INQAKU ELIFUNDWAYO 30
Yiya Umthanda Kakhulu UYehova Nabantu
“Masithande uThixo nabantu.”—EFE. 4:15.
INGOMA 2 UYehova Ligama Lakho
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1. Zeziphi izinto ezazintsha ezindlebeni zakho xa wawuqala ukufundelwa iBhayibhile?
USAZIKHUMBULA izinto owazivayo xa wawuqala ukufundelwa iBhayibhile? Isenokuba yakhothusa into yokuba uThixo unegama. Mhlawumbi kwatsho kwathi hu xa usiva ukuba akatshisi bantu esihogweni somlilo. Kusenokwenzeka nokuba zange ukwazi ukuzibamba luvuyo xa usiva ngethemba lokuba usenokuphinda ubabone abantu obathandayo abaswelekayo, uze uphile nabo kulo mhlaba uza kube uyiparadesi.
2. Emva kokuba ufunde iinyaniso eziseBhayibhileni, zeziphi izinto owazenzayo? (AmaEfese 5:1, 2)
2 Xa wawuqhubeka uyifunda iBhayibhile, waya umthanda uYehova. Loo nto yakwenza wafuna nyhani ukuzenza izinto ozifundayo. Watsho wenza izigqibo ezizizo kuba wawuncedwa yimigaqo eseBhayibhileni. Wafunda ukucinga nokwenza izinto ngendlela efanelekileyo kuba wawufuna ukuvuyisa uThixo. Njengokuba umntwana elinganisa umzali omthandayo, nawe wawulinganisa uTata wethu osezulwini.—Funda amaEfese 5:1, 2.
3. Yeyiphi imibuzo esisenokuzibuza yona?
3 Nantsi imibuzo esinokuzibuza yona: ‘Ngaba uYehova ndimthanda ngaphezu kokuba ndandimthanda xa ndandisand’ ukuba ngumKristu? Emva kokuba ndibhaptiziwe, ngaba ndiye ndaya ndicinga futhi ndisenza izinto njengoYehova, ngokukodwa kwindlela endibathanda ngayo abazalwana noodade?’ Ukuba “uthando owawunalo kuqala” luye lwaphola, mayingakutyhafisi loo nto. Kwenzeka into efanayo nakumaKristu ngexesha labapostile. UYesu zange awancame, akazukusincama ke nathi. (ISityhi. 2:4, 7) Uyazi ukuba singakwazi ukuluvuselela olwaa thando sasinalo ekuqaleni.
4. Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?
4 Eli nqaku liza kusixelela ukuba ziintoni esinokuzenza ukuze siye simthanda uYehova nabantu. Emva koko siza kubona ukuba ziintoni ezintle eziza kwenzeka kuthi xa sizenza ezo zinto.
YIYA UMTHANDA KAKHULU UYEHOVA
5-6. Zeziphi iingxaki awayenazo umpostile uPawulos, kodwa yintoni eyamenza akayeka ukukhonza uYehova?
5 Kwakumvuyisa umpostile uPawulos ukukhonza uYehova, kodwa kwakusiba nzima ngamanye amaxesha. Wayedla ngokuhamba imigama emide. Loo nto yayingekho lula ngaloo maxesha. Kwiindawo awayehamba kuzo wayekhe ‘awele imilambo eyingozi, esiba sengozini yokukhuthuzwa.’ Akhona ke namaxesha apho wayekhe abethwe ngabantu ababengamfuni. (2 Kor. 11:23-27) Nabazalwana bakhe babengasoloko bebonisa ukuba bayayibulela indlela awayebanceda ngayo.—2 Kor. 10:10; Fil. 4:15.
6 Yintoni eyanceda uPawulos akayeka ukukhonza uYehova? IZibhalo nezinto ezenzeka kuye zamfundisa into eninzi ngeempawu zikaYehova. Wayeqinisekile ukuba uYehova uThixo uyamthanda. (Roma 8:38, 39; Efe. 2:4, 5) Naye wamthanda kakhulu. Wabonisa indlela amthanda ngayo ngokulungiselela abo bangcwele nangokuqhubeka ebalungiselela.’—Heb. 6:10.
7. Yintoni esinokuyenza ukuze siye simthanda uYehova?
7 Into enokusinceda siye simthanda uThixo kukufundisisa iLizwi lakhe. Xa ufunda iBhayibhile, zama ukubona ukuba iivesi ozifundayo zikuxelela ntoni ngoYehova. Zibuze: ‘Yintoni ethethwa zezi vesi ebonisa ukuba uYehova uyandithanda? Zibonisa ukuba kutheni ndimele ndimthande?’
