Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

USathana wathi uEva akazukufa xa esitya emthini wokwazi okulungileyo nokubi. Ngaba wayeqala imfundiso exhaphakileyo namhlanje yokuba umphefumlo awufi?

Hayi. USathana akazange athi ukuba uEva utyile emthini, umzimba wakhe uza kufa, uze umphefumlo uphile kwenye indawo. Esebenzisa inyoka, wathi ukuba uEva usityile isiqhamo salo mthi, ‘ngokuqinisekileyo akazukufa.’ Ngamany’ amazwi, wayesithi uEva uza kuphila kamnandi apha emhlabeni, engaxelelwa nguThixo into amele ayenze.​—Gen. 2:17; 3:3-5.

Ukuba le mfundiso yokuba umphefumlo awufi ayizange iqale e-Eden, yaqala nini ke? Asinakuqiniseka. Eyona nto siqiniseke ngayo kukuba lonke unqulo lobuxoki lwaphela ngoNogumbe womhla kaNowa. Kaloku emva koNogumbe kwasinda uNowa nentsapho yakhe ibe bonke babekhonza uThixo, ngoko wayengekho umntu onokufundisa ubuxoki.

Kunokwenzeka ukuba le mfundiso yokuba umphefumlo awufi yaqala emva koNogumbe. Kodwa kwenzeka njani ukuba igcwale emhlabeni wonke? Emva kokuba uThixo enze abantu bathetha iilwimi ezininzi eBhabheli, bagcwala “emhlabeni wonke” behamba nale mfundiso. (Gen. 11:8, 9) Enoba yaqala nini, siqinisekile ukuba uSathana uMtyholi, ‘onguyise wobuxoki,’ waba nesandla ibe wavuya kakhulu akuyibona igcwala emhlabeni wonke.​—Yoh. 8:44.