Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

IBhayibhile ithi xa kuxoxwa ityala kuye kufuneke amangqina amabini nangaphezulu. (Num. 35:30; Dut. 17:6; 19:15; Mat. 18:16; 1 Tim. 5:19) Kodwa uMthetho wawusithi, ukuba indoda idibene nentombi engejiweyo “endle,” yayidlwengula yaza intombi yakhala, loo ndoda yayiba netyala. Yintoni eyayibangela ukuba yona intombi ingabi natyala nangona kwakungekho mangqina?

IDuteronomi 22:25-27 ayizami kucacisa ukuba le ndoda inetyala okanye ayinatyala, kuba loo nto icacile. Eyona nto kuthethwa ngayo kulo mthetho kukuba le ntombi ayinatyala. Kutheni sisitsho nje?

Iivesi ezingaphambili zithetha ngendoda elele nentombi engejiweyo ‘esixekweni.’ Le nto yayiyenza ibe netyala lokukrexeza, kuba intombi engejiweyo yayifana nomntu otshatileyo. Yona intombi? Khange ikhale. Ukuba ibikhalile, abantu bebeza kuyiva baze bayincede. Kuba ingakhange ikhale, nayo kwakusithiwa ikrexezile, ngoko nayo yayiba netyala.​—Dut. 22:23, 24.

Ngoku uMthetho uza neny’ into eyahlukileyo: “Noko ke, ukuba indoda iyifumene isendle intombazana eganiweyo, yaza indoda leyo yayibamba yayilala, imele ife yodwa loo ndoda iyileleyo, uze ungayenzi nto intombazana leyo. Akukho sono silingenwe kukufa entombini, kuba kanye njengoko indoda ithi ilivukele idlelane layo ize iwubulale umphefumlo walo, injalo le meko. Ngokuba iyifumene endle. Imemezile intombazana eganiweyo, akwabikho uyihlangulayo.”​—Dut. 22:25-27.

Kule meko, abagwebi babeyikholelwa into ethethwa yintombi. Ngoba? Kuba kwakusenokwenzeka ukuba intombi ikhalile, “akwabikho uyihlangulayo.” Ngoko yayingakrexezanga. Indoda yona yayiba netyala lokudlwengula nokukrexeza kuba ‘ibambe yaza yalala’ nentombi engejiweyo.

Nangona lo mthetho uthetha kakhulu ngokuba intombi ayinatyala, kodwa ubonisa ngokucacileyo ukuba yona indoda inetyala lokudlwengula nokukrexeza. Singaqiniseka ukuba abagwebi babeyiphanda “ngokucokisekileyo” le meko baze bagwebe ngendlela evumelana nemigaqo uThixo awayeyiphindaphinda kubo.​—Dut. 13:14; 17:4; Eks. 20:14.