Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 14

‘Zamani Ngandlela Zonke Ukumlandela’

‘Zamani Ngandlela Zonke Ukumlandela’

‘UKristu waphathwa kabuhlungu ngenxa yenu, enishiya nomzekelo enimele nizame ngandlela zonke ukuwulandela.’​—1 PET. 2:21.

INGOMA 13 UKristu Umzekelo Wethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

UYesu wasishiya nomzekelo esimele sizame ngandlela zonke ukuwulandela (Jonga isiqendu 1-2)

1-2. Sinokumlandela njani uYesu? Yenza umzekelo osenza siyiqonde le nto?

KHAWUBE nomfanekiso wakho ukunye nabantu abahamba kwintlango eyingozi egcwele isanti. Nihamba nomntu oyiqhelileyo okanye oyazi kakuhle intlango enje, uyanikhokela. Niyayibona indawo anyathele kuyo. Nihamba nihambe nilahlekane naye, kodwa anoyiki, nixakwe ukuba niza kuya ngaphi. Niyayibona indawo anyathele kuyo, ngoko nizama ngandlela zonke ukuhamba kuyo.

2 Ihlabathi elibi esiphila kulo lifana naloo ntlango iyingozi. Thina sifana nabantu abahamba kuyo. Into esivuyisayo kukuba uYehova usinike umntu oyazi kakuhle imeko yeli hlabathi, uNyana wakhe uYesu Kristu, ukuba asikhokele. Sifanele sizame ngandlela zonke ukuhamba apho anyathele khona okanye ukumlandela. (1 Pet. 2:21) Enye incwadi ethetha ngeBhayibhile ithi apha uPetros ufanisa uYesu nomntu ekuthethwa ngaye kwisiqendu sokuqala. Njengokuba abantu ahamba nabo beyibona indawo anyathele kuyo, nathi siyayibona indawo anyathele kuyo uYesu, kufuneka sihambe kuyo okanye simlandele. Ngoku makhe siphendule le mibuzo: Kuthetha ukuthini ukulandela uYesu? Kutheni kufuneka simlandele? Sinokumlandela njani?

KUTHETHA UKUTHINI UKULANDELA UYESU?

3. Kuthetha ukuthini ukulandela umntu?

3 Kuthetha ukuthini ukulandela umntu? EBhayibhileni, ngamanye amaxesha igama elithi ‘ukuhamba’ nelithi ‘iinyawo’ athetha indlela aphila ngayo umntu. (Gen. 6:9; IMize. 4:26) Indlela aphila ngayo inokufaniswa nendawo anyathele kuyo. Ngoko ukumlandela kuthetha ukwenza izinto azenzileyo okanye ukumlinganisa.

4. Kuthetha ukuthini ukulandela uYesu?

4 Kuthetha ukuthini ukulandela uYesu? Ngegama nje elinye, kuthetha ukumlinganisa. KwiSibhalo othathwe kuso umxholo weli nqaku, umpostile uPetros uthetha ngenye yezinto esimele simlinganise kuzo uYesu, indlela awanyamezela ngayo. Kodwa zikhona nezinye izinto ezininzi esimele simlinganise kuzo. (1 Pet. 2:18-25) Simele sizame ngandlela zonke ukulinganisa izinto awazenzayo nawazithethayo.

5. Abantu abangafezekanga bangakwazi ukwenza izinto kanye njengoYesu? Cacisa.

5 Singakwazi ukumlinganisa uYesu ngoku singafezekanga? Singamlinganisa. Kaloku noPetros zange athi masenze kanye njengokuba wayesenza, wathi masizame ngandlela zonke. Ukuba sizama ngandlela zonke ukumlandela ngoku singafezekanga, siza kube senza into eyathethwa ngumpostile uYohane. Wathi: ‘Phila ngendlela awayephila ngayo noYesu.’​—1 Yoh. 2:6.

KUTHENI KUFUNEKA SIMLANDELE?

6-7. Kutheni sisithi xa silandela uYesu siza kuba ngabahlobo bakaYehova?

6 Ukuba silandela uYesu, siza kuba ngabahlobo bakaYehova. Kutheni sisitsho? Okokuqala, uYesu wasibonisa indlela ethandwa nguThixo esimele siphile ngayo. (Yoh. 8:29) Ngoko xa simlandela, uYehova uyavuya. Simele siqiniseke ukuba uTata wethu osezulwini uza kuba ngumhlobo wabo bonke abantu abazama ukuba ngabahlobo bakhe.​—Yak. 4:8.

