Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 24

“Ndinike Intliziyo Emanyeneyo Ukuze Iloyike Igama Lakho”

“Ndinike Intliziyo Emanyeneyo Ukuze Iloyike Igama Lakho”

“Ndinike intliziyo emanyeneyo ukuze iloyike igama lakho. Ndikudumisa ngentliziyo yam yonke Yehova Thixo wam.”—INdu. 86:11, 12.

INGOMA 7 UYehova Ungamandla Ethu

IZINTO ESIZAKUZIFUNDA *

1. Kuthetha ukuthini ukoyika uThixo? Ukuba siyamthanda kutheni simele simoyike?

AMAKRISTU ayamthanda uThixo ibe ayamoyika. Kweli nqaku siza kuthetha ngokubaluleka kokoyika uThixo. Kodwa kuthetha ukuthini ukoyika uThixo? Abantu abamoyikayo uThixo bamhlonipha ngokusuka entliziyweni. Abafuni ukwenza kwanto eza kumkhathaza uTata wabo osezulwini kuba abafuni kubumosha ubuhlobo babo naye.​—INdu. 111:10; IMize. 8:13.

2. Xa sicinga ngamazwi kaKumkani uDavide akwiNdumiso 86:11, zintoni ezimbini esiza kuthetha ngazo?

2 Funda iNdumiso 86:11. Xa ucinga ngala mazwi, uye ubone ukuba uKumkani uDavide owayethembekile wayekuqonda ukuba kubalulekile ukoyika uYehova. Makhe sithethe ngokuba ingasinceda njani into eyayithethwa nguDavide emthandazweni wakhe. Okokuqala, siza kuthetha ngezizathu ezisenza siloyike igama likaThixo. Okwesibini, siza kuthetha ngendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyaloyika igama likaThixo yonke imihla.

KUTHENI SIMELE SILOYIKE IGAMA LIKAYEHOVA?

3. Kusenokwenzeka uMoses wancedwa yintoni ukuze ahlale eloyika igama likaThixo?

3 Cinga ngendlela uMoses awaziva ngayo, xa wayephakathi kwamatye, waza wabona uzuko lukaYehova emva kokuba ludlule phambi kwakhe. Imele ukuba yayimangalisa nyhani le nto. UMoses weva amazwi ekubonakala ukuba ayethethwa yingelosi, athi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba novelwano, ongakhawuleziyo ukucaphuka, ophuphuma luthando olungagungqiyo nenyaniso, ozithanda ngokungagungqiyo izizukulwana ezingamawaka, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono.” (Eks. 33:17-23; 34:5-7) Kusenokwenzeka ukuba uMoses wayecinga ngale nto yenzekayo xa ebiza igama likaYehova. Yiloo nto uMoses walumkisa abantu bakaThixo amaSirayeli wathi ‘mabaloyike eli gama lizukileyo neloyikekayo.’​—Dut. 28:58.

4. Yintoni enokusenza simhloniphe kakhulu uYehova?

4 Xa sicinga ngegama likaYehova simele sicinge nangokuba unamandla, ulumkile, unobulungisa ibe uyasithanda. Ukucinga ngezi zinto nezinye kunokusenza simhloniphe kakhulu.​—INdu. 77:11-15.

5-6. (a) Lithetha ukuthini igama likaThixo? (b) Ngokutsho kwe-Eksodus 3:13, 14 noIsaya 64:8, ziintoni uYehova azenzayo ukuze enze into ayifunayo?

5 Lithetha ukuthini igama likaThixo? Abaphandi abaninzi bayavuma ukuba igama elithi Yehova lithetha ukuba “Ubangela Kubekho.” Into ethethwa ligama likaYehova isibonisa ukuba angenza nantoni na afuna ukuyenza, akukho nto inokumnqanda. Njani?

6 UYehova uba yiyo nantoni na efunekayo ukuze enze into afuna ukuyenza. (Funda iEksodus 3:13, 14.) Iincwadi zethu zisoloko zisikhumbuza ngale nto imangalisayo ngoThixo wethu. UYehova angenza nabakhonzi bakhe abangafezekanga ukuba babe yiyo nantoni efunekayo ukuze bamkhonze nokuze enze into ayifunayo. (Funda uIsaya 64:8.) Ngaloo ndlela uYehova uyakwazi ukwenza nantoni na afuna yenzeke. Ayikho into enokumnqanda angayenzi into afuna ukuyenza.​—Isa. 46:10, 11.

