INQAKU ELIFUNDWAYO 25
Thembela NgoYehova Xa Ukhathazekile
‘Ndibandezelekile [ndikhathazekile.]’—1 SAM. 1:15.
INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *
1. Kutheni simele sisimamele isilumkiso sikaYesu?
XA WAYETHETHA ngemihla yokugqibela uYesu wathi: ‘Zilumkeleni ukuba iintliziyo zenu zingaze zisindwe . . . ngamaxhala obomi.’ (Luka 21:34) Simele sisimamele esi silumkiso. Ngoba? Kaloku, sineengxaki nathi njengabanye abantu.
2. Zeziphi iingxaki abanazo abazalwana noodade?
2 Ngamanye amaxesha siba neengxaki ezininzi ngexesha elinye. Makhe sithethe ngale mizekelo. Omnye umzalwana ekuthiwa nguJohn, * onesifo esiqinisa imithambo, wakhathazeka kakhulu xa washiywa yinkosikazi yakhe emva kokuba betshate iminyaka eyi-19. Emva koko, iintombi zakhe ezimbini zayeka ukukhonza uYehova. UBob nenkosikazi yakhe uLinda bona babeneengxaki ezingafaniyo nezikaJohn. Bobabini baphelelwa ngumsebenzi kwaza kwanyanzeleka ukuba bayeke ukuhlala kwindlu ababehlala kuyo. Akuzange kuphelele apho ke, ugqirha waxelela uLinda ukuba unesifo sentliziyo esasinokumbulala. Wathi unaso nesinye isifo esasibangela umzimba wakhe ungakwazi ukumkhusela kwizifo.
3. Amazwi akwabaseFilipi 4:6, 7 asixelela ntoni ngoYehova?
3 Asiyithandabuzi into yokuba uMdali noTata wethu osithandayo uYehova, uyayiqonda indlela esikhathazeka ngayo xa sineengxaki. Ufuna ukusinceda sikwazi ukuzinyamezela. (Funda kwabaseFilipi 4:6, 7.) ILizwi LikaThixo linemizekelo yabakhonzi bakhe abanyamezelayo xa kwakunzima. Lisixelela nangendlela uYehova awabanceda ngayo ukuze bakwazi ukuzinyamezela ezo ngxaki babekuzo. Makhe sithethe ngemizekelo embalwa.
UELIYA “WAYENGUMNTU ONEEMVAKALELO EZINJENGEZETHU”
4. Zeziphi iingxaki awayenazo uEliya ibe uYehova wamnceda njani?
4 UEliya wayekhonza uYehova ngexesha elinzima ibe waba neengxaki. Omnye wookumkani abangathembekanga bakwaSirayeli, uAhabhi, watshata noIzebhele owayekhonza uBhahali. Bakhuthaza abantu ukuba bakhonze uBhahali baza babulala abaprofeti bakaYehova abaninzi. UEliya wabaleka. Akazange alambe naxa kwakukho indlala kuba wayethembele ngoYehova. (1 Kum. 17:2-4, 14-16) Ukongezelela koko, uEliya wathembela ngoYehova naxa wayethetha nabaprofeti kunye nabakhonzi bakaBhahali. Wacenga amaSirayeli ukuba akhonze uYehova. (1 Kum. 18:21-24, 36-38) Zininzi izinto awazibonayo uEliya ezamenza waqiniseka ukuba uYehova wayemkhusela ibe emnceda xa kwakunzima.
5-6. Eyoku-1 yooKumkani 19:1-4 ithi uEliya wayeziva njani, ibe uYehova wabonisa njani ukuba uyamthanda?
