Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 1

Sukuba Nexhala, Kuba NdinguThixo Wakho

Sukuba Nexhala, Kuba NdinguThixo Wakho

“Musa ukoyika, kuba ndinawe. Musa ukubhekabheka [sukuba nexhala], kuba ndinguThixo wakho. Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene.”—ISA. 41:10.

INGOMA 7 UYehova Ungamandla Ethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Amazwi akuIsaya 41:10 amnceda njani uYoshiko? (b) Ngoobani abanokuncedwa ngamazwi abhalwe kuIsaya 41:10?

UDADE othembekileyo ekuthiwa nguYoshiko waxelelwa iindaba ezimbi. Ugqirha wakhe wamxelela ukuba kushiyeke iinyanga ezimbalwa asweleke. Wathini ke uYoshiko? Wacinga ngeSibhalo asithandayo, uIsaya 41:10. (Yifunde.) Ezolile, waxelela ugqirha ukuba akoyiki, kuba uYehova wayesibambe nkqi isandla sakhe. * Amazwi athuthuzelayo akule vesi amnceda udade wethu wathembela ngoYehova ngokupheleleyo. Le vesi inokusinceda nathi sihlale sizolile xa sineengxaki ezibonakala zingaphaya kwamandla ethu. Ukuze siyiqonde indlela enokusinceda ngayo, makhe siqale sijonge ukuba kwakutheni ukuze uThixo athethe loo mazwi akuIsaya.

2 Ekuqaleni, uYehova wathuma uIsaya ukuba abhale la mazwi ukuze athuthuzele amaYuda awayeza kuthinjelwa eBhabhiloni. Kodwa ke, uYehova wenza ukuba agcinwe la mazwi ukuze angancedi amaYuda awayethinjiwe kuphela. Wayefuna ancede bonke abantu bakhe. (Isa. 40:8; Roma 15:4) Namhlanje, siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo,’ ibe siludinga kakhulu kunangaphambili ukhuthazo olukwincwadi kaIsaya.—2 Tim. 3:1.

3. (a) Zeziphi izithembiso esizifumana kuIsaya 41:10? (b) Kutheni sizidinga nje ezi zithembiso?

3 Kweli nqaku, siza kuthetha kakhulu ngezinto ezintathu esizithenjiswa nguYehova, eziqinisa ukholo lwethu. Ezi zinto zifumaneka kuIsaya 41:10, apho uthathwe khona umxholo wonyaka ka-2019: (1) UYehova uza kuba nathi, (2) nguThixo wethu, ibe (3) uza kusinceda. Siyazidinga ezi zithembiso * kuba njengoYoshiko nathi siba nazo iingxaki. Ezinye zibangelwa zizinto ezimbi ezenzekayo emhlabeni. Abanye kuthi banyamezele ukuphathwa kakubi ngoorhulumente. Makhe sithethe ngezi zithembiso zithathu.

“NDINAWE”

4. (a) Ngawaphi amazwi athuthuzelayo esiza kuthetha ngawo kuqala? (Jonga nombhalo osemazantsi.) (b) UYehova uyichaza njani into yokuba uyasithanda? (c) Akwenza uzive njani amazwi athethwa nguThixo?

4 UYehova uqala asithuthuzele ngamazwi athi: “Musa ukoyika, kuba ndinawe.” * Ubonisa ukuba unathi ngokusihoya nangokusikhathalela. Khawuve indlela ayichaza ngayo into yokuba uyasithanda. Uthi: “Uxabisekile yaye ubekekile emehlweni am, mna ke ndikuthandile.” (Isa. 43:4) Akukho nto inokwenza uYehova ayeke ukuthanda abakhonzi bakhe; soze abalahle abantu bakhe. (Isa. 54:10) Ukuthandwa nguye nokuba ngabahlobo bakhe kusenza sibe nesibindi. Uza kusikhusela nathi namhlanje, njengokuba wenzayo kuAbram (uAbraham) umhlobo wakhe. UYehova wathi kuye: “Musa ukoyika, Abram. Ndilikhaka lakho.”—Gen. 15:1.

UYehova unokusinceda sidlule kwiingxaki ezifana nomlambo onokusikhukulisa nezifana nomlilo (Jonga isiqendu 5-6) *

5-6. (a) Sazi njani ukuba uYehova uyafuna ukusinceda xa sineengxaki? (b) Yintoni esiyifundayo kumzekelo kaYoshiko?

5 Siyazi ukuba uYehova uyafuna ukubanceda abantu bakhe xa beneengxaki ibe ubathembisa oku: “Ukuba kunokwenzeka udlule emanzini, ndiza kuba nawe; nasemilanjeni, ayiyi kukukhukulisa. Ukuba kunokwenzeka uhambe emlilweni, akuyi kutsha, nedangatye aliyi kukurhawula.” (Isa. 43:2) Athetha ukuthini la mazwi?

