Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 4

Indlela Elula Yokwenza ISikhumbuzo Isifundisa Ntoni NgoKumkani Wasezulwini?

Indlela Elula Yokwenza ISikhumbuzo Isifundisa Ntoni NgoKumkani Wasezulwini?

“Oku kuthetha umzimba wam. . . . Oku kuthetha ‘igazi lam lomnqophiso.’”—MAT. 26:26-28.

INGOMA 16 Dumisani UYehova Ngenxa YoBukumkani Bakhe

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Kutheni ingasothusi into yokuba uYesu afune sikukhumbule ngendlela elula ukufa kwakhe? (b) Zeziphi iimpawu zikaYesu esiza kufunda ngazo?

KWENZEKA ntoni kwiSikhumbuzo Sokufa KukaYesu esibakho qho ngonyaka? Ngokuqinisekileyo baninzi kuthi abazikhumbulayo ezona zinto zenziwayo kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Ngoba? Ngenxa yokuba esi sidlo senziwa nje ngezinto ezimbini. Kodwa ke, le ntlanganiso ibalulekile. Ngoko sisenokuzibuza, ‘Kutheni iSikhumbuzo Sokufa KukaYesu sisenziwa ngendlela elula kangaka?’

2 Ngoxa wayesemhlabeni, uYesu wayesaziwa ngokufundisa ngendlela elula, ecacileyo nekulula ukuyiqonda. (Mat. 7:28, 29) Ngendlela efanayo, wasibonisa indlela elula kodwa ebalulekileyo yokukhumbula * ukufa kwakhe. Makhe sithethe ngesi sidlo nangezinye izinto uYesu awazithethayo nawazenzayo. Siza kutsho siyiqonde ngakumbi indlela uYesu awayethobeke, enesibindi nawayebathanda ngayo abantu. Siza kufunda nangeendlela esinokumxelisa ngazo.

UYESU UTHOBEKILE

Isonka newayini ezisetyenziswa eSikhumbuzweni zisikhumbuza ukuba uYesu wasifela ibe ngoku unguKumkani ezulwini (Jonga isiqendu 3-5)

3. Ngokutsho kukaMateyu 26:26-28, uYesu wasenza salula njani iSikhumbuzo? Wathi zimela ntoni ezi zinto kwenziwa ngazo iSikhumbuzo?

3 UYesu wayekunye nabafundi bakhe abathembekileyo abayi-11 xa wayeqalisa iSikhumbuzo sokufa kwakhe. Wathatha izinto ezazishiyeke kwiPasika waza wenza isikhumbuzo sokufa kwakhe ngendlela elula. (Funda uMateyu 26:26-28.) Wasebenzisa izinto ezazisele zikhona, isonka esingenagwele newayini. UYesu waxelela abapostile bakhe ukuba ezi zinto zithetha umzimba wakhe ofezekileyo negazi lakhe, awayeza kuzinikela ngenxa yabo. Kungenzeka ukuba abapostile abazange bothuke bakubona indlela eyenziwa lula ngayo le ntlanganiso ibalulekileyo. Ngoba?

4. Into uYesu awayicebisa uMarta isinceda njani siqonde isizathu sokuba angasenzi ngezinto ezininzi iSikhumbuzo?

4 Makhe sithethe ngento eyenzeka kwiinyanga ezimbalwa ngaphambili, ngonyaka wesithathu uYesu eqalise umsebenzi wakhe. Wayokubona abahlobo bakhe uLazaro, uMarta noMariya. Bathi besazihlelele, uYesu waqalisa ukufundisa. UMarta wayekhona, kodwa exakeke kukwenzela undwendwe lwakhe olubalulekileyo ukutya okuninzi. Wathi akubona le nto uYesu, wamlungisa kakuhle uMarta, wamnceda wabona ukuba akunyanzelekanga enze ukutya okuninzi. (Luka 10:40-42) Ngaphambi kokuba afe, uYesu wenza kanye le nto wayeyifundise uMarta. Akazange asenze ngezinto ezininzi iSikhumbuzo. Le nto isixelela ntoni ngoYesu?

