Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 51

Umazi Kakuhle Kangakanani UYehova?

Umazi Kakuhle Kangakanani UYehova?

“Abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe, kuba ngokuqinisekileyo akuyi kubashiya abo bakukhangelayo, Yehova.”​—INDU. 9:10.

INGOMA 56 Yenze Eyakho Inyaniso

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Into eyenziwa nguAngelito isifundisa ntoni?

NGABA abazali bakho ngamaNgqina KaYehova? Ukuba ukhuliswe ngabo, yazi ukuba soze ube ngumhlobo kaYehova kuba bona bengabo. Nokuba abazali bethu bakhonza uThixo okanye abamkhonzi, thina simele sizame ukuba ngabahlobo bakhe.

2 Khawucinge ngento eyenziwa ngomnye umzalwana, uAngelito. BabengamaNgqina bonke kokwabo. Kodwa esemncinci, wayengamthandi kakhulu uThixo. Uthi: “Ndandimkhonza nje uYehova kuba abanye abantu ekhaya babemkhonza.” Kodwa uAngelito wagqiba ekubeni aziphe ithuba lokufunda iLizwi LikaThixo aze acingisise ngalo, waza waqala nokuthandaza qho kuYehova. Yintoni eyenzekayo? Uthi: “Ndafunda ukuba ukuze ndibe ngumhlobo kaTata endimthandayo, uYehova, kufuneka ndimazi.” Into eyenziwa nguAngelito isenza sicinge ngale mibuzo ibalulekileyo: Yintoni umahluko phakathi kokwazi njee ukuba uYehova ukho nokumazi kakuhle? Sinokumazi njani uYehova?

3. Yintoni umahluko phakathi kokwazi uYehova nokumazi kakuhle?

3 Sinokucinga ukuba umntu uyamazi uYehova xa esazi igama lakhe okanye ezinye izinto azenzileyo nazithethileyo. Kodwa ukwazi uYehova akuphelelanga apho. Simele siziphe ithuba lokufunda ngaye nangeempawu zakhe. Loo nto iza kusenza sisazi isizathu sokuba athethe aze enze izinto azenzileyo nazenzayo. Loo nto iza kusinceda sazi ukuba uyayithanda na indlela esicinga ngayo nesizenza ngayo izinto. Xa siyazi into uYehova afuna siyenze, kufuneka siyenze.

4. Izinto ezenziwa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni zinokusinceda njani?

4 Abanye abantu basenokuhlekisa ngathi xa sifuna ukukhonza uYehova. Basenokude bangasifuni kakhulu xa sisiya ezintlanganisweni. Kodwa ukuba siyamthemba uYehova, soze asishiye. Sakuba ngabahlobo bakaThixo abangasoze bohlukane naye. Singamazi ngolo hlobo uYehova? Ewe. Loo nto siyibona kumadoda awayengafezekanga, amanye awo nguMoses noKumkani uDavide. Ngoku siza kufunda ngezinto awazenzayo size siphendule le mibuzo mibini: Amazi njani uYehova? Yintoni esinokuyifunda kuwo?

UMOSES ‘WAMBONA LOWO UNGABONAKALIYO’

5. Wakhetha ntoni uMoses?

5 UMoses wakhetha ukukhonza uThixo. Xa wayeneminyaka emalunga neyi-40, wakhetha ukuba kunye nabantu bakaThixo, amaSirayeli, kunokwaziwa ngokuba ‘ngunyana wentombi kaFaro.’ (Heb. 11:24) Wancama esona sikhundla siphakamileyo. Waba kunye namaSirayeli nangona wayeyazi indlela eyayiza kumcaphukisa ngayo loo nto uFaro owayehlonitshwa kakhulu nekwakusithiwa nguthixo eYiputa. Le nto ibonisa indlela awayenokholo ngayo uMoses. Wayemthembile uYehova. Yiloo ndlela awayemthembe ngayo eyamenza wangumhlobo kaYehova ubomi bakhe bonke.​—IMize. 3:5.

