Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 26

“Buyelani Kum”

“Buyelani Kum”

“Buyelani kum, nam ndiza kubuyela kuni.”​—MAL. 3:7.

INGOMA 102 “Ncedani Abo Badinga Uncedo”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UYehova uziva njani xa umkhonzi wakhe ebuya?

KWINQAKU elidlulileyo, sithethe ngendlela uThixo azifanisa ngayo nomalusi olungileyo, ozithandayo nozikhathalelayo iigusha zakhe. Xa kukho elahlekayo uyayikhangela. UYehova wathi kumaSirayeli awayemshiyile: “Buyelani kum, nam ndiza kubuyela kuni.” Siyayazi ukuba usathetha into efanayo kuba uthi: “Anditshintshi.” (Mal. 3:6, 7) UYesu wathi uYehova neengelosi ziyavuya xa umkhonzi kaYehova obepholile ebuya.​—Luka 15:10, 32.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Siza kuthetha ngemizekeliso kaYesu emithathu eza kusifundisa izinto ezibalulekileyo ngendlela yokunceda abantu abamshiyileyo uYehova. Size sithethe ngendlela esimele sibaphathe ngayo ukuze sikwazi ukubanceda, nangendlela ekusivuyisa ngayo ukusebenza nzima sinceda abantu abapholileyo babuye.

KHANGELA IMALI ELAHLEKILEYO

3-4. Kwakutheni ukuze umfazi ekuthethwa ngaye kuLuka 15:8-10 ayikhangele kangaka idrarhma elahlekileyo?

3 Simele sisebenze nzima ukuze sifumane abantu abafuna ukubuyela kuYehova. Kumzekeliso obhalwe kwincwadi kaLuka, uYesu ubalisa ngomfazi owalahla imali exabisekileyo ekuthiwa yidrarhma. Eyona nto ibalulekileyo kweli bali, yindlela asebenza nzima ngayo ukukhangela le mali.​—Funda uLuka 15:8-10.

4 UYesu uchaza indlela lo mfazi aziva ngayo xa eyifumene idrarhma yakhe ebalulekileyo. Ngexesha likaYesu, abanye oomama abangamaYuda babenika iintombi zabo imali eziidrarhma ezilishumi xa zitshata. Mhlawumbi ezi drarhma zilishumi zalo mfazi wayezifumene kumama wakhe, ngoko yayibalulekile kuye nale inye ilahlekileyo. Ecinga ukuba iwile, ulayita isibane ayikhangele kodwa akayiboni. Isibane sakhe asikhanyisi ngokwaneleyo ukuba ayibone. Ekugqibeleni utshayela yonke indlu aze ayifunisise. Kuloo nkunkuma ayiqokeleleyo uyayibhaqa le drarhma, nantsi imenyezela njengoko isibane sisakhanya. Kutsho kuthi xibilili. Ubiza abahlobo bakhe nabamelwane ukuze abaxelele ezi ndaba zimnandi.

5. Kutheni kusenokuba nzima ukufumana abanye abantu abapholileyo?

5 Umzekeliso kaYesu usinceda sibone ukuba umntu kufuneka asebenze ukuze afumane into ibilahlekile. Ngendlela efanayo, kusenokufuneka nathi sisebenze nzima ukuze sibafumane abantu abapholileyo. Mhlawumbi sekugqithe iminyaka emininzi bepholile okanye bafudukele kwindawo enabazalwana abangabaziyo. Kodwa into esiqiniseke ngayo kukuba, kanye ngoku, abanye abantu abapholileyo bayafuna ukubuyela kuYehova. Bafuna ukukhonza uYehova kunye nabazalwana noodade, kodwa abanakuyenza loo nto ukuba asibancedi.

6. Ukuze sincedise ukukhangela abantu abapholileyo, yintoni esinokuyenza sonke ebandleni?

6 Ngoobani abamele bakhangele abantu abapholileyo? Sonke. Abadala, oovulindlela, iintsapho ezinabantu abapholileyo nabavakalisi. Ngaba unomhlobo okanye umntu ozalana naye opholileyo? Ngaba ukhe wadibana nomntu opholileyo entsimini? Ukuba angathanda ukutyelelwa, mchazele ukuba unganika abadala bebandla lakho iadresi nenombolo yefowuni yakhe.

