Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 14

Ngaba Ushumayela Kangangoko Unako?

Ngaba Ushumayela Kangangoko Unako?

‘Hlala usenza umsebenzi womvangeli, bufeze ngokupheleleyo ubulungiseleli bakho.’​—2 TIM. 4:5.

INGOMA 57 Sishumayela Kwiintlobo Zonke Zabantu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

Emva kokuba evusiwe, uYesu udibana nabafundi bakhe aze abaxelele ukuba ‘bahambe . . . bayokwenza abafundi’ (Jonga inqaku elifundwayo 14, isiqendu 1)

1. Yintoni abafuna ukuyenza bonke abakhonzi bakaThixo, ibe kutheni? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

UYESU KRISTU wayalela abalandeli bakhe ukuba ‘bahambe, . . . baye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke.’ (Mat. 28:19) Bonke abakhonzi bakaThixo abathembekileyo bafuna ukufunda indlela ‘abanokubufeza ngokupheleleyo okanye bawenze kangangoko banako’ ngayo umsebenzi abawunikiweyo wokushumayela. (2 Tim. 4:5) Ngapha koko, lo msebenzi ubalulekile ibe ungxamiseke ngaphezu kwawo nawuphi na umsebenzi. Kodwa ke, kusenokuba nzima ukuchitha ixesha esifuna ukulichitha entsimini.

2. Zeziphi iingxaki ezenza kube nzima ukushumayela?

2 Kukho nezinye izinto ezibalulekileyo ezifuna ixesha namandla ethu. Kusenokufuneka sichithe iiyure ezininzi emisebenzini ukuze sizixhase, thina neentsapho zethu. Kusenokuba nzima nasentsatsheni kuba kukho izinto ekufuneka sizihoyile, sineengxaki zempilo, sikhathazekile okanye sineengxaki ezenziwa kukwaluphala. Sinokwenza njani ukuze siwenze kangangoko sinako umsebenzi wokushumayela nangona sinezi ngxaki?

3. Sifunda ntoni kumazwi kaYesu akuMateyu 13:23?

3 Ukuba iimeko zethu azisivumeli ukuba sichithe ixesha esifuna ukulichitha enkonzweni kaYehova, asimele sityhafe. UYesu wayesazi ukuba asizukuchitha ixesha namandla alinganayo xa sishumayela ngoBukumkani. (Funda uMateyu 13:23.) UYehova uyayixabisa yonke into esiyenzayo enkonzweni yakhe ukuba nje siyenza kangangoko sinako. (Heb. 6:10-12) Kwelinye icala, sisenokubona ukuba iimeko zethu ziyasivumela ukuba senze okungakumbi. Kweli nqaku, siza kubona ukuba sinokwenza njani ukuze ukushumayela kube yinto yokuqala ebomini bethu, singazixakekisi ngezinto ezininzi size siphucule indlela esishumayela nesifundisa ngayo. Kodwa masiqale sibone ukuba kuthetha ukuthini ukuwenza ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela.

4. Kuthetha ukuthini ukuwenza ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela?

4 Ukuwenza ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela kuthetha ukushumayela nokufundisa kangangoko sinako. Kodwa ke, oku akupheleli nje kwixesha esilichithayo. Into ebalulekileyo kuYehova sisizathu esinaso sokushumayela. Kuba simthanda uYehova nabantu, simkhonza * ngamandla ethu onke. (Marko 12:30, 31; Kol. 3:23) Le nto ithetha ukuba siyazimisela ekumkhonzeni ibe simkhonza kangangoko sinako. Xa siyixabisa inyhweba esinayo yokushumayela, siye sizame ukuchazela abantu abaninzi ngeendaba ezilungileyo.

5-6. Umntu ongenaxesha laneleyo unokubonisa njani ukuba ukushumayela yeyona nto ibalulekileyo kuye? Yenza umzekelo.

5 Khawucinge ngomfana othanda ukufundisa. Uyakuthanda ukufundisa nanini na efumana ithuba. Ekugqibeleni ufumana umsebenzi wokufundisa kwesinye isikolo ngeempelaveki. Kodwa ufumanisa ukuba imali ayifumanayo incinci kakhulu kangangokuba akakwazi ukwenza ezinye izinto. Ngoko ufumana umsebenzi wesibini evenkileni aze kuwo aphangele ukususela ngoMvulo ukuya kutsho ngoLwesihlanu. Nangona echitha ixesha elininzi kule venkile, kodwa eyona nto ayithandayo kukufundisa. Ukufuna nyhani ukuphucula indlela afundisa ngayo ibe ukuba iimeko bezivuma ebeza kuba ngutitshala kuphela. Nangona kunjalo, uyalivuyela naliphi na ithuba alufumanayo lokufundisa, enoba lincinci kangakanani.