6. Yintoni esiyifundayo kuMoses?

6 Yintoni esiyifundayo thina? NjengoMoses, nathi kufuneka senze esi sigqibo: Ngaba siza kukhonza uThixo size sibe kunye nabantu bakhe? Kusenokufuneka kubekho izinto esizincamayo ukuze sikhonze uYehova sisazi ukuba siza kuchaswa ngabantu abangamaziyo. Kodwa ukuba siyamthemba uTata wethu osezulwini, siqinisekile ukuba uza kuba nathi.

7-8. Yintoni angazange ayeke ukufunda ngayo uMoses?

7 UMoses zange ayeke ukufunda ngeempawu zikaYehova nokwenza izinto ezithandwa nguye. Xa uYehova wathi makakhuphe amaSirayeli eYiputa, wayengazithembanga kwaye wayesoloko emxelela uYehova ukuba akafaneleki. UThixo wamcingela, waza wamnceda. (Eks. 4:10-16) Loo nto yamenza akoyika ukuya kuxelela uFaro ngento eza kwenziwa nguYehova eYiputa. Emva koko, uMoses wayibona indlela uYehova anamandla ngayo xa wasindisa amaSirayeli waza watshabalalisa uFaro nomkhosi wakhe kuLwandle Olubomvu.​—Eks. 14:26-31; INdu. 136:15.

8 Emva kokuba uMoses ewakhuphile amaSirayeli eYiputa, ayesoloko ekhalaza. Sekunjalo, wayibona indlela uYehova anomonde ngayo kubantu abakhulule kubukhoboka. (INdu. 78:40-43) Wacela uYehova ukuba angawatshabalalisi amaSirayeli, nyhani uYehova akazange awatshabalalise. Loo nto yambonisa indlela athobeke ngayo uYehova.​—Eks. 32:9-14.

9. AmaHebhere 11:27 ayichaza njani indlela uMoses awayesondele ngayo kuYehova?

9 Emva kokuba amaSirayeli ephumile eYiputa, uMoses wasondela kakhulu kuYehova, wade wangathi uyambona uTata wakhe osezulwini. (Funda amaHebhere 11:27.) Xa ichaza indlela awayesondele ngayo kuYehova, iBhayibhile ithi: “UYehova wathetha kuMoses ubuso ngobuso, njengomntu ethetha nedlelane lakhe.”​—Eks. 33:11.

10. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze simazi kakuhle uYehova?

10 Sifunda ntoni? Ukuze simazi kakuhle uYehova, akufuneki sifunde ngeempawu anazo nje qha, kodwa kufuneka senze izinto azithandayo. UYehova ufuna “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:3, 4) Enye yeendlela esiyenza ngayo into ayifunayo kukufundisa abantu ngaye.

11. Xa sifundisa abantu ngoYehova, ziintoni esizibonayo kuye?

11 Xa sifundisa abantu ngoYehova siya simazi kakhulu. Ngokomzekelo, sibona indlela abacingela ngayo abantu xa esinceda sifumane abantu abafuna ukumkhonza. (Yoh. 6:44; IZe. 13:48) Sibona amandla elinawo iLizwi lakhe xa abantu esibafundelayo beziyeka izinto ezimbi abebezenza baze bambathe ubuntu obutsha. (Kol. 3:9, 10) Asiyeki ukushumayela kubantu abakwintsimi yethu ukuze basinde. Loo nto isibonisa indlela uYehova anomonde ngayo.​—Roma 10:13-15.

12. IEksodus 33:13 ithi uMoses wacela ntoni kuYehova? Kwakutheni ukuze acele loo nto?

12 KuMoses kwakubaluleke kakhulu ukuba ngumhlobo kaYehova. Nasemva kokuba uYehova emsebenzisile ukwenza imisebenzi emikhulu, uMoses wamcela ukuba amncede amazi bhetele. (Funda iEksodus 33:13.) Loo nto wayicela eneminyaka engaphezu kweyi-80, kuba wayesazi ukuba zininzi izinto awayengekazazi ngoTata wakhe osezulwini.

