INQAKU ELIFUNDWAYO 27
Kutheni Sifanele Simoyike UYehova?
“Ngabo bamoyikayo uYehova abanokuba ngabahlobo bakhe abasondeleyo.”—INDU. 25:14.
INGOMA 8 Sizimela NgoYehova
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1-2. INdumiso 25:14 ithi sifanele senze ntoni ukuze sibe ngabahlobo bakaYehova?
UCINGA ukuba zeziphi iimpawu ezibalulekileyo amele abe nazo umntu ukuze uhlale ungumhlobo wakhe? Mhlawumbi ubunokuthi abantu abangabahlobo nyhani bamele bathandane futhi bancedane. Mhlawumbi ubungasoze uyicinge into yokuba ukoyika luphawu olubalulekileyo kubahlobo. Kodwa njengoko umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku usitsho, abantu abafuna ukuba ngabahlobo bakaYehova bafanele ‘bamoyike.’—Funda iNdumiso 25:14.
2 Nokuba sesinexesha elingakanani sikhonza uYehova, sonke sifanele sihlale simoyika okanye simhlonipha kakhulu. Kodwa kuthetha ukuthini ukoyika uThixo? Sinokufunda njani ukumoyika? Yintoni esinokuyifunda ngokoyika uThixo kwigosa uObhadiya, kuMbingeleli Omkhulu uYehoyada nakuKumkani uYehowashe?
KUTHETHA UKUTHINI UKOYIKA UTHIXO?
3. Chaza izinto okusinceda kuzo ukoyika.
3 Sisenokoyika xa sicinga ukuba siza kwenzakala. Olu loyiko luyafuneka kuba lunokusinceda senze izigqibo ezizizo. Ukoyika ukuwa kunokusenza singasondeli eliweni. Ukoyika ukwenzakala kunokusenza sidlalele kude kwindawo eyingozi. Ukoyika ukwahlukana nomhlobo esimthandayo kusenza singathethi okanye senze izinto eziza kumkhathaza.
4. USathana ufuna simoyike njani uYehova?
4 USathana ufuna abantu bangcangcazele xa becinga ngoYehova. Ezingqondweni zabo ufaka into uElifazi awayefuna uYobhi ayicinge yokuba uYehova uhlala ecaphuka, efuna ukusohlwaya, nokuba soze sikwazi ukumvuyisa. (Yobhi 4:18, 19) Ufuna simoyike kakhulu uYehova side siyeke nokumkhonza. Ukuze siwaphephe loo maqhinga akhe, kufuneka singangcangcazeli xa sicinga ngoThixo kodwa sifunde ukumhlonipha nokoyika ukwenza into eza kumkhathaza.
5. Kuthetha ukuthini ukoyika uThixo?
5 Umntu owoyika uThixo ngendlela efanelekileyo uyamthanda futhi akafuni ukwenza nantoni na enokumenza ayeke ukuba ngumhlobo Wakhe. UYesu “wayemoyika” ngaloo ndlela uThixo. (Heb. 5:7) Wayengamoyiki ngohlobo lokuba ade angcangcazele. (Isa. 11:2, 3) Kodwa wayemthanda kakhulu futhi efuna ukumthobela. (Yoh. 14:21, 31) Nathi siyafana naye, simhlonipha kakhulu futhi siyamthanda uYehova kuba uyasithanda, ulumkile, unobulungisa namandla. Siyazi nokuba usithanda kakhulu futhi uyikhathalele nento esiyenzayo xa esifundisa. Sinokumkhathaza okanye simvuyise.—INdu. 78:41; IMize. 27:11.
SINOKUFUNDA UKUMOYIKA UTHIXO
6. Yeyiphi indlela esinokufunda ngayo ukumoyika uThixo? (INdumiso 34:11)
6 Kufuneka sikusebenzele ukoyika uYehova kuba asizalwanga simoyika. (Funda iNdumiso 34:11.) Indlela esinokuyenza ngayo le nto kukubukela indalo. Xa sibona ubulumko bakhe, amandla nendlela asithanda ngayo “kwizinto azidalileyo,” siza kuya simhlonipha futhi simthanda. (Roma 1:20) Udade onguAdrienne uthi, “Xa ndijonga indalo kaYehova, ndiye ndimangaliswe bubulumko anabo nditsho ndiqonde ukuba uyazazi ezona zinto ndizidingayo.” Ngenxa yokuba ehlala ecinga ngale nto uthi, “Andifuni ukwenza nantoni na enokundiyekisa ukuba ngumhlobo kaYehova kuba nguye ondinike ubomi.” Kule veki, khawuziphe ixesha ukhe ucingisise ngenye yezinto ezidalwe nguYehova. Loo nto iza kukwenza umhloniphe futhi umthande kakhulu.—INdu. 111:2, 3.
