Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 26

Hlala Uyilindile Imini KaYehova

Hlala Uyilindile Imini KaYehova

Imini kaYehova iza kufika kanye njengesela ebusuku.”​—1 TES. 5:2.

INGOMA 143 Masihlale Silindile

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Ukuze sisinde ngemini kaYehova yintoni esimele siyenze?

 XA IBHAYIBHILE ithetha ‘ngemini kaYehova,’ ithetha ngexesha laxa uYehova eza kutshabalalisa iintshaba zakhe, aze asindise abantu bakhe. Kudala, ngamanye amaxesha uYehova wayezitshabalalisa ngokwakhe iintshaba zakhe. (Isa. 13:1, 6; Hez. 13:5; Zef. 1:8) Ngoku, “imini kaYehova” iza kuqala ngokuhlaselwa kweBhabhiloni Enkulu ize iphele ngemfazwe yeArmagedon. Ukuze sisinde, kufuneka siyilungiselele kwangoku loo ‘mini.’ UYesu wathi ‘masihlale siyilindile’ ‘intlungu engathethekiyo.’​—Mat. 24:21; Luka 12:40.

2. Kutheni isinceda into ethethwa kuma-1 Tesalonika?

2 Kwileta yokuqala awayibhalela amaKristu aseTesalonika, umpostile uPawulos wenza imizekelo emininzi ukuze awancede ahlale eyilindile imini kaYehova yomgwebo. Wayesazi ukuba le mini yayingazukufika ngelo xesha. (2 Tes. 2:1-3) Waxelela abazalwana ukuba mabayilungiselele ngokungathi yayiza kufika ngemini elandelayo. Nathi ingasinceda loo nto. Masibone ukuba wazicacisa njani ezi zinto zintathu: (1) Iza kufika njani imini kaYehova? (2) Ngoobani abangazukusinda ngaloo mini? (3) Yintoni esinokuyenza ukuze sisinde?

IZA KUFIKA NJANI?

Xa wayebhala ama-1 Tesalonika, umpostile uPawulos wasebenzisa imizekelo enokusinceda (Jonga isiqendu 3)

3. Imini kaYehova iza kufika njani njengesela ebusuku? (Jonga nomfanekiso.)

3 ‘Njengesela ebusuku.’ (1 Tes. 5:2) Kwimizekelo emithathu echaza ukufika kwemini kaYehova, lo ngowokuqala. Ngokuqhelekileyo amasela afika ebusuku engalindelwanga, futhi yonke into ayenzayo ayenza engxamile. Nemini kaYehova iza kufika abantu abaninzi bengayilindelanga. Nkqu namaKristu okwenyaniso isenokuwamangalisa indlela ezenzeka ngokukhawuleza ngayo izinto. Kodwa thina asizukufana nabantu abenza izinto ezimbi, asizukutshatyalaliswa.

4. Imini kaYehova ifana njani nenimba efikela umama okhulelweyo?

4 “Njengenimba efikela umfazi okhulelweyo.” (1 Tes. 5:3) Umama okhulelweyo akanakulazi ncam elona xesha aza kuzala ngalo. Eyona nto aqiniseka ngayo kukuba liza kufika. Lisenokufika engalilindelanga, limvise iintlungu, futhi akukho nto, namntu unokulinqanda. Nathi asilazi usuku neyure eza kuqala ngayo imini kaYehova. Eyona nto siqiniseke ngayo kukuba iza kufika, futhi uza kubatshabalalisa bengalindelanga abantu abangendawo. Akukho mntu unokukwazi ukuyibaleka loo mini.

5. Intlungu engathethekiyo ifana njani nokuthi qheke kokusa?

5 Njengaxa kusithi qheke ukusa. Umzekelo kaPawulos wesithathu uphind’ uthethe ngamasela aba ebusuku. Kodwa ngoku akafanisi imini kaYehova nokufika kwesela. Kubonakala ngathi uyifanisa nokuthi qheke kokusa. (1 Tes. 5:4) Ootsotsi abaqhekezayo basenokulibala kukuthatha izinto abazibayo de bangaliboni nexesha. Kusenokuthi qheke ukusa bengalindelanga, babhaqwe. Iza kubafikela kanjalo ke intlungu engathethekiyo abantu abafana namasela, abalibele kukuhlala ebumnyameni, bengayeki ukwenza izinto ezingafunwayo nguThixo. Ukuze singafani nabo, sinokuyilindela imini kaYehova ngokungazenzi izinto angazifuniyo, sifune “ukulunga kuyo yonke into, ukwenza ubulungisa nokuphila ngenyaniso.” (Efe. 5:8-12) Xa echaza abantu abangazukusinda uPawulos wenza eminye imizekelo emibini efana nale.