5 Funda eyoku-1 yooKumkani 19:1-4. UEliya woyika xa uKumkanikazi uIzebhele wayefuna ukumbulala. Ngoko wabalekela eBher-sheba. Wayesoyika kakhulu kangangokuba wade wacela nokufa. Yintoni eyayimenza oyike kangaka? UEliya wayengafezekanga ibe “wayengumntu oneemvakalelo ezinjengezethu.” (Yak. 5:17) Mhlawumbi wayekhathazeke kakhulu, edinwe nokudinwa. Inoba uEliya wayecinga ukuba ukuzama ukunceda abantu ukuba bakhonze uYehova kwakungancedi nganto kuba izinto azizange zitshintshe kwaSirayeli. Kusenokwenzeka nokuba wayecinga nguye yedwa owayesakhonza uYehova. (1 Kum. 18:3, 4, 13; 19:10, 14) Isenokusothusa into yokwazi ukuba lo mprofeti wayeziva ngolu hlobo. Kodwa uYehova wayeyiqonda kakuhle indlela awayeziva ngayo.
6 UYehova akazange amngxolise uEliya xa wayechaza indlela aziva ngayo. Endaweni yoko, wamnceda waba namandla. (1 Kum. 19:5-7) Emva koko, uYehova walungisa indlela uEliya awayecinga ngayo ngokumbonisa indlela anamandla ngayo. UYehova wamxelela nokuba kwakusekho abantu abayi-7 000 ababengafuni ukukhonza uBhahali. (1 Kum. 19:11-18) Ezi zinto zamenza uEliya wabona ukuba uYehova uyamthanda.
THINA UZA KUSINCEDA NJANI UYEHOVA?
7. Indlela uYehova awamnceda ngayo uEliya isenza siqiniseke ngantoni?
7 Ngaba kukho into ekukhathazayo? Kusithuthuzela nyhani ukwazi ukuba uYehova wayeyiqonda indlela uEliya awayeziva ngayo. Loo nto isenza siqiniseke ukuba uyayiqonda indlela esiziva ngayo nathi xa sineengxaki. Uyazazi izinto esinokuzenza nesingenakuzenza. Uyazazi nezinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo. (INdu. 103:14; 139:3, 4) Xa sithembela ngoYehova njengoEliya, nathi uza kusinceda sikwazi ukumelana nezinto ezisikhathazayo.—INdu. 55:22.
8. UYehova uza kukunceda njani umelane nezinto ezikukhathazayo?
8 Xa ukhathazekile usenokucinga ukuba izinto asoze ziphinde zilunge, uze utyhafe. Xa isenzeka loo nto, khumbula ukuba uYehova angakunceda umelane nezinto ezikukhathazayo. Uza kukunceda njani? Ufuna umxelele iingxaki zakho nendlela oziva ngayo ibe uza kukunceda. (INdu. 5:3; 1 Pet. 5:7) Ngoko hlala uthandaza kuYehova xa uneengxaki. Akazukuthetha nawe ngendlela awathetha ngayo noEliya, kodwa uza kuthetha nawe ngeLizwi lakhe iBhayibhile nangentlangano yakhe. Imizekelo yabantu abaseBhayibhileni iza kukuthuthuzela ize ikwenze ube nethemba. Abanye abantu abaza kukuthuthuzela ngabazalwana noodade.—Roma 15:4; Heb. 10:24, 25.
9. Kunokusinceda njani ukuthetha nomhlobo ngeengxaki zethu nangendlela esiziva ngayo?
9 UYehova waxelela uEliya ukuba eminye imisebenzi awayeyenza makayinike uElisha. Le nto yenza uEliya wanomhlobo owayenokumnceda anyamezele xa ekhathazeke kakhulu. Nathi, xa sixelela umhlobo wethu indlela esiziva ngayo unokusinceda sikwazi ukunyamezela. (2 Kum. 2:2; IMize. 17:17) Ukuba uthi awunaye umhlobo onokuthetha naye ngeengxaki zakho nangendlela oziva ngayo, cela uYehova akuncede ufumane umKristu oqolileyo onokukukhuthaza.