6 Ngokufanayo, kusenokwenzeka ukuba lincinci ixesha onalo lokushumayela. Kodwa ke, uyakuthanda ukushumayela. Uyazama ukuphucula indlela ofundisa ngayo ukuze uncede abantu bazamkele iindaba ezilungileyo. Ngenxa yokuba zininzi izinto ekufuneka uzenzile, usenokuzibuza ukuba ungenza njani ukuze ukushumayela kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho.

UNOKWENZA NJANI UKUZE UKUSHUMAYELA KUBE YEYONA NTO IBALULEKILEYO KUWE?

7-8. Sinokwenza njani ukuze sijonge ukushumayela njengoYesu?

7 UYesu ungoyena mntu sinokufunda kuye kuba wayeyithanda intsimi. Eyona nto yayibalulekile kuye yayikukuthetha ngoBukumkani bukaThixo. (Yoh. 4:34, 35) Wahamba iikhilomitha ezininzi ukuze ashumayele kubantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka. Wayeshumayela nanini na kuvela ithuba, enoba kusemakhayeni abantu okanye kwezinye iindawo. Eyona nto yayibalulekile kuYesu yayikukushumayela.

8 NjengoYesu, nathi sinokukhangela iindlela esingashumayela ngazo ebantwini ngeendaba ezilungileyo, enoba kuphi okanye kunini. Sikulungele ukuncama izinto ezithile ukuze sikwazi ukushumayela. (Marko 6:31-34; 1 Pet. 2:21) Abanye ebandleni bakhonza njengoovulindlela abakhethekileyo, abathe ngxi nabangabancedani. Kanti abanye baye bafunda olunye ulwimi okanye bayokunceda kwindawo ekudingwa kuyo abavakalisi abangakumbi. Kodwa umsebenzi omninzi wokushumayela wenziwa ngabavakalisi abangakwaziyo ukuzenza ezi zinto, sekunjalo bawenza kangangoko banako. Nokuba sishumayela kangakanani, uYehova akalindelanga ukuba senze izinto ezingaphaya kwamandla ethu. Ufuna sonke sikonwabele ukunikela inkonzo engcwele njengoko sivakalisa ‘iindaba ezilungileyo ezizukileyo zoThixo onoyolo.’​—1 Tim. 1:11; Dut. 30:11.

9. (a) UPawulos wabonisa njani ukuba ukushumayela yeyona nto ibalulekileyo kuye nangona wayesebenza? (b) IZenzo 28:16, 30, 31 zibonisa ukuba uPawulos wayekujonga njani ukushumayela?

9 Umpostile uPawulos wasibonisa umzekelo omhle wokubeka umsebenzi wokushumayela kwindawo yokuqala ebomini bakhe. Xa wayeseKorinte kuhambo lwakhe lwesibini engumthunywa wevangeli, wayenemali encinci ibe kwafuneka achithe ixesha esenza iintente. Kodwa ke, ukwenza iintente kwakungeyiyo eyona nto ibalulekileyo kuPawulos. Wayesenza lo msebenzi ukuze azixhase aze ashumayele iindaba ezilungileyo kumaKorinte “ngaphandle kweendleko.” (2 Kor. 11:7) Nangona uPawulos wayesebenza, ukushumayela kwakusoloko kuyinto ephambili kuye, ibe wayeshumayela qho ngeSabatha. Emva kokuba iimeko zaba bhetele, uPawulos waba nexesha elingakumbi lokushumayela. “Waxineka lilizwi, enikela ubungqina kumaYuda bokungqina ukuba uYesu unguKristu.” (IZe. 18:3-5; 2 Kor. 11:9) Xa wayevalelwe endlwini yakhe eRoma kangangeminyaka emibini, uPawulos wayeshumayela kubantu ababemtyelela aze abhale neeleta. (Funda iZenzo 28:16, 30, 31.) UPawulos wayengafuni kwanto iza kumphazamisa ekushumayeleni. Wathi: “Ekubeni sinobu bulungiseleli . . . , asethi mandla.” (2 Kor. 4:1) Nangona kufuneka sichithe ixesha emisebenzini yethu, sinako ukuwubeka kwindawo yokuqala umsebenzi woBukumkani njengoPawulos.

Zininzi iindlela esinokuwenza kangangoko sinako ngazo umsebenzi wokushumayela (Jonga isiqendu 10-11)

10-11. Sinokushumayela njani kangangoko sinako nangona sineengxaki zempilo?

