INQAKU ELIFUNDWAYO 32
Yiba Bhetyebhetye NjengoYehova
“Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.”—FIL. 4:5.
INGOMA 89 Mamela, Uthobele Uze Usikelelwe
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1. UmKristu unokufana njani nomthi? (Jonga nomfanekiso.)
“UMTHI okwaziyo ukugobela macala onke awophulwa ngumoya obhudlayo.” Eli qhalo libonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba umthi ube bhetyebhetye ukuze ungophuki nokuba umoya ubhudla kangakanani. Nathi kufuneka sibe bhetyebhetye xa izinto zisiya zisiba nzima ukuze singayeki ukumkhonza sivuya uYehova. Singayenza njani loo nto? Ngokuzamkela iimeko zethu xa zitshintsha nokuyihlonipha indlela abanye abacinga ngayo nezigqibo abazenzayo.
2. Zeziphi iimpawu eziza kusinceda xa ubomi bethu butshintsha? Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?
2 Thina bakhonzi bakaYehova sifuna ukuba bhetyebhetye. Sifuna nokuthobeka, sibacingele abantu. Kweli nqaku siza kubona ukuba ezi mpawu ziwancede njani amanye amaKristu xa ubomi bawo bebutshintsha, nokuba zinokusinceda njani thina. Kodwa makhe siqale sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kwabona bantu babhetyebhetye, uYehova noYesu.
UYEHOVA NOYESU BABHETYEBHETYE
3. Kutheni sisithi uYehova ubhetyebhetye?
3 UYehova kuthiwa “liLiwa” kuba akagungqi. (Dut. 32:4) Sekunjalo, ubhetyebhetye. Njengoko ihlabathi litshintsha, uThixo uba bhetyebhetye ukuze aqiniseke ukuba ziyenzeka zonke izinto asithembise zona. Nabantu wabadala bafana naye, bakwazi ukuba bhetyebhetye xa iimeko zitshintsha. EBhayibhileni usinike imigaqo esenza sikwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo kuzo zonke iingxaki esinokuba nazo. Indlela azenza ngayo izinto nemigaqo asinike yona ibonisa ukuba ubhetyebhetye nangona ‘eliLiwa.’
4. Yenza umzekelo obonisa ukuba uYehova ubhetyebhetye. (Levitikus 5:7, 11)
4 UYehova uhlala ezenza kakuhle zonke izinto futhi ubhetyebhetye. Akakho ngqongqo ebantwini. Ngokomzekelo, cinga indlela awayebhetyebhetye ngayo kumaSirayeli. Wayengalindelanga ukuba iminikelo yabantu abasokolayo ifane neyezityebi. Ngamanye amaxesha wayekhe amvumele umntu ukuba anikele ngaloo nto akwazi ukunikela ngayo.—Funda iLevitikus 5:7, 11.
5. Yenza umzekelo obonisa ukuba uYehova uthobekile futhi uyabavela abantu.
5 Ukuthobeka kukaYehova nokubavela abantu kumenza abe bhetyebhetye. Ngokomzekelo, indlela athobeke ngayo yabonakala xa wayeza kutshabalalisa abantu baseSodom ababengalunganga. Wathumela iingelosi ukuba ziye kuxelela uLote owayelilungisa ukuba abalekele ezintabeni. ULote woyika ukuya apho. Ngoko wacela ukuba yena nentsapho yakhe babalekele eTsoware, idolophu encinci uYehova awayeza kuyitshabalalisa nayo. UYehova wayesenokuthi makenze le nto amxelela yona, kodwa wamvumela ukuba aye eTsoware, akayitshabalalisa. (Gen. 19:18-22) Kumakhulu eminyaka emva koko uYehova wavela abantu baseNineve. Wathuma uYona ukuba aye kuxelela abantu balapho ababengalunganga ukuba uza kusitshabalalisa eso sixeko. Kodwa bathi bakuguquka, uYehova wabavela akabatshabalalisa.—Yona 3:1, 10; 4:10, 11.