5. Esi sidlo singenazinto zininzi sibonisa ntoni ngoYesu, ibe oko kudibana njani namazwi akumaFilipi 2:5-8?

5 UYesu wayebonakala kwinto yonke awayeyenza nawayeyithetha ukuba uthobekile. Ukuthobeka kwakhe kwabonakala nangobusuku bokugqibela esemhlabeni. (Mat. 11:29) Wayesazi ukuba uza kwenza owona mnikelo ubalulekileyo kweyakha yenziwa, nokuba uYehova wayeza kumvusa aze amenze ukumkani ezulwini. Nangona kunjalo, akazange afune abantu bazixakekise kakhulu ngaye ngokufuna babe nezinto ezininzi xa bekhumbula ukufa kwakhe. Endaweni yoko, wathi abafundi bakhe mabenze iSikhumbuzo qho ngonyaka ngezinto ezimbalwa. (Yoh. 13:15; 1 Kor. 11:23-25) Esi sidlo sifanelekile nangona singenazinto zininzi, ibe sibonisa ukuba uYesu wayengengomntu unekratshi. Iyasivuyisa into yokuba uKumkani wethu osezulwini ethobeke kangaka.—Funda abaseFilipi 2:5-8.

6. Sinokwenza njani ukuze sithobeke njengoYesu xa sineengxaki?

6 Sinokwenza njani ukuze sithobeke njengoYesu? Ngokuthi senze izinto eziza kunceda abanye kunokubeka phambili eziza kunceda thina. (Fil. 2:3, 4) Khawucinge ngobusuku bokugqibela uYesu esemhlabeni. Wayesazi ukuba kungekudala uza kufa kabuhlungu, kodwa wayecingela abapostile bakhe abathembekileyo ababeza kukhathazeka emva kokuba efile. Ngenxa yoko, ngobo busuku wabafundisa, wabakhuthaza waza wabathuthuzela. (Yoh. 14:25-31) Kuba uYesu ethobekile, wacingela abanye abantu kunokuba acingele yena. Ungumzekelo omhle kakhulu kuthi!

UYESU UNESIBINDI

7. Yintoni eyenziwa nguYesu emva kweSidlo SeNkosi Sangokuhlwa ebonisa ukuba wayenesibindi nyhani?

7 Emva nje kokuba uYesu eqalise iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, wenza into eyabonisa ukuba unesibindi nyhani. Njani? UYesu wavuma ukwenza ukuthanda kukaTata wakhe nakubeni wayesazi ukuba loo nto iza kumbulalisa kuba kusithiwa uthethe kakubi ngoThixo. (Mat. 26:65, 66; Luka 22:41, 42) UYesu wahlala ethembekile ukuze azukise igama likaYehova, abonise ukuba nguThixo omele alawule, nokuze avule ithuba lokuba abantu abaguqukileyo baphile ngonaphakade. Kwangaxeshanye, uYesu wanceda abalandeli bakhe ukuba bakwazi ukumelana nezinto ezaziza kubehlela kungekudala.

8. (a) Yintoni uYesu awayixelela abapostile bakhe abathembekileyo? (b) Emva kweminyaka uYesu efile, abapostile bakhe babonisa njani ukuba banesibindi njengaye?

8 UYesu waphinda wabonakala ukuba unesibindi ngokungahoyi iingxaki zakhe kunoko ancede abapostile bakhe abathembekileyo. Isidlo esingenazinto zininzi awasenza emva kokugxotha uYudas sasiza kukhumbuza abalandeli bakhe ababeza kuthanjiswa ngendlela ababeza kuncedakala ngayo ngokuphalala kwegazi likaYesu nangokuba phantsi kwesivumelwano esitsha. (1 Kor. 10:16, 17) UYesu waxelela abalandeli bakhe izinto yena noTata wakhe ababezilindele kubo ukuze bakwazi ukuhlala bethembekile baze babe kunye naye ezulwini. (Yoh. 15:12-15) Waxelela abapostile bakhe nangeengxaki ababeza kuba nazo. Emva koko, wathi kubo mababe njengaye baze ‘bomelele!’ (Yoh. 16:1-4a, 33) Emva kweminyaka emininzi eyalandelayo, abafundi bakaYesu baqhubeka bezincama njengaye baza benza izinto ezazibonisa ukuba banesibindi. Nakubeni babephathwa kakubi, babencedana.—Heb. 10:33, 34.

9. Yintoni enokusinceda sibe nesibindi njengoYesu?

9 Nathi namhlanje senza izinto ezibonisa ukuba sinesibindi njengoYesu. Ngokomzekelo, kufuneka sibe nesibindi ukuze sikwazi ukunceda abazalwana bethu abaphathwa kakubi ngenxa yokuba bengamaNgqina KaYehova. Ngamanye amaxesha abazalwana bethu banokubanjwa bengenzanga nto. Xa loo nto isenzeka, kufuneka senze konke okusemandleni ethu ukuze sibancede, loo nto isenokufuna nokuba sibathethelele. (Fil. 1:14; Heb. 13:19) Enye indlela esibonakala ngayo ukuba sinesibindi kukuqhubeka sishumayela “ngenkalipho.” (IZe. 14:3) NjengoYesu, sizimisele ukuqhubeka sishumayela ngoBukumkani enoba abantu bayachasa okanye basiphatha kakubi. Kodwa, ngamanye amaxesha sisenokuzibona singenaso isibindi. Yintoni esinokuyenza?

