Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 50

UYehova Usinceda Sikhululeke

UYehova Usinceda Sikhululeke

‘Nimele . . . nazise inkululeko ezweni kubemi balo bonke.’​LEV. 25:10.

INGOMA 22 UBukumkani Bumiselwe​—Mabuze!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Yintoni abaye bayikhumbule abanye abantu? (Jonga ibhokisi ethi “ Wawuyintoni UNyaka Wenkululeko?”) (b) UYesu wathetha ngantoni kuLuka 4:16-18?

KWAMANYE amazwe, qho ngonyaka we-50 kuye kukhunjulwe usuku olubalulekileyo. Abantu baye baluvuyele imini yonke, iveki nangaphezulu, kodwa emva koko baye balibale nokuba bekukhe kwamnandi.

2 Qho ngonyaka we-50, amaSirayeli ayevuyela into ebalulekileyo, ukukhululeka kwawo. Ayesithi nguNyaka Wenkululeko. Kutheni kubalulekile ukuba sifunde ngalo Nyaka? Kuba usikhumbuza ngento uYehova awasenzela yona ukuze sikhululeke ngonaphakade, inokusinceda nangoku ibe noYesu wathetha ngayo.​—Funda uLuka 4:16-18.

AmaSirayeli ayevuya ngoNyaka Wenkululeko kuba abantu ebebengamakhoboka babebuyela kwiintsapho nakwimihlaba yabo (Jonga isiqendu 3) *

3. ILevitikus 25:8-12 ithi uNyaka Wenkululeko wawuwanceda njani amaSirayeli?

3 Kuza kuba lula ukuyiqonda into eyathethwa nguYesu ngenkululeko ukuba siqala sithethe ngoNyaka Wenkululeko uThixo awawenzela abantu bakhe, amaSirayeli. UYehova wathi kuwo: “Nimele niwungcwalise unyaka wamashumi amahlanu, nibhengeze inkululeko ezweni kubemi balo bonke. Woba yiNtlokoma [uNyaka Wenkululeko] kuni, yaye ngamnye kuni umele abuyele elifeni lakhe nasentsatsheni yakhe.” (Funda iLevitikus 25:8-12.) Kwinqaku elidlulileyo, sifunde ngendlela iSabatha eyawanceda ngayo amaSirayeli. UNyaka Wenkululeko wawanceda njani? Masithi umSirayeli ebenetyala waza wathengisa umhlaba wakhe ukuze alibhatale. NgoNyaka Wenkululeko, umhlaba wakhe wawubuyiselwa kuye. Ngoko wayebuyela kumhlaba wakhe uze ube lilifa labantwana bakhe. Kanti omnye umSirayeli onetyala kwakuye kufuneke athengise umntwana wakhe okanye azithengise, abe likhoboka ukuze abhatale ityala. NgoNyaka Wenkululeko, elo khoboka laliye ‘libuyele kwintsapho yalo.’ Loo nto ithetha ukuba ikhoboka lalikhululeka. Le nto ibonisa indlela uYehova abakhathalele ngayo abantu bakhe.

4-5. Kutheni kubalulekile ukuba sifunde ngoNyaka Wenkululeko?

4 Yeyiphi enye indlela uNyaka Wenkululeko owawuwanceda ngayo amaSirayeli? UYehova wathi: “Ze kungabikho hlwempu phakathi kwakho, kuba ngokuqinisekileyo uYehova uya kukusikelela ezweni elo akunika lona uYehova uThixo wakho ukuba ulihluthe njengelifa.” (Dut. 15:4) Le nto yahluke kakhulu kwinto eyenzekayo namhlanje kuba izityebi ziya zisiba zizityebi, namahlwempu ahlala engawo.

5 Thina asithobeli uMthetho kaMoses. Loo nto ithetha ukuba asizenzi izinto ezazisenziwa ngoNyaka Wenkululeko, njengokukhululwa kwamakhoboka, ukuxolelwa kwamatyala nokubuyiselwa kwemihlaba kubantu bayo. (Roma 7:4; 10:4; Efe. 2:15) Kodwa kubalulekile ukuba sifunde ngoNyaka Wenkululeko. Ngoba? Kuba nathi sinokukhululeka, ibe loo nto isikhumbuza ngoNyaka Wenkululeko uYehova awawenzela amaSirayeli.

UYESU WATHI ABANTU BAZA KUKHULULEKA

6. Yintoni esifuna ukukhululwa kuyo?

6 Sonke sikufuna nyhani ukukhululeka kuba singamakhoboka esono. Kuba sinesono, siyoluphala, siyagula size sife. Abantu abaninzi bayayibona loo nto xa bezijonga esipilini okanye besiya kwagqirha. Siyatyhafa naxa sisona. Nompostile uPawulos wathi ‘wayethinjelwa emthethweni wesono osemalungwini akhe.’ Waphinda wathi: “Hayi usizana endilulo! Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba usisisulu sokufa?”​—Roma 7:23, 24.

