Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 15

Hlala Unoxolo Lwengqondo NjengoYesu

Hlala Unoxolo Lwengqondo NjengoYesu

“Uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu.”​—FIL. 4:7.

INGOMA 113 Siseluxolweni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. UYesu wayekhathazwa yintoni?

UYESU wayekhathazekile ngosuku lokugqibela elapha emhlabeni. Wayeza kuphathwa kakubi aze abulawe kabuhlungu ngabantu abangenamthetho. Kodwa wayengakhathazwa yiloo nto nje qha. Wayemthanda kakhulu uTata wakhe ibe efuna ukumvuyisa. UYesu wayesazi ukuba xa wayenokuhlala ethembekile xa elingwa wayeza kube uthethelela igama likaYehova. UYesu wayebathanda nabantu ibe wayesazi ukuba, ukuze babe nethemba lokuphila ngonaphakade kwakufuneka ahlale ethembekile kuYehova ade afe.

2 Nangona uYesu wayekhathazeke kakhulu, wayenoxolo lwengqondo. Wathi kubapostile bakhe: “Ndininika uxolo lwam.” (Yoh. 14:27) ‘Wayenoxolo lukaThixo’ ibe ezolile kuba wayenobuhlobo noYehova. Olo xolo lwabangela uYesu ukuba angabi naxhala.​—Fil. 4:6, 7.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Akakho kuthi onokuba nengxaki uYesu awayinyamezelayo, kodwa sonke njengabalandeli bakhe siza kuba nazo iingxaki. (Mat. 16:24, 25; Yoh. 15:20) Ngamanye amaxesha siza kukhathazeka njengoYesu. Sinokwenza ntoni ukuze singabi naxhala kakhulu size siyeke ukuba noxolo lwengqondo? Makhe sithethe ngezinto ezintathu uYesu awazenzayo xa wayeshumayela apha emhlabeni size sibone ukuba sinokuzinyamezela njani iingxaki njengaye.

UYESU WAYESOLOKO ETHANDAZA

Sinokuhlala sinoxolo lwengqondo ngokuthandaza (Jonga isiqendu 4-7)

4. Ucinga ngeyoku-1 kwabaseTesalonika 5:17, balisa ngemizekelo ebonisa ukuba uYesu wayesoloko ethandaza ngosuku lokugqibela esemhlabeni?

4 Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:17. UYesu wayesoloko ethandaza de yalusuku lokugqibela esemhlabeni. Xa wayebonisa abafundi bakhe indlela yokukhumbula ukufa kwakhe, wathandazela isonka newayini. (1 Kor. 11:23-25) Ngaphambi kokuba bahambe kwindawo eyayinePasika, wathandaza ekunye nabafundi bakhe. (Yoh. 17:1-26) Xa bafikayo kwiNtaba Yeminquma ngobo busuku, waqhubeka ethandaza. (Mat. 26:36-39, 42, 44) Namazwi okugqibela uYesu awawathethayo ngaphambi kokuba afe, wawathetha ethandaza. (Luka 23:46) UYesu wayethandaza kuYehova ngayo yonke into eyenzekayo ngolwa suku lokugqibela.

5. Yintoni eyenza abapostile bayeka ukuba nesibindi?

5 Enye into eyanceda uYesu akwazi ukunyamezela kukucela uTata wakhe ukuba amncede. Kwelinye icala, bona abapostile balala ngoba busuku endaweni yokuba bahlale bethandaza. Loo nto yabenza ababi naso isibindi xa babesesilingweni. (Mat. 26:40, 41, 43, 45, 56) Xa silingwa, siza kuhlala sithembekile ukuba ‘sithandaza ngokuqhubekayo’ njengoYesu. Sinokuthandazela ntoni?

