Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 52

Bazali, Fundisani Abantwana Benu Ukuthanda UYehova

Bazali, Fundisani Abantwana Benu Ukuthanda UYehova

“Oonyana balilifa elivela kuYehova.”​—INDU. 127:3.

INGOMA 134 Abantwana Sibaphathiswe NguThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UYehova ufuna baqiniseke ngantoni abazali?

UYEHOVA wadala uAdam noEva ukuba bafune ukuba nabantwana. Yiloo nto iBhayibhile isithi: “Oonyana balilifa elivela kuYehova.” (INdu. 127:3) Ithetha ukuthini loo nto? Masithi umhlobo wakho ukugcinisa imali eninzi. Uza kuthini? Mhlawumbi uza kuvuyiswa kukubona ukuba ukuthembile. Kodwa usenokuba nexhala lokuba uza kwenza njani ukuze ingalahleki. Umhlobo wethu omkhulu, uYehova, ugcinise abazali into ebaluleke ukodlula imali. Ufuna baqiniseke ukuba abantwana babo bonwabile ibe baphethwe kakuhle.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

2 Ngubani omele agqibe ukuba abantu abatshatileyo bamele babe nabantwana nokuba babe nabo nini? Abazali bamele benze ntoni ukuze abantwana babo bonwabe? Kweli nqaku siza kuthetha ngemigaqo eseBhayibhileni enokunceda abantu abatshatileyo bazenze kakuhle izigqibo.

ASIMELE SIBANYANZELE ABANTU ABATSHATILEYO

3. (a) Ixhomekeke kubani into yokuba nabantwana nokungabi nabo? (b) Yeyiphi imigaqo eseBhayibhileni abamele bayikhumbule abahlobo neentsapho zabantu abatshatileyo?

3 Kwezinye iindawo, abantu balindele ukuba abantu abasand’ utshata babe nabantwana ngoko nangoko. Basenokunyanzelwa ziintsapho nangabanye abantu ukuba bakhawuleze babe nabantwana. Omnye umzalwana waseAsia, uJethro, uthi: “Ebandleni, abantu abanabantwana badla ngokuxelela abangenabo ukuba babe nomntwana.” UJeffrey, naye ohlala eAsia, uthi: “Abanye badla ngokuxelela abantu abangenabantwana ukuba akukho mntu uza kubahoya xa bebadala.” Kodwa ke, kuxhomekeke kubantu abatshatileyo ukuba bayafuna na ukuba nabantwana. Ngabo abamele bazigqibele kuba umthwalo iza kuba ngowabo. (Gal. 6:5) Kakade ke, abahlobo neentsapho zabo zifuna bonwabe. Kodwa zimele zazi ukuba isigqibo sokuba nomntwana nokungabi naye sesabo.​—1 Tes. 4:11.

4-5. Yeyiphi imibuzo emibini ekufuneka abantu abatshatileyo bathethe ngayo? Kufuneka bathethe nini ngale mibuzo? Cacisa.

4 Abantu abatshatileyo abafuna ukuba nabantwana bamele bathethe ngale mibuzo mibini ibalululekileyo: Owokuqala, bafuna ukuba nabo nini? Owesibini, bafuna ukuba nabantwana abangaphi? Bamele bathethe nini ngale nto? Kutheni le mibuzo mibini ibalulekile?

5 Amaxesha amaninzi, kufuneka abantu bathethe ngokuba nabantwana ngaphambi kokuba batshate. Ngoba? Esinye isizathu kukuba kubalulekile ukuba bavumelane ngale nto. Kwakhona, kufuneka bathethe nangokuba baza kukwazi na ukukhulisa abantwana. Abanye badla ngokuhlala unyaka okanye emibini bengenamntwana kuba ixesha elininzi kuza kufuneka bamhoye. Le nto ibanceda baqhele ukuhlala kunye baze basondelelane.​—Efe. 5:33.

6. Baye bakhetha ukwenza ntoni abanye abantu abatshatileyo?

6 Amanye amaKristu aye akhetha ukulinganisa oonyana bakaNowa abathathu nabafazi babo abangazange bakhawuleze babe nabantwana. (Gen. 6:18; 9:18, 19; 10:1; 2 Pet. 2:5) UYesu wafanisa eli xesha siphila kulo ‘nemihla kaNowa,’ ibe siqinisekile ukuba siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (Mat. 24:37; 2 Tim. 3:1) Abanye baye bakhetha ukungakhawulezi babe nabantwana ukuze babe nexesha elininzi lokukhonza uYehova.

