Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 25

“Ndiza Kuzikhangela Ngokwam Iigusha Zam”

“Ndiza Kuzikhangela Ngokwam Iigusha Zam”

“Ndiza kuzikhangela ngokwam iigusha zam, yaye ndiza kuzihoya.”​—Hez. 34:11.

INGOMA 105 “UThixo Uluthando”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni uYehova ezifanisa nomama oncancisayo?

“NGABA umfazi angalulibala usana lwakhe?” UYehova wabuza lo mbuzo ngexesha likaIsaya, umprofeti. UThixo wathi kubantu bakhe: “Nokuba bona abo bafazi bangalibala, mna soze ndikulibale.” (Isa. 49:15) UYehova akafane azifanise nomama, kodwa apha wayezifanisa nomama. UYehova ufanisa indlela abathanda ngayo abakhonzi bakhe nendlela umama aluthanda ngayo usana lwakhe ukuze babone indlela abathanda ngayo. Oomama abaninzi banokuthetha into efanayo neyathethwa ngudade Jasmin owathi: “Xa uncancisa usana lwakho, uye uluthande ngendlela ekhethekileyo ibe awuyeki ukuluthanda.”

2. UYehova uziva njani xa omnye wabakhonzi bakhe eyeka ukumkhonza?

2 UYehova uyayazi xa omnye wabakhonzi bakhe eyeka ukushumayela okanye ukuya ezintlanganisweni. Khawucinge ke ngendlela akhathazeka ngayo xa abakhonzi bakhe abaninzi bephola * qho ngonyaka.

3. Yintoni efunwa nguYehova?

3 Abaninzi kwaba bazalwana noodade esibathandayo baye babuyele ebandleni ibe siye sivuye. UYehova ufuna babuye ibe nathi sifuna loo nto. (1 Pet. 2:25) Singabanceda njani ukuze babuye? Ngaphambi kokuba siphendule lo mbuzo, masiqale sithethe ngokuba kutheni abanye beyeka ukuya kwiintlanganiso nokuya entsimini.

KUTHENI ABANYE BEYEKA UKUKHONZA UYEHOVA?

4. Yintoni eye yenzeke kwabanye abantu ngenxa yomsebenzi wabo?

4 Abanye baye bavumela umsebenzi waba yeyona nto ibalulekileyo ebomini babo. Umzalwana uHung * ohlala eAsia uthi: “Ndandichitha amandla nexesha elininzi emsebenzini. Ndandicinga ukuba ndingamkhonza bhetele uYehova xa ndinokufumana imali engaphezu kwale ndandiyifumana ndaza ndasebenza iiyure ezininzi, ndandiziqhatha. Ndamane ndiphoswa ziintlanganiso ndaza ekugqibeleni ndayeka ukuya. Kubonakala ngathi uSathana usebenzisa ihlabathi ukuze enze abantu kancinci kancinci bayeke ukukhonza uThixo.”

5. Kwenzeka ntoni komnye udade ngenxa yeengxaki ezininzi awayenazo?

5 Abanye abazalwana noodade baneengxaki ezininzi ezibatyhafisayo. UAnne waseBritani, ngumama onabantwana abahlanu. Uthi: “Unyana wam wokugqibela wazalwa ekhubazekile. Ekuhambeni kwexesha enye yeentombi zam yakhutshelwa ngaphandle. Kanti yena unyana wam wokuqala, waphazamiseka engqondweni. Zandikhathaza kakhulu ezi zinto, de ndayeka ukuya ezintlanganisweni nokushumayela. Ekugqibeleni ndaphola.” Siyavelana noAnne nentsapho yakhe kunye nabanye abaneengxaki ezifanayo.

6. Ukungalisebenzisi icebiso elikumaKolose 3:13 kungamenza njani umntu abhekele kubantu bakaYehova?

6 Funda amaKolose 3:13. Abanye abakhonzi bakaYehova baye bacatshukiswa zizinto eziye zenziwa ngabazalwana okanye ngoodade ebandleni. Umpostile uPawulos wathi ngamanye amaxesha sisenokuba naso isizathu sokukhalazela umzalwana okanye udade. Mhlawumbi siye asaphathwa kakuhle. Ukuba asilumkanga, sisenokuzibona sesinenzondo. Inzondo inokumenza umntu angafuni ukuba phakathi kwabantu bakaYehova. Khawucinge ngento eyenzeka kuPablo, umzalwana waseMzantsi Merika. Kwaxokwa nganye, watyholwa kusithiwa wenze into embi nangona yena wayengayenzanga. Abadala bakholelwa ukuba uyenzile waza wayekiswa umsebenzi ebewenza ebandleni. Wathini uPablo? Uthi: “Ndaba nomsindo, yaza loo nto yandibhekelisa ebandleni kancinci kancinci.”