10. Indlela uEliya awancedwa ngayo nguYehova isinceda njani thina? Amazwi akuIsaya 40:28, 29 asinceda njani?
10 UYehova wanceda uEliya wakwazi ukumelana nezinto ezazimkhathaza. Wamnceda wakwazi nokumkhonza ethembekile kangangeminyaka emininzi. Indlela uEliya awancedwa ngayo nguYehova isenza sibe nethemba nathi. Ngamanye amaxesha sisenokukhathazeka kakhulu, kangangokuba side singabi nawo namandla la. Kodwa xa sithembela ngoYehova uza kusinika amandla esiwadingayo ukuze singaze siyeke ukumkhonza.—Funda uIsaya 40:28, 29.
UHANA, UDAVIDE NOMDUMISI BATHEMBELA NGOYEHOVA
11-13. Ziintoni ezenziwa ngabakhonzi bakaThixo abathathu ngenxa yeengxaki ababenazo?
11 Bakhona nabanye abantu abaseBhayibhileni abakha bakhathazeka kakhulu. Ngokomzekelo, uHana wayekhathazeke kakhulu kuba wayengade afumane bantwana, ibe nenkosikazi yesibini yomyeni wakhe yayisoloko imgezela. (1 Sam. 1:2, 6) Intliziyo kaHana yayibuhlungu kakhulu kangangokuba walila waza akabinawo nomdla lo wokutya.—1 Sam. 1:7, 10
12 Ngamanye amaxesha, uKumkani uDavide wayekhe akhathazeke kakhulu. Khawucinge ngezinto ekwakufuneka amelane nazo. Wayezisola ngenxa yeempazamo ezininzi awazenzayo. (INdu. 40:12) Unyana wakhe uAbhisalom wamvukela, waza emva koko wabulawa. (2 Sam. 15:13, 14; 18:33) Omnye wabahlobo bakhe wamjikela. (2 Sam. 16:23–17:2; INdu. 55:12-14) Iindumiso ezininzi ezabhalwa nguDavide zibonisa indlela awayebuhlungu ngayo nendlela awayemthembe ngayo uYehova.—INdu. 38:5-10; 94:17-19.
13 Emva koko umdumisi ekusenokwenzaka ukuba wayeyinzala yomLevi, uAsafu, waqalisa ukumonela abantu ababesenza izinto ezimbi. Kusenokwenzeka ukuba wayekhonza etempileni eYerusalem. Lo mdumisi wayekhathazeke kakhulu ibe loo nto yayimenza angonwabi aze anganeliseki. Waqalisa ukuzibona zincinci ngoku neentsikelelo awayezifumana ngenxa yokukhonza uYehova.—INdu. 73:2-5, 7, 12-14, 16, 21.
14-15. Sifunda ntoni kubakhonzi bakaYehova abathathu abacela kuye uncedo?
14 Bobathathu aba bantu kuthethwe ngabo ngasentla bathembela ngoYehova. 1 Sam. 1:9, 10; INdu. 55:22; 73:17; 122:1.
Bazixelela yena izinto ezazibenza babenexhala. Babengazifihli izinto ezazibabangela ukuba bakhathazeke kangaka. Abazange bayeke nokuya endlwini kaYehova ukuze bamkhonze.—15 UYehova wabaphendula bobathathu. UHana waba noxolo lwengqondo. (1 Sam. 1:18) UDavide yena wathi: “Zininzi iintlekele ezihlela olilungisa, kodwa uYehova ulihlangula kuzo zonke.” (INdu. 34:19) Kumdumisi, kwakungathi uYehova ‘usibambile isandla sakhe sasekunene,’ emkhokela ngecebo lakhe. Wacula wathi: “Kodwa ke mna, ukusondela kuThixo kulungile kum. Ndisabela kwiNkosi enguMongami uYehova.” (INdu. 73:23, 24, 28) Yintoni esiyifundayo kule mizekelo? Ngamanye amaxesha, sisenokuba neengxaki ekubonakala kunzima ukuzithwala. Kodwa sinako ukuzinyamezela xa sicinga ngendlela uYehova awabanceda ngayo abanye abakhonzi bakhe. Enye into enokusinceda kukuthandaza kuye size sizenze nezinto afuna sizenze.—INdu. 143:1, 4-8.