6. Ukuba nokholo kuza kusinceda njani sihlale sinoxolo lwengqondo?

6 Sinokuthandaza kuYehova sicele ‘asinike ukholo olungakumbi.’ (Luka 17:5; Yoh. 14:1) Siyaludinga ukholo kuba uSathana uza kubalinga bonke abalandeli bakaYesu. (Luka 22:31) Ukholo luza kusinceda njani sihlale sinoxolo lwengqondo nokuba sesineengxaki ezingapheliyo? Xa senze konke esinako ukuze simelane nesilingo, ukholo lokuba uYehova uza kusinceda luza kusenza siyeke ukuba nexhala kuba sisazi ukuba uza kuzilungisa izinto ngexesha elililo. Sinoxolo lwengqondo kuba simthemba uYehova ukuba uza kuyazi into amele ayenze ngaphezu kokuba thina sinokuyazi.​—1 Pet. 5:6, 7.

7. Yintoni oyifundileyo kuRobert?

7 Ukuthandaza kusinceda sihlale sinoxolo lwengqondo nokuba sesineengxaki ezinjani. Makhe sithethe ngomzekelo kaRobert, umdala osele egqithile kwiminyaka eyi-80. Uthi: “Icebiso elikwabaseFilipi 4:6, 7 lindincede ndakwazi ukunyamezela iingxaki ezininzi. Ndakha ndaneengxaki zemali. Ndakha ndayeka nokuba ngumdala okwexeshana.” Yintoni eyanceda uRobert ukuze ahlale enoxolo lwengqondo? Uthi: “Xa ndiqalisa ukuba nexhala, ndithandaza ngoko nangoko. Ndiyabona ukuba xa ndisoloko ndithandaza ndize ndikhuphe into esentliziyweni, ndiba noxolo lwengqondo nangakumbi.”

UYESU WAYEKUTHANDA UKUSHUMAYELA

Sinokuhlala sinoxolo lwengqondo ngokushumayela (Jonga isiqendu 8-10)

8. Ngokutsho kukaYohane 8:29, yintoni enye eyayisenza uYesu abe noxolo lwengqondo?

8 Funda uYohane 8:29. UYesu wayenoxolo lwengqondo naxa wayetshutshiswa kuba wayesazi ukuba uTata wakhe uza kuvuyiswa kukunyamezela kwakhe. Wahlala emthobela xa kwakunzima. Wayemthanda uTata wakhe ibe ukumkhonza kwakuyeyona nto ibalulekileyo kuye. Ngaphambi kokuba eze emhlabeni, ‘wayengumsebénzi onobuchule’ kaThixo. (IMize. 8:30) Naxa wayelapha emhlabeni, wayekukhuthalele ukufundisa abanye ngoTata wakhe. (Mat. 6:9; Yoh. 5:17) Kwakumvuyisa kakhulu uYesu ukwenza lo msebenzi.​—Yoh. 4:34-36.

9. Kutheni sisiba noxolo lwengqondo xa sisentsimini?

9 Sinokumliganisa uYesu ngokuthobela uYehova ‘nangokusoloko sinokuninzi kokwenza emsebenzini weNkosi.’ (1 Kor. 15:58) Xa ‘sixineka’ ngumsebenzi wokushumayela, siyakwazi ukuzijonga ngendlela efanelekileyo iingxaki zethu. (IZe. 18:5) Ngokomzekelo, amaxesha amaninzi abantu esidibana nabo entsimini baneengxaki ezingaphezulu lee kunezethu. Kodwa xa befunda ukumthanda uYehova baze bazenze izinto azifunayo, baphila kamnandi kunakuqala baze bonwabe ngakumbi. Qho sibona loo nto isenzeka, siqiniseka nangakumbi ukuba uYehova uza kusikhathalela. Ukwazi loo nto kusinceda sihlale sinoxolo lwengqondo. Udade owayeziva engento yanto ibe ekhathazeke kakhulu wayibona kuye le nto. Uthi: “Xa ndisentsimini, andikhathazeki ibe ndiyonwaba. Ndicinga ukuba le nto ibangelwa kukuba ndiziva ndisondele kakhulu kuYehova xa ndisentsimini.”

