Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’ Ukuze Nizukise UYehova

‘Malukhanye Ukhanyiselo Lwenu’ Ukuze Nizukise UYehova

“Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo [isibane] lwenu phambi kwabantu, ukuze  . . . bazukise uYihlo osemazulwini.”​—MAT. 5:16.

IINGOMA: 77, 59

1. Yintoni esenza sivuye?

KUYASIVUYISA ukubona indlela abashumayela ngayo abantu bakaYehova! Kunyaka ophelileyo siye saqhuba izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kwe-10 000 000. Le nto ibonisa ukuba abakhonzi bakaThixo bayazikhanyisa izibane zabo! Ibe bekukho abantu abazizigidi eSikhumbuzweni kulo nyaka uphelileyo. Baye bafunda indlela uThixo abathanda ngayo kuba ebenzele intlawulelo.—1 Yoh. 4:9.

2, 3. (a) Yintoni engasinqandiyo ukuba sikhanye “njengezikhanyiso ehlabathini”? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

2 Abakhonzi bakaYehova abasemhlabeni wonke bathetha iilwimi ezingafaniyo. Kodwa loo nto ayibenzi bangamzukisi uBawo wethu onguYehova. (ISityhi. 7:9) Enoba sithetha oluphi ulwimi okanye sihlala phi sinokukhanya “njengezikhanyiso ehlabathini.”—Fil. 2:15.

3 Indlela abanda ngayo abantu abanomdla, ukumanyana kwethu nokuhlala silindile kwenza azukiswe uYehova. Kweli nqaku, siza kufunda ukuba ezi zinto zimzukisa njani uYehova.​—Funda uMateyu 5:14-16.

SHUMAYELA

4, 5. (a) Yeyiphi enye indlela esimzukisa ngayo uYehova? (b) Ukuba nobubele kunokusinceda entwenini? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

4 Inqaku elithi “Ukukhanya Ebumnyameni” leMboniselo yesiNgesi kaJuni 1, 1925 lathi: “Akukho mntu unokuhlala ethembekile kwiNkosi kule mihla yokugqibela . . . ngaphandle kokuba akhanyise isibane sakhe.” Laphinda lathi: “Kufuneka ashumayele iindaba ezilungileyo kubantu bonke emhlabeni, ibe alandele indlela esa ekukhanyeni.” Kucacile ukuba indlela esikhanyisa ngayo kukushumayela iindaba ezilungileyo nokwenza abafundi. (Mat. 28:19, 20) Enye indlela esimzukisa ngayo uYehova kukuziphatha ngendlela ebonisa ukuba singamaKristu. Abantu esishumayela kubo bayijongile indlela esiziphethe ngayo. Xa sibancumela naxa sibabulisa sinomdla kubo, banokutsho basazi ukuba singabantu abanjani, ibe sikhonza uThixo onjani.

5 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Xa ningena endlwini, ze nibabulise abakuloo ndlu.” (Mat. 10:12) Kwiindawo uYesu nabapostile ababeshumayela kuzo, abantu abangaziwayo babesamkelwa. Kodwa kule mihla, ayenziwa loo nto kwiindawo ezininzi. Sekunjalo, xa sizichaza ngobubele kumninimzi, utsho athambe aze asamkele. Ayikho into eyodlula ukuncuma xa uzazisa emntwini. Loo nto iyasebenza naxa abazalwana noodade beshumayela ngeetroli. Xa usebenzisa itroli, usenokuqaphela ukuba abantu baba nomdla xa ubabulisa uncumile, baze bathathe iincwadi. Ukuba nobubele kunokukwenza ukwazi ukuqala incoko.

6. Umakhulu notatomkhulu baye benza ntoni ukuze baqhubeke beshumayela?

6 Omnye umakhulu notatomkhulu baseNgilani abasakwazi ukuya kwindlu ngendlu ngenxa yempilo. Ngoko bagqiba ukuba mabashumayele phambi kwendlu yabo. Xa abazali bezokuthatha abantwana kwisikolo esikufutshane nendlu yabo, baye babeke iincwadi ezithetha ngeBhayibhile etafileni ukuze bazibone abo bazali. Abanye abazali baye banomdla baza bazithathela incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1 no-2, neencwadana ezinemifanekiso. Omnye udade onguvulindlela ebandleni labo waya kusebenza nabo. Aba bazali baqaphela ukuba lo dade uthanda abantu ibe nomakhulu notatomkhulu bafuna nyhani ukubanceda. Ngenxa yaloo nto, omnye umzali wade wavuma ukufundelwa.

7. Ungabanceda njani abantu ababalekele kwilizwe okulo?

7 Kule minyaka baninzi abantu ababaleka kumazwe abo, baye kuhlala kwamanye. Ungabanceda njani aba bantu bafunde ngoYehova nangenjongo yakhe? Ungaqala ngokufunda indlela ababulisa ngayo ngolwimi lwabo. I-JW Language app inokukunceda. Inokukufundisa nezinye izinto ezimbalwa onokuzithetha ezinokubangela ukuba babe nomdla wokuthetha nawe. Loo nto iya kukubangela ukuba ukwazi ukubabonisa iividiyo neencwadi ezikhoyo ngolwimi lwabo ku-jw.org.​—Dut. 10:19.