7. Yintoni enokusinceda simthande size simhloniphe kakhulu uTata wethu osezulwini?

7 Simthanda size simhloniphe kakhulu uTata wethu osezulwini xa sicinga ngezinto azenzileyo nezinto asincede sazenza. Ngokomzekelo, xa sicinga ngazo zonke izinto uYehova azidalileyo sishiyeka simangalisekile. (INdu. 8:3, 4) Xa sicinga ngendlela uYehova asincede ngayo ukuze sikwazi ukumkhonza sitsho simhloniphe ngokusuka entliziyweni. Liyamangalisa nyhani igama likaYehova! Lisixelela yonke into ngoTata wethu, izinto azenzileyo nezinto aza kuzenza.​—INdu. 89:7, 8.

“NDIZA KUTHETHA NGEGAMA LIKAYEHOVA”

Izinto ezazifundiswa nguMoses zaziqinisa ukholo ibe zikhuthaza. Wayefundisa ngoYehova uThixo, nangegama lakhe. (Funda isiqendu 8) *

8. Ngokutsho kweDuteronomi 32:2, 3 uYehova ufuna abakhonzi bakhe balisebenzise njani igama lakhe?

8 Kanye ngaphambi kokuba amaSirayeli angene kwiLizwe Lesithembiso, uYehova wafundisa uMoses ingoma. (Dut. 31:19) UMoses yena wayemele ayifundise abantu le ngoma. (Funda iDuteronomi 32:2, 3.) Xa sicinga ngevesi-2 no-3 sitsho sibone ukuba uYehova wayengafuni igama lakhe lifihlwe okanye lingabizwa, kuba kusithiwa lingcwele kakhulu ukuba lingabizwa. Ufuna wonke umntu alazi igama lakhe. Kwakumnandi nyhani kumaSirayeli ukuva uMoses ewafundisa ngoYehova nangegama lakhe elizukileyo. Izinto abazifundiswa nguMoses zabanceda baqinisa ukholo lwabo zaza zabakhuthaza, njengokuba nezityalo zikhula xa imvula ikhwitsha. Singenza njani thina ukuze indlela esifundisa ngayo ibancede abantu ngendlela efanayo?

9. Singancedisa njani ekungcwaliseni igama likaYehova?

9 Xa sisentsimini simele sisebenzise iiBhayibhile zethu ukuze sibonise abantu ukuba igama likaThixo nguYehova. Singabanika iincwadi zethu, sibabukelise iividiyo okanye sibabonise ezinye izinto eziku-jw.org ezizukisa uYehova. Emsebenzini, esikolweni okanye xa sisendleleni, simele sikhangele amathuba okuxelela abantu ukuba unjani uThixo wethu esimthandayo. Sinokubaxelela ngezinto ezimangalisayo uYehova aza kuzenza emhlabeni naza kusenzela zona. Xa sibaxelela ezi zinto basenokothuka kuba beqala ukuyiva indlela uYehova sithanda ngayo. Xa sibachazela inyani abantu ngoTata wethu osithandayo, siyancedisa ekungcwalisweni kwegama likaYehova. Sinceda abantu babone ukuba izinto ezininzi abazifundisiweyo ngoThixo aziyonyani. Ayikho into enokubahlaziya ngaphezu kwezinto eziseBhayibhileni esibafundisa zona.​—Isa. 65:13, 14.

10. Xa sifundisa abantu iBhayibhile, kutheni singamele sibafundise imigaqo nemithetho kaThixo kuphela?

10 Xa siqhuba izifundo zeBhayibhile simele sizincede zilazi igama likaYehova zize zilisebenzise. Sifuna nokuzinceda zazi ukuba igama lakhe lisixelela ntoni ngaye. Singakwazi ukuyenza loo nto ukuba sibafundisa nje imithetho nemigaqo? Umntu unokuyazi imithetho kaThixo aze ayincome nokuyincoma. Kodwa ngaba uza kumthobela uYehova kuba emthanda? Khumbula, uAdam noEva babewazi umthetho kaThixo, kodwa babengamthandi ngentliziyo yabo yonke uThixo. (Gen. 3:1-6) Kuyacaca ke ukuba asimele sifundise abantu imithetho nemigaqo kaThixo nje kuphela.

