IMBONISELO—EFUNDWAYO Juni 2018

Le magazini inamanqaku aza kufundwa ngoAgasti 6 ukuya kuSeptemba 2, 2018.

“Ubukumkani Bam Abuyonxalenye Yeli Hlabathi”

Indlela uYesu awayengathathi cala ngayo kwiipolitiki imele isikhuthaze njani namhlanje?

Masibe Banye Njengokuba UYehova NoYesu Bebanye

Yintoni onokuyenza ukuze ukhuthaze umanyano kubantu bakaThixo?

Wayenokuhlala Ethandwa NguThixo

Izinto ezenziwa nguRehobhoham, ukumkani wakwaYuda, zisinceda siqonde ukuba uYehova ufuna sibe ngabantu abanjani.

Isazela Sakho Masiqeqeshwe Yimithetho Nemigaqo KaThixo

UThixo wasinika ikhampasi esebenza kakuhle, simele siqiniseke ukuba isalathisa kwindlela efanelekileyo.

‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’ Ukuze Nizukise UYehova

Ayikokushumayela iindaba ezilungileyo kodwa ekufuneka sikwenze.

IBALI LOBOMI

Ndathuthuzelwa Kuzo Zonke Iingxaki Zam

UEdward Bazely uneengxaki zentsapho, uyachaswa, wenza iimpazamo kwaye unezigulo ezibangelwa kukungonwabi.

Ungakujongeli Phantsi Ukubulisa

Nokuthi ‘molo’ nje ugqithe kuba nento okuyenzayo.

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba ungayiphendula le mibuzo, iimpendulo zayo zikwiiMboniselo zakutshanje?