Abantu abatshatileyo abalumkileyo ‘babala iindleko’ xa begqiba ukuba bafuna ukuba nabantwana abangaphi (Jonga isiqendu 7) *

7. Imigaqo ekuLuka 14:28, 29 neMizekeliso 21:5 ingabanceda njani abantu abatshatileyo?

7 Abantu abatshatileyo abalumkileyo ‘babala iindleko’ xa begqiba ukuba bafuna ukuba nabantwana abangaphi. (Funda uLuka 14:28, 29.) Abazali abaninzi bayavuma ukuba kufuna imali, ixesha namandla ukukhulisa abantwana. Ngoko abantu abatshatileyo kufuneka bazibuze le mibuzo: ‘Ngaba kufuneka sobabini siphangele ukuze sithenge izinto ezifunekayo? Ngaba siyavumelana ukuba zeziphi izinto ekufuneka zithengwe? Ukuba siyaphangela, abantwana baza kuhoywa ngubani? Ngubani oza kubafundisa indlela yokwenza izinto?’ Xa abantu abatshatileyo bethetha ngale mibuzo, benza le nto ithethwa kwiMizekeliso 21:5.​Yifunde.

Umyeni oyithandayo inkosikazi yakhe uyayincedisa (Jonga isiqendu 8)

8. Zeziphi iingxaki abasenokuba nazo abantu abatshatileyo, ibe umyeni oyithandayo inkosikazi yakhe unokuyincedisa njani?

8 Kufuneka bobabini abazali bachithe ixesha elaneleyo nomntwana wabo. Basenokungabi nalo ixesha lokubahoya bonke abantwana babo xa bezala umntwana emva komnye. Abazali abanabantwana abancinci abaninzi bathi baye bangazi ukuba bathini okanye benzeni. Umama womntwana usenokuhlala ediniwe. Unokude angabi naxesha laneleyo lokufunda, lokuthandaza nelokushumayela. Usenokungakwazi nokumamela kakuhle kwiintlanganiso. Umyeni oyithandayo inkosikazi yakhe uyayincedisa xa abantwana befuna ukuhoywa. Le nto uyenza ezintlanganisweni nasekhaya. Ngokomzekelo, usenokumncedisa kwimisebenzi yasekhaya. Uye aqiniseke ukuba wonke umntu uba nento ayifundayo qho xa besenza Unqulo Lwentsapho aze aye nayo entsimini.

NINOKUBAFUNDISA NJANI UKUTHANDA UYEHOVA?

9-10. Yintoni abamele bayenze abazali ukuze bancede abantwana babo?

9 Abazali banokwenza ntoni ukuze abantwana babo bathande uYehova? Banokubakhusela njani kweli hlabathi lingcolileyo? Makhe sithethe ngezinto ezimbalwa abanokuzenza.

10 Celani uYehova anincede. Abazali banokufunda kwinto eyenziwa ngabazali bakaSamson, uManowa nenkosikazi yakhe. Wathi uManowa akuva ukuba baza kuba nomntwana, wacela uYehova ambonise indlela yokumkhulisa.

11. Abazali banokufunda ntoni kwinto eyenziwa nguManowa ekuthethwa ngayo kuBagwebi 13:8?

11 UNihad noAlma baseBosnia bafunda kule nto yenziwa nguManowa. Bathi: “NjengoManowa, nathi samcela uYehova ukuba asifundise indlela yokukhulisa umntwana wethu. UYehova wayiphendula imithandazo yethu ngeBhayibhile, iincwadi zentlangano, iintlanganiso neendibano.”​—Funda ABagwebi 13:8.

12. UYosefu noMariya babafundisa njani abantwana babo?

12 Yenzani le nto nibafundisa ukuba bayenze. Zibalulekile izinto ozithethayo, kodwa abantwana bakho baza kufunda kakhulu kwizinto ozenzayo. Siqinisekile ukuba uYosefu noMariya babezenza izinto abazifundisayo xa babekhulisa uYesu nabanye abantwana babo. UYosefu wayesebenza nzima ukuze abeke isonka etafileni. Kwakhona, wayekhuthaza intsapho yakhe ukuba ikuthande ukukhonza uYehova. (Dut. 4:9, 10) Qho ngonyaka wayesiya nentsapho yakhe kumthendeleko wePasika eYerusalem nangona uMthetho wawungamnyanzeli ukuba ahambe nayo. (Luka 2:41, 42) Mhlawumbi abanye ootata babesithi ukuhamba nentsapho kunzima, ibe kufuna ixesha nemali eninzi. Kodwa uYosefu wayezithanda izinto eziqinisa ukholo ibe wafundisa abantwana bakhe ukuba nabo bazithande. NoMariya wayezazi kakuhle iZibhalo. Wafundisa abantwana bakhe ukulithanda iLizwi LikaThixo ngezinto awayezithetha nawayezenza.

