Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 15

Izinto Esizifunda Kumazwi Okugqibela KaYesu

Izinto Esizifunda Kumazwi Okugqibela KaYesu

“Lo nguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo. Mmameleni.”​—MAT. 17:5.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Kwakusenzeka ntoni kuYesu ngaphambi kokuba athethe okokugqibela?

KUSEMINI ngoNisan 14, 33 C.E. Emva kokuba etyholwe ngento angayenzanga waza wanikwa isigwebo somntu owaphule umthetho, uYesu uyagezelwa, wenziwa izinto ezibuhlungu aze abethelelwe kwisibonda sokungcungcutheka. Ubethelelwa izandla neenyawo ngezikhonkwane. Uphefumla kabuhlungu, qho ethetha uyaqaqanjelwa. Kodwa umele athethe kuba kukho izinto ezibalulekileyo ekufuneka azithethe.

2 Makhe sithethe ngamazwi awawathethayo xa wayesifa kwisibonda sokungcungcutheka, sive nezinto esinokuzifunda kuwo. Ngamanye amazwi, makhe ‘simmamele.’​—Mat. 17:5.

“TATA BAXOLELE”

3. Kungenzeka ukuba wayethetha ngoobani uYesu xa wayesithi: “Tata baxolele”?

3 Wathini uYesu? Xa wayebethelelwa kwisibonda sokungcungcutheka, wathandaza wathi: “Tata baxolele.” Ngoobani aba wayecela uTata wakhe abaxolele? Into awayithetha emva kwala mazwi isenza siqonde ukuba wayethetha ngoobani. Wathi: “Abayazi le nto bayenzayo.” (Luka 23:33, 34) Kungenzeka ukuba wayethetha ngamajoni aseRoma awambethelela izandla neenyawo esibondeni. Ayengamazi ukuba ungubani kanye kanye. Kungenzeka nokuba wayethetha nangabanye abantu ababesithi makabulawe, kodwa ekuhambeni kwexesha bakholwa kuye. (IZe. 2:36-38) Wayeza kubulawa engenzanga nto, kodwa akazange acaphuke, angafuni nokubaxolela abantu ababemenza izinto ezibuhlungu. (1 Pet. 2:23) Wenza ntoni? Wacela uYehova ukuba abaxolele.

4. Yintoni esiyifundayo kwindlela uYesu awayekufuna ngayo ukuxolela abantu ababengamfuni?

4 Yintoni esiyifundayo? Simele sifane noYesu, sihlale sifuna ukubaxolela abantu. (Kol. 3:13) Abanye, nkqu nabo sizalana okanye sizalwa nabo, banokungasifuni kuba bengaziqondi izinto esikholelwa kuzo nendlela esizenza ngayo izinto. Banokuxoka ngathi, basihlazise ebantwini, batshabalalise iincwadi zethu okanye basoyikise ngokuthi baza kusenzakalisa. Kunokuba sibazonde, sinokucela uYehova abancede nabo bayamkele inyaniso. (Mat. 5:44, 45) Ngamanye amaxesha kusenokuba nzima ukuxolela, kakhulu xa siye saphathwa kakubi ngendlela ekunzima nokuyibalisa. Kodwa ukuba siza kuba nenzondo, singaxoleli, siyazenzakalisa. Omnye udade wathi: “Ndiyazi ukuba xa ndibaxolela abantu andithi ndicinga ukuba bebefanele bayenze into abandenze yona okanye ndiyabavumela bandiphathe kakubi. Ndibaxolela kuba andifuni ukubazonda.” (INdu. 37:8) Xa sixolela, asivumeli izinto ezimbi ezenzeke kuthi zisenze sibe nenzondo.​—Efe. 4:31, 32.

“UZA KUBA NAM EPARADESI”

5. UYesu wamthembisa ntoni utsotsi owayebethelelwe ecaleni kwakhe, kwakutheni ukuze amthembise loo nto?

5 Wathini uYesu? Ecaleni kwakhe kwakuxhonywe ootsotsi ababini kwizibonda zokungcungcutheka. Ekuqaleni nabo bamgezela. (Mat. 27:44) Kodwa ekuhambeni kwexesha, omnye wayeka. Waqonda ukuba uYesu “akenzanga nto.” (Luka 23:40, 41) Waphinda wabonisa ukuba uyakholwa ukuba uYesu wayeza kuvuswa ekufeni aze abe ngukumkani kwixesha elizayo. Wathi kuMsindisi owayesifa: “Yesu, uzundikhumbule xa useBukumkanini bakho.” (Luka 23:42) Waba nokholo nyhani lo tsotsi. UYesu wamphendula wathi: “Ndiyakuthembisa namhlanje [awuzukuba nam eBukumkanini], uza kuba nam eParadesi.” (Luka 23:43) Xa uYesu wayesithi, ndiyakuthembisa, wayefuna aqiniseke ukuba uza kumkhumbula. UYesu wamenza wanethemba lo tsotsi wayesifa kuba wayesazi ukuba uTata wakhe unenceba.—INdu. 103:8.