13. Yeyiphi enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba kubalulekile ukuba ngabahlobo bakaThixo?

13 Isifundisa ntoni le nto? Nokuba sesinexesha elingakanani sikhonza uYehova, asimele sikuthathe lula ukuba ngabahlobo bakhe. Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba kubalulekile ukuba ngabahlobo bakhe, kukuthandaza.

14. Kutheni kubalulekile ukuthetha noThixo ukuze umazi kakuhle?

14 Ukuba ufuna ukuba ngumhlobo womntu, hlala uthetha naye. Ngoko hlala ungumhlobo kaThixo ngokusoloko uthetha naye, umxelele izinto ozicingayo. (Efe. 6:18) UKrista waseTurkey uthi: “Ndiya ndimthanda uYehova qho xa ndimxelela izinto endizicingayo ndize ndibone indlela andinceda ngayo. Indlela ayiphendula ngayo imithandazo yam, yenza abe nguTata noMhlobo wam.”

INDODA ETHANDWAYO NGUYEHOVA

15. Wathini uYehova ngoKumkani uDavide?

15 UKumkani uDavide wazalelwa kuhlanga olwalukhonza uYehova uThixo. Kodwa uDavide zange amkhonze kuba ezalelwe kolo hlanga. Wazifunela ukuba ngumhlobo wakhe ibe wayethandwa kakhulu nguYehova. UYehova wathi uDavide ‘yindoda evunyiweyo yintliziyo yakhe.’ (IZe. 13:22) Kwenzeka njani ukuba uDavide amthande kangaka uYehova?

16. Xa uDavide wayejonga indalo, yintoni awayifundayo ngoYehova?

16 UDavide wafunda ngoYehova kwindalo. Xa wayesemncinci, wayehlala endle esalusa iigusha zikatata wakhe. Mhlawumbi waqala ngelo xesha ukucinga ngendalo kaYehova. Ngokomzekelo, xa wayejonga isibhakabhaka, wayengaboni njee iinkwenkwezi, kodwa wayecinga ngeempawu zaLowo uzenzileyo. Loo nto yamenza wabhala la mazwi: “Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo; yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.” (INdu. 19:1, 2) Xa wayecinga ngendlela abadalwe ngayo abantu, wabona indlela uYehova alumke ngayo. (INdu. 139:14) Ukucinga ngezinto ezenziwe nguYehova kwamenza wazibona ephantsi kakhulu.​—INdu. 139:6.

17. Yintoni esinokuyifunda xa sicinga ngendalo?

17 Sifunda ntoni? Simele sibe nomdla kwindalo. Masingahlali nje kulo mhlaba mhle udalwe nguYehova, kodwa mawusenze singawuvali umlomo. Masihlale sicinga ngezinto esizifunda ngoYehova kwizityalo, izilwanyana, abantu nezinye izinto azidalileyo. Ukuba senza loo nto, suku ngalunye siza kuba nento esiyifundayo ngoTata wethu esimthandayo, kwaye siza kuya simthanda.​—Roma 1:20.

18. INdumiso 18 ithini ngoDavide?

18 UDavide wabona ukuba uncedwa nguYehova. Ngokomzekelo, xa wayekhusela iigusha zikatata wakhe kwingonyama nebhere, wabona ukuba nguYehova omenze wabulala ezo zilwanyana ziyingozi. Xa woyisa ijoni elalisoyikwa kakhulu, uGoliyati, waqonda ukuba uYehova wayenaye. (1 Sam. 17:37) Naxa wayebaleka uKumkani uSawule owayenomona, wayesazi ukuba wayesindiswa nguYehova. (INdu. 18, umbhalo osemantla) Umntu ongathobekanga wayeza kuzingomb’ isifuba ngokwenza izinto ezinje. Kodwa kuba uDavide wayethobekile, waqonda ukuba kuzo zonke ezi zinto wayencedwa nguYehova.​—INdu. 138:6.