13. UNihad noAlma bamlinganisa njani uYosefu noMariya?

13 UNihad noAlma balinganisa uYosefu noMariya. Le nto yabanceda njani ukuze umntwana wabo akhule ethanda uThixo? Bathi: “Sasifuna umntwana wethu abone kwizinto esizenzayo indlela ekumnandi ngayo ukuthobela imigaqo kaYehova.” UNihad uphinda athi: “Yiba ngulo mntu ufuna umntwana wakho abe nguye.”

14. Kutheni kufuneka abazali bazazi iitshomi zabantwana babo?

14 Bancedeni bazikhethe kakuhle iitshomi. Bobabini abazali bamele bazi ukuba ngoobani iitshomi zabantwana babo ibe benza ntoni. Le nto ithetha nokuba bamele bazi ukuba bathetha nabani kwiiwebhsayithi zokuncokola nasezifowunini. Abo bantu basenokufundisa abantwana bakho indlela yokucinga neyokwenza izinto.​—1 Kor. 15:33.

15. Abazali banokufunda ntoni kuJessie?

15 Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuba abaziqhelanga iikhompyutha okanye iifowuni? Omnye utata ohlala kwiiPhilippines, uJessie uthi: “Sasingazi nto ingako ngeteknoloji. Kodwa sabaxelela abantwana bethu ngeengxaki ezisenokubakho xa bezisebenzisa kakubi iikhompyutha okanye iifowuni.” UJessie zange athi mabayeke ukuzisebenzisa kuba yena engaziqhelanga. Uthi: “Ndabaxelela ukuba bazisebenzisele ukufunda ulwimi olutsha, ukulungiselela iintlanganiso, nokufunda iBhayibhile yonke imihla.” Bazali, ngaba nikhe nafunda naza nancokola nabantwana benu ngendawo ethi “Abafikisayo” ekujw.org/xh ethetha ngokuthumelelana imiyalezo nokufaka iifoto kwi-intanethi? Ngaba nikhe nayibukela naza nancokola ngevidiyo ethi Zisebenzise Kakuhle IiWebhsayithi Zokuncokola neyesiNgesi ethi Who’s in Control​—You or Your Devices? * Ezi zinto zinganinceda ukuze abantwana benu bazisebenzise kakuhle iikhompyutha okanye iifowuni zabo.​—IMize. 13:20.

16. Yintoni eye yenziwa ngabazali abaninzi, ibe loo nto ibancede njani abantwana?

16 Abazali abaninzi baye baqiniseka ukuba abantwana babo baba kunye nabantu abanokufunda kubo indlela yokukhonza uYehova. Ngokomzekelo, uN’Déni noBomine baseCôte d’Ivoire, babedla ngokumema umveleli wesiphaluka ukuba ahlale emzini wabo xa ilutyelelo. UN’Déni uthi: “Le nto yamnceda kakhulu unyana wethu. Waba nguvulindlela ibe ngoku ungumveleli wesiphaluka obambelayo.” Ngaba nani ningenza abantwana benu baqhelane nabantu abanokufunda kubo?

17-18. Abazali bamele baqale nini ukufundisa abantwana babo?

17 Bafundiseni besebancinci. Kubalulekile ukuba abazali babafundise besebancinci abantwana babo. (IMize. 22:6) Khawucinge ngoTimoti owakhe wahamba nompostile uPawulos. Umama wakhe, uYunike, nomakhulu wakhe uLoyisi, bamfundisa “kwasebusaneni.”​—2 Tim. 1:5; 3:15.

18 UJean-Claude noPeace baseCôte d’Ivoire bakwazi ukunceda abantwana babo ukuba bakhule bemthanda uYehova. Bancedwa yintoni? Benza njengoYunike noLoyisi. Bathi: “Salibethelela iLizwi LikaThixo ebantwaneni bethu beseziintsana. Le nto sasiyenza emva nje kokuba bezelwe.”​—Dut. 6:6, 7.