7. Umthandazo unokusinceda njani simoyike uYehova?
7 Enye indlela esinokufunda ngayo ukoyika uThixo kukuthandaza qho. Qho xa sithandaza siya simazi bhetele. Ngalo lonke ixesha simcela ukuba asiphe amandla okuba sinyamezele, sikhumbula indlela anamandla ngayo. Xa simbulela ngokusipha uNyana wakhe, sikhumbula indlela asithanda ngayo. Xa simcenga ukuba asincede kwingxaki esinayo, sikhumbula indlela alumke ngayo. Imithandazo efana nale isenza simhloniphe kakhulu. Isenza sizimisele ukudlalela kude nezinto ezinokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakhe.
8. Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale simoyika uThixo?
8 Sinokuhlala simoyika uThixo ngokufunda ngabantu ababesenza izinto ezilungileyo nababesenza izinto ezimbi ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Makhe sithethe ngabakhonzi bakaYehova ababini ababethembekile, igosa lendlu kaKumkani uAhabhi, uObhadiya, nombingeleli omkhulu uYehoyada. Emva koko, siza kubona ukuba yintoni esinokuyifunda kuKumkani uYehowashe wakwaYuda, owayekhonza uYehova, kodwa ekuhambeni kwexesha wamshiya.
YIBA NESIBINDI NJENGO-OBHADIYA
9. Ukoyika uYehova kwamnceda njani uObhadiya? (1 Kumkani 18:3, 12)
9 Xa iBhayibhile iqala ukuthetha ngo-Obhadiya b ithi: “UObhadiya lo wayemoyika kakhulu uYehova.” (Funda oo-1 Kumkani 18:3, 12.) Ukoyika kwakhe uYehova kwamenza wanyaniseka waza wathembeka. Ngenxa yaloo nto, ukumkani wamenza umphathi wendlu yakhe. (Thelekisa uNehemiya 7:2.) Ukoyika kwakhe uThixo kwamenza wanesibindi esingummangaliso. Ngokuqinisekileyo wayeludinga olu phawu. Wayephila ngexesha lokulawula kukaKumkani uAhabhi, owayesenza “izinto ezimbi kakhulu emehlweni kaYehova kunabo bonke abo babengaphambi kwakhe.” (1 Kum. 16:30) Nomfazi ka-Ahabhi owayekhonza uBhahali, uIzebhele, wayemcaphukela kakhulu uYehova, kangangokuba wazama ukubayekisa bonke abantu ababekhonza uYehova kwizizwe eziyi-10 zakwaSirayeli. Wade wabulala abaprofeti bakaThixo abaninzi. (1 Kum. 18:4) Asiyithandabuzi into yokuba uObhadiya wamkhonza ngexesha elalinzima kakhulu uYehova.
10. Yintoni eyenziwa nguObhadiya eyayibonisa ukuba wayenesibindi esingummangaliso?
10 Yintoni eyenziwa nguObhadiya eyayibonisa ukuba unesibindi esingummangaliso? Xa uIzebhele wayekhangela abaprofeti bakaThixo, efuna ukubabulala, uObhadiya wathatha abayi-100 wabafihla, wafaka ‘baba yi-50 kumqolomba ngamnye waza wabapha isonka namanzi.’ (1 Kum. 18:13, 14) Ukuba yayinokubhaqwa le ndoda yayinesibindi, ngokuqinisekileyo yayiza kubulawa. Asiyithandabuzi into yokuba wayesoyika. Kodwa wayethanda uYehova nabantu abamkhonzayo ngaphezu kokuba ezithanda.
11. Abakhonzi bakaYehova banamhlanje bafana njani no-Obhadiya? (Jonga nomfanekiso.)
11 Namhlanje abakhonzi bakaYehova abaninzi bahlala kumazwe ovaliweyo kuwo umsebenzi wethu. Njengo-Obhadiya, aba bazalwana noodade abayeki ukumkhonza uYehova kodwa bayabahlonipha nabasemagunyeni. (Mat. 22:21) Indlela abamoyika ngayo uThixo bayibonisa ngokuthobela yena kunabantu. (IZe. 5:29) Loo nto bayenza ngokungayeki ukushumayela iindaba ezilungileyo nokuhlanganisana ngokufihlakeleyo. (Mat. 10:16, 28) Benza yonke into abanokuyenza ukuze abazalwana noodade bazifumane kangangoko bezidinga izinto eziqinisa ukholo. Khawuve into eyenziwa nguHenri, ohlala kwelinye lamazwe aseAfrika, apho umsebenzi wethu wawuvaliwe. Ngelo xesha, uHenri wavolontiya wasa iincwadi ezithetha ngeBhayibhile kubazalwana noodade. Wathi: “Ndingumntu oneentloni. Ndiqinisekile ukuba yindlela endandimhlonipha ngayo uYehova eyandenza ndanesibindi endandisidinga.” Wena ucinga ukuba unganaso isibindi njengoHenri? Unganaso ukuba ufunda ukumoyika uThixo.