19. Yintoni esiyifundayo kuDavide?

19 Yintoni esiyifundayo apha? Akufuneki sicele ukuncedwa nguYehova nje qha. Simele sazi ukuba usincede nini yaye njani. Ukuba sithobekile, siza kuqonda ukuba asinakukwazi ukuzenzela yonke into, nguYehova oza kusinceda. Qho xa simbona esinceda, siza kuya simthanda. Omnye umzalwana waseFiji, uIsaac, wayibona kuye le nto. Uthi: “Xa ndijonga emva, ndiyayibona indlela uYehova andincede ngayo ukususela ukuqala kwam ukufunda ngaye ukuza kutsho ngoku. Loo nto indenza ndiqiniseke ukuba uYehova ukhona.”

20. Yintoni esinokuyifunda kwindlela uDavide awayemazi kakuhle ngayo uThixo?

20 UDavide wayeneempawu ezifana nezikaYehova. UYehova wasenza sakwazi ukuba neempawu ezifana nezakhe. (Gen. 1:26) Ngokuya sifunda ngeempawu zakhe, siza kukwazi ukuba nazo. UDavide wayemazi kakuhle uTata wakhe osezulwini, ngoko wakwazi ukulinganisa indlela asebenzisana ngayo nabantu. Nanku umzekelo: UDavide wona uYehova ngokukrexeza noBhatshebha waza wabulalisa umyeni wakhe. (2 Sam. 11:1-4, 15) UYehova wamenzela inceba, kuba naye uDavide waba nenceba ebantwini. Indlela uDavide awayemthanda ngayo uYehova yenza ukuba abe ngoyena kumkani uthandwayo kwaSirayeli, ibe uYehova wafuna ukuba nabanye ookumkani bakwaSirayeli bafane naye.​—1 Kum. 15:11; 2 Kum. 14:1-3.

21. AmaEfese 4:24 no-5:1 athi kuza kwenzeka ntoni xa silinganisa uThixo?

21 Sifunda ntoni thina? Kufuneka silinganise uThixo. Ukumlinganisa kuyasinceda ibe kusenza simazi kakuhle. Ukuba neempawu ezifana nezakhe kusenza sibe ngabantwana bakhe.​—Funda amaEfese 4:24; 5:1.

MASIFUNDE NGOYEHOVA

22-23. Kuza kwenzeka ntoni xa sizenza izinto esizifundayo ngoYehova?

22 Njengokuba sesibonile, sinokufunda ngoYehova kwindalo nakwiLizwi lakhe iBhayibhile. IBhayibhile ithetha ngabakhonzi bakaThixo ababethembekile nesinokubalinganisa, abanye babo nguMoses noDavide. UYehova usinike zonke izinto eziza kusinceda sifunde ngaye. Ngoko nathi simele sifunde yonk’ into ngaye.

23 Soze siyeke ukufunda ngoYehova. (INtshu. 3:11) Eyona nto ibalulekileyo ayikokuba simazi kangakanani, kodwa kukuba senza ntoni ngento esiyaziyo. Ukuba siyazenza izinto esizifundayo size sizame ukulinganisa uTata wethu esimthandayo, uza kusondela kuthi. (Yak. 4:8) KwiLizwi lakhe uyasiqinisekisa ukuba akasoze abashiye abantu abafuna ukumazi kakuhle.

INGOMA 80 “Ziboneleni Nizivele Ukuba UYehova Ulungile”

^ isiqe. 5 Abantu abaninzi bayakholwa ukuba ukhona uThixo, kodwa abamazi kakuhle. Kuthetha ukuthini ukwazi uYehova? Yintoni esinokuyifunda kwindlela uMoses noKumkani uDavide abakwazi ngayo ukuba ngabahlobo bakaYehova? Le mibuzo iza kuphendulwa kweli nqaku.