NGOOBANI ABANGAZUKUSINDA?

6. Yintoni ebonisa ukuba abantu abaninzi balele? (1 Tesalonika 5:6, 7)

6 “Abo balalayo.” (Funda ama-1 Tesalonika 5:6, 7.) UPawulos wafanisa abantu abangazukusinda ngemini kaYehova nabantu abaleleyo. Abaziboni izinto ezenzeka kufutshane nabo, bengaboni nokuba ixesha limkile. Abazi naxa kusenzeka izinto ezibalulekileyo, ngoko akukho nto bayenzayo xa zisenzeka. Abantu abaninzi namhlanje bafana nabantu abaleleyo. (Roma 11:8) Abanamdla kwizinto ezibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela,’ nokuba ayifikanga igalelekile intlungu engathethekiyo. Xa kusenzeka izinto ezothusayo, abanye basenokuvuka ebuthongweni, baze bafune ukusimamela xa sibaxelela ngomyalezo woBukumkani. Kodwa abaninzi baphinda balale kunokuba bahlale bethe qwa. Kwanabo bakholelwayo ukuba iyeza imini yentshabalalo, bacinga ukuba isekude lee. (2 Pet. 3:3, 4) Kodwa thina siyaqonda ukuba qho kuphela usuku siya singxamiseka isilumkiso sokuba sihlale sithe qwa.

7. Abantu abaza kufunyanwa ngumsindo kaThixo bafana njani nabantu abanxilileyo?

7 “Abo banxilayo.” Umpostile uPawulos ubafanisa namanxila abantu abaza kufunyanwa ngumsindo kaThixo. Abantu abanxilileyo abakhawulezi benze nto xa bebona izinto ezenzeka phambi kwabo, baze benze izigqibo ezingatshongo khona. Nabantu abenza izinto ezimbi bayafana nabo, akukho nto bayenzayo xa uThixo ebalumkisa. Bakhetha ukuphila ngendlela ebasa ngqo entshabalalweni. Kodwa wona amaKristu axelelwa ukuba ahlale ethe qwa, acinge kakuhle. (1 Tes. 5:6) Xa ecacisa ukuba kuthetha ukuthini ukucinga kakuhle omnye umphengululi weBhayibhile uthi “kukuzola, ukuba sezingqondweni okwenza ukwazi ukuhluza izinto kakuhle ukuze wenze izigqibo ezifanelekileyo.” Kutheni simele sihlale sizolile futhi singagungqi? Ukuze singaziboni sesithe zwabha kwizinto zeepolitiki okanye ezasekuhlaleni. Njengokuba isiya isondela imini kaYehova, kuza kuya kusiba nzima ukungathathi cala kwezi zinto. Sekunjalo, asimele sibe nexhala lokuba siza kuthini. Umoya kaThixo uza kusinceda sizole, sibe sezingqondweni, size sikwazi ukwenza izigqibo ezizizo.​—Luka 12:11, 12.

SINGAYILUNGISELELA NJANI?

Ngoxa abantu abaninzi bengakhathali, thina sihlala siyilindele imini kaYehova ngokunxiba into ekhusela isifuba elukholo nothando, nomnqwazi wentsimbi olithemba (Jonga isiqendu 8, 12)

8. Ama-1 Tesalonika 5:8 azifanisa nantoni iimpawu eziza kusinceda sihlale sithe qwa futhi sisezingqondweni? (Jonga nomfanekiso.)

8 ‘Masinxibe into yokukhusela isifuba nomnqwazi wentsimbi.’ UPawulos usifanisa namajoni ahleli ethe qwa nanxibele imfazwe. (Funda ama-1 Tesalonika 5:8.) Abantu balindele ukuba ijoni lihlale likulungele ukulwa nanini na kukho imfazwe. Nathi siyafana nalo. Sihlala silindele imini kaYehova ngokunxiba into yokukhusela isifuba elukholo nothando, nomnqwazi wentsimbi olithemba. Ezi mpawu zinokusinceda kakhulu.