8. Umthandazo unokusinceda njani siye simthanda uThixo?
8 Enye into enokusenza siye simthanda uYehova kukuthandaza qho, simxelele eyona ndlela siziva ngayo. (INdu. 25:4, 5) Uza kuyiphendula loo mithandazo. (1 Yoh. 3:21, 22) Omnye udade waseAsia, uKhanh, uthi: “Ekuqaleni uYehova ndandimthanda ngenxa yezinto endandizifundile ngaye, kodwa ndakubona indlela awayeyiphendula ngayo imithandazo yam, ndamthanda kakhulu. Le nto yandenza ndafuna ukwenza izinto ezimvuyisayo.” b
YIYA UBATHANDA ABANTU
9. Yintoni ebonisa ukuba uTimoti wayesiya ebathanda abantu?
9 Emva kweminyaka uPawulos engumKristu, wadibana nomfana owayeqhuba kakuhle, uTimoti. Lo mfana wayemthanda uYehova, ebathanda nabantu. UPawulos wathi kumaKristu aseFilipi: “Andinaye omnye umntu onjengaye oza kunihoya kakuhle.” (Fil. 2:20) Apha uPawulos wayengathethi ngobuchule awayenabo lo mfana bokukwazi ukwenza izinto ziqhubeke kakuhle okanye bokuba sisithethi esiphum’ izandla. Wayethanda indlela awayebathanda ngayo abazalwana noodade. Ngokuqinisekileyo amabandla awayewatyelela ayesoloko ekhangele phambili ukuba afike.—1 Kor. 4:17.
10. Yintoni eyenziwa nguAnna nomyeni wakhe eyayibonisa ukuba bayabathanda abazalwana noodade?
10 Nathi sikhangela iindlela esinokubanceda ngazo abazalwana noodade. (Heb. 13:16) Khawuve into eyenziwa nguAnna ekuthethwe ngaye kwinqaku elidlulileyo. Emva kwesaqhwithi esasibhudla ngamandla, yena nomyeni wakhe baya kubona enye intsapho yamaNgqina, bafumanisa ukuba uphahla lwendlu yayo luwile. Ngenxa yaloo nto iimpahla zale ntsapho zazimdaka zonke. UAnna uthi: “Sazithatha sayokuzihlamba, saziayina, sazisonga kakuhle emva koko sazibuyisela kubo. Incinci yona le nto sayenzayo, kodwa yasenza sangabahlobo, sisengabo nangoku.” Indlela uAnna nomyeni wakhe ababebathanda ngayo abazalwana noodade yabenza babanceda.—1 Yoh. 3:17, 18.
11. (a) Baye bazive njani abantu xa bebona indlela esibathanda ngayo? (b) IMizekeliso 19:17 ibonisa ukuba yintoni ayenzayo uYehova xa sisenzela abantu izinto ezibonisa ukuba siyabathanda?
11 Xa sinobubele ebantwini futhi sibathanda, baye babone ukuba sizama ukulinganisa uYehova. Sisenokungayazi indlela abazixabisa ngayo izinto esibenzela zona. UKhanh ekuthethwe ngaye kwisiqendu ezidlulileyo ubakhumbula kakuhle abantu abamncedayo. Uthi: “Ndibabulela kakhulu bonke oodade endibathandayo ababehamba nam xa besiya entsimini. Babendilanda, bandimeme ndiye kutya nabo, baphinde bandigoduse. Ngoku xa ndicinga ezi zinto babezenza, ndiyabona ukuba kwakungekho lula. Kodwa babekuvuyela ukuzenza.” Kodwa asinakulindela ukuba bonke abantu basibulele ngezinto esibenzela zona. Xa ethetha ngabo babemnceda uKhanh uthi: “Ndifuna ukubenzela izinto ezibonisa ukuba ndiyababulela, kodwa andibazi ukuba bahlala phi. Kodwa yena uYehova uyabazi apho bahlala khona, ngoko ndithandazela ukuba abasikelele ngenxa yezinto abandenzele zona.” Unyanisile uKhanh, uYehova uyazibona izinto esizenzela abantu nokuba zincinci kangakanani. Kuye zifana nombingelelo oxabisekileyo, netyala aza kulibhatala.—Funda iMizekeliso 19:17.
12. Abazalwana banokubonisa njani ukuba bayalithanda ibandla? (Jonga nemifanekiso.)
12 Ukuba ungumzalwana, unokubonisa njani ukuba uyabathanda abantu uze wenze izinto eziza kubanceda? Umzalwana osemtsha onguJordan wabuza omnye umdala ukuba zeziphi ezinye izinto anokuzenza ukuze ancedise ebandleni. Lo mdala waqala wamncoma ngezinto awayesele ekwazile ukuzenza, emva koko wamcebisa ngezinye awayenokuzenza. Ngokomzekelo, wamcebisa ukuba akhawuleze afike eholweni ukuze akwazi ukubulisa abazalwana noodade, aphendule kwiintlanganiso, ashumayele qho neqela lakhe lentsimi aze acinge ngezinto anokuzenza ukuze ancede abanye. Zange afunde nje indlela yokuzenza, wafunda nokuthanda abazalwana noodade. Le nto yamfundisa ukuba umzalwana akamelanga aqale xa esisicaka solungiselelo ukunceda abantu, umele ahlale ebanceda ngoku engekabi siso.—1 Tim. 3:8-10, 13.