7 Okwesibini, uYesu wayezenza kanye njengoYise izinto. Yiloo nto wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noTata.” (Yoh. 14:9) Sinokuba neempawu awayenazo, siphathe nabantu ngendlela awayebaphatha ngayo. Ngokomzekelo, wamsizela umntu owayeneqhenqa, wamcingela umfazi owayenesifo esibuhlungu, wayebavela abantu abaswelekelweyo. Xa simlinganisa, silinganisa uYehova. (Marko 1:40, 41; 5:25-34; Yoh. 11:33-35) Ngokuya sisiba neempawu ezifana nezikaYehova, siza kuya sisiba ngabahlobo bakhe.

8. Chaza isizathu sokuba ukulandela uYesu kuza kusinceda ‘siloyise’ ihlabathi.

8 Ukuba silandela uYesu asizukuvumela eli hlabathi libi lisiphazamise kwindlela uYehova afuna simkhonze ngayo. Kubusuku bokugqibela ngaphambi kokuba afe, uYesu wathi: “Mna ndiloyisile ihlabathi.” (Yoh. 16:33) Wayethetha ukuba khange avumele indlela abacinga ngayo abantu beli hlabathi, izinto abafuna ukuzenza ebomini nendlela abazenza ngayo izinto zimphazamise. Akazange alibale nokuba wayethunywe ukuba aze kuthethelela igama likaThixo. Thina, ngaba siza kufana naye? Kweli hlabathi zininzi izinto ezingenza siyilibale indlela uYehova afuna simkhonze ngayo. Kodwa ukuba silinganisa uYesu, singazivumeli zisenze siyeke ukuhlala sicinga ngezinto ezifunwa nguYehova, nathi siza ‘kuloyisa’ ihlabathi.​—1 Yoh. 5:5.

9. Yintoni esimele siyenze ukuze sifumane ubomi obungunaphakade?

9 Ukuba silandela uYesu siza kufumana ubomi obungunaphakade. Xa umfana owayesisityebi wabuza ukuba angenza ntoni ukuze afumane ubomi obungunaphakade, uYesu wathi: ‘Yiza kum, ube ngumlandeli wam.’ (Mat. 19:16-21) KumaYuda awayengakholelwa ukuba unguKristu, wathi: ‘Izimvu zam ziyandilandela. Ndizinika ubomi obungunaphakade.’ (Yoh. 10:24-29) Waxelela uNikodemo, indoda eyayikwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda neyaba nomdla kwizinto awayezifundisa ukuba, ‘abantu abazikholelwayo izinto azifundisayo baze bazenze,’ baza ‘kufumana ubomi obungunaphakade.’ (Yoh. 3:16) Xa sizenza izinto awayezifundisa size simlinganise, sibonisa ukuba sinokholo kuye. Loo nto iza kusenza sifumane ubomi obungunaphakade.​—Mat. 7:14.

SINOKUMLANDELA NJANI?

10. Yintoni esimele siyenze ukuze simazi kakuhle uYesu? (Yoh. 17:3)

10 Simele simazi kakuhle uYesu ngaphambi kokuba sizame ngandlela zonke ukumlandela. (Funda uYohane 17:3.) Kufuneka singayeki ukufuna ‘ukumazi kakuhle,’ okanye ukufunda izinto ezininzi ngaye. Sifunde ngeempawu zakhe nangendlela awayecinga nawayeziphethe ngayo. Nokuba sinexesha elingakanani sisenyanisweni, masingayeki ukuzama ‘ukumazi kakuhle’ uYehova noNyana wakhe.

11. Zisibalisela ngantoni iincwadi ezine zeVangeli?

11 Ukuze uYehova asincede simazi uNyana wakhe, uye wenza kwabhalwa iincwadi ezine zeVangeli kwiLizwi lakhe, ezisibalisela ngobomi nomsebenzi owawusenziwa nguYesu. Kwezi ncwadi, siva izinto awazithethayo nawazenzayo, kanti zisibalisela nendlela awayeziva ngayo. Zisinceda ‘sicingisise’ ngaye. (Heb. 12:3) Zithetha ngezinto esimele simlinganise kuzo. Ngoko, xa sizifunda, sinokuya simazi kakuhle, size sizame ngandlela zonke ukumlandela.

12. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze izinto esizifunda kwiincwadi zeVangeli zisincede?

