Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwakutheni ukuze uYesu athethe into eyathethwa nguDavide kwiNdumiso 22:1 kanye ngaphambi kokuba afe?

Kanye ngaphambi kokuba afe, uYesu wathetha la mazwi akuMateyu 27:46: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?” Wayethetha amazwi aprofetwa ngumdumisi uDavide kwiNdumiso 22:1. (Marko 15:34) Sakube sithetha into engekhoyo xa sisithi isizathu sokuba uYesu athethe ngolu hlobo kukuba wayephoxwe nguYehova okanye ngelo xesha wayesaphelelwe lukholo. Wayesiqonda kakuhle isizathu sokuba kwakufuneka afe, uThixo zange amnyanzele. (Mat. 16:21; 20:28) Wayesazi nokuba uYehova kwakuza kufuneka ayeke ‘ukumkhusela.’ (Yobhi 1:10) Ukuyeka kukaYehova ukumkhusela kwakuza kumenza abonise ukuba wayeza kuhlala ethembekile nokuba wayeza kufa kabuhlungu kangakanani.​—Marko 14:35, 36.

Kwakutheni ukuze athethe into eyathethwa ngumdumisi? Asisazi isizathu, kodwa siza kuthetha ngezinto ekusenokwenzeka ukuba zamenza wayithetha. *

Xa wayethetha ngolu hlobo uYesu, ngaba wayefuna kucace ukuba uYehova akazukumnceda? Kwakufuneka uYehova angamncedi nganto xa ehlawula ngegazi lakhe. Kwakufuneka afe ukuze “angcamle ukufa ngenxa yabo bonke abantu.”​—Heb. 2:9.

Xa wayethetha amazwi ambalwa akwesi sahluko sencwadi yeendumiso, ngaba wayefuna abantu bacinge ngaso sonke esi sahluko? Ngelo xesha abantu babethanda ukufunda iivesi ezininzi zeendumiso bazazi ngentloko. Ngoko xa kuthethwa ngevesi ekwisahluko sale ncwadi, babevele bacinge ngazo zonke iivesi ezikweso sahluko. Ukuba uYesu wayefuna loo nto, wayeza kunceda abalandeli bakhe abaninzi abangamaYuda bakhumbule iziprofeto ezininzi ezikwesi sahluko ezithetha ngezinto ezaziza kwenzeka ngaphambi nasemva kokuba afe. (INdu. 22:7, 8, 15, 16, 18, 24) Enye into, kwiivesi zokugqibela zesi sahluko kudunyiswa uYehova kwaye kuthiwa ulawula umhlaba wonke.​—INdu. 22:27-31.

Ngaba uYesu wayebonisa ukuba akanatyala? Ngaphambi kokuba abulawe, iNkundla Ephakamileyo YamaYuda yamxoxisa ityala lento awayetyholwa ngokuba uyithethile, yaza yathi udelele uThixo. (Mat. 26:65, 66) Eli tyala lakhawuleziswa laxoxwa ebusuku kungalandelwanga nemithetho yendlela afanele axoxwe ngayo amatyala. (Mat. 26:59; Mark 14:56-59) Xa uYesu wayesithi, “Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?” mhlawumbi wayefuna abantu baqonde ukuba, kwakungekho sizathu sokuba abulawe kuba kwakungekho nto imbi ayenzileyo.

Ngaba wayekhumbuza abantu ukuba, indlela awayesezintlungwini ngayo lo mbhali wesi sahluko sendumiso, uDavide, yayingabonisi ukuba wayengasathandwa nguYehova? Into eyabuzwa nguDavide ayithethi ukuba wayengenakholo. Emva kokuba ebuzile, wachaza indlela amthembe ngayo uYehova ukuba uza kubasindisa abakhonzi bakhe, noYehova zange ayeke ukumsikelela. (INdu. 22:23, 24, 27) NoYesu, “uNyana kaDavide,” waba sezintlungwini kwisibonda sokungcungcutheka. Loo nto yayingabonisi ukuba akasathandwa nguYehova.​—Mat. 21:9.

Ngaba uYesu wayechaza indlela akhathazeke ngayo ngokuba kuye kwafuneka uYehova ayeke ukumkhusela kuba efuna abonise ukuba uza kuhlala ethembekile? Ekuqaleni uYehova zange acinge ukuba uNyana wakhe kwakuza kufuneka ave iintlungu aze afe. Loo nto wayicinga emva kokuba uAdam noEva bengamthobelanga. UYesu zange one, kodwa kwafuneka abe sezintlungwini aze afe ukuze kuphenduleke imibuzo eyavezwa nguSathana nokuze kuhlawulwe ixabiso elifanelekileyo lokubuyisa into eyalahlwa nguAdam. (Marko 8:31; 1 Pet. 2:21-24) Ukuze yenzeke le nto, kwakuza kufuneka uYehova akhe ayeke ukumkhusela. Wayeza kube uyaqala ukungamkhuseli uNyana wakhe.

Ngaba uYesu wayezama ukunceda abalandeli bakhe bahlale becinga ngesizathu sokuba uYehova avume ukuba afele kwisibonda sokungcungcutheka? * Wayesazi ukuba ukufa kwakhe njengotsotsi kwakuza kukhathaza abantu abaninzi. (1 Kor. 1:23) Ukuba abalandeli bakhe babeza kuhlala becinga ngesona sizathu sokufa kwakhe, babeza kwazi ukuba kwakutheni ukuze kufuneke afe ngolu hlobo. (Gal. 3:13, 14) Babeza kutsho babone ukuba khange enze butsotsi kodwa nguMsindisi wabo.

Nokuba yayisesiphi isizathu sokuba uYesu athethe into eyathethwa ngumdumisi uDavide, wayesazi ukuba yayikukuthanda kukaYehova ukuba afele kwisibonda sokungcungcutheka. Emva kokuba ethethe le nto wathi: “Kugqityiwe!” (Yoh. 19:30; Luka 22:37) Ngenxa yokuba uYehova wakhe wayeka ukumkhusela, wakwazi ukuyenza yonke into awayethunywe ukuba aze kuyenza emhlabeni. Wakwazi nokuzenza zonke izinto ezazibhaliwe ngaye “eMthethweni kaMoses, kwiincwadi zabaProfeti nakwiiNdumiso.”​—Luka 24:44.

^ isiqe. 2 Jonga nesiqendu 9 no-10 kwinqaku elikule Mboniselo elithi “Izinto Esizifunda Kumazwi Okugqibela KaYesu.”

^ isiqe. 4 Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wayekhe athethe okanye abuze izinto ezazingabonisi indlela aziva ngayo. Le nto wayeyenzela ukuba abalandeli bakhe bachaze izinto abazicingayo okanye babonise ukholo abanalo.​—Marko 7:24-27; Yoh. 6:1-5; jonga iMboniselo kaOktobha  15, 2010, iphe. 4-5.