6. Yenza imizekelo ebonisa ukuba uYesu wayebhetyebhetye.
6 UYesu wayebhetyebhetye njengoYehova. Emhlabeni wayethunywe ukuba aze kushumayela “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.” Kodwa wayesiba bhetyebhetye xa esenza lo msebenzi. Ngenye imini ibhinqa elingengomSirayeli lamcenga ukuba aphilise intombi yalo ‘eyayiphethwe kakubi yidemon.’ UYesu walivela eli bhinqa waza wayiphilisa intombi yalo. (Mat. 15:21-28) Nanku omnye umzekelo. Kungabanga xesha lide eqalise umsebenzi wakhe emhlabeni uYesu wathi: “Nabani na ondiphikayo . . . , nam ndiza kumphika.” (Mat. 10:33) Kodwa ngaba wamphika uPetros owayemphike kathathu? Zange amphike. Wayesazi ukuba uPetros uyazisola ngale nto ayenzileyo nokuba wayeyindoda enokholo. Emva kokuba evukile, wabonakala kuPetros. Inoba wamenza waqiniseka ukuba umxolele futhi uyamthanda.—Luka 24:33, 34.
7. AmaFilipi 4:5 athi yintoni esifuna abantu bayibone kuthi?
7 Siyibonile indlela abhetyebhetye ngayo uYehova uThixo noYesu Kristu. Sinjani thina? UYehova ulindele ukuba sibe bhetyebhetye. (Funda amaFilipi 4:5.) Sinokuzibuza: ‘Ngaba abantu bandazi ndingumntu obhetyebhetye, oyekelelayo nonyamezelayo? Okanye ngaba bandazi ndingumntu ongqongqo nonenkani? Ngaba ndifuna abantu benze izinto kanye ngale ndlela ndicinga ukuba zimele zenziwe ngayo? Okanye ngaba ndiyabamamela abanye ndize ndenze izinto ngendlela abafuna ngayo xa ifanelekile?’ Indlela esibhetyebhetye ngayo ibonisa ukuba simlinganisa kangakanani uYehova noYesu. Ngoku makhe sithethe ngezinto ezimbini ekubalulekileyo ukuba sibe bhetyebhetye kuzo. Xa ubomi butshintsha naxa izigqibo zabanye nendlela abacinga ngayo yahlukile kweyethu.
YIBA BHETYEBHETYE XA UBOMI BUTSHINTSHA
8. Yintoni enokusinceda sibe bhetyebhetye xa ubomi bethu butshintsha? (Jonga nombhalo osemazantsi.)
8 Kufuneka sibe bhetyebhetye xa ubomi bethu butshintsha. Ukutshintsha kwabo kunokusenza sibe neengxaki esingakhange sizilindele. Sinokugula singalindelanga. Nokutshintsha kwemeko yezoqoqosho okanye ukutshintsha kukarhulumente welizwe esihlala kulo kunokubenza nzima ubomi bethu. (INtshu. 9:11; 1 Kor. 7:31) Kusenokuba nzima ke naxa intlangano itshintsha umsebenzi ebesiwenza okanye isicela ukuba siye kukhonza kwenye indawo. Nokuba ubomi bethu butshintsha kangakanani, sinokukwazi ukuqhelana nabo xa sisenza ezi zinto zine: (1) masiyamkele into yokuba izinto azisafani nakuqala, (2) masingacingi ngezinto ezigqithileyo, (3) masicinge ngezinto ezintle ezenzeka ebomini bethu, (4) masenzele abanye izinto. b Makhe sibone ukuba kubancede njani abanye abazalwana noodade ukwenza ezi zinto.