10. Yintoni oyifundileyo kuBrenda?

10 Khawucinge nangomzekelo kaBrenda. Yena nentombi yakhe bagula kakhulu. UBrenda uhamba ngesitulo esinamavili ibe akanamandla. Ngamanye amaxesha ukhe ashumayele kwindlu ngendlu, kodwa eyona ndlela ashumayela ngayo kukubhala iileta. Uthi: “Emva kokuyamkela into yokuba andisoze ndide ndiphile kweli hlabathi, ndaqonda ukuba mandiqine apha ekushumayeleni. Ngapha koko, xa ndishumayela andicingi nokucinga ngamaxhala endinawo. Kunoko, ndizimisele ukunceda abantu endishumayela kubo. Enye into, xa ndishumayela ndisoloko ndicinga ngethemba lobomi endiza kubuphila kwixesha elizayo.”

UYESU WAYENCEDWA NGABAHLOBO BAKHE

Sinokuhlala sinoxolo lwengqondo ngokuba kunye nabahlobo abalungileyo (Jonga isiqendu 11-15)

11-13. (a) Yintoni eyenziwa ngabapostile nangabanye ebonisa ukuba babengabahlobo bakaYesu bokwenene? (b) Abahlobo bakaYesu babemenza azive njani?

11 Xa uYesu wayeshumayela, abapostile bakhe abathembekileyo babengabahlobo bokwenene kuye. Babengabahlobo ethi iBhayibhile xa ithetha ngabo: “Kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.” (IMize. 18:24) UYesu wayebathanda abahlobo abanjalo. Xa wayeshumayela apha emhlabeni, akukho nomnye kubantakwabo owaba nokholo kuye. (Yoh. 7:3-5) Ngenye imini, abantu bakokwabo bade bacinga ukuba ushiywe ziingqondo. (Marko 3:21) Ngokwahlukileyo kubantu bakokwabo, uYesu wathi kubapostile abathembekileyo ngobusuku bangaphambi kokuba afe: “Nina niye nanamathela kum ezilingweni zam.”​—Luka 22:28.

12 Ngamanye amaxesha, abapostile babemphoxa uYesu kodwa akazange ajonge iimpazamo zabo, kunoko wayebona ukuba banokholo kuye. (Mat. 26:40; Marko 10:13, 14; Yoh. 6:66-69) Ngobusuku bokugqibela ngaphambi kokuba abulawe, uYesu wathi kubo: “Ndinibize ngokuthi ningabahlobo, ngenxa yokuba zonke izinto endizive kuBawo ndinazisile.” (Yoh. 15:15) Asiyithandabuzi into yokuba abahlobo bakaYesu babemkhuthaza kakhulu. Indlela ababemnceda ngayo kumsebenzi wokushumayela yamvuyisa nyhani.​—Luka 10:17, 21.

13 Ukongezelela kubapostile, uYesu wayenabo nabanye abahlobo, amadoda namabhinqa awayemnceda kumsebenzi wokushumayela nangezinye iindlela. Abanye babemmemela emakhayeni abo ukuze atye kunye nabo. (Luka 10:38-42; Yoh. 12:1, 2) Abanye babehamba kunye naye baze bamphe ezinye izinto zabo. (Luka 8:3) UYesu wayenabahlobo abalungileyo kuba naye wayengumhlobo olungileyo. Wayebenzela izinto ezintle ibe wayengalindelanga ukuba benze izinto abangenakukwazi ukuzenza. Nangona uYesu wayefezekile, wayezixabisa izinto awayezenzelwa ngabahlobo bakhe abangafezekanga. Sinokuqiniseka nokuba bamnceda wahlala enoxolo lwengqondo. 

14-15. Sinokuba nabo njani abahlobo abalungileyo, ibe bangasinceda njani?