7. Ufunda ntoni kwinto ethethwa nguThomas ongumdala?

7 Banokukhangelwa njani abantu abafuna ukubuyela kuYehova, ingakumbi ngabadala? UThomas * ongumdala ohlala eSpeyin noncede abantu abangaphezu kwe-40 babuyela kuYehova, uthi: “Ndiye ndiqale ndibuze abazalwana noodade ukuba bayabazi na ukuba bahlala phi abantu abapholileyo ebandleni. Okanye ndibabuze ukuba bakhona na abanye abantu ababaziyo abangaseziyo ezintlanganisweni. Abaninzi ebandleni baye bayivuyele le nto kuba bebona ukuba nabo bayancedisa ekukhangeleni. Ndize ke xa ndibatyelele aba bazalwana noodade bapholileyo ndibabuze nangabantwana babo nangabanye abantu abazalana nabo. Abanye abantu abapholileyo babekade besiza nabantwana babo kwiintlanganiso, mhlawumbi abo bantwana babe ngabavakalisi, ngoko nabo banokuncedwa babuyele kuYehova.”

NCEDA ABANTWANA ABALAHLEKILEYO BAKATATA BABUYE

8. Kumzekeliso wonyana wolahleko okuLuka 15:17-24 utata wamphatha njani unyana wakhe oguqukileyo?

8 Simele sibaphathe njani abantu abafuna ukubuyela kuYehova ukuze sikwazi ukubanceda? Makhe sithethe ngomzekeliso kaYesu wonyana wolahleko size sibone ukuba sifunda ntoni. (Funda uLuka 15:17-24.) UYesu uthi lo nyana wabuyela ezingqondweni waza wagoduka. Utata wakhe waya ebaleka kuye waza wamanga ukuze ambonise ukuba usamthanda. Unyana wayetyiwa sisazela ngenxa yento ayenzileyo ibe wayecinga ukuba akasafanelanga kuphathwa njengonyana. Kuba utata wakhe evelana naye, wenza izinto ezimenza aqiniseke ukuba wamkelwa ekhaya njengonyana othandwayo, hayi njengomqeshwa. Wamenzela itheko waza wamnika nempahla entle unyana wakhe oguqukileyo.

9. Simele sibaphathe njani abantu abapholileyo ukuze sibancede babuyele kuYehova? (Jonga ibhokisi ethi: “ Indlela Yokunceda Abantu Abafuna Ukubuya.”)

9 UYehova uyafana nalo tata ukulo mzekeliso. Uyabathanda abazalwana noodade abapholileyo ibe ufuna babuyele kuye. Ukuba nathi sinokulinganisa uYehova, singabanceda babuye. Sinokumlinganisa ngokuba nomonde kubo, sivelane nabo size sibabonise ukuba siyabathanda. Kutheni simele sibaphathe ngale ndlela ibe sinokuyenza njani loo nto?

10. Kutheni kufuneka sibe nomonde ukuze sincede umntu abuyele kuYehova?

10 Kufuneka sibe nomonde kuba kuthatha ixesha ukuba umntu abuyele kuYehova. Abantu abaninzi ababepholile bayavuma ukuba kuye kwafuneka batyelelwe kaninzi ngabadala nangabanye abantu ebandleni ngaphambi kokuba baqalise ukukhonza uYehova kwakhona. UNancy udade waseAsia uthi: “Umhlobo osondeleyo endandinaye ebandleni, wandinceda kakhulu. Wayendithanda ngathi ngusisi wam. Wayendikhumbuza ngezinto ezintle esasizenza kunye, wayendimamela ngomonde xa ndimchazela indlela endiziva ngayo aze andicebise. Waba ngumhlobo nyhani, esoloko efuna ukundinceda ngalo lonke ixesha.”

