INQAKU ELIFUNDWAYO 26
Bancede Abantu Abakhathazekileyo
“Cingani nto-nye nonke, nivelane, ninomsa wobuzalwana, nemfesane, nithobekile engqondweni.”—1 PET. 3:8.
INGOMA 107 Umzekelo KaThixo Wothando
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *
1. Singenza njani ukuze sibathande abantu njengoYehova?
UYEHOVA usithanda nyhani. (Yoh. 3:16) Nathi sifuna ukuthanda abantu njengaye. Yiloo nto sizama ‘ukuvelana, ukuba nomsa wobuzalwana nemfesane’ kubo bonke abantu, ingakumbi kwabo “bahlobene nathi elukholweni.” (1 Pet. 3:8; Gal. 6:10) Xa abazalwana noodade beneengxaki, sifuna ukubanceda.
2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?
2 Bonke abantu abafuna ukukhonza uYehova baza kuba nazo iingxaki. (Marko 10:29, 30) Ilindelekile into yokuba zande iingxaki esinazo njengoko sele liza kutshatyalaliswa eli hlabathi. Singancedana njani? Makhe sithethe ngezinto esinokuzifunda kuLote, uYobhi noNahomi. Siza kuthetha nangeengxaki abanazo abazalwana noodadewethu size sibone ukuba singabanceda njani ukuze bakwazi ukuzinyamezela.
YIBA NOMONDE
3. Ngokutsho kweyesi-2 kaPetros 2:7, 8, yeyiphi impazamo awayenzayo uLote ibe yintoni eyenzekayo emva koko?
3 ULote wenza impazamo enkulu xa wakhetha ukuyokuhlala nabantu baseSodom, ababeziphethe kakubi gqitha. (Funda eyesi-2 kaPetros 2:7, 8) Esi sixeko sasityebile, kodwa uLote wazifaka engxakini ngokuya kuso. (Gen. 13:8-13; 14:12) Mhlawumbi inkosikazi yakhe yasithanda kakhulu esi sixeko okanye abantu ababehlala kuso, kangangokuba yade ayamthobela uYehova. Yasweleka xa uThixo watshabalalisa iSodom ngomlilo nesalfure. Khawucinge nangeentombi ezimbini zikaLote. Zazisele ziza kutshata namadoda asweleka eSodom. ULote wazibhaqa sele engenamzi, engenazinto ibe eyona nto ibuhlungu kakhulu engenayo nenkosikazi. (Gen. 19:12-14, 17, 26) Kuyo yonke le nto yayisenzeka, ngaba uYehova wamncama uLote? Hayi.
4. UYehova waba nomonde njani kuLote? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)
Gen. 19:15, 16) Emva koko zathi mababalekele ezintabeni. Endaweni yokuba athobele uYehova, uLote wacela ukuya kwidolophu ekufutshane. (Gen. 19:17-20) UYehova waba nomonde, wammamela waza wamvumela ukuba aye kule ndawo wayefuna ukuya kuyo. Ethubeni woyika ukuhlala kule dolophu waza waya kwezaa ntaba uYehova wayethe makaye kuzo kwasekuqaleni. (Gen. 19:30) Waba nomonde nyhani uYehova! Singenza njani ukuze sifane naye?
4 Nangona uLote wakhetha ukuyohlala eSodom, uYehova wamcingela waza wathumela iingelosi ukuba zisindise yena nentsapho yakhe. Ezi ngelosi zathi makakhawuleze aphume eSodom kodwa yena ‘waqhubeka ezilazila.’ Ezi ngelosi zababamba ngezandla zaza zabakhupha eSodom. (5-6. Singayisebenzisa njani eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:14 ukuze sincede umzalwana wethu njengoYehova?
5 NjengoLote, umzalwana okanye udadewethu usenokwenza impazamo enkulu aze azifake engxakini. Ukuba inokwenzeka loo nto, yintoni esimele siyenze? Sisenokufuna ukumxelela ukuba uvuna into ayihlwayeleyo, sibe singaxoki ke phofu. (Gal. 6:7) Kodwa ke, kunokuba bhetele ukuba singamnceda ngendlela uYehova awamnceda ngayo uLote. Singamnceda njani?