13. Uthando lwamnceda njani uChristian waphinda wangumdala?
13 Mhlawumbi wawukhe wangumdala okanye isicaka solungiselelo. UYehova akawulibalanga umsebenzi owawuwenza kuba uthanda yena nabazalwana noodade. (1 Kor. 15:58) Uyabona nokuba usenalo olo thando. Omnye umzalwana onguChristian wadana kakhulu akuyekiswa ukuba ngumdala. Uthi: “Ndazixelela ukuba nokuba ndingumdala okanye andinguye ndiza kukhonza uYehova ngazo zonke iindlela endikwazi ngazo.” Ekuhambeni kwexesha waphinda wangumdala. Uthi: “Yayikhona indawana yokoyika ukuphinda ndibe ngumdala. Kodwa ndazixelela ukuba, ukuba uYehova ufuna ndiphinde ndibe nguye, ndiza kuba nguye kuba ndiyamthanda, ndiyabathanda nabazalwana noodade.”
14. Ufunda ntoni kwinto ethethwa ngudade waseGeorgia?
14 Abakhonzi bakaYehova babonisa nabamelwane babo ukuba bayabathanda. (Mat. 22:37-39) Ngokomzekelo, udade welizwe laseGeorgia, uElena uthi: “Ekuqaleni, into eyayindenza ndishumayele kukuba ndandithanda uYehova. Kodwa njengokuba ndandisiya ndimthanda uTata wam osezulwini, ndaya ndibathanda nabantu. Ndazama ukucinga ngeengxaki abanazo nokuba yintoni abanokuthanda sincokole ngayo. Ngokuya ndicinga ngabo ngale ndlela, ndaya ndikufuna nyhani ukubanceda.”—Roma 10:13-15.
UYEHOVA UZA KUSISIKELELA XA SIBATHANDA ABANTU
15-16. Njengokuba kubonisiwe emfanekisweni, sisikelelwa njani xa sibathanda abantu?
15 Xa sibonisa abazalwana noodade ukuba siyabathanda, akuncedakali bona qha. Emva kokuba iqalile ikhorona, umzalwana onguPaolo nenkosikazi yakhe bafundisa oodade abaninzi abakhulileyo indlela yokushumayela ngezixhobo ze-elektroniki. Omnye udade owayengakwazi ukusebenzisa esakhe wade wakwazi. Wakwazi ukumemela abantu azalana nabo eSikhumbuzweni esebenzisa sona. Abayi-60 kubo bangena ngevideoconference eSikhumbuzweni. Izinto ezenziwa nguPaolo nomfazi wakhe ukuze bancede lo dade, zenza kwatsho kwancedakala nabantu azalana nabo. Ekuhambeni kwexesha lo dade wabhalela uPaolo esithi: “Enkosi ngokufundisa abantu abadala abafana nam. Asoze ndiyilibale indlela uYehova asikhathalele ngayo nendlela enisebenze nzima ngayo ukuze nisincede.”
16 Izinto ezifana nezi zamfundisa into ebalulekileyo uPaolo. Zamkhumbuza ukuba uthando lubaluleke ngaphezu kwezinto ozaziyo okanye okwaziyo ukuzenza. Uthi: “Ndandingumveleli wesiphaluka. Ngoku ndiyabona ukuba kungenzeka ukuba abavakalisi bazilibala iintetho zam, kodwa into engaphumiyo ezingqondweni zabo zizinto endabenzela zona.”
17. Xa ubonisa uthando ngoobani abanye abancedakalayo?
17 Xa sibonisa uthando kwabanye, nathi sincedakala ngeendlela ebesingazilindelanga. UJonathan waseNew Zealand uyayingqina le nto. Ngenye imva kwemini yangoMgqibelo eyayitshisa, wabona omnye uvulindlela eshumayela ngasendleleni. Wagqiba ekubeni uza kushumayela nalo vulindlela qho emva kwemini ngoMgqibelo. Ngelo xesha zange ayiqonde into yokuba naye iza kumnceda loo nto. Uthi: “Ngelo xesha ndandingayithandi intsimi. Kodwa xa ndandimamela indlela afundisa ngayo ndibona nendlela aphumelela ngayo entsimini, ndaqalisa ukukuthanda ukushumayela. Lo mzalwana waba ngumhlobo wam endimthanda kakhulu owandinceda ndayithanda intsimi, ndamthanda kakhulu noYehova.”
18. UYehova ufuna senze ntoni?
18 UYehova ufuna siye simthanda, sithande nabantu. Njengokuba sesifundile, izinto ezinokusenza siye simthanda kukufunda iLizwi lakhe, sicingisise ngalo size sithandaze qho. Sinokuya sibathanda abazalwana noodade ngokubenzela izinto. Njengoko sisiya simthanda uYehova nabantu, siza kusondela kakhulu kubo, sibe ngabahlobo babo ngonaphakade.
INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni
a Nokuba sisebatsha enyanisweni okanye kudala simkhonza uYehova, kufuneka singemi ndawonye. Kweli nqaku siza kubona ukuba ukuze singemi ndawonye kufuneka siye simthanda uYehova nabantu. Njengokuba ucingisisa ngale nto, khawuzibuze ukuba umthanda kangakanani uYehova nabantu ngoku, nokuba ungenza ntoni ukuze ubathande ngaphezu kokuba ubathanda.
b Amanye amagama atshintshiwe.