11. Xa sifundisa abantu imithetho nemigaqo kaThixo sinokubanceda njani bamthande uThixo?

11 Imithetho nemigaqo kaYehova iyathandeka ibe iyasinceda. (INdu. 119:97, 111, 112) Kodwa abantu esibafundelayo soze bayibone loo nto de bayiqonde ukuba uYehova uyibeke kuba esithanda. Kuhle ukubabuza: “Ucinga ukuba kwakutheni ukuze uThixo athi abakhonzi bakhe mabenze le nto, okanye bangayenzi? Isifundisa ntoni le nto ngoYehova?” Xa sibanceda bacinge ngoYehova baze balithande igama lakhe elizukileyo sinokubafikelela intliziyo. Loo nto iza kubanceda batsho bamthande uThixo nemithetho yakhe. (INdu. 119:68) Baza kuba nokholo oluqinileyo baze bakwazi ukunyamezela iingxaki eziza kuvela.​—1 Kor. 3:12-15.

“SIZA KUHAMBA EGAMENI LIKAYEHOVA”

Intliziyo kaDavide yakhe ayamanyana (Funda isiqendu 12)

12. Yintoni eyakhe yenza intliziyo kaDavide ayamanyana, ibe kwenzeka ntoni?

12 Abaluleke kakhulu amazwi awabhalwa nguKumkani uDavide kwiNdumiso 86:11 athi: “Ndinike intliziyo emanyeneyo.” Wazibonela kobakhe ubomi indlela ekulula ngayo ukuba intliziyo ingamanyani. Ngenye imini, wayeseluphahleni lwendlu yakhe waza wabona umfazi wenye indoda ehlamba. Ngaba wayenentliziyo emanyeneyo uDavide ngelo xesha? Wayewazi umthetho kaYehova othi: “Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho.” (Eks. 20:17) Kodwa zange ayeke ukumjonga lo mfazi. Intliziyo yakhe yayingamanyenanga, wayencwase uBhatshebha kodwa kwelinye icala wayefuna ukuvuyisa uYehova. Nangona uDavide wayenexesha elide emthanda ibe emoyika uYehova wazivumela ukuba acingele isiqu sakhe. Ngenxa yaloo nto, uDavide wenza izinto ezimbi. Walingcolisa igama likaYehova. Kwaza kwenzeka izinto ezimbi kubantu abangenatyala nakwintsapho yakhe.​—2 Sam. 11:1-5, 14-17; 12:7-12.

13. Sazi njani ukuba intliziyo kaDavide yaphinda yamanyana?

13 UYehova wamqeqesha uDavide waza waphinda wanobuhlobo obuhle naye. (2 Sam. 12:13; INdu. 51:2-4, 17) UDavide zange akulibale ukungonwabi neengxaki ezavelayo ngenxa yokuba nentliziyo engamanyenanga. Yiloo nto kwiNdumiso 86:11 wacela uYehova ukuba ‘amnike intliziyo emanyeneyo.’ Ngaba uYehova wasiphendula isicelo sikaDavide? Ewe, kuba iLizwi LikaThixo lithi ‘intliziyo kaDavide yayiphelele kuYehova uThixo wakhe.’—1 Kum. 11:4; 15:3.

14. Simele sizibuze ntoni, ibe ngoba?

14 Into eyenzeka kuDavide iyasikhuthaza, iphinde isilumkise. Njengabakhonzi bakaThixo sonke simele sikulumkele ukwenza isono. Nanku umbuzo esimele sizibuze wona, nokuba sisandokuqala ukukhonza uYehova okanye sineminyaka emininzi simkhonza: ‘Ngaba ndilwa ngamandla ukuze ndingavumi ukuba uSathana ayenze ingamanyani intliziyo yam?’

USathana angazama nantoni na ukuze intliziyo yakho ingamanyani. Ungamvumeli! (Funda isiqendu 15-16) *

15. Ukoyika uThixo kungasikhusela njani xa sibona imifanekiso esenza sicinge izinto ezingcolileyo?

15 Ngokomzekelo, uye wenze ntoni xa kwiTV okanye kwi-intanethi kuvela umfanekiso onokwenza ucinge izinto ezingcolileyo? Kusenokuba lula ukuba uzithethelele uthi loo mfanekiso okanye loo muvi ayophonografi. Kodwa ngaba uSathana akanakuyisebenzisa ukuze enze intliziyo yakho ingamanyani? (2 Kor. 2:11) Loo mfanekiso sinokuwufanisa nezembe elisetyenziswa ukucanda isigodo. Izembe liqala lingene kancinci, ngalaa ndawo ibhityileyo ibukhali. Kodwa njengoko liye lingena, isigodo siyacandeka. Ngaba imifanekiso esenza sicinge izinto ezingcolileyo ayifani nalaa ndawo ibhityileyo ibukhali kwizembe. Ukujonga imifanekiso ebonakala ingeyongozi kunokuyenza intliziyo yomntu ingamanyani, aze one uYehova. Ngoko sukuvumela nantoni na embi ingene entliziyweni yakho. Yigcine imanyene ukuze iloyike igama likaYehova!