9. Ziintoni ezenziwa nguFrancesca noEmanuele xa baba nengxaki bengalindelanga?
9 Yamkele into yokuba izinto azisafani nakuqala. UEmanuele noFrancesca bacelwa ukuba baye kuba ngabathunywa bevangeli kwelinye ilizwe. Bathi xa beqala ukufunda ulwimi lwalapho, bezama nokwazi abazalwana noodade bebandla labo elitsha, yaqala ikhorona, kwaza kwafuneka bangadibani nabantu. Besajonge leyo, wasweleka umama kaFrancesca. UFrancesca wayekufuna nyhani ukuba kunye nabantu bakowabo, kodwa ngenxa yekhorona wayengakwazi ukugoduka. Wancedwa yintoni ukuze akwazi ukunyamezela? Okokuqala, uEmanuele noFrancesca bathandaza becela ubulumko obuza kubenza bakwazi ukujongana nosuku ngalunye, bangabi nexhala kakhulu. UYehova wayiphendula kanye ngexesha elifanelekileyo imithandazo yabo esebenzisa intlangano yakhe. Ngokomzekelo, bakhuthazwa ngomnye umzalwana ababemmamele kwividiyo. Wathi: “Ukuba ukhawuleza uyamkele imeko yakho uza konwaba uze uwasebenzise kakuhle amathuba avelayo okunceda abanye.” c Okwesibini, bagqiba ekubeni bafunde iindlela ezibhetele zokushumayela ngefowni, bada baqala nesifundo seBhayibhile. Okwesithathu, baluvuyela kakhulu uncedo ababelufumana kubazalwana noodade. Kwade kwaphela unyaka omnye udade onobubele ebabhalela umyalezo omfutshane onevesi yeBhayibhile qho ngosuku. Nathi, ukuba siyayamkela into yokuba ubomi bethu butshintshile, siza kuvuyiswa zezo zinto sikwaziyo ukuzenza.
10. Yintoni awayenzayo omnye udade xa lavalwayo ibandla awayekulo?
10 Sukucinga ngezinto ezigqithileyo, cinga ngezinto ezintle ezenzeka ebomini bakho. Omnye udade waseRomania ohlala eJapan, uChristina, waphoxeka xa kwavalwa ibandla lesiNgesi awayekulo. Kodwa zange ahlale ecingana naloo nto. Waya kwibandla lesiJapan, waza wazama ngamandla akhe onke ukushumayela ngolo lwimi. Wacela elinye ibhinqa awayekade esebenza nalo ukuba limfundise ukuthetha isiJapan. Lavuma ukumfundisa lisebenzisa iBhayibhile nencwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! UChristina wafunda ukusithetha kakuhle isiJapan, kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba neli bhinqa lafuna ukwazi nezinye izinto ngeBhayibhile. Ukuba siyayeka ukuhlala sicinga ngezinto ezigqithileyo, sicinge ngezinto ezintle ezenzekayo, ukutshintsha kobomi bethu kunokusenza sisikelelwe ngeendlela ebesingazilindelanga.
11. Yintoni eyanceda omnye umzalwana nomfazi wakhe ababeneengxaki zemali?
11 Yenzela abanye izinto. Omnye umzalwana nomfazi wakhe abahlala kwilizwe ovaliweyo kulo umsebenzi wethu baba neengxaki zemali emva kokuba imeko yezoqoqosho kwilizwe labo yaba mbi. Benza ntoni? Okokuqala bazama ukucutha iindleko. Kunokuba babe becingana neengxaki zabo, baxakeka ngumsebenzi wokushumayela, benceda abantu. (IZe. 20:35) Umyeni uthi, “Ukuxakeka ngumsebenzi wokushumayela kwasenza asacinga kakhulu ngeengxaki zethu, kodwa sachitha ixesha elininzi sisenza izinto ezifunwa nguThixo.” Xa ubomi bethu butshintsha masingayilibali indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala sinceda abantu. Eyona ndlela esinokubanceda ngayo kukubaxelela ngoThixo.