6. Isifundisa ntoni into eyathethwa nguYesu kwindoda eyayingutsotsi?

6 Yintoni esiyifundayo? UYesu ufana ngqo noTata wakhe. (Heb. 1:3) UYehova uyafuna ukusixolela nokusenzela inceba. Kodwa loo nto uza kuyenza xa sizisola nyhani ngezinto ezimbi esizenzileyo futhi sinokholo kwigazi awasihlawulela ngalo uYesu Kristu. (1 Yoh. 1:7) Kusenokuba nzima kwabanye ukukholelwa ukuba uYehova angabaxolela ngezinto ezimbi abazenzileyo. Ukuba ukhe ube njalo ngamanye amaxesha, cinga ngale nto: Kanye ngaphambi kokuba uYesu afe, waba nenceba kutsotsi owayeqala ukukholwa kuye. Loo nto ithetha ukuba uYehova uza kuba nenceba kubakhonzi bakhe abathembekileyo, abazama ngamandla ukwenza izinto athi mabazenze.​—INdu. 51:1; 1 Yoh. 2:1, 2.

“NANKO UNYANA WAKHO! . . . NANKO UMAMA WAKHO!”

7. UYohane 19:26, 27 uthi wathini uYesu kuMariya noYohane, kwakutheni ukuze athethe ngolu hlobo?

7 Wathini uYesu? (Funda uYohane 19:26, 27.) UYesu wayekhathazekile ngomama wakhe, ekusenokwenzeka ukuba wayengumhlolokazi. Mhlawumbi abantwana bakowabo babeza kumnceda kwezinye izinto azidingayo. Kodwa ngubani owayeza kumnceda ahlale engumhlobo kaYehova? Akukho nto ibonisa ukuba abantakwabo babengabafundi ngelo xesha. Umama wakhe wayeme noYohane owayengumpostile othembekileyo, ekwangomnye wabahlobo bakaYesu abathandwa nguYesu. KuYesu, eyona ntsapho yakhe yayingabantu abakhonza uYehova. (Mat. 12:46-50) Wayemthanda uMariya, efuna ukuqiniseka ukuba kukho umntu oza kumhoya. Yiloo nto wacela uYohane awayemazi ukuba akasoze ayeke ukukhonza uYehova ukuba amhoye. Wathi kumamakhe: “Nanko unyana wakho!” KuYohane wathi: “Nanko umama wakho!” Ukusuka ngaloo mini, uYohane waba ngathi ngunyana kaMariya, wamphatha njengomamakhe. Le nto yayibonisa indlela uYesu amthanda ngayo lo mfazi wamhoya ukusuka ngomhla awazalwa ngawo nowayemi kufutshane naye xa wayeza kufa!

8. Yintoni esiyifundayo kwinto eyathethwa nguYesu kuMariya noYohane?

8 Yintoni esiyifundayo? Sinokovana kakhulu nabazalwana noodadewethu ngaphezu kokuba sisovana nabantu esizalana nabo nesizalwa nabo. Bona banokungasifuni bade basilahle, kodwa uYesu wasithembisa ukuba xa singahlukani noYehova nentlangano Yakhe, siza ‘kufumana ngokuphindwe kayi-100,’ oonyana, iintombi, oomama nootata. (Marko 10:29, 30) Uziva njani ngokuba nabazalwana noodade abamanyaniswe lukholo, ukuthanda uYehova nokuthandana?​—Kol. 3:14; 1 Pet. 2:17.

“THIXO WAM, UNDISHIYELE NTONI NA?”

9. Ziintoni esizifunda kwinto eyathethwa nguYesu kuMateyu 27:46?

9 Wathini uYesu? Kanye ngaphambi kokuba afe, wakhwaza esithi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyele ntoni na?” (Mat. 27:46) IBhayibhile ayisixeleli ukuba kwakutheni ukuze athethe ngolu hlobo. Kodwa sifunda ntoni kule nto wayithethayo? Wayethetha into eyayiprofetwe kwiNdumiso 22:1. * La mazwi asenza sibone nokuba uYehova ‘wayengamkhuselanga’ lo Nyana wakhe. (Yobhi 1:10) UYesu wayesazi ukuba uTata wakhe uvumele abantu abamcaphukelayo ukuba bamenze izinto ezaziza kubonisa ukuba umthembe kangakanani uYehova. Ezo zinto babeza kuzenza de afe. Akakho umntu owakha waphathwa kabuhlungu njengaye. La mazwi asibonisa nokuba wayeza kubulawa engenzanga nto.

