Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ungakujongeli Phantsi Ukubulisa

Ungakujongeli Phantsi Ukubulisa

“MOLO! Kunjani?”

Ngokuqinisekileyo le yindlela obulisa ngayo. Mhlawumbi ude umbambe isandla umntu okanye umange. Iindlela zokubulisa zahluke ngokweendawo, kodwa injongo iyafana. Xa ungabulisi okanye ungavumi xa ubuliswa kunokuthiwa awubathandi abantu okanye awunambeko.

Abanye abantu abakuthandi ncam ukubulisa. Abanye benziwa ziintloni okanye kukungazithembi. Kunzima kwabanye ukubulisa abantu bolunye uhlanga nabaphila ubomi obungafaniyo nobabo. Kanti ke, nokuthi ‘molo’ nje ugqithe kuba nento okuyenzayo.

Khawuzibuze: ‘Kubaluleke ngantoni ukubulisa? ILizwi LikaThixo lindifundisa ntoni ngokubulisa?’

BULISA “ABANTU BAZO ZONKE IINTLOBO”

Xa umpostile uPetros wayesamkela umntu wokuqala weentlanga kwibandla lamaKristu, uKorneli, wathi: “UThixo akakhethi buso.” (IZe. 10:34) UPetros waphinda wathi uThixo “unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Pet. 3: 9) Mhlawumbi xa usiva ezi zibhalo ucinga ngabantu abasafundelwayo. Kodwa uPetros waxelela amaKristu esithi: “Bekani abantu bazo zonke iintlobo, yibani nothando ngomanyano lwabazalwana luphela.” (1 Pet. 2:17) Ngoko asicingi ukuba kubalulekile ukubulisa abantu nokuba ngabaluphi uhlanga okanye bavela phi? Xa sisenjenjalo, sibonisa ukuba siyabathanda, ibe siyabahlonipha.

Umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu esithi: ‘Yamkelanani, kanye njengokuba noKristu wanamkelayo.’ (Roma 15:7) UPawulos wababiza ngamagama abazalwana ‘abamomelezayo.’ Abazalwana noodadewethu bakudinga kakhulu ukomelezwa namhlanje, kuba uSathana ubahlasela ngamandla kweli xesha lesiphelo.​—Kol. 4:11; ISityhi. 12:12, 17.

IZibhalo zinemizekelo ebonisa ukuba ukubulisa akuphelelanga nje ekwenzeni umntu azive amkelekile.

UKHUTHAZO NOTHANDO

Xa uNyana KaThixo wayeza kufuduselwa kwisibeleko sikaMariya, uYehova wathumela ingelosi ukuba iye kuxelela uMariya. Yafika yathi kuye: “Bhota, wena ubabalwe kakhulu, uYehova unawe.” UMariya wayengasazi isizathu sokuba le ngelosi ize kuthetha naye kangangokuba “waphazamiseka ngokunzulu.” Ibona indlela awayesoyika ngayo ingelosi yathi: “Musa ukoyika, Mariya, kuba ukholekile kuThixo.” Yamcacisela kakuhle ukuba uThixo ufuna azale uMesiya. Watsho wazola uMariya, waza ethobekile wathi: “Khangela! Ikhobokazana likaYehova! Ngamana kungenzeka kum ngokwendlela ovakalise ngayo.”​—Luka 1:26-38.

Yavuya kakhulu ingelosi yakuthunywa nguYehova, sekunjalo, ayizange ibone ngathi iyayithoba into yokuthetha nomntu ongafezekanga. Yaqala yabulisa. Sifunda ntoni kulo mzekelo? Simele sihlale sibabulisa abantu size sibakhuthaze. Singakhange sithethe nto ininzi, sinokubanceda size sibenze baqiniseke ukuba ngabantu bakaYehova.