11. Kutheni simele sivelane nabantu abakhathazekileyo ukuze sibancede?

11 Xa umntu equmbile, uba ngathi unesilonda esibuhlungu, ngoko ukuvelana naye liyeza elithambisa eso silonda aze azive bhetele. Abanye abaneminyaka emininzi bepholile kuba babecatshukiswe ngumntu ebandleni, basacaphukile ibe basakhathazekile nangoku. Ngenxa yaloo nto baye bangabi namdla wokubuyela kuYehova. Abanye basenokucinga ukuba zange baphathwe kakuhle. Mhlawumbi badinga umntu oza kubamamela, aqonde indlela abaziva ngayo. (Yak. 1:19) UMaría owayekhe waphola uthi, “Ndandidinga umntu ozandimamela, andithuthuzele aze andicebise.”

12. Lufana njani nentambo uthando lukaThixo? Yenza umzekelo.

12 IBhayibhile iyifanisa nentambo indlela uYehova abathanda ngayo abantu bakhe. Lufana njani nentambo uthando lukaThixo? Masenze umzekelo. Masithi utshona kulwandle olungazolanga ibe namanzi ayabanda. Suka kubekho umntu okwisikhephe esikufutshane okujulela into oza kubambelela kuyo ukuze ungatshoni. Iyakuvuyisa le nto. Kodwa ukuze usinde kufuneka uphume emanzini. Kuza kufuneka abantu abakwesi sikhephe bakujulele intambo baze bakutsale uze esikhepheni. Xa uSirayeli wayemshiyile uYehova, uYehova wathi: “Ndamtsala ngeentambo zothando.” (Hos. 11:4) UThixo ufuna ukwenza into efanayo nanamhlanje kubo bonke abo bayekileyo ukumkhonza ngenxa yokuba becinezelwa ziingxaki nangamaxhala. Ufuna bayazi ukuba uyabathanda ibe ufuna ukubatsala babuyele kuye. UYehova angakusebenzisa nawe ukuze ubancede babone ukuba uyabathanda.

13. Into eyenzeka kuPablo ibonisa njani ukuba xa sibathanda abanye bangabuyela kuYehova?

13 Kubalulekile ukuba singayeki ukubaxelela bantu abapholileyo ukuba uYehova uyabathanda size nathi sibabonise ukuba siyabathanda. UPablo ebekuthethwe ngaye kwinqaku elidlulileyo, wayephole iminyaka eyi-30. Uthi: “Kusasa ngenye imini xa ndandiphuma endlini, ndadibana nomnye udade onobubele osele ekhulile. Wathetha nam ngendlela eyandenza ndabona ukuba uyandithanda. Zange ndikwazi ukuzibamba iinyembezi. Ndamchazela ukuba ndibona ngathi uYehova uthumele yena azokuthetha nam. Kanye ngaloo mzuzu ndazixelela ukuba ndiza kubuyela kuYehova.”

BATHANDE, UBANCEDE UKUZE BOMELELE

14. ULuka 15:4, 5 uthi yintoni eyenziwa ngumalusi emva kuba eyifumene igusha elahlekileyo?

14 Emva kokuba sibafumene abantu abapholileyo simele singayeki ukubanceda nokubakhuthaza. Kanye njengonyana wolahleko, isenokuba bakhathazeke kakhulu ibe kusenokuthatha ixesha ngaphambi kokuba bazive bhetele. Ubuhlobo babo noYehova busenokuba abuqinanga ngendlela obabuqine ngayo, ngenxa yezinto eziye zenzeka xa bebesehlabathini likaSathana. Simele sibancede baphinde baqinise ukholo lwabo kuYehova. Kumzekeliso kaYesu wegusha elahlekileyo, uYesu uchaza indlela umalusi ayibuyisela ngayo igusha emhlambini eyibeke emagxeni. Kumthathe ixesha elininzi namandla umalusi ukufumana igusha elahlekileyo kodwa uyayazi ukuba le gusha ayizukwazi ukuzihambela iyokufika emhlambini. Kufuneka ayincede, yiloo nto eyibeka emagxeni.​—Funda uLuka 15:4, 5.

