Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Usakhumbula?

Ngaba Usakhumbula?

Ungayiphendula njani le mibuzo ithathwe kwiiMboniselo zango-2019?

Sithetha ukuthini isithembiso sikaThixo esithi: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela”? (Isa. 54:17)

Simele simthembe uThixo ukuba uza kusikhusela xa sihlaselwa ziintshaba zethu. (Isa. 25:4, 5) Azinakusenzakalisa de kube ngonaphakade.​—w19.01, iphe. 6-7.

UThixo wabonisa njani ukuba unobulungisa kwinto awayenzayo kumaKanan nakumaSirayeli awayengamthobeli?

UThixo wayebagweba abantu abaziphethe kakubi ngokwesondo nabaphatha kakubi abafazi nabantwana. Wayebasikelela abantu abamthobelayo nabaphatha abanye kakuhle.​—w19.02, iphe. 22-23.

Simele senze ntoni xa umntu ongeloNgqina ethandaza?

Sinokuthula size sibe nembeko. Asinakuthi “amen,” singayi kuzibamba nezandla zabanye ngoxa kuthandazwa. Sisenokukhetha ukuthandazela ngaphakathi.​—w19.03, iphe. 31.

Imbi kangakanani into yokuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo?

Umntu ophatha abantwana kakubi ngokwesondo wenzakalisa umntwana, ungcolisa igama lebandla, wophula umthetho karhulumente ibe wona uThixo. Ukuba umthetho uthi umntu owenze le nto umele amangalelwe, abadala bayaqiniseka ukuba amapolisa ayaxelelwa.​—w19.05, iphe. 9-10.

Unokuyitshintsha njani indlela ocinga ngayo?

Thandaza. Cinga ngezinto omele utshintshe kuzo. Bakhethe kakuhle abahlobo.—w19.06, iphe. 11.

Zeziphi izinto esinokuzenza ukuze sinyamezele xa sitshutshiswa?

Kufuneka siqinise ubuhlobo bethu noYehova. Simele siqiniseke ukuba uYehova uyasithanda ibe akanakuze asilahle. Simele sifunde iBhayibhile yonke imihla size sithandaze. Kwakhona simele siqiniseke ukuba zonke izinto uYehova azithembisileyo ziza kwenzeka xa kulawula uBukumkani bakhe size sinkqaye iZibhalo neengoma esizithandayo.​—w19.07, iphe. 2-4.

Sinokuzinceda njani iintsapho zethu ukuze zisinde?

Simele sizicingele, sibe ngumzekelo, sibe nomonde size singavumi zisiyekise ukukhonza uYehova.​—w19.08, iphe. 15-17.

KuMateyu 11:28 uYesu wathi uza kusihlaziya. Uyenza njani loo nto?

Sinabona bantu basikhokela kakuhle, abona bahlobo balungileyo ibe senza owona msebenzi siwuthandayo.​—w19.09, iphe. 23.

UThixo angasenza njani sifune size sibe namandla okumsebenzela? (Fil. 2:13)

Xa sifunda iLizwi LikaThixo unokusinika amandla aze asincede sifune ukwenza ukuthanda kwakhe. Umoya wakhe unokusinceda sizenze kakuhle izinto.​—w19.10, iphe. 21.

Zeziphi izinto esimele sizenze ngaphambi kokuba senze isigqibo esibalulekileyo?

Zintlanu: Phanda kakuhle. Thandazela ubulumko. Cinga ngezizathu zokuba ufune ukusenza. Cinga ngendlela oza kuyenza ngayo loo nto. Gqiba ngento onokukwazi ukuyenza.​—w19.11, iphe. 27-29.

Ngaba imfundiso yokungafi komphefumlo yaqala kwinto uSathana awayixelela uEva?

Hayi. USathana akazange athi kuza kufa umzimba kaEva qha uze umphefumlo wakhe uphile kwenye indawo, kodwa wathi akazukufa. Zonke izinto ezinokwenza nonqulo lobuxoki zaphela ngoNogumbe. Kusenokwenzeka ukuba imfundiso yokuba umphefumlo awufi yaqala ngaphambi kokuba abantu ababesakha iBhabheli bagcwale emhlabeni wonke.​—w19.12, iphe. 15.