16. Yeyiphi imibuzo esimele sizibuze yona xa silingwa?

16 USathana akasilingi ngemifanekiso esenza sicinge izinto ezingcolileyo kuphela, kodwa usilinga nangezinye iindlela. Siye sithini xa esilinga? Kusenokuba lula ukucinga ukuba ayimbanga kakhulu loo nto ulingelwa kuyo. Ngokomzekelo, sisenokuthi: ‘Andizokukhutshelwa ngaphandle ngokuyenza le nto, ngoko ayimbanga kangako.’ Ukucinga ngaloo ndlela akulunganga. Kungabhetele sizibuze le mibuzo: ‘Ngaba uSathana usebenzisa esi silingo ukuze ayenze ingamanyani intliziyo yam? Ukuba ndiyayenza le nto ingalunganga, ngaba andizokungcolisa igama likaYehova? Ngaba ukwenza le nto kuza ndisondeza okanye kuza ndibhekelisa kuThixo?’ Yicingisise le mibuzo. Thandazela ubulumko ukuze ungaziqhathi xa uyiphendula. (Yak. 1:5) Xa uyenza loo nto uyazikhusela. Ibe awuzuvuma tu xa ulingwa, uza kufana noYesu owathi: “Hamb’ apha Sathana!”​—Mat. 4:10.

17. Kutheni kungalunganga ukuba nentliziyo engamanyenanga? Yenza umzekelo.

17 Ayincedi nganto intliziyo engamanyenanga. Khawucinge ngeqela lebhola elinabadlali abangavaniyo. Abanye bafuna kunconywe bona, abanye badlala unothanda ibe abanye abammameli umqeqeshi. Kunganzima kakhulu ukuba elo qela liphumelele. Kodwa iqela elimanyeneyo lingaphumelela lula. Nentliziyo yakho ingafana nelo qela limanyeneyo ukuba indlela oziva ngayo, izinto ozicingayo nezinto ozifunayo zimanyene, ibe zikunceda ukhonze uYehova. Khumbula, uSathana ufuna nyhani ukwenza intliziyo yakho ingamanyani. Ufuna izinto ozicingayo, izinto ozifunayo nendlela oziva ngayo yahluke tu kwizinto ezifunwa nguYehova. Kodwa wena umele uzimisele ukumkhonza uYehova ngentliziyo yakho yonke. (Mat. 22:36-38) Ungaze umvumele uSathana ayenze ingamanyani intliziyo yakho!

18. Xa ucinga ngoMika 4:5 uzimisele ukwenza ntoni?

18 Thandaza kuYehova njengoDavide owathi: “Ndinike intliziyo emanyeneyo ukuze iloyike igama lakho.” Zimisele ukuyenza into ethethwa kulo mthandazo. Yonke imihla, izigqibo ozenzayo, ezincinci okanye ezinkulu, mazibonise ukuba ulihlonipha ngokusuka entliziyweni igama likaYehova elingcwele. Ukuba uyayenza loo nto, uza kulimela kakuhle igama likaYehova njengeNgqina lakhe. (IMize. 27:11) Ibe sonke siza kukwazi ukuthetha into eyathethwa ngumprofeti uMika owathi: “Siza kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ngonaphakade kanaphakade.”​—Mika 4:5.

INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam

^ isiqe. 5 Kweli nqaku siza kuthetha ngomthandazo kaDavide okwiNdumiso 86:11, 12. Kuthetha ukuthini ukoyika igama likaYehova? Kutheni simele siloyike? Ibe ukoyika uThixo kungasikhusela njani xa silingwa ukuba senze into embi?

^ isiqe. 53 IMIFANEKISO: UMoses wafundisa abantu bakaThixo ingoma eyayizukisa uYehova.

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: UEva wavuma ukwenza into embi. Thina simele singavumi ukubuka imifanekiso okanye ukufunda imiyalezo eza kusenza senze izinto ezimbi size singcolise igama likaThixo.