7. Wathini uIsaya ngenkululeko?

7 Into evuyisayo kukuba uThixo wenze indlela yokusikhulula esonweni. Usikhulule ngoYesu. Kwiminyaka engaphezu kwe-700 eyadlulayo ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, umprofeti uIsaya wathetha ngenkululeko ebhetele kakhulu kunaleyo yamaSirayeli yoNyaka Wenkululeko. Wathi: “Umoya weNkosi enguMongami uYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba uYehova undithambisele ukushumayela iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo. Undithumele ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukubhengeza inkululeko kwabo bathinjweyo.” (Isa. 61:1) Sithetha ngabani esi siprofeto?

8. Sithetha ngabani isiprofeto sikaIsaya senkululeko?

8 Into eyathethwa nguIsaya ngenkululeko yenzeka emva kokuba uYesu eqale ukushumayela. Xa wayekwindlu yesikhungu kwidolophu yakokwabo, iNazarete, wafundela amaYuda awayelapho esi siprofeto: “Umoya kaYehova uphezu kwam, ngenxa yokuba undithambisele ukuvakalisa iindaba ezilungileyo kumahlwempu, undithumele ukushumayela inkululo kubathinjwa nokubuyiselwa kokubona kwiimfama, ukukhulula abo batyunyuziweyo, ukushumayela unyaka wolwamkelo kaYehova.” (Luka 4:16-19) UYesu wayenza njani le nto ikwesi siprofeto?

ABANTU BOKUQALA ABAKHULULEKAYO

UYesu ukwindlu yesikhungu eNazarete, uxelela abantu ukuba baza kukhululeka (Jonga isiqendu 8-9)

9. Yintoni ababefuna ukukhululeka kuyo abantu abaninzi ngexesha likaYesu?

9 Abantu baqala ukufumana inkululeko uIsaya awaprofeta ngayo nawayefunda ngayo uYesu ngexesha likaYesu. Yenzeka loo nto kuba uYesu wathi: “Namhlanje esi sibhalo nisandul’ ukusiva sizalisekile.” (Luka 4:21) Mhlawumbi abantu abayivayo into eyayifundwa nguYesu babecinga ukuba baza kukhululeka kurhulumente waseRoma. Kusenokwenzeka ukuba babecinga into eyayicingwa ngamadoda amabini awathi: “Besithembe ukuba lo mntu nguye owayemiselwe ukuhlangula uSirayeli.” (Luka 24:13, 21) Kodwa siyazi ukuba uYesu akazange athi abalandeli bakhe mabangazenzi izinto ezazifunwa ngurhulumente waseRoma. Endaweni yoko, wathi ‘mababuyisele izinto zikaKesare kuKesare.’ (Mat. 22:21) Ngoko uYesu wabakhulula njani abantu ngela xesha?

10. UYesu wabakhulula entwenini abantu?

10 UNyana kaThixo wayeze kukhulula abantu kwizinto ezimbini. Okokuqala, wabakhulula kubuxoki obabufundiswa ziinkokeli zonqulo. Ngelo xesha, amaYuda amaninzi ayenyanzelwa ukuba enze amasiko abantu aze akholelwe nezinto ezibubuxoki. (Mat. 5:31-37; 15:1-11) Abantu ababewafundisa babengathi ziimfama kuba babengamkhonzi kakuhle uThixo. Bahlala bezizo kuba babengamfuni uMesiya nezinto awayezifundisa. Ngenxa yaloo nto, abazange bamazi uThixo ibe nezono zabo zange zixolelwe. (Yoh. 9:1, 14-16, 35-41) UYesu wabonisa abantu abathobekileyo ukuba banokukhululeka kwiimfundiso zobuxoki ngokubafundisa inyaniso nangezinto awayezenza.​—Marko 1:22; 2:23–3:5.

11. Yeyiphi indlela yesibini uYesu awabakhulula ngayo abantu?

11 Okwesibini, uYesu wakhulula abantu esonweni. Kuba wanikela ngobomi bakhe, uThixo wazixolela izono zabantu abanokholo kuye nabalubonisa ngezinto abazenzayo. (Heb. 10:12-18) UYesu wathi: “Ukuba uNyana uyanikhulula, okunene niya kukhululeka.” (Yoh. 8:36) Loo nkululeko yayiyodlula kakhulu eyayifunyanwa ngamaSirayeli ngoNyaka Wenkululeko. Ngokomzekelo, umntu owayekhululeka ngoNyaka Wenkululeko wayenokuphinda abe likhoboka ibe wayesweleka ekugqibeleni.

12. Ngoobani abaqalayo ukufumana inkululeko uYesu awathetha ngayo?

12 NgePentekoste ka-33 C.E., uYehova wakhetha abapostile, amadoda nabafazi abathembekileyo ngomoya oyingcwele. Wabenza oonyana bakhe ukuze balawule kunye noYesu ezulwini xa bevusiwe. (Roma 8:2, 15-17) Babengabokuqala ukufumana inkululeko uYesu awathetha ngayo kwindlu yesikhungu, eNazarete. Babengasengawo amakhoboka eemfundiso zobuxoki nezithethe ezazingekho kwiLizwi LikaThixo ezazifundiswa ziinkokeli zamaYuda. KuThixo babekhululekile nasesonweni. UNyaka Wenkululeko yamaKristu owaqala xa kwakukhethwa abalandeli bakaKristu ngo-33 C.E. uza kuphela xa kuphela uLawulo lukaYesu Lweminyaka Eliwaka. Ziintoni eziza kube zenzekile ngelo xesha?

