Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 17

UYehova Angakunceda Ungalahlekiswa Ziidemon

UYehova Angakunceda Ungalahlekiswa Ziidemon

‘Sizamazamana . . . nemikhosi yoomoya abangendawo kwezasezulwini iindawo.’​—EFE. 6:12.

INGOMA 55 Ningaboyiki!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ngokutsho kweyabase-Efese 6:10-13, yeyiphi enye yezona ndlela uYehova abonisa ngazo ukuba usikhathalele? Cacisa.

ENYE yezona ndlela uYehova abonisa ngazo ukuba usikhathalele, kukusinceda singalahlekiswa ziintshaba zethu. Ezona ntshaba zethu nguSathana needemon. UYehova uyasilumkisa ngezi ntshaba, aze asinike izinto eziza kusinceda singalahlekiswa zizo. (Funda eyabase-Efese 6:10-13.) Xa sizisebenzisa ezi zinto uYehova asinceda ngazo size simthembe, uMtyholi akazukusilahlekisa. Nathi sinokumthemba uYehova njengompostile uPawulos. Wathi: “Ukuba uThixo ungakuthi, ngubani na oya kuba nxamnye nathi?”​—Roma 8:31.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Thina maKristu enene, asizihoyanga kakhulu izinto ezenziwa nguSathana needemon. Eyona nto siyihoye kakhulu kukufunda ngoYehova nokumkhonza. (INdu. 25:5) Kodwa ke, kuyafuneka ukuba siyazi indlela uSathana azenza ngayo izinto. Ngoba? Ukuze singaqhatheki ngamaqhinga akhe. (2 Kor. 2:11) Kweli nqaku, siza kuthetha ngeyona ndlela uSathana needemon zakhe ababalahlekisa ngayo abantu. Siza kuthetha nangezinto esinokuzenza ukuze bangasilahlekisi.

IINDLELA IIDEMON EZIBALAHLEKISA NGAZO ABANTU

3-4. (a) Kuthetha ukuthini ukusebenzelana nemimoya? (b) Baninzi kangakanani abantu abakholelwa kukusebenzelana nemimoya?

3 Eyona ndlela uSathana needemon zakhe ababalahlekisa ngayo abantu kukubenza basebenzelane nemimoya. Abantu abasebenzelana nemimoya bathi bazi okanye bayakwazi ukwenza izinto abanye abantu abangenakuzazi nabangenakukwazi ukuzenza. Ngokomzekelo, abanye bathi bayakwazi ukuzazi izinto eziza kwenzeka ngokuvumisa ngeenkwenkwezi okanye ngezinye izinto. Abanye basenokwenza ngathi bathetha nabantu abaswelekileyo. Abanye benza imilingo okanye bathakathe abanye abantu. *

4 Baninzi kangakanani abantu abakholelwa kukusebenzelana nemimoya? Xa kwakuphandwa ngale nto kumazwe ayi-18 akuMbindi nakuMzantsi Merika nakwiCaribbean, kwafunyaniswa ukuba umntu omnye kwabathathu uyakholelwa kwimilingo okanye kubugqwirha ibe abanye bathi abantu abaphilayo bayakwazi ukuthetha nabantu abaswelekileyo. Kwaphinda kwaphandwa ngale nto nakumazwe ayi-18 aseAfrika kwaza kwafunyaniswa ukuba, ngokomlinganiselo umntu omnye kwababini uthi bukhona ubugqwirha. Kakade ke, simele sikulumkele ukusebenzelana nemimoya enoba sihlala phi. Ngapha koko, uSathana ufuna ukulahlekisa “umhlaba omiweyo uphela.”​—ISityhi. 12:9.

5. UYehova ukujonga njani ukusebenzelana nemimoya?

5 UYehova ‘nguThixo wenyaniso.’ (INdu. 31:5) Ngoko ukujonga njani ukusebenzelana nemimoya? Uyakucaphukela! Wathi kumaSirayeli: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe udlulisa unyana wakhe okanye intombi yakhe emlilweni, novumisayo, noqhelisela umlingo, nohlaba izihlabo nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu, noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili, nobuzisa kwabafileyo. Kuba uYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto.” (Dut. 18:10-12) AmaKristu awekho phantsi koMthetho uYehova awawunika amaSirayeli. Kodwa ke, siyazi ukuba usakucaphukela ukusebenzelana nemimoya.​—Mal. 3:6.

6. (a) USathana ubenzakalisa njani abantu ngokusebenzelana nemimoya? (b) Ngokutsho kweNtshumayeli 9:5, kwenzeka ntoni emntwini xa eswelekile?