6 UYehova zange azithumele ezi ngelosi kuLote ukuze zimlumkise nje qha. Wazithumela nokuze zimncede asinde xa kutshatyalaliswa iSodom. Nathi simele simlumkise umzalwana wethu xa sibona ukuba wenza into eza kumfaka engxakini. Sinako nokumnceda. Kufuneka sibe nomonde naxa sibona ukuba urhuqa iinyawo ekwenzeni into ethethwa yiBhayibhile. Masibe njengeza ngelosi zimbini. Endaweni yokuba simncame umzalwana wethu kufuneka siqhubeke simnceda, kungekuphela nje ngezinto esizithethayo kodwa nangezinto esizenzayo. (1 Yoh. 3:18) Njengeza ngelosi, kusenokuba ngathi simbamba ngesandla xa simnceda ayenze into ethethwa yiBhayibhile.—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:14.
7. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYehova awamjonga ngayo uLote?
7 UYehova akazange ajonge iimpazamo zikaLote. Endaweni yoko, waphefumlela uPetros ukuba athi uLote wayeyindoda elilungisa. Kusivuyisa nyhani ukwazi ukuba uYehova akajongi iimpazamo esizenzayo. (INdu. 130:3) Yintoni esinokuyifunda kwindlela uYehova awamjonga ngayo uLote? Kuza kuba lula ukuba nomonde kubazalwana noodadewethu ukuba sijonga kuphela izinto ezintle abazenzayo. Le nto isenokubenza bavume ukulungiswa.
BACINGELE
8. Siza kubonakala njani ukuba siyabacingela abantu?
8 Ngokwahlukileyo kuLote, yena uYobhi zange ehlelwe zizinto ezimbi kuba enze isigqibo esingesiso. Nangona kunjalo, wehlelwa zizinto ezimbi kakhulu, kuba walahlekelwa zizinto awayenazo, akahlonitshwa ngabantu, waza wagula. Okubi nangakumbi kukuba, yena nenkosikazi yakhe baswelekelwa ngabo bonke abantwana babo. UYobhi wade watyholwa nangabahlobo bakhe abathathu. Kwakutheni ukuze bangamcingeli? Abazange bazame ukuqonda ukuba yintoni kanye kanye eyayisenzeka. Ngenxa yaloo nto, bagqiba ngento engekhoyo baza bamgxeka uYobhi. Singenza njani ukuze
singenzi impazamo abayenzayo? Simele sikhumbule ukuba nguYehova yedwa owazi zonke iinkcukacha ngemeko yomntu. Mmamele kakuhle umntu osentlungwini xa ethetha. Ungapheleli apho, zama nokuzifaka ezihlangwini zakhe. Xa usenza loo nto, uza kutsho ukwazi ukumcingela loo mzalwana okanye udade.9. Xa sibacingela abantu yintoni esingazukuyenza, ibe ngoba?
9 Xa sibacingela abantu asizokuhamba sithetha ngeengxaki zabo. Umntu ohlebayo akalincedi nganto ibandla, kunoko uyachitha. (IMize. 20:19; Roma 14:19) Akalunganga, ibe akabacingeli abanye. Xa enjalo unokumgalela ityuwa enxebeni umntu okhathazekileyo ngezinto azithethayo. (IMize. 12:18; Efe. 4:31, 32) Kubhetele sijonge izinto ezintle kumntu oneengxaki size sicinge ngendlela esinokumnceda ngayo.
10. Amazwi akuYobhi 6:2, 3 asifundisa ntoni?
10 Funda uYobhi 6:2, 3. Ngamanye amaxesha, uYobhi wayethetha ‘amazwi okubhuda.’ Ethubeni wazisola ngezinto awazithethayo. (Yobhi 42:6) NjengoYobhi, umntu osengxakini usenokuthetha engacinganga aze aphinde azisole. Simele sithini xa isenzeka le nto? Endaweni yokuba simgxeke simele simcingele. Khumbula ukuba uYehova wayengafuni ukuba sibe neengxaki esinazo namhlanje. Ngoko, asimele sothuke xa umkhonzi kaYehova ethetha engacinganga xa enengxaki. Enoba uthetha engacinganga ngoYehova okanye ngathi, asimele sikhawuleze sicaphuke okanye simgxeke.—IMize. 19:11.