NYANISEKA NJENGOMBINGELELI OMKHULU UYEHOYADA
12. Yintoni eyenziwa nguYehoyada nomfazi wakhe eyayibonisa indlela ababenyaniseke ngayo kuYehova?
12 Umbingeleli omkhulu uYehoyada wayemoyika uYehova. Loo nto yamenza wanyaniseka waza wakhuthaza abanye ukuba bakhonze uYehova. Le nto yabonakala xa intombi kaIzebhele, uAtaliya, walawula ngokungekho mthethweni kwaYuda. Abantu babenesizathu sokumoyika. Wayekhohlakele futhi enyolukele ukulawula, kangangokuba wazama ukubulala bonke abazukulwana bakhe ababeyinzala yasebukhosini. (2 Kron. 22:10, 11) Mnye kubazukulwana bakhe owasindayo, nguYehowashe. Wasindiswa ngumfazi kaYehoyada, uYehoshabhati. Yena nomyeni wakhe bamfihla lo mntwana baza bamhoya. Le nto yanceda ukuze ookumkani abayinzala kaDavide bangapheli. UYehoyada wayenyanisekile kuYehova futhi zange angcangcazeliswe nguAtaliya.—IMize. 29:25.
13. Xa uYehowashe wayeneminyaka eyi-7, yintoni eyenziwa nguYehoyada eyaphinda yabonisa indlela anyaniseke ngayo?
13 Xa uYehowashe wayeneminyaka eyi-7, uYehoyada waphinda wabonisa indlela awayenyaniseke ngayo kuYehova. Wenza icebo. Ukuba lalinokuphumelela, uYehowashe wayeza kuba ngukumkani ophuma kwintsapho kaDavide. Kuyacaca ukuba xa lalinokungaphumeleli, uYehoyada wayenokubulawa. UYehova walenza laphumelela. Encediswa ziinkosi nabaLevi, uYehoyada wenza uYehowashe wangukumkani, waza wathi uAtaliya makabulawe. (2 Kron. 23:1-5, 11, 12, 15; 24:1) Emva koko uYehoyada “wenza isivumelwano phakathi kukaYehova nokumkani nabantu, sokuba babeza kuhlala bengabantu bakaYehova.” (2 Kum. 11:17) “Wamisa noonogada basegeyithini ngakwiigeyithi zendlu kaYehova, ukuze kungangeni nabani na ongacocekanga nangayiphi na indlela.”—2 Kron. 23:19.
14. UYehova wamsikelela njani uYehoyada?
14 UYehova wayethe: “Ndiza kubazukisa abo bandihloniphayo.” Wamsikelela nyhani uYehoyada. (1 Sam. 2:30) Ngokomzekelo, wenza ibali lombingeleli omkhulu uYehoyada labhalwa eBhayibhileni ukuze sifunde kulo. (Roma 15:4) Akusweleka, wangcwatywa ngendlela ehloniphekileyo “kwisiXeko SikaDavide phakathi kookumkani, kuba wenza okuhle kwaSirayeli nakuThixo wokwenene nakwindlu kaThixo.”—2 Kron. 24:15, 16.
15. Yintoni esinokuyifunda kwibali likaYehoyada? (Jonga nomfanekiso.)
15 Ibali likaYehoyada linokusinceda sonke siye simoyika uThixo. Abadala banokulinganisa uYehoyada ngokuhlala bekhangela iindlela zokukhusela abazalwana noodade. (IZe. 20:28) Kanti bona abantu abadala banokufunda ukuba uYehova akabalahli. Xa behlala bemoyika futhi benyanisekile kuye, unokubasebenzisa ukuze kwenzeke izinto azifunayo. Abantu abasebatsha banokufunda kwindlela uYehova awamphatha ngayo uYehoyada baze bamlinganise ngokuwahlonipha amaKristu akhulileyo, ngokukodwa lawo aneminyaka emininzi emkhonza. (IMize. 16:31) Sonke sinokufunda kwiinkosi nakubaLevi abancedisa uYehoyada. Masincedisane ‘nabo bakhokelayo’ ngokubathobela.—Heb. 13:17.