19. Kuthetha ukuthini ukubethelela iLizwi LikaThixo ebantwaneni?

19 Kuthetha ukuthini “ukubethelela” iLizwi LikaYehova ebantwaneni? “Ukubethelela” kuthetha “ukufundisa nokuphindaphinda le nto uyifundisayo.” Ukuze abazali bakwazi ukuyenza le nto, kufuneka bahlale bencokola nabantwana babo. Kusenokucaphukisa ngamanye amaxesha ukuphindaphindana nento enye emntwaneni. Kodwa bazali, le yindlela yokunceda abantwana benu baliqonde iLizwi LikaThixo baze benze into eliyitshoyo.

Abazali bamele bacinge ngendlela abaza kubafundisa ngayo abantwana babo, besazi ukuba abafani (Jonga isiqendu 20) *

20. INdumiso 127:4 inganinceda njani xa nikhulisa abantwana?

20 Nimele nibazi kakuhle abantwana benu. INdumiso 127 ifanisa abantwana neentolo. (Funda iNdumiso 127:4.) Iintolo zenziwa ngezinto ezingafaniyo ibe azilingani. Nabantwana banjalo ke, abafani. Ngoko abazali kufuneka baqonde ukuba abanakubafundisa ngendlela efanayo abantwana babo. Omnye umzalwana nodade abahlala eIsrael bakwazi ukufundisa abantwana babo ababini ukuba bakhule bekhonza uYehova. Bancedwa yintoni? Bathi: “Sasingabafundeli ngexesha elinye iBhayibhile.” Akunyanzelekanga ukuba ningabafundeli ngexesha elinye, kodwa yintloko-ntsapho eza kugqiba ukuba iza kubafundisa njani abantwana bayo ukuze bakhule bethanda uYehova.

UYEHOVA UZA KUNINCEDA

21. UYehova ubanceda njani abazali?

21 Ngamanye amaxesha, kusenokuba nzima kakhulu kubazali ukufundisa abantwana. Kodwa ke, babaphiwe nguYehova. Unokubanceda nanini na xa bemcela. Uyayimamela imithandazo yabazali. Uyiphendula ngeBhayibhile, ngeencwadi zentlangano nangamacebiso abazali abakumabandla esikuwo abakhe bakhulisa abantwana.

22. Zeziphi ezona zinto abazali abanokubanika zona abantwana babo?

22 Kudla ngokuthiwa ukukhulisa umntwana kuthatha iminyaka eyi-20, kodwa ke abazali baza kuhlala bengabazali. Ngaphezu kwazo zonke izinto abanokubanika zona, ayikho eyodlula ukubathanda, ukuzipha ixesha kunye nabo nokubafundisa iBhayibhile. Abantwana abazukuzenza ngendlela efanayo izinto ababafundisa zona. Kodwa ke, abaninzi abakhuliswe ngabazali abamthandayo uYehova bayafana nodade waseAsia, uJoanna Mae. Uthi: “Xa ndicinga ngendlela abandikhulise ngayo abazali bam, ndiyibulela kakhulu into yokuba bandifundisa ukuthanda uYehova. Abazange bandifundise nje indlela yokuphila, bandinceda ndaphila obona bomi bubhetele.” (IMize. 23:24, 25) Maninzi kakhulu amaKristu angathetha into efana nale.

INGOMA 59 Dumisa UYa Kunye Nam

^ isiqe. 5 Ngaba abantu abatshatileyo bamele babe nabantwana? Ukuba bafuna ukuba nabo, bamele babe bangaphi? Bangabafundisa njani abantwana babo ukuba bamthande baze bamkhonze uYehova? Eli nqaku liza kuthetha ngezinto esinokuzifunda kwabanye abazalwana noodade abatshatileyo, lize lisixelele nemigaqo eseBhayibhileni enokusinceda siphendule le mibuzo.

^ isiqe. 15 Funda nencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula​—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1, isahl. 36, nomqulu 2, isahl. 11.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: Lo mzalwana nenkosikazi yakhe bathetha ngokuba nabantwana. Bathetha ngeengxaki nangezinto ezinokubavuyisa ukuba banganabo.

^ isiqe. 64 IMIFANEKISO: Aba bazali ababadibanisi abantwana babo xa bebafundela kuba abalingani ibe abafani.