12. Ukufunda kumpostile uPawulos kunokusinceda njani sibe bhetyebhetye entsimini?
12 Kufuneka sibe bhetyebhetye xa sishumayela. Abantu esishumayela kubo bakholelwa kwizinto ezingafaniyo ngoThixo, basuka kwiindawo ezingafaniyo kanti nezithethe zabo azifani. Ikhona into esinokuyifunda kumpostile uPawulos kuba wayebhetyebhetye. UYesu wamnika umsebenzi wokuba ‘ngumpostile othunywe ezintlangeni.’ (Roma 11:13) Ngoko uPawulos wayeshumayela kumaYuda, kumaGrike, kwizifundiswa, kubantu basezilalini, kumagosa karhulumente nakookumkani. Ukuze akwazi ukufikelela iintliziyo zabo bantu bangafaniyo, waba “zizinto zonke kuzo zonke iintlobo zabantu.” (1 Kor. 9:19-23) Eyona nto wayecinga kakhulu ngayo kukuba bavela phi abantu awayethetha nabo, iziintoni abazikholelwayo. Le nto yayimnceda akwazi ukushumayela kumntu ngamnye ngendlela eyayiza kumnceda athande uThixo. Nathi sinokufikelela iintliziyo zabantu abaninzi ukuba sibhetyebhetye futhi sizama ukucinga ngeyona ndlela esinokumnceda ngayo umntu esishumayela kuye.
YIHLONIPHE INDLELA ABACINGA NGAYO ABANYE
13. Ama-1 Korinte 8:9 athi yeyiphi ingozi esinokuyiphepha xa sihlonipha indlela abacinga ngayo abanye?
13 Enye indlela okusinceda ngayo ukuba bhetyebhetye kukuba siyakwazi ukuhlonipha indlela abacinga ngayo abanye abantu. Ngokomzekelo, abanye oodade bayathanda ukufaka imakeup, kanti abanye abayifaki. Amanye amaKristu ayabusela utywala kanti amanye awabuphathi kwaukubuphatha. Onke amaKristu afuna ukuba sempilweni, kodwa azifani iindlela akhetha ukunyangwa ngazo. Xa sicinga ukuba izinto ezithandwa sithi zezona zimele zenziwe size sizame ukukhuthaza abazalwana noodade ukuba bazenze, sinokubakhubekisa abanye ize loo nto yenze ibandla lingamanyani. Ngokuqinisekileyo asifuni ukwenza loo nto. (Funda ama-1 Korinte 8:9; 10:23, 24) Makhe sithethe ngemizekelo emibini ebonisa indlela imigaqo yeBhayibhile enokusinceda ngayo sibe bhetyebhetye size senze kuhlale kukho uxolo ebandleni.
14. Yeyiphi imigaqo yeBhayibhile emele isincede xa sikhetha indlela emasinxibe nemasizilungise ngayo?
14 Indlela yokunxiba neyokulungisa iinwele. UYehova akasinikanga mithetho esixelela ukuba ziintoni esifanele sizinxibe, kodwa usinike imigaqo ebonisa indlela esifanele sinxibe ngayo. Sifanele sinxibe ngendlela ebonisa ukuba singabakhonzi bakaThixo, ‘siphilile engqondweni’ futhi sinesidima. (1 Tim. 2:9, 10; 1 Pet. 3:3) Ngoko asinxibi ngendlela etsala amehlo. Imigaqo yeBhayibhile iza kunceda nabadala bangabeki eyabo imithetho yendlela yokunxiba neyokulungisa iinwele. Ngokomzekelo, kwelinye ibandla abadala babefuna ukunceda abazalwana abasebatsha ababelungisa iinwele ngendlela abazilungisa ngayo oontanga babo. Zazisiba mfutshane kodwa zingakanywa. Xa babengazukubabekela imithetho babenokubanceda njani? Umveleli wesiphaluka wabacebisa into amabayenze. Wathi mabathi kwaba bazalwana, “Ukuba xa unikela intetho eyona nto bayijongayo abantu yindlela onxibe nozilungise ngayo kunokuba bamamele le nto uyithethayo, ikhona ingxaki.” Le nto yabanceda aba bazalwana basebatsha bayiqonda into abamele bayenze bengakhange babekelwe mithetho. d