8, 9. (a) Isinceda njani Intlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela? (b) Abazali banokubanceda njani abantwana babo baphendule kwiintlanganiso?

8 Kuba uYehova esithanda, uye wasenzela Intlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela esinceda sikwazi ukushumayela kakuhle. Indlela esifundiswa ngayo kule ntlanganiso incede abaninzi bakwazi ukwenza amabuyelo nokuqhuba izifundo zeBhayibhile.

9 Abantu abaqalayo ukuza eholweni baye baqaphela ukuba nabantwana bethu bayaphendula kwiintlanganiso. Bazali, ncedani abantwana benu bazikhanyise izibane zabo ngokubafundisa ukuba baphendule ngamazwi abo. Xa bephendula ngamazwi abo banceda abanye abantu abaqalayo ukuza kwiintlanganiso babe nomdla kwinyaniso.​—1 Kor. 14:25.

YENZA KUBEKHO UMANYANO

10. Unqulo lwentsapho luyinceda njani intsapho imanyane?

10 Enye indlela esinokuzikhanyisa ngayo izibane zethu kukwenza kubekho umanyano entsatsheni nasebandleni. Ukuba ungumzali qiniseka ukuba ulwenza qho Unqulo Lwentsapho. Ezinye iintsapho ziye zibukele neJW Broadcasting yaloo nyanga. Emva koko zithethe ngendlela eziza kuzisebenzisa ngayo izinto ezizifundileyo. Xa uqhuba unqulo lwentsapho, umele ukhumbule ukuba indlela umntwana omncinci afundiswa ngayo yahlukile kweyomntwana omdala. Ngoko, xa ufundisa, yenza wonke umntu entsatsheni abe nento ayifundayo.​—INdu. 148:12, 13.

Kukhuthaza nyhani ukuba nomdla kubantu abadala (Jonga isiqendu 11)

11-13. Singenza njani kubekho umanyano ebandleni, sincede nabanye bakhanyise izibane zabo?

11 Ulutsha lungenza njani ukuze ibandla limanyane, ibe lunokubakhuthaza njani abanye abazalwana bazikhanyise izibane zabo? Ukuba usemtsha, yiba nomdla kubantu abasele bekhulile. Unokubacela ukuba bakubalisele amava abo njengoko sebenexesha elide bekhonza uYehova. Ingakwakha loo nto, ibe inokubenza nabo bafune ukuzikhanyisa ngakumbi izibane zabo. Sonke masizimisele ukubamkela abantu abaze kwiHolo YoBukumkani. Loo nto inokubangela ukuba nabantu abamenyiweyo bafune ukukhanyisa ezabo izibane njengathi. Ungaqala ngokubabulisa uncumile, mhlawumbi ubafunele nendawo yokuhlala. Zama ukubazisa kwabanye abantu, loo nto inokubenza bazive besekhaya.

12 Ukuba uqhuba ingxubusho yentsimi, unokubanceda abantu abakhulileyo nabo bakwazi ukuya entsimini. Ngaba ikhona intsimi enokubalungela? Ngamanye amaxesha, unokubahambisa nomntu osemtsha ukuze abancede xa benengxaki. Umele ubacingele nabantu abahlutshwa yimpilo nabangasenamandla okushumayela ngendlela ababeqhele ukushumayela ngayo. Xa ubacingela abantu unokunceda ulutsha nabakhulileyo, abanamava nabangenamava, ukuba bazinikele kumsebenzi wokushumayela.​—Lev. 19:32.

13 AmaSirayeli ayekuvuyela ukumkhonza kunye uYehova. Umdumisi wathi: “Hayi indlela ekulunge nekuthandeka ngayo ukuba abazalwana bahlale ndawonye ngomanyano!” (Funda iNdumiso 133:1, 2.) Wafanisa umanyano lwabazalwana nokuthambisa ioli enevumba elimnandi neyenza umntu azive esemandleni. Nawe yiba nefuthe elihle ebandleni, wenze abazalwana noodade bamanyane. Ukuba uyayenza loo nto, sikuncoma kakhulu. Ngaba awunakuzama ‘ukuphangalala,’ oko kukuthi, ube nefuthe elihle kubantu bonke, ungayeki?​—2 Kor. 6:11-13.

14. Ungabakhanyisela njani abamelwane bakho?

14 Ungabakhanyisela njani abamelwane bakho ngeenyaniso zeBhayibhile? Indlela othetha ngayo nozenza ngayo izinto inokubenza bayithande inyaniso. Zibuze: ‘Bandijonga njani abamelwane bam? Bathini abamelwane ngomzi wam, ngaba bawubona ucocekile? Ngaba ndiyabanceda abantu bengandicelanga?’ Xa uncokola nabanye abazalwana noodade, babuze ukuba indlela abaziphethe ngayo iye yaba naliphi ifuthe kubantu abazalana nabo, kubamelwane, kubantu abasebenza nabo nabafunda nabo. Usenokufumana amava akhuthazayo.​—Efe. 5:9.

