Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba uye wazifunda kakuhle iiMboniselo zakutshanje? Khawubone ukuba ungayiphendula na le mibuzo:

Zeziphi izinto ezine esinokuzenza ukuze sicule bhetele?

Masiwabambele phezulu amaculo size siphakamise iintloko. Simele siphefumle kakuhle. Enye into esinokuyenza kukuwuvula kakhulu umlomo kunaxa sithetha.​—w17.11, iphe. 5.

Yintoni ebangela umdla ngeendawo ezazikuzo izixeko zokusabela zakwaSirayeli neendlela eziya kuzo?

Kwakukho izixeko ezithandathu zokusabela. Iindlela eziya kwezi zixeko zazihlala zilungisiwe. Le nto yayinceda nabani na obulele ngempazamo afike msinya kuzo, angasokoli.​—w17.11, iphe. 14.

Kutheni isipho sikaThixo sentlawulelo isesona sipho sizodlula zonke?

Sibangela sifumane eyona nto siyinqwenelayo, ukuphila ngonaphakade nokukhululeka kwisono nasekufeni. UThixo othanda abantu abayinzala ka-Adam, uye wanikela ngoYesu ngoxa singaboni.​—wp17.6, iphe. 6-7.

Kutheni sisithi iNdumiso 118:22 ithetha ngovuko lukaYesu?

UYesu akazange amkelwe njengoMesiya, waza wabulawa. Ukuze uYesu abe ‘lilitye eliyintloko lembombo’ kwakuza kufuneka avuswe.​—w17.12, iphe. 9-10.

Ngaba abantu ababekumnombo kaMesiya babenelungelo lobuzibulo?

Babekho abangamazibulo kumnombo wakhe kodwa babengengawo bonke. UDavide wayengelozibulo likaYese, kodwa uMesiya waphuma kwinzala yakhe.​—w17.12, iphe. 14-15.

Yeyiphi imigaqo yezonyango eseBhayibhileni?

KuMthetho KaMoses abantu abanezifo ezosulelayo babehlaliswa bodwa. Umntu obambe isidumbu kwakufuneka ahlambe. UMthetho wawusithi ituwa mayigqunywe. Kwakufuneka usana lwaluswe xa luneentsuku ezisibhozo luzelwe. Kaloku kuthiwa igazi lomntwana likwazi ukwenza amahlwili emva kweveki luzelwe.​—wp18.1, iphe. 7.

Kutheni umKristu kufuneka azithande ngendlela efanelekileyo?

Simele sithande abamelwane njengokuba sizithanda. (Marko 12:31) Abayeni ‘bafanele bathande abafazi babo njengemizimba yabo.’ (Efe. 5:28) Kodwa ke, eyona nto ingafunekiyo kukuzithanda kakhulu.​—w18.01, iphe. 23.

Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sikhule nyhani elukholweni?

Kufuneka sifunde iLizwi LikaThixo, sicinge ngezinto esizifundileyo size sizisebenzise. Simele siwuvumele umoya oyingcwele ube nefuthe ezingqondweni nasezintliziyweni zethu size sibabulele abanye abantu xa besinceda.​—w18.02, iphe. 26.

Kutheni singamele siye kubavumisi ngeenkwenkwezi nabantu abaxela izinto eziza kwenzeka ukuze sazi ngexesha elizayo?

Zininzi izizathu, kodwa esona sibalulekileyo kukuba uThixo akabafuni.​—wp18.2, iphe. 4-5.

Umele wenze ntoni xa umenyiwe waza wavuma?

Ukuba uvumile xa umenyiwe, umele uye. (INdu. 15:4) Awumele uyekiswe yinto engenamsebenzi. Umntu okumemileyo usenokuba ebeququzela elungiselela wena.​—w18.03, iphe. 18.

Abazalwana abamiselweyo banokufunda ntoni kuTimoti?

UTimoti wayebathanda nyhani abantu ibe umsebenzi wokushumayela wawusiza kuqala kuye. Wayewukhuthalele umsebenzi ongcwele ibe ezenza izinto azifundileyo. Akazange ayeke ukuziqeqesha ibe wayethembele ngomoya kaYehova. Abadala nabanye bamele bafunde kuTimoti.​—w18.04, iphe. 13-14.