10 Ukuba asikwazi ukushumayela kwindlu ngendlu ngenxa yokwaluphala okanye iingxaki zempilo, sinako ukushumayela ngezinye iindlela. AmaKristu exesha labapostile ayeshumayela naphi na apho kukho abantu. Ayesebenzisa naliphi na ithuba elivelayo ukuze athethe ngenyaniso. Ayeshumayela kwindlu ngendlu, kwiindawo ezinabantu, naphi na apho abantu “kwakusenzeka ukuba babekho.” (IZe. 17:17; 20:20) Ukuba kunzima ukuhamba, sisenokuhlala kwindawo enabantu size sishumayele ebantwini abagqithayo. Sisenokushumayela ebantwini esidibana nabo xa sisenza ezinye izinto, sibhale iileta okanye sishumayele ngefowuni. Abavakalisi abaninzi abangakwaziyo ukushumayela kwindlu ngendlu ngenxa yempilo okanye ezinye iingxaki bangonwaba kakhulu naxa beshumayela ngezi ndlela.

11 Enoba uneengxaki zempilo, unokushumayela kangangoko unako. Makhe siphinde sithethe ngomzekelo kampostile uPawulos. Wathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.” (Fil. 4:13) UPawulos wakha wawadinga la mandla. Wagula xa wayetyelele kwenye indawo njengomthunywa wevangeli. Wathi kumaGalati: “Kwakungenxa yokugula kwam endathi ndavakalisa iindaba ezilungileyo kuni okwesihlandlo sokuqala.” (Gal. 4:13) Ngendlela efanayo, xa uneengxaki zempilo unganethuba lokushumayela iindaba ezilungileyo kwabanye abantu, njengoogqirha, iinesi nabanye abantu abakuncedayo. Abaninzi kwaba bantu baba semisebenzini xa abavakalisi beshumayela kwiindawo abahlala kuzo.

SINOKWENZA NJANI UKUZE SINGAZIXAKEKISI NGEZINTO EZININZI?

12. Kuthetha ukuthini ukugcina iliso lakho lingenakumbi?

12 UYesu wathi: “Ukuba, ngoko, iliso lakho alinakumbi, umzimba wakho uphela uba sekukhanyeni.” (Mat. 6:22) Wayethetha ukuthini? Wayethetha ukuthi asimele sizixakekise ngezinto ezininzi, endaweni yoko simele sijonge kwinto enye size singaphazanyiswa zezinye izinto. UYesu wasibonisa le nto ngokuzixakekisa ngomsebenzi wokushumayela ibe wafundisa abafundi bakhe ukuba babeke uBukumkani nokukhonza uYehova kuqala. Xa ukushumayela kuyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu silinganisa uYesu ibe ‘sifuna kuqala uBukumkani nobulungisa [bukaThixo.]”—Mat. 6:33.

13. Yintoni enokusinceda ukuze ukushumayela kube yeyona nto ibalulekileyo kuthi?

13 Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba ukushumayela kuyeyona nto ibalulekileyo kuthi kukungazixakekisi ngezinto ezininzi. Xa sisenza loo nto siza kuchitha ixesha elingakumbi sinceda abantu bafunde ngoYehova baze bamthande. * Ngokomzekelo, ngaba asinakucutha iiyure esizichitha emsebenzini ukuze sichithe ixesha elingakumbi entsimini phakathi evekini? Ngaba asinakuphungula izinto esizonwabisa ngazo ezifuna ixesha elininzi?

14. UElias nenkosikazi yakhe kwafuneka benze ntoni ukuze bachithe ixesha elingakumbi entsimini?

14 Omnye umdala, uElias nenkosikazi yakhe bayenza le nto. Uthi: “Sasingazukukwazi ukuba ngoovulindlela ngoko nangoko, kodwa zazikhona izinto esasinokuzenza ukuze sichithe ixesha elingakumbi entsimini. Ngoko senza izinto ezincinci ukuze sishumayele ngakumbi. Ngokomzekelo, sayeka ukusebenzisa imali ezintweni ezininzi. Sabona ukuba siyisebenzisa kakhulu nakwizinto esizonwabisa ngazo, saza asazonwabisa kangako. Sade sacela nabaqeshi bethu ukuba batshintshe amaxesha omsebenzi ukuze sibe nexesha elingakumbi lokushumayela. Loo nto isincede sakwazi ukushumayela ngorhatya, saqhuba izifundo zeBhayibhile ezingakumbi saza sakwazi nokushumayela phakathi evekini kabini ngenyanga. Kumnandi nyhani ukwenza lo msebenzi!”