11. Abadala banokufunda ntoni kuElihu?
11 Ngamanye amaxesha, umntu onengxaki ethile kuyafuneka ukuba alungiswe. (Gal. 6:1) Abadala bangamlungisa njani? Bamele bammamele umntu onengxaki kanye ngendlela uElihu awammamela ngayo uYobhi. (Yobhi 33:6, 7) UElihu waqala waqonda imeko kaYobhi ngaphambi kokuba amlungise. NjengoElihu, abadala bamele bammamele kakuhle umntu onengxaki baze bazame ukuqonda imeko yakhe. Xa besenza njalo, loo mntu uza kutsho avume ukulungiswa.
BATHUTHUZELE
12. Waba njani uNahomi emva kokuba eswelekelwe ngumyeni noonyana bakhe ababini?
12 UNahomi wayethembekile ibe emthanda uYehova. Emva kokuba eswelekelwe ngumyeni wakhe noonyana bakhe ababini, wafuna ukutshintsha igama lakhe libe nguMara. Eli gama lithetha ukuba buhlungu kakhulu. (Rute 1:3, 5, 20) URute akazange amshiye uNahomi naxa wayenezi ngxaki. Akazange amncede nje kuphela kodwa wamthuthuzela. Into awayithethayo kuNahomi ibonisa ukuba wayemthanda ibe emxhasa.—Rute 1:16, 17.
13. Kutheni kufuneka simxhase umntu oswelekelwe ngumyeni okanye inkosikazi yakhe?
13 Kufuneka simxhase umntu oswelekelwe ngumyeni okanye inkosikazi. Abantu abatshatileyo singabafanisa nemithi emibini ekhula kunye. Njengoko ixesha lihamba, iingcambu zale mithi ziyabophana. Xa omnye umthi uncothulwa uze ufe, ikhona ingxaki eza kwenzeka nakulo wesibini. Ngokufanayo, xa umntu eswelekelwe ngumyeni okanye inkosikazi yakhe, usenokuba buhlungu kakhulu kangangexesha elide. UPaula * owaswelekelwa ngumyeni wakhe, uthi: “Ubomi bam batshintsha ibe ndasuka ndaphelelwa ngamandla. Wayengoyena mhlobo wam. Akhonto ndandingamxeleli yona. Sasihleka kunye ibe wayendixhasa xa kunzima. Wayendimamela xa ndimchazela ingxaki endinayo. Wathi akusweleka, yangathi intliziyo yam icandwe phakathi.”
14-15. Singamthuthuzela njani umntu oswelekelweyo?
14 Singamthuthuzela njani umntu oswelekelwe ngumyeni okanye inkosikazi yakhe? Okokuqala, simele sithethe naye enoba sineentloni okanye asazi ukuba simele sithini kanye kanye. UPaula, ebesithethe ngaye, uthi: “Ndiyazi ukuba abantu baye bangazi nokuba mabathini xa umntu eswelekelwe. Baye boyike ukuthetha into eza kukhubekisa lo mntu uswelekelweyo. Kubhetele umntu athethe kunokuba angakhuphi nelimdaka.” Umntu oswelekelweyo akalindelanga ukuba side sicikoze. UPaula uphinda athi: “Ndandivuya nokuba umntu uvele nje wathi kum, ‘Sisi, ndiyavelana nawe yhazi.’”
15 UWilliam, owaswelekelwa yinkosikazi yakhe kwiminyaka eyadlulayo uthi: “Ndiyavuya xa abanye abantu bebalisa ngenkosikazi yam, kuba loo nto indenza ndibone ukuba ebethandwa. Le nto indinceda nyhani. Ndithuthuzeleka nyhani xa abantu besenza le nto kuba ndihleli ixesha elide nenkosikazi yam ibe ndandiyithanda gqitha.” UBianca owaswelekelwa ngumyeni, uthi: “Xa abantu bethandaza kunye nam baze bandifundele isibhalo esinye okanye ezimbini ndiye ndithuthuzeleke. Ndiye ndithuthuzeleke naxa bethetha ngomyeni wam okanye bendimamela xa ndithetha ngaye.”
16. (a) Yintoni esimele sibenzele yona abantu abaswelekelweyo? (b) Ngokutsho kukaYakobi 1:27, yintoni uYehova athi masiyenze?