6 UYehova uyasilumkisa ukuba singasebenzelani nemimoya kuba uyazi ukuba yindlela uSathana ayisebenzisayo ukuze enzakalise abantu. USathana uqhatha abantu ngokubenza bakholelwe kukusebenzelana nemimoya. Enye indlela abaqhatha ngayo yeyokuba xa umntu eswelekile, uphila kwenye indawo. (Funda iNtshumayeli 9:5.) USathana ukwasebenzisa eli qhinga ukuze oyikise abantu aze abenze babe kude noYehova. Eyona nto ayifunayo kukuba abantu abasebenzelana nemimoya bathembele kwiidemon kunokuba bathembele ngoYehova.

IZINTO ESINOKUZENZA UKUZE SINGALAHLEKISWA ZIIDEMON

7. Zeziphi izinto uYehova asixelela zona?

7 Njengoko sele kutshiwo, uYehova usixelela izinto ezinokusinceda singalahlekiswa nguSathana needemon. Makhe sithethe ngezinto esinokuzenza ukuze silwe noSathana needemon.

8. (a) Yeyiphi eyona nto inokusinceda singalahlekiswa ziidemon? (b) INdumiso 146:4 ibonisa njani ukuba uSathana uyaxoka?

8 Funda uze ucinge ngeLizwi LikaThixo. Le yeyona nto inokusinceda singalahlekiswa ziidemon. ILizwi LikaThixo lifana nekrele elibukhali elinokwenza uSathana abonakale ukuba uyaxoka. (Efe. 6:17) Ngokomzekelo, iLizwi LikaThixo liyayiphika into yokuba umntu oswelekileyo angathetha nabantu abaphilayo. (Funda iNdumiso 146:4.) Liphinda lisikhumbuze ukuba nguYehova kuphela ozaziyo izinto eziza kwenzeka. (Isa. 45:21; 46:10) Ukuba silifunda qho iLizwi LikaThixo size sicinge ngalo, siza kubucaphukela ibe asizukubukholelwa ubuxoki obuvela kwiidemon.

9. Zeziphi izinto ezidibene nokusebenzelana nemimoya esingazenziyo thina maKristu enene?

9 Ungavumi ukwenza nantoni na edibene nokusebenzelana nemimoya. Thina maKristu enene, asisebenzelani nemimoya nangayiphi indlela. Ngokomzekelo, asiyi emagqirheni okanye sizame enye indlela yokuthetha nabantu abaswelekileyo. Njengoko bekubonisiwe kwinqaku elidlulileyo, asiwenzi amasiko emingcwabo adla ngokwenziwa ngabantu abakholelwa ekubeni umphefumlo womntu awufi. Asivumisi ngeenkwenkwezi okanye siye ebantwini abachaza izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. (Isa. 8:19) Siyazi ukuba ezi zinto ziyingozi ibe zingasidibanisa noSathana needemon zakhe.

NjengamaKristu exesha labapostile, zilahle izinto ezinento yokwenza needemon uze ungazonwabisi ngazo (Jonga isiqendu 10-12)

10-11. (a) Abanye abantu ababehlala e-Efese benza ntoni bakufunda inyaniso? (b) Ngokutsho kweyoku-1 kwabaseKorinte 10:21, yintoni esinokuyifunda kumaKristu ase-Efese ibe singawaxelisa njani?

10 Zilahle izinto ezidibene nokusebenzelana nemimoya. Ngexesha labapostile, abanye abantu ababehlala e-Efese babesebenzelana nemimoya. Bayeka bakufunda inyaniso. “Abaliqela noko kwabo babeqhelisela ubugcisa bomlingo bazizisa ndawonye iincwadi zabo baza bazitshisa phambi kwakhe wonk’ ubani.” (IZe. 19:19) Aba bantu babezimisele ukwahlukana needemon. Ezi ncwadi zabo zomlingo zaziduru. Abazange baphise ngazo okanye bazithengise, kodwa bazitshisa. Eyona nto babeyifuna kukuvuyisa uYehova kunemali ababenokuyifumana ukuba babezithengisile ezi ncwadi.

11 Yintoni esinokuyifunda kule nto yenziwa ngala maKristu? Kungakuhle ukulahla nantoni na esinayo enento yokwenza needemon. Ezinye zezi zinto ngamakhubalo nezinye izinto abantu abazinxibayo kuba besithi bazikhusela kwimimoya emdaka.​—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:21.