15. Yintoni esinokuyenza ukuze sincede abantu abapholileyo abafuna ukubuyela kuYehova? (Jonga ibhokisi ethi: “ Incwadana Enceda Kakhulu.”)

15 Kufuneka sisebenzise ixesha lethu elininzi namandla ukuze sincede umntu opholileyo alungise ingxaki eyenza kube nzima ukuba aphinde akhonze uYehova kwakhona. Kodwa sinokubanceda baphinde baqinise ukuhlobo babo noYehova kwakhona ngeLizwi LikaThixo, ngeencwadi zentlangano nangomoya oyingcwele. (Roma 15:1) Singayenza njani le nto? Omnye umdala onamava uthi, “Abantu abaninzi ebebepholile nabaqala ukhonza uYehova kwakhona, kufuneka baqhutyelwe isifundo seBhayibhile.” * Ukuba abadala bakucela ufundele umntu obepholile, umele uyivuyele loo nto ukuba uza kukwazi ukumfundela. Lo mdala uphinde athi, “Umntu opholileyo umele afundelwe ngumntu anokuthetha naye ngokukhululekileyo, amthembe aze abe ngumhlobo.”

KUVUYWA EZULWINI NASEMHLABENI

16. Sazi njani ukuba iingelosi ziyasincedisa?

16 Maninzi amava asenza sibone ukuba iingelosi ziyasincedisa ukuze sifumane abantu abafuna ukubuyela kuYehova. (ISityhi. 14:6) USilvio umzalwana owayepholile waseEcuador wathandaza ecela uYehova amncede abuyele ebandleni. Kwankqonkqoza abadala ababini emnyango esathandaza. Baqala ngoko nangoko ukumnceda abuyele kuYehova.

17. Siza kuziva njani xa sinceda abantu babuyele kuYehova?

17 Siza kuvuya nyhani xa sinceda abantu abapholileyo babuyele kuYehova. USalvador onguvulindlela osoloko ezama ukunceda abantu abapholileyo, uthi: “Xa ndicinga ngabantu ababuyele kuYehova, kuye kube nzima ukuzibamba iinyembezi zovuyo ngamanye amaxesha. Ndiye ndivuye xa ndicinga ukuba ndisebenze noYehova ukunceda umkhonzi wakhe oxabisekileyo aphume kwihlabathi likaSathana aze abuyele ebandleni.”​—IZenzo 20:35.

18. Ukuba upholile, yintoni omele uqiniseke ngayo?

18 Ukuba awusashumayeli ibe awusayi nasezintlanganisweni, qiniseka uYehova usakuthanda. Ufuna ubuyele kuye. Zikhona izinto ekuza kufuneka uzenzile ukuze ubuyele kuye kodwa njengotata okumzekeliso wonyana wolahleko, uYehova ukulindile. Uza kuvuya xa ubuyela ekhaya.

INGOMA 103 Abalusi—Izipho Ezingabantu

^ isiqe. 5 UYehova ufuna abantu abangasayiyo entsimini okanye kwiintlanganiso babuyele kuye. Zininzi izinto esinokuzenza ukuze sikhuthaze abantu abapholileyo abafuna ukwamkela isimemo sikaYehova esithi: “Buyelani kum.” Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto esinokuzenza ukuze sibancede.

^ isiqe. 7 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 15 Abanye abantu abapholileyo banokuncedwa ngokufundelwa izahluko kwincwadi ethi Zigcineni Kuthando LukaThixo kanti abanye bona banokukhunjuzwa izinto ezikwincwadi ethi Sondela kuYehova. YiKomiti Yenkonzo Yebandla ekhetha abavakalisi abanokufundela umntu opholileyo.

^ isiqe. 68 IMIFANEKISO: Abazalwana abathathu banceda umzalwana ofuna ukubuyela kuYehova. Bayenza le nto ngokuthetha naye, bamqinisekise ukuba bayamthanda baze bammamele xa echaza indlela aziva ngayo.