12 Ukuze zisincede izinto esizifunda kwiincwadi zeVangeli, kufuneka singapheleli njee ekuzifundeni. Masizifundisise kakuhle size sicingisise nzulu ngezinto esizifundayo. (Thelekisa uYoshuwa 1:8, umbhalo osemazantsi.) Makhe sithethe ngezinto ezimbini esicetyiswa ukuba sizenze ukuze sicingisise ngezinto esizifunda kuzo size sizenze.

13. Yintoni onokuyenza ukuze izinto ozifunda kwiincwadi zeVangeli ibe ngathi zenzeka phambi kwamehlo akho?

13 Okokuqala, mazibe ngathi zenzeka phambi kwamehlo akho izinto ozifundayo. Yiba nomfanekiso wakho uzibona, umamele abantu ababethetha kwaye uziva ngendlela ababeziva ngayo. Ukuze ukwazi ukuyenza le nto, phanda kwiincwadi zentlangano kaYehova. Funda ngezinto ezenzeka ngaphambi okanye ngasemva kokuba zenzeke ezi zinto uzifundayo. Funda nezinye izinto ngabantu neendawo ekuthethwa ngazo. Zithelekise nendlela ezibhalwe ngayo kwenye incwadi yeVangeli. Ngamanye amaxesha omnye umbhali weVangeli uye achaze nezinye izinto ezinika umdla ezingachazwanga ngomnye.

14-15. Yintoni esimele siyenze ukuze sikwazi ukuzenza izinto esizifunda kwiincwadi zeVangeli?

14 Okwesibini, zenze. (Yoh. 13:17) Emva kokuba ufundisise kakuhle ngento ekuthethwa ngayo, zibuze: ‘Yintoni endiyifundileyo apha? Ndinokuyisebenzisa njani xa ndifuna ukunceda omnye umntu?’ Zama ukucinga ngomntu omaziyo odinga uncedo. Khetha ixesha elifanelekileyo onokumbalisela ngesifundo osifumeneyo kwindawo obufunda kuyo. Mbalisele ngobuchule nangendlela ebonisa ukuba uyamthanda.

15 Makhe sibone ukuba singawasebenzisa njani la macebiso mabini. Siza kuthetha ngebali lomhlolokazi owayehlupheka owabonwa nguYesu etempileni.

UMHLOLOKAZI OLIHLWEMPU OWAYESETEMPILENI

16. Khawuchaze into eyenzeka kuMarko 12:41.

16 Yiba ngathi uyayibona isenzeka le nto. (Funda uMarko 12:41.) KungoNisan 11, 33 C.E. UYesu uza kufa kungaphelanga neveki. Phantse lonke olu suku ebefundisa etempileni. Ebechaswa ziinkokheli zonqulo. Ezinye zazo zikhe zambuza ukuba uyithatha phi imvume yokwenza izinto azenzayo. Kanti ezinye zizama ukumbuza imibuzo ezicinga ukuba akazukwazi ukuyiphendula. (Marko 11:27-33; 12:13-34) Ngoku uya kwelinye icala letempile, mhlawumbi kwindawo ebizwa ngokuba yiNtendelezo Yamabhinqa. Apha kukho izinto ekufakwa kuzo imali. Uhlala phantsi, abukele abantu abafaka imali. Ubona izityebi zifaka imali eninzi. Mhlawumbi uhleli kufutshane kakhulu nezi zinto ifakwa kuzo, kangangokuba uva nengxolo yayo.

17. Wenza ntoni umhlolokazi olihwempu ekuthethwa ngaye kuMarko 12:42.

17 Funda uMarko 12:42. Ekuhambeni kwexesha, ubona ‘umhlolokazi olihlwempu.’ Ubomi abukho lula kulo mfazi. Ubonakala engenamali yaneleyo yokuthenga izinto azidingayo. Kodwa uya kwenye yezi zinto aze engabonwa mntu afake iisentana ezimbini, mhlawumbi akuvakali nengxolo xa ezifaka. UYesu uyazi ukuba ufake iilepta ezimbini. Leyo yeyona mali inexabiso elincinci kwimali eyayisetyenziswa ngelo xesha. Xa ufuna into yokutya, awunakuthenga nentaka encinci eyeyona ibiza kancinci ngayo.

18. UMarko 12:43, 44 uthi wathini uYesu ngomnikelo womhlolokazi?

18 Funda uMarko 12:43, 44. Immangalisa kakhulu uYesu into eyenziwa ngulo mhlolokazi kangangokuba ubiza abafundi bakhe, abakhombise lo mhlolokazi. Uthi: “Lo mhlolokazi ufake imali eninzi ngaphezu kwabo bonke aba abantu.” Emva koko uthi: “Bonke [ngokukodwa izityebi] bathathe kwimali eshiyekileyo, kodwa yena, ehlupheka enjalo, unikele ngayo yonke imali anayo, imali yakhe yokugqibela.” Xa lo mhlolokazi unokholo wayefaka iisentana zokugqibela anazo, wayemthembile uYehova onothando olungagungqiyo ukuba uza kumnika izinto azidingayo.​—INdu. 26:3.