7. Yintoni enokwenzeka kumntu otyiwa sisazela?

7 Ukuba umntu wakha wenza isono esinzulu, unokutyiwa sisazela ixesha elide, ade azive engathandwa nguThixo. Nangona eye waguquka waza wenzelwa inceba, usenokuziva engafaneleki ukuba phakathi kwabantu bakaThixo. Omnye umzalwana ekuthiwa nguFrancisco wakhe waziva ngale ndlela. Uthi: “Ndalulekwa yikomiti egwebayo ngenxa yokuziphatha kakubi. Ekuqaleni ndandingenangxaki ukuya kwiintlanganiso. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndakhathazeka nyhani, ndaza ndaziva ndingafaneleki ukuba phakathi kwabantu bakaYehova. Isazela sam sasinditya ibe ndandiqinisekile ukuba uYehova akandixolelanga. Ekuhambeni kwexesha ndayeka ukuya entsimini nakwiintlanganiso.” Uziva njani wena ngabazalwana noodade abaneengxaki ezinjengezi sithethe ngazo? Ngaba uyavelana nabo? Eyona nto ibalulekileyo, uYehova yena uziva njani ngabo?

UYEHOVA UYABATHANDA ABAKHONZI BAKHE

Umalusi wakwaSirayeli wayeyikhathalela igusha elahlekileyo (Jonga isiqendu 8-9) *

8. Ngaba uYehova uyabalibala abantu abakhe bamkhonza? Cacisa.

8 UYehova akabalibali abantu abakhe bamkhonza kodwa abasayekileyo okwexeshana. Akazilibali nezinto abamenzele zona xa bebemkhonza. (Heb. 6:10) Umprofeti uIsaya wathetha ngomzekelo omhle, obonisa indlela uYehova abathanda ngayo abantu bakhe. Wathi: “Iza kuwukhathalela umhlambi wayo njengomalusi. Ngengalo yayo, iza kuwaqokelela amatakane. Iza kuhamba nawo iwabeke esifubeni.” (Isa. 40:11) Umalusi Omkhulu uYehova uziva njani xa omnye wabakhonzi bakhe eyeka ukumkhonza? UYesu wasixelela impendulo xa wathi kubakhonzi bakhe: “Khanitsho, ukuba umntu uneegusha eziyi-100 kuze kulahleke ibe nye, akanakuzishiya na ezo ziyi-99 ezintabeni, ayokukhangela leyo ilahlekileyo? Xa eyifumana, ndiyaniqinisekisa ukuba, uyivuyela ngaphezu kwezo ziyi-99 bezingalahlekanga.”​—Mat. 18:12, 13.

9. Ngexesha leBhayibhile, abalusi babeziphatha njani iigusha zabo? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

9 Kutheni uYehova sinokumfanisa nomalusi? Kaloku ngexesha leBhayibhile, umalusi wayezikhathalela kakhulu iigusha zakhe. Ngokomzekelo, uDavide walwa nengonyama nebhere ukuze akhusele iigusha zakhe. (1 Sam. 17:34, 35) Ngokuqinisekileyo, umalusi olungileyo soze angayazi xa kulahleke noba inye kwiigusha zakhe. (Yoh. 10:3, 14) Umalusi onjalo angazishiya kwindawo ekhuselekileyo iigusha zakhe eziyi-99 okanye azigcinise kwabanye abalusi aze yena ayokukhangela leya ilahlekileyo. UYesu wawusebenzisa lo mzekelo ukuze asifundise into ebalulekileyo, wathi: “Unjalo ke noTata osezulwini, akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinci.” ​—Mat. 18:14.