10. Yintoni esimele siyenze kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo, ibe kutheni?

10 Ukucinga ngethemba esilifumana ngenxa yentlawulelo kaKristu kungasinceda sibe nesibindi ngakumbi. (Yoh. 3:16; Efe. 1:7) Kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo, siba nethuba lokuyixabisa ngakumbi intlawulelo. Ngelo xesha, qhubeka nofundo lweBhayibhile lweSikhumbuzo uze ucinge ngezinto ezenzeka ngaphambi kokufa kukaYesu. Ukuba siyayenza le nto, siza kuthi sisiya kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, sibe sikuqonda ngakumbi ukubaluleka kwesonka newayini ezisetyenziswa eSikhumbuzweni nokubaluleka komnikelo eziwumelayo. Xa siyiqonda into uYesu noYehova abasenzele yona naxa siqonda indlela esincedakala ngayo thina nabantu esibathandayo, ithemba lethu liyaqina ibe siye sizimisele ukuqhubeka sinyamezele kude kufike isiphelo.—Heb. 12:3.

11-12. Sifunde ngantoni kwiziqendu ezidlulileyo?

11 Kwiziqendu ezidlulileyo sifunde ukuba iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa asisikhumbuzi nje ngokubaluleka kwentlawulelo, kodwa sisifundisa nokuba uYesu uthobeke ngeyona ndlela ibe unesibindi nyhani. Iyavuyisa into yokuba uYesu enezi mpawu ekubeni enguMbingeleli Omkhulu osicengela kuYehova! (Heb. 7:24, 25) Ukuze sibonise ukuba siyayixabisa loo nto, sifanele siqhubeke sisenza iSikhumbuzo Sokufa KukaYesu kanye njengoko watshoyo. (Luka 22:19, 20) Esi Sikhumbuzo sisenza ngolona suku lubalulekileyo enyakeni, uNisan 14.

12 Izinto ezimbalwa esenziwa ngazo iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa zisibonisa enye into eyabangela uYesu asifele. Xa wayesemhlabeni, wayesaziwa kakhulu ngale nto. Yintoni leyo?

UYESU UYABATHANDA ABANTU

13. UYohane 15:9 neyoku-1 kaYohane 4:8-10, ziyibonisa njani indlela uYehova noYesu abasithanda ngayo ibe ngoobani abancedakalayo yinto abayenzayo?

13 UYesu wasibonisa kakuhle indlela uYehova asithanda ngayo ngezinto zonke awayezenza. (Funda uYohane 15:9; neyoku-1 kaYohane 4:8-10.) Eyona nto ibalulekileyo kukuba, uYesu wanikela ngobomi bakhe kuba esithanda. Enoba singabathanjiswa okanye ‘singabezinye izimvu’, iyasinceda intlawulelo uYehova noNyana wakhe abasenzela yona kuba besithanda. (Yoh. 10:16; 1 Yoh. 2:2) Khawucinge kwakhona ngezinto ezisetyenziswa eSikhumbuzweni, zibonisa indlela uYesu abathanda nabacingela ngayo abafundi bakhe. Njani?

UYesu waqalisa iSikhumbuzo ngezinto ezimbalwa ukuze kube lula ngabalandeli bakhe ukusenza kangangeminyaka emininzi naphantsi kweemeko ezinzima (Jonga isiqendu 14-16) *

14. UYesu wabonisa njani ukuba uyabathanda abalandeli bakhe?

14 UYesu wabonisa ukuba uyabathanda abalandeli bakhe abathanjisiweyo ngokuqalisa indlela elula yokwenza iSikhumbuzo. Ekuhambeni kwexesha, kwafuneka aba bafundi bathanjisiweyo basenze esi Sikhumbuzo qho ngonyaka, ibe ngamanye amaxesha besenza phantsi kweemeko ezinzima, naxa bebanjiwe. (ISityhi. 2:10) Ngaba bakwazi ukuyenza le nto uYesu wathi mabayenze? Ewe bakwazi!

15, 16. Abakhonzi bakaThixo baye basenza phantsi kweziphi iimeko ezinzima iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa?