12. Yeyiphi imibuzo esimele sizibuze yona ngezinto esizonwabisa ngazo?

12 Zikhethe kakuhle izinto ozonwabisa ngazo. Khawuzibuze: ‘Ngaba ndiyazifunda iincwadi, iimagazini okanye izinto ezikwi-intanethi ezithetha ngokusebenzelana nemimoya? Zinjani zona iingoma endizimamelayo, iimuvi neenkqubo zeTV endizibukelayo okanye imidlalo yeevidiyo endiyidlalayo? Ngaba zinento yokwenza nokusebenzelana nemimoya? Ngaba ziba neevampire, iizombie okanye abantu abanamandla angaqhelekanga? Ngaba zenza kubonakale ngathi imilingo nokuthakatha abanye abantu yinto nje engenamsebenzi?’ Kakade ke, le nto ayithethi kuthi kwabali elibonisa into engenakwenzeka linento yokwenza nokusebenzelana nemimoya. Xa ukhetha into oza kuzonwabisa ngayo, qiniseka ukuba ayonto uYehova ayicaphukelayo. Sifuna ukuhlala ‘sikuphaphele ukungamoni’ uThixo wethu.​—IZe. 24:16. *

13. Yintoni esingamele siyenze?

13 Sukubalisa amabali ngeedemon. Umzekelo kaYesu ungasinceda sikwazi ukuyenza le nto. (1 Pet. 2:21) Ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, wayehlala ezulwini ibe wayesazi izinto ezininzi ngoSathana needemon zakhe. Kodwa wayengabalisi ngezinto ezazenziwe zezi demon noSathana. UYesu wayengafuni ukufundisa abantu ngoSathana, kunoko wayefuna ukubafundisa ngoYehova. Nathi siya kuba senza njengoYesu xa singabalisi ngeedemon. Endaweni yoko, sibonisa ngezinto esizithethayo ukuba ‘iintliziyo zethu zivuseleleke ngumbandela olungileyo,’ oko kukuthi, inyaniso.​—INdu. 45:1.

Asinasizathu sakuzoyika iidemon kuba uYehova, uYesu neengelosi banamandla lee kunazo (Jonga isiqendu 14-15) *

14-15. (a) Kutheni singamele sizoyike iidemon? (b) Yintoni esiqinisekisayo ukuba uYehova uyabakhusela abantu bakhe namhlanje?

14 Sukuzoyika iidemon. Zininzi izinto ezimbi ezinokwenzeka kuthi namhlanje. Iingozi, ukugula nokufa kungenzeka nanini na. Kodwa ngaba simele sithi ezi zinto zibangelwa ziidemon? IBhayibhile ithi sonke sehlelwa “lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshu. 9:11) UYehova usibonisile ukuba unamandla kakhulu kuneedemon. Ngokomzekelo, akazange avumele uSathana ukuba abulale uYobhi. (Yobhi 2:6) Ngemihla kaMoses, uYehova wabonisa ukuba unamandla kunababingeleli baseYiputa ababeqhelisela umlingo ngobugqi. (Eks. 8:18; 9:11) Emva koko, uYehova wanika uYesu amandla okugxotha uSathana needemon zakhe ezulwini. Ibe kungekudala baza kufakwa enzonzobileni baze bangakwazi ukwenzakalisa kwamntu.​—ISityhi. 12:9; 20:2, 3.

15 Zininzi izinto ezisiqinisekisayo ukuba uYehova uyabakhusela abantu bakhe namhlanje. Khawucinge ngale nto: Sishumayela size sifundise abantu inyaniso emhlabeni wonke. (Mat. 28:19, 20) Ngokwenza le nto, sixelela abantu izinto ezimbi ezenziwa nguMtyholi. Siqinisekile ukuba uSathana uyafuna ukusiyekisa lo msebenzi, kodwa akakwazi. Ngoko asikho isizathu sokuzoyika iidemon. Siyazi ukuba ‘amehlo kaYehova asingasinga emhlabeni wonke ukuba ababonise amandla abo bantliziyo ziphelele kuye.’ (2 Kron. 16:9) Ukuba sithembekile kuYehova, iidemon azizukusenzakalisa ngonaphakade.

INDLELA UYEHOVA ABASIKELELA NGAYO ABANTU ABANGASEBENZELANI NEEDEMON

16-17. Balisa ibali elibonisa ukuba kufuneka umntu abe nesibindi ukuze angavumi ukusebenzelana nemimoya.

