Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Amanye Amanqaku AkwiMboniselo

Amanye Amanqaku AkwiMboniselo

Abavakalisi abaninzi basebenzisa uJW Library xa belungiselela iintlanganiso. Bayixabisa kakhulu indlela ekulula ngayo ukufumana amanqaku afundwayo eMboniselo. Kodwa ngaphandle kwamanqaku afundwa kwiintlanganiso, iMboniselo efundwayo idla ngokuba nawo namanye amanqaku aqinisa ukholo. Yintoni onokuyenza ukuze uwafumane la manqaku kuJW Library aze akuncede?

  • Ekupheleni kwenqaku elifundwayo kukho umxholwana othi “Funda Nezinye Izinto.” Cofa ilinki ethi “Amanye amanqaku akule mboniselo.” Ngena kwiziqulatho apho uza kubona khona imixholo yamanqaku afundwayo namanani awo. Cofa umxholo welinye lamanqaku angazukufundwa kwiintlanganiso onomdla wokulifunda.

  • Xa ungena kuJW Library uza kubona indawo ethi “What’s New.” Qho xa kukho iMboniselo entsha yidawunlowude. Ngena kuyo, ujonge iziqulatho uze uwafunde onke amanqaku akuyo ukuze akuncede.