IMBONISELO—EFUNDWAYO Juni 2020

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoAgasti 3-30, 2020.

“Malingcwaliswe Igama Lakho”

Inqaku elifundwayo 23: Agasti 3-9, 2020. Yintoni ebalulekileyo kubo bonke abantu nakwiingelosi? Kutheni ibalulekile ibe thina sincedisa njani ekuyilungiseni? Iimpendulo zale mibuzo kunye neminye esiza kuyiphendula, ziza kusinceda siqinise ubuhlobo bethu noYehova.

“Ndinike Intliziyo Emanyeneyo Ukuze Iloyike Igama Lakho”

Inqaku elifundwayo 24: Agasti 10-16, 2020. Kweli nqaku siza kuthetha ngomthandazo kaDavide okwiNdumiso 86:11, 12. Kuthetha ukuthini ukoyika igama likaYehova? Kutheni simele siloyike? Ibe ukoyika uThixo kungasikhusela njani xa silingwa ukuba senze into embi?

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba “isiqhamo somoya” siphelele kwiimpawu ekuthethwa ngazo kumaGalati 5:22, 23?

“Ndiza Kuzikhangela Ngokwam Iigusha Zam”

Inqaku elifundwayo 25: Agasti 17-23, 2020. Kutheni abanye abantu abaneminyaka bekhonza uYehova ngokuthembeka beye bayeka ukumkhonza? Uziva njani uThixo ngabo? Eli nqaku liza kuyiphendula le mibuzo. Liza kuthetha nangezinto esinokuzifunda kubantu abaseBhayibhileni abakhe abazenza izinto uYehova awayesithi mabazenze, nakwindlela awabanceda ngayo.

“Buyelani Kum”

Inqaku Elifundwayo 26: Agasti 24-30, 2020. UYehova ufuna abantu abangasayiyo entsimini okanye kwiintlanganiso babuyele kuye. Zininzi izinto esinokuzenza ukuze sikhuthaze abantu abapholileyo abafuna ukwamkela isimemo sikaYehova esithi: “Buyelani kum.” Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto esinokuzenza ukuze sibancede.