evekini nenqaku leMboniselo eliza kufundwa. Lungiselela kakuhle ukuze uphendule.​—INdu. 22:22.

  • Zama ukufunda nezinye izinto eziqinisa ukholo, njengeemagazini esizihambisa entsimini, amanqaku akujw.org/xh, ubukele neevidiyo.

  • Phanda ngezinto onomdla kuzo. Unokuphanda ngengxaki onayo, umbuzo onawo, okanye into ethethwa yiBhayibhile ofuna ukuyiqonda bhetele. Ukuze ubone ezinye izinto onokuphanda ngazo, yiya kwindawo ethi “Izinto Ezenziwa Xa Kufundwa IBhayibhile” kujw.org/xh.