Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 17

UYehova Ukuthanda Kakhulu

UYehova Ukuthanda Kakhulu

“UYehova uyabathanda abantu bakhe.”​—INDU. 149:4.

INGOMA 108 Uthando LukaThixo Alugungqi

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

UTata wethu osezulwini ‘usithanda sonke’ (Jonga isiqendu 1)

1. Yintoni ayibonayo uYehova kubantu bakhe?

UYEHOVA UTHIXO “uyabathanda abantu bakhe.” (INdu. 149:4) Ukuva le nto kusivuyisa nyhani. Uyazibona iimpawu ezintle esinazo nezinto esinokukwazi ukuzenza. Usinceda sikwazi ukuba ngabahlobo bakhe. Ukuba sihlala sithembekile kuye, akasoze asilahle.—Yoh. 6:44.

2. Kutheni abanye abantu bengaqinisekanga ukuba uYehova uyabathanda?

2 Abanye basenokuthi, ‘Ndiyazi ukuba uYehova uyabathanda abantu bakhe, kodwa ndingaqiniseka njani ukuba nam uyandithanda? Yintoni enokwenza umntu azibuze lo mbuzo? UOksana * owakhula kabuhlungu uthi: “Xa ndandibhaptizwa, ndandivuya kakhulu. Ngoko nangoko emva kokuba ndibhaptiziwe ndaba nguvulindlela. Kodwa emva kweminyaka eyi-15, zabuya zonke izinto ezibuhlungu ezazisenzeka ndisakhula. Ndacinga ukuba uYehova akandithandi futhi akukho nento enokumenza athande umntu onjengam.” Omnye udade onguvulindlela, uYua, naye ongazange akhule kamnandi uthi: “Ndanikela ubomi bam kuYehova kuba ndandifuna ukumvuyisa. Kodwa ndandiqinisekile ukuba akasoze andithande.”

3. Yintoni esiza kuyifunda kweli nqaku?

3 Nawe uyafana no-Oksana noYua, umthanda kakhulu uYehova, kodwa kusenokwenzeka ukuba akuqinisekanga nokuba uyakuthanda na yena. Kutheni umele uqiniseke ukuba uyakuthanda? Yintoni enokukunceda xa ucinga ukuba akakuthandi? Ngoku makhe siphendule le mibuzo.

KUYINGOZI UKUTHANDABUZA UKUBA UYEHOVA UYAKUTHANDA

4. Kutheni kuyingozi ukuthandabuza ukuba uYehova uyasithanda?

4 Xa siqinisekile ukuba uYehova uyasithanda, siza kufuna ukumkhonza ngamandla ethu onke, nokuba sekunzima kangakanani. Kanti, ukuba siyayithandabuza loo nto, ‘siza kuphelelwa ngamandla.’ (IMize. 24:10) Naxa kukho into esityhafisayo kuze ezingqondweni zethu kufike into yokuba uThixo akasithandi, asizukwazi ukuzinyamezela iingxaki eziza noSathana.​—Efe. 6:16.

5. Kuye kwenzeka ntoni kwabanye abazalwana noodade ababecinga ukuba uThixo akabathandi?

5 Amanye amaKristu aye acinga ukuba uYehova akawathandi futhi akawakhathalelanga, yaza loo nto yalwenza alwaqina ukholo lwawo. Omnye umdala, uJames uthi: “NdandiseBheteli futhi ndikuvuyela ukushumayela nebandla elithetha ulwimi lwasemzini, kodwa ndandingaqinisekanga ukuba uYehova uyazithanda izinto endimenzela zona. Ndade andaqiniseka nokuba uyayimamela imithandazo yam.” UEva, onguvulindlela yena uthi: “Ndafumanisa ukuba, kuyingozi ukuthandabuza ukuba uYehova uyakuthanda kuba kukwenza ungamkhonzi kakuhle. Uyayeka ukufuna ukumenzela izinto kuze kungabi mnandi nokumkhonza.” UMichael, umdala onguvulindlela othe ngxi uthi: “Ukuba awuyithembi into yokuba uThixo ukukhathalele, uza kuya ubhekela kuye.”