14 Abahlobo abalungileyo baza kusinceda sihlale sithembekile kuYehova. Eyona ndlela yokuba nabahlobo abalungileyo kukuba ngumhlobo olungileyo. (Mat. 7:12) Ngokomzekelo, iBhayibhile isikhuthaza ukuba sisebenzise ixesha namandla ethu ukuze sincede abanye, ingakumbi ‘abasweleyo.’ (Efe. 4:28) Ngaba ukhona umntu omcingayo okwibandla lakho onokumnceda? Ngaba ungakwazi ukuya kuthengela izinto umvakalisi ongakwaziyo ukuphuma endlini kuba egula okanye ekhulile? Ngaba ungakwazi ukunika intsapho engenamali ukutya? Ukuba uyakwazi ukusebenzisa iwebhsayithi yejw.org/xh neJW Library app, ngaba ungabanceda abanye ebandleni lakho ukuba bazisebenzise? Xa sinceda abanye abantu, loo nto isenokusenza sonwabe.​—IZe. 20:35.

15 Abahlobo esinabo baza kusixhasa xa sineengxaki ibe baza kusinceda sihlale sinoxolo lwengqondo. Njengokuba uElihu wammamela uYobhi xa wayembalisela ngeengxaki zakhe, nabahlobo bethu bayasinceda ngokusimamela xa sibabalisela ngezinto ezisikhathazayo. (Yobhi 32:4) Asimele silindele ukuba abahlobo bethu basenzele izigqibo, kodwa silumkile xa sibamamela xa besicebisa ngeBhayibhile. (IMize. 15:22) NjengoKumkani uDavide owavumayo ukuncedwa ngabahlobo bakhe, nathi simele singabi nekratshi kodwa sivume ukuncedwa ngabahlobo bethu. (2 Sam. 17:27-29) Abahlobo abanjalo basisipho esivela kuYehova.​—Yak. 1:17.

SINGAHLALA NJANI SINOXOLO LWENGQONDO?

16. Ngokutsho kweyabaseFilipi 4:6, 7, yeyiphi indlela esinokufumana ngayo uxolo lwengqondo? Cacisa.

16 Funda eyabaseFilipi 4:6, 7Kutheni uYehova esixelela ukuba sinokufumana uxolo asinika lona “ngoKristu Yesu”? Sinokuba noxolo lwengqondo ukuba siyayiqonda into eyenziwa nguYesu ibe sinokholo kuye. Ngokomzekelo, zonke izono zethu zinokuxolelwa ngentlawulelo kaYesu. (1 Yoh. 2:12) Ukucinga ngaloo nto kuyasithuthuzela! NjengoKumkani woBukumkani bukaThixo, uYesu uza kulungisa wonke umonakalo owenziwe nguSathana nalihlabathi. (Isa. 65:17; 1 Yoh. 3:8; ISityhi. 21:3, 4) Loo nto isenza sikhangele phambili kwixesha elizayo! Nangona uYesu esinike umsebenzi onzima, ukunye nathi ibe uyasixhasa kule mihla yokugqibela siphila kuyo. (Mat. 28:19, 20) Ukwazi loo nto kusenza sibe nesibindi! Ukuthuthuzelwa, ithemba nokuba nesibindi zezona zinto zibalulekileyo sizidingayo ukuze sibe noxolo lwengqondo.

17. (a) UmKristu angahlala njani enoxolo lwengqondo? (b) Ngokwesithembiso esikuYohane 16:33, yintoni esiza kukwazi ukuyenza?

17 Unokuhlala njani unoxolo lwengqondo xa uneengxaki? Unokuyenza le nto ngokwenza izinto ezenziwa nguYesu. Okokuqala, thandaza, ungayeki nokuba kwenzeka ntoni. Okwesibini, mthobele uYehova uze ukukhuthalele ukushumayela naxa kunzima. Okwesithathu, bavumele abahlobo bakho bakuncede xa uneengxaki. Xa usenza ezo zinto, uxolo lukaThixo luza kuyikhusela intliziyo nengqondo yakho. Emva koko, uza koyisa nayiphi na ingxaki njengoYesu.​—Funda uYohane 16:33.

INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam

^ isiqe. 5 Sonke sineengxaki ezinokusenza singabi nalo uxolo lwengqondo. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezintathu ezenziwa nguYesu nesinokuzenza nathi ukuze sihlale sinoxolo lwengqondo nokuba sesineengxaki ezinjani.