9. Lusikhusela njani ukholo lwethu?

9 Into yokukhusela isifuba yayikhusela intliziyo yejoni. Ukholo nothando zikhusela umntu esinguye ngaphakathi. Ezi mpawu ziza kusinceda singayeki ukukhonza uYehova nokulandela uYesu. Ukholo lusenza siqiniseke ukuba uYehova uza kusisikelela ngenxa yokuba simfuna ngeentliziyo zethu zonke. (Heb. 11:6) Luza kusinceda sihlale sithembekile kwiNkokheli yethu uYesu naxa sinyamezele iingxaki. Sinokuluqinisa ukuze sikwazi ukunyamezela iingxaki ngokufunda kubazalwana noodade abaye abagungqa naxa bephethwe kakubi ngenxa yokholo lwabo okanye besokola. Sinokuyiphepha ingozi yokuthanda imali nokuba nezinto ngokulinganisa amaKristu aye akhetha ukuphila ngezinto ezimbalwa ukuze uBukumkani bube yeyona nto ibalulekileyo kuwo. b

10. Ukuthanda uThixo nabantu kusinceda njani sinyamezele?

10 Enye into elwenza lubaluleke uthando kukuba lusenza sihlale sithe qwa futhi sisezingqondweni. (Mat. 22:37-39) Ukuthanda uThixo kusenza sinyamezele kumsebenzi wokushumayela nokuba sinokufumana iingxaki. (2 Tim. 1:7, 8) Ngenxa yokuba sithanda nabantu abangengomaNgqina, asiyeki ukushumayela kubantu esidibana nabo nakwimihlaba yamabandla esikuwo. Side sishumayele ngefowni nangeeleta. Sihlala sinethemba lokuba ngeny’ imini abantu baza kutshintsha benze izinto ezilungileyo.​—Hez. 18:27, 28.

11. Ukuthanda abazalwana noodade kusinceda njani? (1 Tesalonika 5:11)

11 Abanye abantu esibathandayo ngabazalwana noodade. Olu thando silubonisa ‘ngokukhuthazana nokwakhana.’ (Funda ama-1 Tesalonika 5:11.) Sifana namajoni akwiqela elinye, siyakhuthazana. Xa amajoni esemfazweni anokwenzakalisana ngempazamo. Nathi ke soze sibakhathaze ngabom abazalwana noodade okanye siphindise xa besenze into esikhathazayo. (1 Tes. 5:13, 15) Enye indlela esilubonisa ngayo olu thando kukuhlonipha abazalwana abakhokelayo abasemabandleni ethu. (1 Tes. 5:12) Xa uPawulos wayelibhalela le leta ibandla laseTesalonika, kwakungekapheli nonyaka likhona. Kusenokwenzeka ukuba amadoda awayekhokela kweli bandla kwakungekudalanga ewenza lo msebenzi, futhi asenokuba ayezenza iimpazamo. Sekunjalo, kwakufuneka ahlonitshwe. Njengokuba intlungu engathethekiyo isondela, kuza kufuneka siyithembe ngaphezu kokuba sisenza ngoku imiyalelo esiza kuyinikwa ngabadala. Sisenokungakwazi ukufumana imiyalelo evela kwikomkhulu lehlabathi nakwiofisi yesebe; ngoko kubalulekile ukuba sibathande size sibahloniphe kwangoku abadala abakumabandla ethu. Nokuba yintoni eyenzekayo, masihlale sisezingqondweni, singajongi iimpazamo abazenzayo kodwa sihlale sicinga ukuba la madoda athembekileyo akhokelwa nguYehova esebenzisa uKristu.

12. Ithemba esinalo liyikhusela njani indlela esicinga ngayo?

12 Njengokuba umnqwazi wentsimbi ukhusela intloko yejoni, ithemba losindiso esinalo likhusela indlela esicinga ngayo. Indlela esiqiniseke ngayo ngeli themba isenza siqonde ukuba nantoni na esiyinikwa leli hlabathi akukho yayo ayibalulekanga nganto. (Fil. 3:8) Lisinceda sihlale sizolile futhi singagungqi. Kwenzeka loo nto kuWallace noLaurinda ababekhonza kwiBheteli eseAfrika. Kwiiveki nje ezintathu omnye waswelekelwa ngumama, omnye ngutata. Ngenxa yekhorona zange bakwazi ukuya kuba kunye neentsapho zabo. UWallace uthi: “Ithemba lovuko lindinceda ndingacingi ngeentsuku zabo zokugqibela kweli hlabathi, kodwa ndicinge ngeentsuku zabo zokuqala kwihlabathi elitsha. Eli themba lindenza ndizole xa ndikhathazekile okanye ndisentlungwini.”

13. Yintoni esinokuyenza ukuze sifumane umoya oyingcwele?

13 ‘Masingawucimi umoya kaThixo osebenza njengomlilo kuthi.’ (1 Tes. 5:19) UPawulos wafanisa umoya oyingcwele nomlilo ongaphakathi kuthi. Xa sinalo moya sitshisekela ukwenza izinto ezilungileyo futhi siba namandla okusebenzela uYehova. (Roma 12:11) Yintoni esinokuyenza ukuze siwufumane? Sinokuwuthandazela, sifunde iLizwi likaThixo aliphefumlele ngawo size sihambisane nentlangano ayikhokela ngalo moya. Le nto iza kusinceda sisebenzele ukuba ‘nesiqhamo somoya.’​—Gal. 5:22, 23.