15. Yeyiphi imithetho nemigaqo yeBhayibhile esincedayo xa sikhetha indlela esifuna ukunyangwa ngayo? (Roma 14:5)
15 Unyango. UmKristu umele azigqibele ukuba umele ayihoye njani impilo yakhe. (Gal. 6:5) Xa ekhetha indlela afuna ukunyangwa ngayo, umele athobele umthetho weBhayibhile wokungalitofeli igazi nowokungasebenzisani needemon. (IZe. 15:20; Gal. 5:19, 20) Ezinye iindlela zonyango umele azikhethele. Amanye amaKristu akhetha ukunyangwa ngoogqirha qha, kanti amanye akhetha ukunyangwa ngezinye iindlela. Nokuba sicinga ukuba indlela yonyango iluncedo okanye iyingozi kangakanani, masikhumbule ukuba nabanye abazalwana noodade banelungelo lokuzikhethela indlela abafuna ukunyangwa ngayo. Ngoko nazi izinto ezine ezimele zingaphumi ezingqondweni zethu: (1) BuBukumkani BukaThixo qha obuza kubanyanga ngokupheleleyo abantu. (Isa. 33:24) (2) UmKristu ngamnye makaqiniseke ngeyona nto iza kumnceda xa ekhetha indlela afuna ukunyangwa ngayo. (Funda amaRoma 14:5.) (3) Asibagwebi abanye ngezigqibo abazenzayo, singafuni nokwenza nantoni na enokubakhubekisa. (Roma 14:13) (4) AmaKristu ayathandana futhi ayaqonda ukuba eyona nto ibalulekileyo kukumanyana kwebandla kunezinto ezithandwa ngawo. (Roma 14:15, 19, 20) Ukuba asizilibali ezi zinto, siza kuhlala sivana kakhulu nabazalwana noodade, ize loo nto yenze kubekho uxolo ebandleni.
16. Yintoni enokubonisa ukuba umdala ubhetyebhetye xa esebenzisana nabanye abadala?
16 Abadala ngabona bantu bamele babe bhetyebhetye. (1 Tim. 3:2, 3) Ngokomzekelo, umdala akamele alindele ukuba abanye abadala baza kusoloko bezamkela izinto azicebisayo kuba emdala kunabo. Uyaqonda ukuba umoya kaYehova unokunceda nokuba ngowuphi umdala athethe into eza kunceda iqumrhu labadala lenze isigqibo esifanelekileyo. Ukuba abadala abaninzi bayavumelana ngento, ibe ingaphikisani nemigaqo yeBhayibhile, umdala obhetyebhetye uza kusixhasa eso sigqibo nokuba ayisosigqibo yena ebenokusenza.
INDLELA OKUNCEDA NGAYO UKUBA BHETYEBHETYE
17. Kusinceda entwenini ukuba bhetyebhetye?
17 AmaKristu ancedakala ngeendlela ezininzi xa ebhetyebhetye. Siyavana nabazalwana noodade, kubekho uxolo ebandleni. Sonwatyiswa kukuba kunye nabantu bakaYehova abanobuntu nezithethe ezingafaniyo. Kuyasivuyisa ukwazi ukuba singafani sinjalo, sonke siyintsapho enye ekhonza uYehova. Eyona nto ibalulekileyo kukwazi ukuba silinganisa uThixo wethu obhetyebhetye, uYehova.
INGOMA 90 Khuthazanani
a UYehova noYesu babhetyebhetye, nathi bafuna sifane nabo. Ukuba sibhetyebhetye, kuza kuba lula ukwamkela iimeko zethu xa zitshintshwa yimpilo okanye yimali. Siza kwenza izinto eziza kunceda ibandla lihlale liseluxolweni futhi limanyene.
b Jonga inqaku elithi “Uza Kuthini Xa Izinto Zitshintsha?” kuVukani! No. 4 2016.
c Bukela ividiyo ethi Incoko NoMzalwan’ uDmitriy Mikhaylov ekwinqaku elithi “UYehova Utshintsha Intshutshiso Ibe Bubungqina Ngaye” kwiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela kaMatshi noAprili 2021.
d Ukuze ufunde nezinye izinto ngendlela yokunxiba nokuzilngisa, jonga isifundo 52 sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!