6. Yintoni esimele siyenze xa sicinga ukuba uYehova akasithandi?

6 Izinto ezithethwa ngala maKristu zibonisa umonakalo onokwenzeka kukholo lwethu xa sinokucinga ukuba uYehova akasithandi. Yintoni esimele siyenze xa ezingqondweni zethu kufika into yokuba uYehova akasithandi? Masiyikhuphe ngokukhawuleza loo ngcinga. Cela uYehova akuncede uyisuse loo nto ‘ikukhathazayo’ engqondweni yakho, ube ‘noxolo lwakhe oluza kuyikhusela intliziyo nengqondo yakho.’ (INdu. 139:23; umbhalo osemazantsi; Fil. 4:6, 7) Ungatyhafi, ayinguwe wedwa ocinga ngolu hlobo. Bakhona nabanye abazalwana noodade abacinga njengawe. Kanti nabanye abakhonzi bakaYehova bakudala kwakhe kwafuneka balwe nale ngxaki. Makhe sibone into esinokuyifunda kumpostile uPawulos.

SIFUNDA NTONI KUPAWULOS?

7. Zeziphi iingxaki awayenazo uPawulos?

7 Ngaba ukhe ubone ngathi zininzi izinto ekufuneka uzenze, futhi kunzima ukuzenza zonke? Ukuba ukhe ube njalo, uza kuyiqonda indlela awayeziva ngayo uPawulos. Wayesoloko ekhathazeka ngabo bonke abazalwana abasemabandleni. (2 Kor. 11:23-28) Ngaba ukhathazwa yimpilo? UPawulos wayehlutshwa ‘liliva elalisenyameni.’ Mhlawumbi wayegula, efuna ukuphila. (2 Kor. 12:7-10) Ngaba ukhe utyhafiswe ziimpazamo ozenzayo? NoPawulos zazikhe zimtyhafise. Wade wathi ‘ulusizana’ kuba kwakufuneka ahlale esilwa ukuze enze izinto ezilungileyo.​—Roma 7:21-24.

8. Yintoni eyanceda uPawulos wakwazi ukunyamezela iingxaki awayenazo?

8 Iingxaki awayenazo uPawulos zange zimenze ayeke ukukhonza uYehova. Wancedwa yintoni? Wayezazi izinto ezimbi azenzileyo, kodwa wayeqinisekile ukuba uYesu wasihlawulela. Wayeyazi nento eyathenjiswa nguYesu yokuba ‘wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze, uza kufumana ubomi obungunaphakade.’ (Yoh. 3:16; Roma 6:23) Asithandabuzi ukuba wayengomnye wabantu ababekholelwa ukuba uYesu wasifela. Wayengathandabuzi ukuba uYehova ufuna nyhani ukubaxolela abantu, nkqu nabo benze isono esinzulu, ukuba bayaguquka.​—INdu. 86:5.

9. Sifunda ntoni kwinto eyathethwa nguPawulos kumaGalati 2:20?

9 UPawulos wayeqinisekile ukuba uYehova umthanda kakhulu kuba wathumela uYesu ukuba aze kumfela. (Funda amaGalati 2:20.) Umvile uthini ekupheleni kwale vesi? Uthi: ‘UNyana kaThixo, wandithanda waza wazinikela ngenxa yam.’ Wayengacingi ukuba zimbi kakhulu izinto azenzileyo kangangokuba akanakuthandwa nguThixo. Zange azixelele le nto: ‘Ndiyabona kutheni uYehova ebathanda abazalwana bam, kodwa akanakundithanda mna.’ KumaKristu aseRoma wathi: ‘UKristu wasifela ngoxa sasisengaboni.’ (Roma 5:8) Ayikho into enokwenza uThixo angasithandi.

10. Sifunda ntoni kumaRoma 8:38, 39?

10 Funda amaRoma 8:38, 39. UPawulos wayeqinisekile ukuba uThixo uyasithanda. Wathi ayikho into ‘enokwenza uThixo angasithandi.’ Wayesazi ukuba uYehova waba nomonde kumaSirayeli. Wayeyazi nendlela aye wanenceba ngayo kuye. Ngoko ngamany’ amazwi wayesithi, ‘UYehova wathumela uNyana wakhe ukuba aze kundifela, ngoko andimele ndiyithandabuze into yokuba uyandithanda.’​—Roma 8:32.