Umalusi wakudala wakwaSirayeli ukhathalela igusha ebilahlekile (Jonga isiqendu 9)

UYEHOVA UYAZIKHANGELA IIGUSHA ZAKHE

10. Ngokutsho kukaHezekile 34:11-16, uYehova wathembisa ukuba uza kuzenzela ntoni iigusha zakhe ezilahlekileyo?

10 UYehova usithanda sonke, naba “bancinci” baye bawushiya umhlambi. Esebenzisa umprofeti uHezekile, uThixo wathembisa ukuba uza kuzikhangela iigusha zakhe ezilahlekileyo okanye abakhonzi bakhe aze abancede baphinde babe nobuhlobo obuhle kunye naye. Wachaza nezinto awayeza kuzenza ukuze azincede. Ezo zinto zazifana nezo zazisenziwa ngabalusi bakwaSirayeli xa igusha ilahlekile. (Funda uHezekile 34:11-16.) Okokuqala umalusi wayeza kuyikhangela igusha, loo nto ithatha ixesha namandla. Xa eyifumene wayeza kuyithatha aze ayibuyisele emhlambini. Ukuba yenzakele okanye ilambile, umalusi wayeza kuyinceda, ayibophe amanxeba, ayifunqule aze ayityise. Abadala, abalusi ‘bomhlambi kaThixo’ bamele benze ezo zinto ukuze bancede abo baye balishiya ibandla. (1 Petros 5:2, 3) Bamele babakhangele, babancede babuyele ebandleni, baze bababonise ukuba bayabathanda ngokubanceda baphinde babe nobuhlobo obuhle noYehova. *

11. Yintoni awayeyiqonda umalusi olungileyo?

11 Umalusi olungileyo wayeqonda ukuba iigusha zakhe zingalahleka. Ukuba kwakusenzeka kubekho elahlekayo ngenye imini, umalusi wayengayiphathi kakubi ngenxa yokuba ibilahlekile. Makhe sithethe ngezinto esinokuzifunda kuYehova, ngendlela awabanceda ngayo abakhonzi bakhe abakhe abazenza izinto awayesithi mabazenze kuba babesoyika okanye betyhafile.

12. UYehova wamphatha njani uYona?

12 Umprofeti uYona wawubaleka umsebenzi awayewunikwe nguYehova. Kodwa uYehova zange amlahle uYona ngenxa yaloo nto. Njengomalusi olungileyo, uYehova wamsindisa waza wanika amandla okukwazi ukuwenza lo msebenzi wayemthume wona. (Yona 2:7; 3:1, 2) UThixo wasebenzisa umthi womhlavuthwa ukuze ancede uYona aqonde ukubaluleka kobomi bomntu. (Yona 4:10, 11) Sifunda ntoni thina? Abadala abamele babalahle abantu abaye baphola. Endaweni yoko, bamele bazame ukuqonda isizathu sokuba loo mntu elishiyile ibandla. Xa ebuyele kuYehova, abadala bamele babe nomdla kuye, bambonise ukuba bayamthanda.

13. Sifunda ntoni kwinto eyenziwa nguYehova emva kokuva into eyathethwa nguMdumisi kwiNdumiso 73?

13 Umbhali weNdumiso 73 watyhafa xa ebona ngathi izinto zibahambela kakuhle abenzi-bubi. Wazibuza ukuba kunceda ngantoni na ukwenza izinto ezithandwa nguThixo. (INdu. 73:12, 13, 16) Wathini uYehova? Zange amgxeke, wade waqiniseka ukuba amazwi alo Mdumisi ayabhalwa eBhayibhileni. Ekugqibeleni lo Mdumisi wabona ukuba ayikho into ebhetele ebomini ngaphezu kokuba ngumhlobo kaYehova. (INdu. 73:23, 24, 26, 28) Sifunda ntoni thina? Abadala bamele bangabagxeki abanye xa bebuza ukuba kunceda ngantoni ukukhonza uYehova. Endaweni yokubagxeka bamele bazame ukuqonda isizathu sokuba benze izinto ngendlela abazenza ngayo nesokuba bathethe ngendlela abathetha ngayo. Emva kokuba besiqondile banokubakhuthaza besebenzisa iBhayibhile.