Zibuze, ‘Ngaba izinto endizenzayo zibonisa ukuba ndifuna ukuhlala ndiwufumana umoya kaThixo?’ (Jonga isiqendu 14)

14. Ukuze sihlale siwufumana umoya kaThixo, ziintoni ekufuneka singazenzi? (Jonga nomfanekiso.)

14 Xa uYehova esinike umoya wakhe oyingcwele, masilumkele ‘ukuwucima lo moya usebenza njengomlilo kuthi.’ Uwunika kuphela abantu abacinga izinto ezilungileyo nabaziphethe kakuhle. Uyayeka ukusinika umoya wakhe ukuba sihlala sicinga ngezinto ezimdaka size sizenze. (1 Tes. 4:7, 8) Enye into esimele singayenzi xa sifuna ukuhlala siwufumana ‘kukudelela iziprofeto.’ (1 Tes. 5:20) “Iziprofeto” ekuthethwa ngazo apha yimiyalezo esiyinikwa nguYehova esebenzisa umoya wakhe. Eminye yaloo miyalezo ithetha ngemini yakhe nangokungxamiseka kwala maxesha siphila kuwo. Asicingi ukuba loo mini okanye iArmagedon ayizukufika kweli xesha lethu, siyaqonda ukuba seyikufutshane. Loo nto siyibonisa ngokuba yonke imihla sixakeke zizinto ‘ezibonisa ukuba sizinikele kuThixo’ nangokuhlala siziphethe kakuhle.​—2 Pet. 3:11, 12.

‘MASIQINISEKISE ZONKE IZINTO’

15. Yintoni esinokuyenza ukuze singalahlekiswa bubuxoki beedemon? (ama-1 Tesalonika 5:21)

15 Selisondele ixesha lokuba ngandlel’ ithile abantu abangamfuniyo uThixo bathi: “Siseluxolweni yaye sikhuselekile!” (1 Tes. 5:3) La mazwi obuxoki aphefumlelwe ziidemon aza kugcwala umhlaba wonke, alahlekise abantu abaninzi. (ISityhi. 16:13, 14) Nathi aza kusilahlekisa? Soze asilahlekise ukuba ‘siqinisekisa zonke izinto.’ (Funda ama-1 Tesalonika 5:21.) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “qinisekisani” lalisetyenziswa xa kujongwa ukuba izinto ezifana negolide nesilivere zizo nyhani na. Ngoko kufuneka siqiniseke ngento esiyivayo nesiyifundayo ukuba iyinyani kangakanani na. Yayibalulekile le nto kumaKristu aseTesalonika. Iza kubaluleka nakakhulu ke kuthi njengoko intlungu engathethekiyo isiya isondela. Kunokuba sikholelwe yonke into le ethethwa ngabantu, kufuneka sisebenzise ingqondo, siyithelekise nento esiyifunda eBhayibhileni nesiyixelelwa yintlangano kaYehova. Ukuba senza loo nto asizukuqhatheka bubuxoki beedemon.​—IMize. 14:15; 1 Tim. 4:1.

16. Leliphi ithemba esiqiniseke ngalo? Sizimisele ukwenza ntoni?

16 Siyazi ukuba abantu bakaThixo baza kusinda kwintlungu engathethekiyo. Kodwa asazi ukuba kuza kwenzeka ntoni kuye ngamnye wabo. (Yak. 4:14) Ngoko nokuba siye saphumela ngaphaya kwentlungu engathethekiyo siphila okanye siye sasweleka ngaphambi kokuba ifike, siza kusikelelwa ngobomi obungunaphakade ukuba siye sahlala sithembekile. Abathanjisiweyo baza kuba kunye noKristu ezulwini. Ezinye izimvu ziza kuba kulo mhlaba uza kwenziwa iparadesi. Akwaba sonke singahlala sicinga ngeli themba limangalisayo size sihlale siyilindile imini kaYehova!

INGOMA 150 Funa UYehova Ukuze Usinde

a Kuma-1 Tesalonika isahluko 5 kukho imizekelo emininzi esifundisa ngemini kaYehova ezayo. Yeyiphi loo “mini”? Iza kufika njani? Ngoobani abaza kusinda kuyo? Ngoobani abangazukusinda? Singayilungiselela njani? Ukuze sikwazi ukuyiphendula le mibuzo, makhe sibone izinto ezathethwa ngumpostile uPawulos.

b Jonga amanqaku athi “Bazinikela Ngokuvumayo.”