UNGAFANI NOKUMKANI UYEHOWASHE
16. Yintoni ebonisa ukuba uKumkani uYehowashe wayengenamqolo?
16 UYehoyada wanceda uKumkani uYehowashe wenza izinto ezilungileyo. (2 Kum. 12:2) Ngoko lo kumkani wayesemncinci wayefuna ukumvuyisa uYehova. Kodwa emva kokuba uYehoyada eswelekile, uYehowashe wamamela iinkokheli ezaziwexukile. Kwenzeka ntoni? Yena nabantu awayebalawula “bakhonza iipali ezingcwele nezithixo.” (2 Kron. 24:4, 17, 18) UYehova wakhathazeka kakhulu waza “waqhubeka ethumela abaprofeti kubo, ukuba bababuyisele . . . , kodwa abazange bafune ukumamela.” Zange bamamele nonyana kaYehoyada, uZekariya, owayengumprofeti nombingeleli, ekwanguye nomzala kaYehowashe. Lo kumkani wathi uZekariya makabulawe, elibele nokuba ubomi bakhe basindiswa yintsapho yakuloZekariya.—2 Kron. 22:11; 24:19-22.
17. Kwenzeka ntoni kuYehowashe?
17 UYehowashe zange ahlale emoyika uYehova, zaza izinto azamhambela kakuhle. UYehova wayethe: “Abo bandidelelayo baza kudelelwa.” (1 Sam. 2:30) Ekuhambeni kwexesha, ‘umkhosi wakhe owawumninzi kakhulu’ woyiswa ngumkhosi owawumncinci wamaSiriya, waza yena washiyeka “onzakele kakhulu.” Emva kokuba amaSiriya emkile, wabulawa zizicaka zakhe ngenxa yokuba wayebulele uZekariya. Ngenxa yezinto ezimbi awazenzayo, zange angcwatyelwe “kwindawo yokungcwaba ookumkani.”—2 Kron. 24:23-25.
18. Ngokutsho kukaYeremiya 17:7, 8 yintoni esinokuyenza ukuze singafani noYehowashe?
18 Yintoni esiyifundayo kuYehowashe? Wayefana nje nomthi oxhomekeke kwisiqu sawo, noneengcambu ezingatshonanga nzulu emhlabeni. Xa kwasweleka isiqu somthi esinguYehoyada, kwavuthuza umoya wabawexuki, uYehowashe wawa. Le nto yenza kucace ukuba asimele sithobele uThixo kuba sibona amanye amaKristu neentsapho zethu zimthobela. Ukuze sihlale singabahlobo bakaYehova, simele sisebenzele ukumthanda nokumhlonipha kakhulu, ngokufunda qho, sicingisise ngento esiyifundayo nangokuthandaza.—Funda uYeremiya 17:7, 8; Kol. 2:6, 7.
19. Yintoni ayilindeleyo kuthi uYehova?
19 UYehova akalindelanga zinto zininzi kuthi. Into ayilindeleyo ishwankathelwe kwiNtshumayeli 12:13, ethi: “Yoyika uThixo wokwenene uze uthobele imiyalelo yakhe, kuba le yeyona nto ifunekayo emntwini.” Xa simoyika uThixo siza kukwazi ukuhlala sinyanisekile kuye njengo-Obhadiya noYehoyada, nokuba kwenzeka ntoni kuthi kwixesha elizayo. Ayikho into enokusahlukanisa noYehova.
INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu
a Igama elisetyenziswe kwiZibhalo elithi ‘ukoyika’ lithetha izinto ezininzi. Lisenokuthetha ukungcangcazela, ukuhlonipha okanye ukuthanda, kuxhomekeka kuloo nto kuthethwa ngayo. Eli nqaku liza kusinceda sisebenzele ukuba noloyiko oluza kusenza sibe nesibindi size sinyaniseke xa sikhonza uTata wethu osezulwini.
b Lo Obhadiya ayinguye umprofeti uObhadiya owayephila kwiminyaka emininzi eyalandelayo nowabhala incwadi yeBhayibhile ebizwa ngegama lakhe.
c INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso womzalwana onika abazalwana noodade iincwadi ezithetha ngeBhayibhile kwindawo ovaliweyo kuyo umsebenzi wethu.
d INGCACISO YOMFANEKISO: Udade osemtsha ufunda indlela yokushumayela ngefowni kudade okhulileyo; umzalwana osele emdala ushumayela ngesibindi esitratweni; umzalwana owazi kakuhle umsebenzi wakhe uqeqesha abanye ngendlela yokukhathalela iHolo YoBukumkani.