Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Ezintweni Zonke Bulelani”

“Ezintweni Zonke Bulelani”

NGABA uyabulela? Sonke simele sizibuze lo mbuzo. IBhayibhile yaprofeta yathi ngexesha lethu, abantu abaninzi ‘abazukubulela.’ (2 Tim. 3:2) Mhlawumbi wakha wadibana nabantu abacinga ukuba bamele benzelwe izinto okanye baphiwe. Babonakala ngathi bacinga ukuba akunyanzelekanga ukuba babulele ngezinto abaziphiwayo. Inoba uyatsho ukuba akumnandanga ukuhlala nabantu abanjalo.

Bona abakhonzi bakaYehova bakhuthazwa ukuba ‘bahlale bebulela.’ ‘Ezintweni zonke kufuneka sibulele.’ (Kol. 3:15; 1 Tes. 5:18) Yinto entle leyo. Zininzi izizathu ezibonisa loo nto.

UKUBULELA KUSENZA SONWABE

Isizathu esibalulekileyo sokuba sibulele kukuba siyonwaba emva kokuba sibulele. Umntu othi enkosi xa enzelwe into uyonwaba, kanti nalowo umenzele into uvuyiswa kakhulu kukuva elo gama. Kutheni ukubulela kubavuyisa bobabini aba bantu? Khawucinge ngale nto: Xa ubona abantu bekwenzela izinto ezintle, ngaba loo nto ayibonisi ukuba bakukhathalele? Ibonisa loo nto. Xa uyibona loo nto, uyonwaba. Inoba kwakunjalo nakuRute. UBhohazi waba nobubele kuye. Ngokuqinisekileyo wavuya kakhulu uRute akubona ukuba kukho umntu omkhathaleleyo.​—Rute 2:10-13.

Kubaluleke kakhulu ukubulela uThixo. Ngokuqinisekileyo ukhe ucinge ngezinto akuphe zona nasakunika zona. Ezo zizinto eziqinisa ukholo lwakho nezinto ezikunceda uphile. (Dut. 8:17, 18; IZe. 14:17) Simele sicinge ngezinto ezininzi uThixo asenzele zona nazenzele iintsapho nabahlobo bethu. Ukucinga ngezinto esizenzelwa nguMdali wethu kuza kusenza simbulele size siyibone nendlela asithanda ngayo.​—1 Yoh. 4:9.

Emva kokuba siye sacinga ngezinto asenzele zona uYehova, simele simbulele. (INdu. 100:4, 5) Kudla ngokuthiwa ukubulela kubenza abantu bonwabe.

UKUBULELA KUYABUQINISA UBUHLOBO

Esinye isizathu sokuba ukubulela kubalulekile kukuba kuyabuqinisa ubuhlobo. Sonke siyakufuna ukuthandwa. Xa umbulela nyhani umntu okwenzele into entle, niba ngabahlobo. (Roma 16:3, 4) Abantu ababulelayo badla ngokuba ngabona babancedayo abantu. Baye bababone abantu abanobubele kubo baze nabo bafune ukubenzela ububele. Ukunceda abanye kusenza sonwabe. Kunjengokuba uYesu watshoyo, wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZe. 20:35.

URobert Emmons, ongumphathi weYunivesithi yaseCalifornia wathi xa ethetha ngokubulela: “Ukuze sikwazi ukubulela, kufuneka siyazi ukuba sixhomekeke kwabanye abantu. Siyapha size ngamanye amaxesha siphiwe.” Ukuze sihlale siphila size sonwabe, sixhomekeke kwabanye ngeendlela ezininzi. Ngokomzekelo, basinika ukutya okanye basincede xa sigula. (1 Kor. 12:21) Umntu obulelayo uyazixabisa izinto abantu abamenzela zona. Ngaba ubulela qho ngezinto abantu abakwenzela zona?

UKUBULELA NENDLELA OBUJONGA NGAYO UBOMI

Esinye isizathu sokuba sibulele kukuba kusinceda sikwazi ukujonga izinto ezintle kunezimbi. Iingqondo zethu ziba ngathi ziyahluza. Zenza sikwazi ukuhoya kakhulu izinto ezibalulekileyo kunezingabalulekanga. Xa sibulela qho siza kubona izinto ezintle eziza kusenza sibulele kakhulu. Ukuba sijonga izinto esinokuzibulela siza kukwazi ukwenza into umpostile uPawulos awasikhuthaza ukuba siyenze, wathi: “Hlalani ninemihlali eNkosini.”​—Fil. 4:4.

Ukubulela kusinceda singacingi ngezinto ezimbi. Kuba nzima ukubulela uze kwangaxeshanye ube nomona, uqumbe okanye ube nomsindo. Abantu ababulelayo badla ngokungazithandi kakhulu izinto. Babulela loo nto banayo.​—Fil. 4:12.

UNGAZILIBALI IZINTO OZENZELWE NGUYEHOVA NABANTU

Kuba ungumKristu, uyabona ukuba uSathana ufuna utyhafe uze unikezele ngenxa yeengxaki ezikhoyo kule mihla yokugqibela. Angavuya kakhulu xa ekubona ungathandi kwaye ukhalazela yonke into. Xa ungumntu onjalo, kunganzima kakhulu ukuba abantu bakumamele xa ushumayela iindaba ezilungileyo. Ukubulela kuhambelana nesiqhamo somoya kaThixo kuba siyavuyiswa zizinto uThixo asenzela zona ibe sinokholo kwizinto asithembise zona.​—Gal. 5:22, 23.

Kuba ungumntu kaYehova, inoba uyavumelana nento ethethwa kweli nqaku ngokubulela. Kodwa uyaqonda ukuba ukuhlala ubulela nokujonga izinto ezintle akuyonto ilula. Mayingakutyhafisi loo nto. Ungakwazi ukuhlala ungumntu obulelayo. Njani? Suku ngalunye ziphe ixesha lokucinga ngezinto onokuzibulela. Xa uhlala usenza loo nto, ukubulela kuza kuba segazini. Loo nto iza kukwenza wonwabe kunabantu abahlala becinga ngeengxaki zabo. Cinga ngezinto ezikhuthazayo nezonwabisayo ozenzelwa nguThixo nabanye abantu. Unokubhala phantsi izinto ezimbini okanye ezintathu ezikwenza ubulele ngolo suku.

Abaphandi bafumanisa ukuba xa sihlala sibabulela abantu, indlela esicinga ngayo inokutshintsha size sonwabe. Umntu obulelayo uyonwaba. Ngoko ungazilibali izinto ozenzelwe nguYehova nabantu, zonwabele izinto ezintle ezenzekayo ebomini bakho uze uhlale ubulela. Kunokuba izinto ezintle uzijonge njengezingenamsebenzi, ‘bulela kuYehova, kuba ulungile.’ ‘Ezintweni zonke bulela.’​—1 Kron. 16:34; 1 Tes. 5:18.