10. Ziintoni esizifundayo kwinto eyathethwa nguYesu kuTata wakhe?

10 Yintoni esiyifundayo? Sifunda ukuba asinakulindela uYehova asikhusele kwizinto afuna sibonise indlela esimthembe ngayo. NjengoYesu, nathi sisenokwehlelwa zizinto ezimbi, mhlawumbi side sife, ukuze kubonakale indlela esimthembe ngayo uYehova. (Mat. 16:24, 25) Kodwa simele siqiniseke ukuba uThixo akanakuvuma senziwe izinto esingenakukwazi ukuzinyamezela. (1 Kor. 10:13) Enye into esiyifundayo kukuba nathi sisenokuphathwa kabuhlungu singenzanga nto, njengoYesu. (1 Pet. 2:19, 20) Abantu abangasifuniyo banokuyenza loo nto kuba singengabo abeli hlabathi futhi simela inyaniso. (Yoh. 17:14; 1 Pet. 4:15, 16) UYesu wayesazi isizathu sokuba uYehova amyeke eve iintlungu. Kodwa abanye abakhonzi bakaYehova abaneengxaki abafani naye, ngamanye amaxesha baye bazibuze ukuba kutheni uYehova engabancedi. (Hab. 1:3) UThixo wethu onenceba nonomonde uyazi ukuba abazibuzi loo nto kuba bengenakholo. Uyazi ukuba nguye kuphela onokubathuthuzela.​—2 Kor. 1:3, 4.

“NDINXANIWE”

11. Ziintoni ezenza uYesu wathetha amazwi akuYohane 19:28?

11 Wathini uYesu? (Funda uYohane 19:28.) Kwakutheni ukuze athi: “Ndinxaniwe”? Wayefuna “abe yinyani amazwi athethwe zizibhalo.” Isiprofeto esikwiNdumiso 22:15 sithi: “Amandla am omile njengeceba lengqayi, nolwimi lwam luthe nca enkalakahleni.” Enye into, inoba wayenxanwe nyhani emva kwezinto ezibuhlungu awayesenziwa zona, nangenxa yentlungu engathethekiyo yokubethelelwa kwisibonda sokungcungcutheka. Wayefuna into eza kuphelisa olo nxano.

12. Yintoni esiyifundayo kwinto eyathethwa nguYesu esithi: “Ndinxaniwe”?

12 Yintoni esiyifundayo? UYesu zange acinge ukuba xa echaza into ayidingayo kuza kucingwa ukuba akukho yakhe. Nathi asimele sicinge ngolo hlobo. Abanye kuthi abathandi ukuthetha ngezinto abazidingayo ukuze bancedwe. Kodwa ukuba sidinga uncedo, masingathandabuzi ukulucela. Ngokomzekelo, ukuba sesibadala okanye siyagula, kusenokufuneka sicele umhlobo asise ezivenkileni okanye kwagqirha. Ukuba kukho into esityhafisileyo, kusenokufuneka sicele umdala okanye umhlobo wethu omthandayo uYehova asimamele okanye asikhuthaze. (IMize. 12:25) Masingalibali ukuba abazalwana noodade bayasithanda, bafuna ukusinceda “ngamaxesha anzima.” (IMize. 17:17) Kodwa abayazi into esiyicingayo nendlela esiziva ngayo, ngoko basenokungazi ukuba sidinga uncedo de sibaxelele.

“KUGQITYIWE!”

13. Ziintoni ezenziwa nguYesu ngenxa yokungagungqi kwakhe de wafa?

13 Wathini uYesu? Malunga no-3 emva kwemini ngoNisan 14, wakhwaza kakhulu esithi: “Kugqityiwe!” (Yoh. 19:30) Kwimizuzwana embalwa ngaphambi kokuba afe, wayesazi ukuba wenze yonke into uYehova awayefuna ayenze. Kuba engazange agungqe kukholo lwakhe de wafa, wenza izinto ezininzi. Okokuqala, wabonisa ukuba uSathana lixoki. Wenza kwacaca ukuba umntu ofezekileyo unokuhlala angagungqi nokuba angamenza ntoni uSathana. Okwesibini, wasihlawulela ngobomi bakhe. Ngenxa yokuba wancama ubomi bakhe ngenxa yethu, siyakwazi ukuba ngabahlobo bakaThixo, nokuba nethemba lokuphila ngonaphakade. Okwesithathu, wabonisa ukuba uYehova ngumlawuli olilungisa waza walingcwalisa igama likaTata wakhe elalingcolisiwe.

