Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UKenneth E. Cook, Omnci. nenkosikazi yakhe uJamie

Ilungu Elitsha LeQumrhu Elilawulayo

Ilungu Elitsha LeQumrhu Elilawulayo

NGENTSASA yangoLwesithathu, ngoJanuwari 24, 2018, iintsapho zaseBheteli eMerika naseKhanada zavuya zakuva isaziso esikhethekileyo esithi: UMzalwan’ uKenneth Cook, Omnci. ulilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova.

UMzalwan’ uCook wazalwa waza wakhulela ePennsylvania, eMerika. Wayifumana inyaniso kumfana awayefunda naye ngaphambi kokuba agqibe isikolo ibe wabhaptizwa ngoJuni 7, 1980. Waqalisa inkonzo yexesha elizeleyo ngokuba nguvulindlela othe ngxi ngoSeptemba 1, 1982. Emva kokuba nguvulindlela kangangeminyaka emibini, wabizwa eBheteli, waza waqalisa ukusebenza eWallkill, eNew York, ngo-Oktobha 12, 1984.

Kwiminyaka eyi-25 eyalandelayo, uMzalwan’ uCook wenza imisebenzi eyahlukeneyo, wasebenza kwisebe lokuprinta nakwiOfisi yaseBheteli. Ngo-1996 watshata noJamie, ibe bakhonza kunye eBheteli, eWallkill. NgoDisemba 2009, uMzalwan’ uCook nenkosikazi yakhe bathunyelwa kwiWatchtower Educational Center, eNew York, apho kwathiwa uMzalwan’ uCook makasebenze nesebe leWriting Correspondence. NgoAprili 2016, emva kokuba bebuyele eWallkill, uMzalwan’ uCook nenkosikazi yakhe bathunyelwa eBrooklyn, eNew York. Kwagqitha iinyanga ezintlanu, bathunyelwa kwikomkhulu eliseWarwick, eNew York. NgoJanuwari 2017, uMzalwan’ uCook waba ngumncedisi weKomiti Yokubhala yeQumrhu Elilawulayo.