NGOOBANI ABANYE ABAZA KUKHULULEKA?

13-14. Ngaphandle kwamaKristu athanjisiweyo ngoobani abanye abaza kufumana inkululeko uYesu awathetha ngayo?

13 Namhlanje, abantu abaninzi abaphuma kuzo zonke iintlanga ‘zezinye izimvu.’ (Yoh. 10:16) UThixo akabakhethanga ukuba balawule noYesu ezulwini. Kodwa iLizwi lakhe libathembisa ukuba baza kuphila ngonaphakade emhlabeni. Ngaba nawe unelo themba?

14 Nangoku sele uzifumana ezinye zezinto ezifunyanwa ngabo baza kuphila ezulwini. Unokucela uYehova akuxolele izono zakho kuba unokholo kwigazi likaYesu. Loo nto iza kukunceda umvuyise uThixo uze ube nesazela esikhululekileyo phambi kwakhe. (Efe. 1:7; ISityhi. 7:14, 15) Khawucinge nangeentsikelelo ozifumeneyo kuba ukhululekile kwiimfundiso zobuxoki. UYesu wathi: “Niya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.” (Yoh. 8:32) Kuvuyisa nyhani ukukhululeka kangaka.

15. Yintoni esiza kukhululeka kuyo, ibe ziintoni ezinye izinto aza kusenzela zona uThixo kwixesha elizayo?

15 Useza kukhululeka nakwezinye izinto ezininzi. Lincinci ixesha elishiyekileyo ngaphambi kokuba uYesu atshabalalise unqulo lobuxoki noorhulumente abakhohlakeleyo. UThixo uza kusikhusela “isihlwele esikhulu” aze asenzele izinto ezintle kwiparadesi eza kuba lapha emhlabeni. (ISityhi. 7:9, 14) Abantu abaninzi baza kuvuswa. Abo bakhetha ukukhonza uYehova abazukugula, abazukwaluphala ibe abazukusweleka.​—IZe. 24:15.

16. Yeyiphi eyona nto esiza kukhululwa kuyo?

16 KuLawulo Lweminyaka Eliwaka, uYesu nabantu aza kulawula kunye nabo baza kunceda abantu bafezeke baze baphinde babe ngoonyana bakaThixo. Le nto iza kufana noNyaka Wenkululeko wexesha lamaSirayeli. Bonke abantu abaye abagungqa ekukhonzeni uYehova baza kufezeka baze bangaphindi bone.

Kwihlabathi elitsha siza kwenza imisebenzi eza kusinceda nesivuyisayo (Jonga inqaku elifundwayo 50, isiqendu 17)

17. UIsaya 65:21-23 uthi siza kuphila njani kwixesha elizayo? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

17 UIsaya 65:21-23 (yifunde) usixelela ngendlela esiza kuphila ngayo apha emhlabeni kwixesha elizayo. Asizukuhlala njee singenzi nto. Kunoko, iBhayibhile ithi ngelo xesha abantu bakaThixo baza kwenza imisebenzi abayithandayo. Emva koLawulo Lweminyaka Eliwaka sinokuqiniseka ukuba “indalo ngokwayo iya kukhululwa ekukhotyokisweni kukonakala ize ibe nenkululeko ezukileyo yabantwana bakaThixo.”​—Roma 8:21.

18. Kutheni siqinisekile ukuba siza konwaba kwihlabathi elitsha?

18 UYehova wayeqiniseka ukuba amaSirayeli ayasebenza kodwa enalo nexesha lokuphumla. Uza kuqiniseka ukuba iyenzeka loo nto kubantu bakhe kuLawulo lukaYesu Lweminyaka Eliwaka. Abantu baza kuba nexesha lokukhonza uThixo. Kubalulekile ukuba sikhonze uThixo ukuba sifuna ukonwaba, ibe yiloo nto kanye eza kwenzeka kwihlabathi elitsha. Bonke abantu baza konwaba kuLawulo lukaYesu Lweminyaka Eliwaka kuba baza kube besenza imisebenzi abayithandayo ibe bekhonza uThixo.

INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu

^ isiqe. 5 Kukho into ebalulekileyo uYehova awayenzayo ukuze akhulule amaSirayeli. Wenza kwabakho uNyaka Wenkululeko. Thina asisathobeli uMthetho kaMoses kodwa kubalulekile ukuba sifunde ngalo Nyaka. Kweli nqaku, siza kufunda ngendlela uNyaka Wenkululeko osikhumbuza ngayo ngento esayenzelwa nguYehova nangendlela osinceda ngayo.

^ isiqe. 61 IMIFANEKISO: NgoNyaka Wenkululeko, amadoda awayengamakhoboka ayekhululwa aze abuyele kwiintsapho nakwimihlaba yawo.