16 Kufuneka sibe nesibindi ukuze singavumi ukusebenzelana nemimoya. Esi sibindi sifuneka ngakumbi xa ingabahlobo okanye abantu esizalana nabo abasinyanzela ukuba siyenze le nto kuba besithi siza kwehlelwa yinto embi. Kodwa uYehova uyabasikelela abantu abanesibindi. Makhe sithethe ngodade waseGhana ekuthiwa nguErica. UErica waqala ukufundelwa eneminyaka eyi-21. Utata wakhe wayengumfundisi owenza imilingo. Ngoko xa kwakusenziwa umcimbi othile, kwathiwa makatye inyama eyayinikelwe kwizithixo zikatata wakhe. UErica zange avume ibe abantu bakokwabo bathi ucaphukisa izithixo. Babesithi izithixo ziza kubohlwaya ngokubaphazamisa engqondweni nangokubagulisa.

17 Abantu bakuloErica bazama ukumnyanzela ukuba alenze eli siko kodwa akazange avume, ibe loo nto yambangela ukuba agxothwe kokwabo. Wahlala emakhayeni abazalwana noodade. Ngaloo ndlela uYehova wasikelela uErica ngoobhuti noosisi abangamaNgqina KaYehova njengaye. (Marko 10:29, 30) Nangona abantu bakokwabo bamlahlayo baza batshisa nezinto zakhe, uErica zange agungqe ekukhonzeni uYehova. Wabhaptizwa ibe ngoku unguvulindlela othe ngxi. Akazoyiki iidemon. Uthi ngentsapho yakhe: “Yonke imihla ndiye ndithandazele ukuba bayazi indlela ekumnandi nekukhulula ngayo ukukhonza uYehova.”

18. Zeziphi iintsikelelo esizifumanayo xa singenanto yakwenza needemon?

18 Ayisithi sonke abaza kuvavanywa ngolu hlobo. Kodwa ke, sonke simele siqinisekise ukuba asinanto yakwenza needemon size sithembe uYehova. Ukuba siyayenza loo nto, siza kufumana iintsikelelo ezininzi ibe asizukuqathwa nguSathana. Kwakhona, asizukuyeka ukukhonza uYehova ngenxa yokoyika iidemon. Ngapha koko, siza kwenza konke esinako ukuze sihlale singabahlobo bakaYehova. Umfundi uYakobi wathi: “Zithobeni, ke ngoko, kuThixo, kodwa mchaseni uMtyholi, wonibaleka. Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”​—Yak. 4:7, 8.

INGOMA 150 Funa UYehova Ukuze Usinde

^ isiqe. 5 Kuba uYehova esithanda, uye wasilumkisa ngeedemon nangendlela eziyingozi ngayo. Iidemon zibalahlekisa njani abantu? Zeziphi izinto esinokuzenza ukuze zingasilahlekisi? Eli nqaku liza kuthetha ngendlela uYehova asinceda ngayo ukuze singalahlekiswa ziidemon.

^ isiqe. 3 AMAGAMA ACACISIWEYO: Ukusebenzelana nemimoya kuthetha ukukholelwa nokwenza izinto ezidibene needemon. Abantu abasebenzelana nemimoya bakholelwa ukuba xa umntu esifa, umphefumlo wakhe awufi ibe banokuthetha naye ngokuya egqirheni. Abanye basebenzelana nemimoya ngokuthakatha nangokuvumisa. Xa kuthethwa ngomlingo kweli nqaku, akuthethwa ngemilingo edla ngokwenziwa kwiindawo zolonwabo. Kunoko kuthethwa ngobugqi okanye amandla angaqhelekanga. Oku kusenokuthetha nokuthakatha abanye abantu.

^ isiqe. 12 Abadala abababekeli imithetho abazalwana noodade ngezinto abamele bazonwabise ngazo. Endaweni yoko, mKristu ngamnye umele asebenzise isazela sakhe esiqeqeshwe yiBhayibhile xa ekhetha into aza kuyifunda, aza kuyibukela naza kuyidlala. Intloko-ntsapho elumkileyo iyaqinisekisa ukuba kwanto abaza kuzonwabisa ngayo entsatsheni ayiphikisani nemigaqo yeBhayibhile.—Funda inqaku elikujw.org/xh elithi “Ngaba Niyakwalelwa Ukubukela Iimovie, Ukufunda Iincwadi Okanye Ukumamela Umculo Othile?” Yiya kwindawo ethi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI > IMIBUZO ABANTU ABAQHELE UKUYIBUZA NGAMANGQINA KAYEHOVA.

^ isiqe. 54 IMIFANEKISO: Kuboniswa uKumkani wethu, uYesu, ekhokela umkhosi weengelosi ezulwini.