14. Qho kusisa simele sizimisele ukuphila njani? Cacisa.

14 Yintoni esiyifundayo? Simele sizimisele ukuhlala singagungqi yonke imihla. Khawuve into eyathethwa nguMzalwan’ uMaxwell Friend, owayefundisa kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Kwintetho awayeyinikela kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe ethetha ngokuthembeka wathi: “Sukuyibekela amangomso into ofuna ukuyithetha nokuyenza. Awazi nokuba kuza kusa usaphila na. Ngoko qho uvuka kusasa, zixelele ukuba alukho olunye usuku onokuphinda ulufumane lokubonisa ukuba ubufuna nyhani ubomi obungunaphakade.” Ngoko qho xa sivuka, mayibe ngathi asinakuphinda silufumane olunye usuku lokubonisa ukuba asigungqi kukholo lwethu. Ukuba senza loo nto, nokuba singafa, singakwazi ukuthi, “Yehova ndenze yonke into endinokukwazi ukuyenza ukuze ndingagungqi kukholo lwam, ndibonise ukuba uSathana lixoki, ndize ndithethelele igama nolongamo lwakho!”

“NDIWUYEKELA EZANDLENI ZAKHO UMOYA WAM”

15. Into eyathethwa nguYesu kuLuka 23:46 ibonisa ukuba yintoni awayeqiniseke ngayo?

15 Wathini uYesu? (Funda uLuka 23:46.) Wathi: “Tata, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.” Wayesazi ukuba ukufa kwakhe, wayeza kuxhomekeka kuYehova ukuba amvuse, ngoko wayeqinisekile ukuba uTata wakhe uza kumkhumbula.

16. Ufunda ntoni kwinto eyathethwa nguJoshua owayeneminyaka eyi-15?

16 Yintoni esiyifundayo? Hlala uthembekile kuYehova nokuba ubomi bakho busengozini. Ukuze ukwazi ukuyenza loo nto, kufuneka ‘umthembe ngayo yonke intliziyo yakho.’ (IMize. 3:5) Khawuve into eyathethwa nguJoshua, owayeneminyaka eyi-15 nowayenesifo esibulalayo. Zange avume ukunyangwa ngeendlela ezaphula umthetho kaThixo. Xa wayeseza kufa, wathi kumamakhe: “Mama ndixhomekeke kuYehova. . . . Ndicela ukukuxelela le nto mama: Ndiqinisekile ukuba uYehova uza kundivusa. Yena uyazazi izinto endizicingayo nendlela endiziva ngayo, futhi ndimthanda kakhulu.” Sonke simele sizibuze, ‘Ukuba kwenzeka into endiza kubonakala kuyo ukuba ndimthembe kangakanani uYehova, nebeka ubomi bam engozini, ngaba ndiza kuhlala ndithembekile kuye, ndiqiniseke ukuba uza kundikhumbula?’

17-18. Ziintoni esizifundileyo? (Jonga nebhokisi ethi “ Izinto Esizifunda Kumazwi Okugqibela KaYesu.”)

17 Zibaluleke kakhulu izinto esizifunda kumazwi kaYesu okugqibela. Zisikhumbuza ukuba kufuneka sibaxolele abantu, sibe nethemba lokuba noYehova uza kusixolela. Siyakuvuyela ukuba nabazalwana noodade abaninzi abafunayo ukusinceda. Ngoko xa sifuna ukuncedwa, masibacele. Siyazi ukuba uYehova uza kusinceda sikwazi ukunyamezela naziphi na iingxaki esinazo. Siyayibona nendlela ekubaluleke ngayo ukuba suku nosuku siphile ngokungathi asinakuphinda sifumane ithuba lokubonisa ukuba asigungqi kukholo lwethu, siqiniseke nokuba xa siye safa, uYehova uza kusivusa.

18 Zininzi nyhani izinto esizifunda kumazwi awathethwa nguYesu xa wayesifa kwisibonda sokungcungcutheka! Xa sizenza ezi zinto, sakube senza into esayixelelwa nguYehova ngoNyana wakhe esithi: “Mmameleni.”​—Mat. 17:5.

INGOMA 126 Hlalani Nithe Qwa, Ningagungqi

^ isiqe. 5 KuMateyu 17:5 kuthiwa uYehova ufuna simmamele uNyana wakhe. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezininzi esinokuzifunda kwizinto ezathethwa nguYesu xa wayesifa kwisibonda sokungcungcutheka.

^ isiqe. 9 Ukuze uve izizathu ezinokuba zenza uYesu wathetha amazwi akwiNdumiso 22:1, jonga inqaku elikule Mboniselo elithi “Imibuzo Evela Kubafundi.”