16 Kufuneka siqhubeke sibaxhasa abantu abaswelekelweyo, njengokuba noRute waqhubeka emxhasa uNahomi. UPaula uYakobi 1:27.
ebesikhe sathetha ngaye, uthi: “Abantu abaninzi bandixhasa emva kokuba ndiswelekelwe ngumyeni. Kodwa ekuhambeni kwexesha baphinda baqhubeka nobomi babo. Kwelinye icala, obam ubomi babutshintshe kakhulu. Kuba mnandi xa abantu beqonda ukuba umntu osentlungwini yokuswelekelwa uyakufuna ukuthuthuzelwa enoba sele kudlule iinyanga okanye iminyaka eswelekelwe.” Kakade ke, abantu abafani. Abanye bakhawuleza baqhele ukuphila ngaphandle kwabayeni okanye amakhosikazi abo. Kanti abanye bona, qho besenza into ababedla ngokuyenza nabayeni okanye amakhosikazi abo, baphinda babe buhlungu. Ayifani indlela ababa buhlungu ngayo abantu. Masikhumbule ukuba yinto enkulu into yokuba uYehova athi mayibe sithi abanceda abantu abaswelekelwe ngabayeni okanye amakhosikazi abo.—Funda17. Kutheni kufuneka sibaxhase abantu abashiywe ngabayeni okanye amakhosikazi abo?
17 Abanye abantu abatshatileyo baye bashiywa ngabayeni okanye amakhosikazi abo. Le nto iye ibabangele ukuba babe buhlungu kakhulu. UJoyce washiywa ngumyeni wakhe waza wayokuthandana nelinye ibhinqa. Uthi: “Ndicinga ukuba bendingazokuba buhlungu ngale ndlela ukuba wayeswelekile, enoba kungengozi okanye ngokugula, kuba wayeza kube engandishiyanga ngabom. Kodwa wazikhethela ukundishiya ibe ndahlazeka.”
18. Ziintoni esinokuzenzela abantu abaswelekelwe ngabayeni okanye amakhosikazi abo?
IMize. 17:17) Ziintoni onokubenzela zona? Usenokubamema ukuze utye kunye nabo. Usenokuzonwabisa kunye nabo okanye uye nabo entsimini. Ngamanye amaxesha, usenokubacela ukuba babe khona xa nisenza unqulo lwentsapho. Xa ubanceda, uza kumvuyisa uYehova, kuba “usondele kwabo baphuke intliziyo” ibe ‘ungumgwebi [okanye umkhuseli] wabahlolokazi.’—INdu. 34:18; 68:5.
18 Xa sibenzela izinto ezintle, enoba zincinci kangakanani na abantu abaswelekelwe ngabayeni okanye amakhosikazi abo, sibonisa ukuba siyabathanda. Babadinga nyhani abahlobo ngoku kunangaphambili. (19. Ucinga ngeyoku-1 kaPetros 3:8, yintoni ozimisele ukuyenza?
19 Kungekudala, xa uBukumkani BukaThixo bulawula apha emhlabeni, izinto ezibuhlungu ziza kulityalwa. Ingathi alisafiki elo xesha, apho ‘izinto zangaphambili zingayi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.’ (Isa. 65:16, 17) Okwangoku, masixhasaneni size sibonise ukuba siyabathanda abazalwana noodadewethu ngezinto esizithethayo nesizenzayo.—Funda eyoku-1 kaPetros 3:8.
INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu
^ isiqe. 5 Nangona uLote, uYobhi noNahomi bengazange bagungqe ekukhonzeni uYehova, kwakusafuneka benyamezele iingxaki ababenazo. Eli nqaku liza kuthetha ngezinto esinokuzifunda kubo. Liza kuthetha nangokuba kutheni kubalulekile ukuba sibe nomonde, sibacingele size sibathuthuzele abazalwana noodadewethu xa beneengxaki.
^ isiqe. 13 Amagama akweli nqaku atshintshiwe.
^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: Umdala umamele umzalwana okhathazekileyo njengoko ethetha ‘amazwi okubhuda.’ Emva kokuba ebone ukuba akasakhathazekanga kakhulu, uyamlungisa.
^ isiqe. 59 IMIFANEKISO: Umzalwana nenkosikazi yakhe batyelele umzalwana osandul’ ukuswelekelwa yinkosikazi. Bazikhumbuza ngaye njengoko bebuka iifoto zakhe.