Into ebalulekileyo kuThixo yile siyenza ngoku nesiseza kuyenza. Akacingi ngeempazamo esazenzayo (Jonga isiqendu 11) *

11. Yintoni eyayisenza uPawulos aqiniseke ukuba uThixo uyamthanda naxa wayenze izinto ezimbi, ezinye zazo ezichazwe ku-1 Timoti 1:12-15?

11 Funda u-1 Timoti 1:12-15. Kusenokwenzeka ukuba uPawulos wayekhe akhathazeke xa ecinga ngezinto awayezenza engekabi ngomKristu. Wade wathi ungoyena moni “ubodlula bonke.” Ayisothusi ke loo nto. Kaloku, ngaphambi kokuba abe ngumKristu, wayewaphethe kakubi kakhulu amaKristu awayekuzo zonke izixeko awayehamba kuzo, amanye ewavalela ezitrongweni, evumelana nesigqibo senkundla sokubulala amanye awo. (IZe. 26:10, 11) Unokuyicinga indlela awayenokuziva ngayo xa edibana nabantwana bamaKristu awabulawa ngenxa yakhe. Wazisola ngezinto awazenzayo, kodwa wayesazi ukuba akanakuzitshintsha. Wayeqinisekile ukuba uKristu wamfela kangangokuba wade wathi: “Ngenxa yokuba uThixo endenzele ububele, ndiyile nto ndiyiyo.” (1 Kor. 15:3, 10) Yintoni esiyifundayo apha? Sukuthandabuza ukuba uKristu wakufela. Yiloo nto uye wakwazi ukuba ngumhlobo kaYehova. (IZe. 3:19) Into ebalulekileyo kuThixo yinto esiyenza ngoku nesiseza kuyenza. Akacingi ngeempazamo esazenzayo, nokuba sazenza singamaNgqina akhe okanye singekabi ngawo.​—Isa. 1:18.

12. U-1 Yohane 3:19, 20 unokusinceda njani singaboni ngathi akukho yethu okanye asithandwa?

12 Xa ucinga ukuba uYesu wafela izono zakho, usenokuthi, ‘Ingathi ebengamele afele nam.’ Yintoni enokukwenza ucinge kanje? Iintliziyo zethu ezinesono zinokusiqhatha, zisenze sibone ngathi akukho yethu okanye asithandwa. (Funda u-1 Yohane 3:19, 20.) Xa kufika loo nto engqondweni, khumbula ukuba “uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu.” Zixelele ukuba uTata wethu osezulwini ukuthanda kakhulu, uyafuna nokukuxolela. Ukuze ungayithandabuzi loo nto, funda iLizwi lakhe, uthandaze qho uze uhlale ukunye nabazalwana noodade. Kutheni kubalulekile ukwenza ezi zinto?

SINOKUNCEDWA NGABAHLOBO ABATHANDA UYEHOVA, IBHAYIBHILE NOKUTHANDAZA

13. Kunokukunceda njani ukufunda iLizwi LikaThixo? (Jonga ibhokisi ethi “ Libancede Njani ILizwi LikaThixo?”)

13 Lifunde yonke imihla iLizwi LikaThixo. Uza kuya uzazi kakuhle iimpawu zakhe ezikwenza umthande, uyiqonde nendlela akuthanda ngayo. Xa ucingisisa kakuhle ngeevesi ezimbalwa ozifunda eBhayibhileni yonke imihla, uza kutsho ‘ulungise’ intliziyo nengqondo yakho. (2 Tim. 3:16) UKevin, umdala owayezijongela phantsi uthi: “Ukuze ndikwazi ukulungisa indlela endicinga ngayo, ndincedwe kukufunda iNdumiso 103 ndize ndicingisise kakuhle ngento eyithethayo. Nditsho ndayiqonda kakuhle nento uYehova ayicingayo ngam.” UEva, ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo yena uthi: “Xa kuphela usuku, ndizipha ixesha lokucinga ngoYehova. Loo nto indenza ndizole, nokholo lwam luqine.”