THEMBELA NGOYEHOVA UKUZE UKWAZI UKUNYAMEZELA
16-17. (a) Kutheni singamele sibhekele kuYehova size sizikhethe kubakhonzi bakhe? (b) Kusinceda njani ukuya kwiintlanganiso?
16 Sifunda nenye into ebalulekileyo kwaba bakhonzi bakaYehova bathathu. IMize. 18:1) UNancy, owakhathazeka kakhulu xa washiywa ngumyeni wakhe uthi: “Ngamanye amaxesha, ndandingafuni kubona okanye ndithethe naye nabani na. Kodwa ndabona ukuba xa ndizikhetha, ndikhathazeka ngakumbi.” Izinto zatshintsha xa uNancy wazama ukunceda abanye abantu ababeneengxaki. Uthi: “Ndandibamamela xa bendixelela iingxaki zabo. Ukucinga ngeengxaki zabo kwakundenza ndingazihoyi kangako ezam.”
Asimele sibhekele kuYehova size sizikhethe kubakhonzi bakhe. (17 Kunokusinceda ukuya kwiintlanganiso kuba kulapho uYehova ‘asinceda aze asithuthuzele’ khona. (INdu. 86:17) Kwiintlanganiso usomeleza ngomoya wakhe oyingcwele, ngeLizwi lakhe nangabakhonzi bakhe. Xa sikuzo ‘sikhuthazana elukholweni.’ (Roma 1:11, 12) Udade ekuthiwa nguSophia uthi: “UYehova nabazalwana noodade bandinceda ndanyamezela. Eyona nto yayibalulekile kum yayikukuya kwiintlanganiso. Ndabona ukuba xa ndisiya entsimini nakwiintlanganiso ndandikwazi ukuzinyamezela izinto ezazindikhathaza.”
18. Xa sikhathazekile, uYehova usinika ntoni?
18 Xa sikhathazekile, simele sikhumbule ukuba uYehova akathembisi ukuba uza kusinceda nje kwihlabathi elitsha kodwa uza kusinceda nangoku. ‘Usinika amandla okunqwenela nawokwenza’ izinto eziza kusinceda sikwazi ukunyamezela.—Fil. 2:13.
19. Amazwi akwabaseRoma 8:37-39 asiqinisekisa ngantoni?
19 Funda kwabaseRoma 8:37-39. Umpostile uPawulos uyasiqinisekisa ukuba akukho nto inokusenza siyeke ukuthandwa nguThixo. Sinokubanceda njani abazalwana noodade abaneengxaki? Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngendlela esinokubacingela ngayo abazalwana noodadewethu njengoYehova, size sibaxhase xa beneengxaki.
INGOMA 44 Umthandazo Womntu Othobekileyo
^ isiqe. 5 Ukukhathazeka kakhulu okanye kangangexesha elide kunokubangela ingxaki emizimbeni yethu okanye kwindlela esiziva ngayo. UYehova angasinceda njani? Siza kuthetha ngendlela uYehova awamnceda ngayo uEliya xa wayekhathazekile. Siza kufunda nangeminye imizekelo yabantu abaseBhayibhileni. Yona iza kusibonisa izinto esimele sizenze ukuze uYehova asincede xa sikhathazekile.
^ isiqe. 2 Amagama kweli nqaku atshintshiwe.
^ isiqe. 53 IMIFANEKISO: Ingelosi kaYehova ivusa uEliya ize imnike isonka namanzi.
^ isiqe. 55 IMIFANEKISO: Umdumisi ekusenokwenzeka ukuba wayeyinzala ka-Asafu ucula aze abhale ingoma nabanye abaLevi