15 Ukususela kwixesha labapostile ukuza kutsho namhlanje, amaKristu enene aye enza konke anako ukuze akhumbule ukufa kukaYesu. Bazama ukusenza esi Sidlo Senkosi Sangokuhlwa ngendlela uYesu awasenza ngayo, ibe ngamanye amaxesha basenza phantsi kweemeko ezinzima. Nantsi imizekelo. Xa uMzalwan’ uHarold King wayevalelwe yedwa kwijele eseTshayina, kwafuneka azame icebo ukuze enze iSikhumbuzo. Waqinisekisa ukuba akabonwa xa esenza izinto zeSikhumbuzo, ibe wazenza ngezinto awayenazo. Wazama nokuwubala kakuhle umhla esasiza kuba ngawo iSikhumbuzo. Lathi lakufika usuku lweSikhumbuzo, wacula, wathandaza waza wanikela nentetho nangona wayevalelwe yedwa.

16 Nanku omnye umzekelo. Oodade ababebanjwe kwinkampu yoxinaniso ngeMfazwe Yehlabathi yesibini, benza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa nakubeni loo nto yayinokubabulalisa. Kodwa ke, kuba iSikhumbuzo sisenziwa ngezinto ezimbalwa, bakwazi ukusenza bengabonwa. Bathi: “Sasisima kunye, sisondelelane, size sime ecaleni kwetafile emfutshane egqunywe ngelaphu elimhlophe, kukho isonka newayini phezu kwayo. Sasilayita ikhandlela kuba iglowubhu yayinokusibhaqisa. . . . Sasiye siphindaphinde izithembiso esazenza kuTata wethu zokuba siza kusebenzisa onke amandla ethu ukuze sithethelele igama Lakhe elingcwele.” Babonakala ukuba banokholo nyhani! NoYesu wabonakala ukuba uyasithanda ngokwenza kwalula ukwenza iSikhumbuzo naphantsi kweemeko ezinzima!

17. Yeyiphi imibuzo esimele sizibuze yona?

17 Njengoko iSikhumbuzo sisondela, kuhle sizibuze le mibuzo: ‘Ndinokwenza njani ukuze ndibathande abantu njengoYesu? Ngaba ezona zinto ziphambili kum zizinto ezifunwa ngabazalwana bam kunezifunwa ndim? Ngaba ndilindele ukuba abazalwana noodade benze izinto ezingapha kwamandla abo, okanye ndiyaqonda ukuba zikhona izinto abangakwazi ukuzenza?’ Akwaba singaqhubeka ‘sibavela’ abanye abantu njengoYesu.—1 Pet. 3:8.

THOBEKA, UBE NESIBINDI UZE UTHANDE ABANTU NJENGOYESU

18-19. (a) Yintoni esiqiniseke ngayo? (b) Uzimisele ukwenza ntoni?

18 Kungekudala, siza kuyeka ukwenza iSikhumbuzo Sokufa KukaYesu. Xa uYesu ‘efika’ ebudeni bembandezelo enkulu, uza kuthatha ‘abanyuliweyo bakhe’ abase ezulwini, ibe iSikhumbuzo siza kuyeka ukwenziwa.—1 Kor. 11:26; Mat. 24:31.

19 Nasemva kokuba siyekiwe ukwenziwa iSikhumbuzo, siqinisekile ukuba abantu bakaYehova baza kuhlala beyikhumbula indlela elula esasisenziwa ngayo kuba ibonisa ukuthobeka, isibindi nothando lukaYesu Kristu. Siqinisekile ukuba ngelo xesha abo babekhe baya eSikhumbuzweni baza kubalisela nabanye abantu abaza kube bephila ukuze nabo bancedakale. Kodwa, ukuze sincedakale ngoku sesi sidlo, simele sizimisele ukuthobeka, ukuba nesibindi nokuthanda abantu njengoYesu. Ukuba siyakwenza oko, masiqiniseke ukuba ininzi into uYehova aza kusenzela yona.—2 Pet. 1:10, 11.

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

^ isiqe. 5 Kungekudala siza kube sikwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa ukuze sikhumbule ukufa kukaYesu Kristu. Indlela elula esenziwa ngayo iSikhumbuzo isifundisa indlela uYesu athobeke, anesibindi nanothando ngayo. Kweli nqaku, siza kufunda ngeendlela esinokumxelisa ngazo.

^ isiqe. 2 IGAMA ELICACISIWEYO: Ukukhumbula kuthetha ukwenza into ebalulekileyo ukuze kuhlonitshwe umntu okanye into ebalulekileyo eyenzekayo.

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: Kuboniswa abakhonzi bakaThixo abathembekileyo besenza iSikhumbuzo ngexesha labapostile; ngeminyaka yoo-1880; inkampu yoxinaniso yamaNazi; nanamhlanje kwiHolo YoBukumkani evulekileyo emacaleni kwilizwe elikuMzantsi Merika elinemozulu eshushu.