HLALA ULINDILE

15. Kutheni kubalulekile ukuba sihlale silindile?

15 Indlela esilibona ngayo ixesha esiphila kulo, ibonakala kwindlela esizikhanyisa ngayo izibane zethu. UYesu wabethelela la mazwi kubafundi bakhe: “Hlalani nilindile.” (Mat. 24:42; 25:13; 26:41) Ukuba sicinga ‘imbandezelo enkulu’ isekude okanye iya kufika sekudala safayo, asizukuyibona indlela ongxamiseke ngayo umsebenzi wokushumayela. (Mat. 24:21) Kunokuba izibane zethu zikhanye kubamelwane bethu, ziya kudanyaza zide zicime.

16, 17. Yintoni esimele siyenze ukuze sihlale silindile?

16 Njengoko le mihla yethu isiba mibi kakhulu, sonke kufuneka sihlale silindile. Imini kaYehova iya kufika kanye ngexesha alibekileyo. Asiyithandabuzi tu loo nto. (Mat. 24:42-44) Okwangoku ingekafiki, yiba nomonde uhlale ulindile. Lifunde yonke imihla iLizwi LikaThixo, ungaze uyeke ukuthandaza. (1 Pet. 4:7) Funda kubazalwana noodade abakuvuyelayo ukuhlala belindile nokukhanyisa izibane zabo. Usenokufunda nangamava akwinqaku elithi, “Sele Ingamashumi Asixhenxe Iminyaka Ndibambelele Esondweni Lendoda EngumYuda,” kwiMboniselo ka-Aprili 15, 2012 iphepha 18-21.

17 Hlala uxakekile kukwenza umsebenzi kaYehova uze uzonwabise nabazalwana. Loo nto iza kukwenza wonwabe, ibe uza kulibona ixesha likhawuleza. (Efe. 5:16) Kule minyaka ilikhulu idluleyo, abazalwana bebexakekile ibe mninzi umsebenzi abawenzileyo. Kodwa kuba sikhokelwa sisandla sikaYehova, mninzi kakhulu umsebenzi owenziwayo kule mihla. Sizikhanyisa kakhulu izibane zethu ngendlela esingazange sayicinga.

Xa abadala besalusa, basinceda sifumane ubulumko obukwiLizwi LikaThixo (Jonga isiqendu 18, 19)

18, 19. Abadala bangasinceda njani sihlale silindile kwaye sikhuthele? Zekelisa.

18 Isikhuthaza nyhani into yokwazi ukuba ukungafezeki kwethu akusenzi siyeke ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Ngoko, yixabise into yokuba uYehova esinike “izipho ezingabantu,” abadala. (Funda eyabase-Efese 4:8, 11, 12.) Xa abadala beze kukubona, lisebenzise elo thuba ukuze ufumane ubulumko namacebiso aza kukunceda.

19 Abadala ababini baseNgilani bacelwa ngumzalwana nodade ukuba babancede kwiingxaki ababenazo emtshatweni. Lo dade wayesithi umyeni wakhe akakhokeli kwimisebenzi kaThixo. Umyeni wathi yena akakwazi kufundisa ibe ngenxa yaloo nto akazange aluqhube unqulo lwentsapho. Abadala babakhumbuza ngoYesu. Wayebakhathalele abafundi bakhe ibe ezazi izinto abazidingayo. Bakhuthaza umyeni ukuba abe njengoYesu, baza bakhuthaza inkosikazi ukuba nayo ibe nomonde njengoYesu. Babacebisa ngendlela abanokuncedisana ngayo ukuze baqhube unqulo lwentsapho kunye nabantwana babo ababini. (Efe. 5:21-29) Ethubeni abadala bamncoma lo mzalwana ngomzamo awayewenza. Bamkhuthaza ukuba anyamezele aze athembe umoya oyingcwele ukuba uza kumnceda akhokele kakuhle kwimisebenzi kaThixo. Kuba aba badala benobubele ibe beyithanda le ntsapho, bayinceda yakwazi ukukhanyisa izibane zayo.

20. Yintoni omele uyilindele xa usikhanyisa isibane sakho?

20 Umdumisi wacula ingoma enala mazwi: “Unoyolo wonk’ ubani omoyikayo uYehova, ohamba ngeendlela zakhe.” (INdu. 128:1) Xa ukhanyisa isibane sakho ngokunceda abantu bakhonze uThixo, ngokuziphatha ngendlela eyenza kubekho umanyano nangokuhlala ulindile, uya konwaba. Abanye abantu baya kuyibona imisebenzi yakho emihle, baze bamzukise uBawo wethu.​—Mat. 5:16.