Yiba njengoYesu, ubancome abantu obabona bekhonza uYehova ngentliziyo nangomphefumlo wabo wonke (Jonga isiqendu 19-20) *

19. Yintoni ebalulekileyo esiyifundayo kwinto eyathethwa nguYesu ngomhlolokazi olihlwempu?

19 Yisebenzise kubomi bakho. Zibuze, ‘Ndifunda ntoni kwinto ethethwa nguYesu ngomhlolokazi olihlwempu?’Khawucinge ngalo mhlolokazi. Mhlawumbi wayerhalela ukunika uYehova imali eninzi. Kodwa wamnika loo nto wayenayo. UYesu wayesazi ukuba uTata wakhe uwuthanda kakhulu umnikelo walo mhlolokazi. Yintoni ebalulekileyo esiyifundayo apha? UYehova uvuya kakhulu xa sinikela ngento yonke esinayo okanye xa simkhonza ngentliziyo nangomphefumlo wethu wonke. (Mat. 22:37; Kol. 3:23) Uyavuya xa esibona simenzela izinto ngamandla ethu onke. Lo mgaqo uyasebenza kwixesha namandla esiwasebenzisayo kwinkonzo esiyinikela kuye, njengokushumayela nokuya kwiintlanganiso.

20. Unokuyenza njani into oyifunde kwibali lomhlolokazi? Yenza umzekelo.

20 Unokubanceda njani abanye ngento oyifunde kwibali lomhlolokazi? Khawuzame ukucinga ngabantu onokubakhuthaza xa ubakhumbuza ukuba uYehova uvuyela loo nto bakwaziyo ukumenzela yona. Ngokomzekelo, ukhona udade okhulileyo omaziyo ekusenokwenzeka ukuba uziva enetyala ngokuba engasakwazi ukushumayela ngendlela awayekade eshumayela ngayo ngenxa yempilo okanye yokungabi namandla? Okanye ukhona umzalwana ocinga ngaye onesifo esibuhlungu esinganyangekiyo otyhafiswa kukuba engasakwazi ukuya kuzo zonke iintlanganiso? Wancede la maKristu, uwaxelele izinto ‘ezakhayo.’ (Efe. 4:29) Wabalisele ngento ekhuthazayo oyifunde kwibali lomhlolokazi olihlwempu. Izinto ezikhuthazayo owaxelela zona zinokuwenza aqiniseke ukuba uYehova uyavuya xa simkhonza ngentliziyo nangamandla ethu onke. (IMize. 15:23; 1 Tes. 5:11) Xa uncoma abantu ngento abayenzela uYehova, nokuba ibonakala incinci kangakanani, uzama ngandlela zonke ukulandela uYesu.

21. Yintoni ozimisele ukuyenza?

21 Simbulela nyhani uYehova ngeencwadi zeVangeli ezisixelela izinto ezininzi ngobomi bukaYesu. Loo nto isinceda sikwazi ukumlinganisa, sizame ngandlela zonke ukumlandela. Khawuzifunde ezi ncwadi zeVangeli okanye nifunde ngazo kuNqulo Lwentsapho. Ungalibali ukuba ukuze zikuncede izinto ozifundayo, kufuneka ube ngathi uyazibona zisenzeka, uze uzenze. Yenza izinto njengoYesu, umamele nezinto awazithethayo. Kwinqaku elilandelayo siza kubona ukuba yintoni esingayifunda kumazwi okugqibela kaYesu ngaphambi kokuba afe.

INGOMA 15 Zukisa IZibulo LikaYehova!

^ isiqe. 5 AmaKristu athembekileyo kufuneka ‘azame ngandlela zonke ukulandela uYesu.’ Ziintoni ezi kufuneka amlandele kuzo? Eli nqaku liza kuwuphendula lo mbuzo. Liza kusixelela ukuba kutheni kufuneka sizame ngandlela zonke ukumlandela nokuba singamlandela njani.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: Udade ucingisisa kakuhle ngento eyathethwa nguYesu ngomhlolokazi olihlwempu, emva koko uncoma udade okhulileyo okhonza uYehova ngentliziyo nangomphefumlo wakhe wonke.