UNOKUYIPHUCULA NJANI INDLELA OSHUMAYELA NOFUNDISA NGAYO?

Ukuba siyazenza izinto esizifunda kwintlanganiso yaphakathi evekini, siza kuphucula indlela esishumayela nesifundisa ngayo (Jonga isiqendu 15-⁠16) *

15-16. Ngokutsho kweyoku-1 kuTimoti 4:13, 15, singaqhubeka sibuphucula njani ubuchule bethu bokushumayela? (Jonga nebhokisi ethi “ Izinto Endizimisele Ukuzenza Ukuze Ndishumayele Kangangoko Ndinako.”)

15 Enye indlela esinokuwenza kangangoko sinako ngayo umsebenzi wokushumayela kukuphucula indlela esiwenza ngayo. Abantu abenza imisebenzi ethile kufuneka bahlale beqeqeshwa ukuze bazi izinto ezingakumbi baze baphucule nobuchule babo. Kunjalo ke nangabantu abashumayela ngoBukumkani. Kufuneka siqhubeke sifunda indlela esinokuyiphucula ngayo indlela esifundisa nesishumayela ngayo.—IMize. 1:5; funda eyoku-1 kuTimoti 4:13, 15.

16 Sinokuphucula njani kumsebenzi wokushumayela? Ngokuzimamela kakuhle izinto esizifundiswa kwintlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Le ntlanganiso isinceda sikwazi ukuphucula ubuchule bethu bokushumayela. Ngokomzekelo, xa usihlalo ecebisa abantu ebebesenza iintetho sinokufunda izinto esinokuphucula kuzo entsimini. Emva koko, sinokuzenza ezo zinto xa siphinda sincokola nomntu ngeendaba ezilungileyo. Sinokucela umveleli weqela lentsimi yethu ukuba asincede okanye sisebenze naye okanye omnye umvakalisi onamava, uvulindlela okanye umveleli wesiphaluka. Njengoko siphucula ubuchule bethu bokusebenzisa Izixhobo Zokufundisa Entsimini, siza kukuthanda ngakumbi ukushumayela nokufundisa abantu.

17. Uza kuziva njani xa ushumayela kangangoko unako?

17 Kuyinyhweba nyhani ukuvunyelwa nguYehova ukuba sibe ‘ngabasebenzi abangamadlelane’ kunye naye! (1 Kor. 3:9) Xa ‘uqiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi’ uze umsebenzi wokushumayela ube yeyona nto ibalulekileyo kuwe, uza ‘kumkhonza uYehova unemihlali.’ (Fil. 1:10; INdu. 100:2) Njengomntu osebenzela uYehova, unokuqiniseka ukuba uza kukunika amandla okuwenza lo msebenzi nokuba uneengxaki ezinjani. (2 Kor. 4:1, 7; 6:4) Nokuba iimeko zakho zikwenza uchithe ixesha elingakanani kumsebenzi wokushumayela, unokuba “nesizathu sokugcoba” xa uwenza ngamandla akho onke lo msebenzi. (Gal. 6:4) Xa uwenza kangangoko unako umsebenzi wokushumayela ubonisa ukuba uyamthanda uYehova nabantu. “Ngokwenza oko uya kuzisindisa wena nabo bakuphulaphulayo.”​—1 Tim. 4:16.

INGOMA 58 Sikhangela Abantu Abathanda Uxolo

^ isiqe. 5 UYesu usiyalele ukuba sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani size senze abafundi. Kweli nqaku siza kubona ukuba sinokwenza njani ukuze sishumayele kangangoko sinako nokuba sesineengxaki ezininzi. Emva koko siza kufunda ukuba singayiphucula njani indlela esishumayela ngayo nento esinokuyenza ukuze sikuthande ngakumbi ukushumayela.

^ isiqe. 4 IGAMA ELICACISIWEYO: Ukukhonza uYehova kuquka ukushumayela nokufundisa, ukwakhiwa nokulungiswa kwezakhiwo ezisetyenziswa yintlangano nesikhonzela kuzo, nokuncedisa xa kwehle intlekele.​—2 Kor. 5:18, 19; 8:4.

^ isiqe. 13 Jonga izinto ezisixhenxe ezikwibhokisi ethi “Indlela Yokubenza Lula Ubomi BakhokwiMboniselo kaJulayi 2016, iphe. 10.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: Udade ubonisa indlela yokubuyela kwintlanganiso yaphakathi evekini. Xa usihlalo emcebisa, ubhala kwincwadana yakhe ethi Ukufundisa. Emva koko, wenza le nto ebeyifunde kwintlanganiso xa eshumayela ngempela veki.