14. Kwakutheni ukuze uEliya adinge uncedo ibe uYehova wamnceda njani?

14 Umprofeti uEliya wambaleka uKumkanikazi uIzebhele. (1 Kum. 19:1-3) Wayecinga ukuba nguye yedwa umprofeti kaYehova oshiyekileyo ibe wayecinga ukuba umsebenzi wakhe akukho yawo. Yamkhathaza kakhulu le nto de wafuna ukufa. (1 Kum. 19:4, 10) Endaweni yokuba amgxeke, uYehova wamqinisekisa uEliya ukuba akayedwanga, nokuba angathembela kumandla akhe ibe usemninzi umsebenzi ekusafuneka ewenzile. UYehova wammamela uEliya xa wayechaza izinto ezimkhathazayo waza wamnika eminye imisebenzi. (1 Kum. 19:11-16, 18) Sifunda ntoni thina? Sonke, ingakumbi abadala, simele sibaphathe ngobubele abakhonzi bakaYehova. Nokuba umntu uthi unomsindo okanye uziva ngathi uYehova soze amxolele, abadala bamele bammamele xa echaza indlela aziva ngayo. Emva koko, bamele bazame ukumqinisekisa ukuba uYehova uyamthanda.

SIMELE SIZIVE NJANI NGABAKHONZI BAKAYEHOVA ABALAHLEKILEYO?

15. Ngokutsho kukaYohane 6:39 uYesu wayeziva njani ngabakhonzi bakaTata wakhe?

15 UYehova ufuna sizive njani ngabakhonzi bakhe abalahlekileyo? UYesu wasibonisa indlela esimele sizive ngayo. Wayeyazi indlela uYehova abathanda ngayo abakhonzi bakhe, ngoko uYesu wenza konke awayenako ukuze ancede ‘izimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli’ zibuyele kuYehova. (Mat. 15:24; Luka 19:9, 10) Njengomalusi olungileyo, uYesu waphinda wenza konke awayenako ukuze zingalahleki izimvu zikaYehova.​—Funda uYohane 6:39.

16-17. Abadala bamele bazive njani ngokunceda abantu abashiye uYehova. (Jonga ibhokisi ethi “ Unokuziva Njani Umntu Opholileyo?”)

16 Umpostile upawulos wacebisa abadala base-Efese ukuba balinganise umzekelo kaYesu. Wathi, nimele “nincede abo badinga uncedo, yaye nimele nihlale niwakhumbula amazwi eNkosi uYesu athi: ‘Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.’” (IZe. 20:17, 35) Le vesi ibonisa ukuba abadala banomsebenzi obalulekileyo wokukhathalela abantu bakaYehova. Omnye umdala waseSpeyin onguSalvador uthi: “Xa ndicinga ngendlela uYehova abakhathalele ngayo abakhonzi bakhe abalahlekileyo, ndiye ndizimisele ukwenza nantoni na ukuze ndibancede. Ndiyayazi ukuba uYehova ufuna ndenze loo nto.”

17 Bonke abantu ababemshiyile uYehova ekukhe kwathethwa ngabo kweli nqaku, bancedwa baphinda babuyela kuye. Baninzi nabanye abamshiyileyo abafuna ukubuya ngoku. Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngezinto esinokuzenza ukuze sibancede babuyele kuYehova.

INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha

^ isiqe. 5 Kutheni abanye abantu abaneminyaka bekhonza uYehova ngokuthembeka beye bayeka ukumkhonza? Uziva njani uThixo ngabo? Eli nqaku liza kuyiphendula le mibuzo. Liza kuthetha nangezinto esinokuzifunda kubantu abaseBhayibhileni abakhe abazenza izinto uYehova awayesithi mabazenze, nakwindlela awabanceda ngayo.

^ isiqe. 2 IGAMA ELICACISIWEYO: Umvakalisi opholileyo ngumntu oneenyanga ezintandathu okanye ngaphezulu engashumayeli nebandla. Kodwa nokuba upholile, usengumzalwana okanye udadewethu ibe siyamthanda.

^ isiqe. 4 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 10 Inqaku elilandelayo liza kuthetha ngendlela abadala abanokuzenza ngayo ezi zinto zintathu.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: Umalusi wakwaSirayeli ukhangela igusha elahlekileyo kuba enexhala ngayo aze ayincede ibuyele emhlambini. Abalusi abasemabandleni benza loo nto nanamhlanje.

^ isiqe. 64 IMIFANEKISO: Udade opholileyo osebhasini, ubukele amaNgqina amabini ashumayela onwabile.