14. Unokukunceda njani umthandazo?

14 Thandaza qho. (1 Tes. 5:17) Ukuze wovane nomntu, kufuneka nincokole qho, umxelele nezinto ozicingayo. Kuba njalo ke naxa ufuna ukuba ngumhlobo kaYehova. Xa umxelela indlela oziva ngayo, izinto ozicingayo nezikukhathazayo, ubonisa indlela omthembe ngayo nokuba uyazi ukuba uyakuthanda. (INdu. 94:17-19; 1 Yoh. 5:14, 15) UYua, naye ekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Xa ndithandaza, andimxeleli izinto ezenzeke kum ngaloo mini qha uYehova. Ndimxelela zonke izinto endizicingayo nendlela endiziva ngayo. Ngokuya ndithetha naye, ndiye ndambona ukuba akangomphathi wenkampani enkulu, kodwa nguTata obathanda nyhani abantwana bakhe.”​—Jonga ibhokisi ethi “ Ukhe Wayifunda?

15. UYehova ubonisa njani ukuba uyasithanda?

15 Ncokola nabahlobo abathanda uYehova, ubaphiwe nguye. (Yak. 1:17) UTata wethu osezulwini ubonisa indlela asithanda ngayo ngokusinika intsapho yabazalwana noodade ‘abasithanda ngamaxesha onke.’ (IMize. 17:17) Xa wayebhalela amaKristu aseKolose, uPawulos wathetha ngamanye amaKristu awayemnceda, esithi ‘ayamthuthuzela.’ (Kol. 4:10, 11) NoKristu uYesu wakuvuyela ukuncedwa ngabahlobo bakhe abaziingelosi nabantu, wade wababulela.​—Luka 22:28, 43.

16. Abahlobo abamthandayo uYehova banokukunceda njani ube ngumhlobo bakaYehova?

16 Ngaba uyalucela uze ulwamkele uncedo olunikwa ngabazalwana noodade? Ukuncokola nomKristu omthandayo uYehova ngengxaki onayo akuthethi ukuba ukholo lwakho aluqinanga, kodwa loo nto inokukukhusela. Khawuve into eyathethwa nguJames ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo. Uthi: “Ukovana nabantu abamthandayo uYehova kundincede kakhulu. Xa ndicinga ukuba uYehova akandithandi, bayandimamela baze bandixelele indlela abandithanda ngayo. Loo nto indenza ndibone ukuba uYehova uyandithanda futhi undikhathalele.” Kubaluleke kakhulu ukuba sovane nabazalwana noodade.

SEBENZELA UKUHLALA UTHANDWA NGUYEHOVA

17-18. Umele umamele bani, kutheni umele ummamele?

17 USathana ufuna ude uyeke ukwenza izinto ezifunwa nguYehova. Ufuna ucinge ukuba uYehova akakuthandi, akanakukusindisa. Sowubonile ukuba bubuxoki obo.

18 UYehova uyakuthanda. Ubaluleke kakhulu kuye. Ukuba uyazenza izinto athi zenze, uza ‘kuhlala ekuthanda’ njengoYesu. (Yoh. 15:10) Sukummamela uSathana okanye intliziyo yakho xa ikuxelela ukuba akakuthandi. Mamela uYehova, obona iimpawu ezintle onazo. Qiniseka ukuba “uyabathanda abantu bakhe,” nawe uyakuthanda.

INGOMA 141 Ummangaliso Wobomi

^ isiqe. 5 Kunzima kwabanye abazalwana noodade ukuqiniseka ukuba uYehova uyabathanda. Kweli nqaku, siza kuva ukuba kutheni simele siqiniseke ukuba uyasithanda. Siza kufunda nangezinto esinokuzenza xa singaqinisekanga.

^ isiqe. 2 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 67 UMFANEKISO: Engekabi ngumKristu, uPawulos, wawaphatha kakubi amaKristu, ethumela amaninzi etrongweni. Wathi akuva into ayenzelwe nguYesu, wayikholelwa waza watshintsha. Wakhuthaza abazalwana bakhe, mhlawumbi abanye babezalana nala maKristu wayewaphethe kakubi.