UPawulos wayesazi abantu abaninzi kumabandla aseAsia Minor naseYurophu. Iileta zakhe zazinemibuliso. Le nto siyibona kumaRoma isahluko 16. Kwesi sahluko ubulisa amaKristu amaninzi. Xa ethetha ngoFibhi uthi ‘ngudade wethu,’ aze akhuthaze abazalwana ukuba ‘bamamkele ngokwaseNkosini ngendlela efanele abo bangcwele, baze bamncede kuwo nawuphi na umbandela asenokubafuna kuwo.’ Wabulisa uPriska noAkwila, esithi ayinguye “kuphela owenza imibulelo kubo kodwa kwanawo onke amabandla eentlanga.” Wabulisa nabanye ekungafane kuthethwe ngabo namhlanje esithi: ‘Bulisani kwintanda yam uEpeneto, nakuTrifena noTrifosa, abafazi abo abasebenza nzima eNkosini.’ UPawulos wayekuthanda ukubulisa abazalwana noodade.​—Roma 16:1-16.

Khawucinge indlela abavuya ngayo bakuva ukuba uPawulos usabakhumbula. Inoba batsho bamthanda kakhulu uPawulos, nabo bathandana ngaphezu kokuba bebenjalo. Ngokuqinisekileyo namanye amaKristu akhuthazeka akuva loo mibuliso, aza omelela elukholweni. Xa abantu ubabulisa yaye ubancoma ngomdla nangokunyanisekileyo, ubuhlobo buyaqina, yaye loo nto imanyanisa abakhonzi abanyanisekileyo bakaThixo.

Xa uPawulos wayefika kwizibuko lasePuteyoli esiya eRoma, wahlangatyezwa ngabazalwana balapho bevela kummandla osemazantsi. UPawulos wababona besekude, “wambulela uThixo waza womelela.” (IZe. 28:13-15) Ngamany’ amaxesha usenokungakwazi ukuma, ubulise, kodwa ukuba uyancuma okanye uphakamise nje isandla, unokumkhuthaza umntu, ekusenokwenzeka ukuba unento emkhathazileyo.

UMBULISO WENZA ABANTU BAKHULULEKE

Umfundi uYakobi kwafuneka awaluleke kabukhali amaKristu kuba amanye kuwo ayesakha ubuhlobo nehlabathi. (Yak. 4:4) Kodwa khawuve indlela awayiqala ngayo ileta yakhe:

“UYakobi, ikhoboka likaThixo neleNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe eziyi-12 ezichithachithekileyo: Ndiyabulisa!” (Yak. 1:1) Ngokuqinisekileyo abantu abayifundayo loo leta balamkela lula icebiso lakhe kuba indlela awababulisa ngayo, yayibonisa ukuba akazenzi mkhulu kubo. Xa abantu ubabulisa ngokunyanisekileyo, kuba lula ukuxoxa nangezinto ezinzima.

Umbuliso ophum’ entliziyweni nobonisa uthando, enoba mfutshane kangakanani, uba nento oyenzayo kumntu obuliswayo. Kuba njalo nokuba wena ubulisayo awuqaphelanga nto. (Mat. 22:39) Omnye udade waseIreland wakha wafika eHolweni xa kanye iintlanganiso ziza kuqala. Njengoko engena engxamile, omnye umzalwana wajika wamjonga, encumile wathi: “Molo. Ndiyavuya ukubona.” Udade waya kuhlala phantsi.

Kwiiveki ezimbalwa emva koko, udade waya kulo mzalwana wamxelela ukuba ebesoloko enento emhluphayo ekhaya. Wathi: “Ngoba busuku ndandikhathazeke nyhani kangangokuba ndaphantse andeza nasezintlanganisweni. Akukho nto ingako eyathethwa ezintlanganisweni endiyikhumbulayo, ngaphandle nje kwendlela owandibulisa ngayo. Yandenza ndaziva ndamkelekile. Ndiyabulela.”

Lo mzalwana zange ayiqonde into eyenziwe ngumbuliso wakhe kulo dade. Uthi: “Wathi akundixelela into eyenziwa ngamazwi ambalwa ombuliso wam, ndavuya kakhulu kuba ndamncedayo. Ndavuya nyhani.”

USolomon wathi: “Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, kuba uya kuphinda usifumane emva kwemihla emininzi.” (INtshu. 11:1) Xa siyiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukubabulisa abanye abantu, ingakumbi abazalwana noodadewethu, sibenza bonwabe kwaye nathi siyonwaba. Ungaze ucinge ukuba ukubulisa yinto nje engenamsebenzi.