6 UYehova akathembisi ukuba uza kuzisusa iingxaki esinazo, kodwa akazukuvumela iingxaki ezifana ‘nomlambo’ zisirhaxe okanye ezifana “nedangatye” zisitshise siphele tu. Uyasiqinisekisa ukuba uza kuba nathi, aze asincede ‘sidlule’ kwezo ngxaki. Uza kuyenza njani uYehova le nto? Uza kusinceda singoyiki kakhulu ukuze singagungqi ekumkhonzeni, nokuba loo nto ithetha ukuba siza kufa. (Isa. 41:13) UYoshiko ebesikhe sathetha ngaye, wayibona indlela ayinyaniso ngayo la mazwi. Intombi yakhe ithi: “Yasimangalisa indlela umama awayezole ngayo. Sayibona into yokuba uYehova wamnceda wanoxolo lwengqondo. Umama wayencokola ngoYehova nangezithembiso zakhe koonesi nakwabanye abantu abagulayo, de wasweleka.” Yintoni esiyifundayo kumzekelo kaYoshiko? Xa sisithemba isithembiso sikaThixo esithi, “ndiza kuba nawe,” nathi siza kuba nesibindi size somelele njengoko sinyamezele iingxaki esinazo.

“NDINGUTHIXO WAKHO”

7-8. (a) Sesiphi isithembiso sesibini esiza kuthetha ngaso, ibe sithetha ukuthini? (b) Kwakutheni ukuze uYehova axelele amaYuda awayeza kuthinjelwa eBhabhiloni ukuba ‘angabi naxhala’? (c) Ngawaphi amazwi akuIsaya 46:3, 4 afanele ukuba anceda abantu bakaThixo bangoyiki?

7 Khawuve isithembiso sesibini esikuIsaya: ‘Sukuba nexhala, kuba ndinguThixo wakho.’ Xa le vesi ithetha ngexhala, ithetha ukuthini? Apha, igama eliguqulelwe ngokuthi ‘ixhala’ linento yokwenza “nokubhekabheka kuba usoyika into okanye umntu onokukwenzakalisa” okanye “nokutatazela kuba wothukile.”

8 Kwakutheni ukuze uYehova axelele amaYuda awayeza kuthinjelwa eBhabhiloni ukuba ‘angabi nexhala’? Wayesazi ukuba abantu abahlala kwelo lizwe babeza koyika. Babeza koyikiswa yintoni? Xa isiya ngasekupheleni iminyaka eyi-70 amaYuda ethinjiwe, iBhabhiloni yayiza kuhlaselwa ngamaMedi namaPersi. UYehova wayeza kusebenzisa lo mkhosi ukuze akhulule abantu bakhe eBhabhiloni. (Isa. 41:2-4) Xa amaBhabhiloni nezinye iintlanga ezaziphila ngelo xesha zisazi ukuba utshaba lusondele, zazikhuthazana ngokuthi: “Yomelela.” Zazisenza nezithixo ezingakumbi, zinethemba lokuba ziza kubakhusela. (Isa. 41:5-7) Kwelinye icala, uYehova wazithuthuzela iintliziyo zamaYuda ngokuthi: ‘Kodwa wena, Sirayeli, [ngokungafaniyo nezinye iintlanga] ungumkhonzi wam. . . Sukuba nexhala, kuba ndinguThixo wakho.’ (Isa. 41:8-10) Uyiqaphele into yokuba uYehova uthi: “NdinguThixo wakho”? Ngaloo mazwi, uYehova wayenceda abakhonzi bakhe bangabi naxhala, bayazi ukuba akabalibelanga, usenguThixo wabo ibe nabo babesengabantu bakhe. Wathi kubo: ‘Ndiza kunithwala. . . ndize ndinisindise.’ Asiyithandabuzi into yokuba loo mazwi athuthuzelayo nakhuthazayo awomeleza amaYuda.—Funda uIsaya 46:3, 4.

9-10. Kutheni singamele sibe nexhala? Yenza umzekelo.

9 Ngoku, abantu esiphila nabo banexhala kakhulu ngenxa yezinto eziya zisiba mbi emhlabeni. Phofu, nathi ziyasehlela ezi zinto. Kodwa akukho sizathu sokuba soyike. UYehova uthi: “NdinguThixo wakho.” Kutheni loo mazwi enamandla okusinceda sihlale sizolile?

10 Khawucinge ngalo mzekelo: UJim noBen bakhwele inqwelo-moya entlithwa ngumoya onamandla. Njengoko lo moya uyisa ngapha nangapha, kuvakala ilizwi lisithi: “Qinisani amabhanti enu. Inqwelo-moya iza kukhe ingazinzi okwexeshana.” UJim uqalisa ukuba nexhala. Kodwa umqhubi wenqwelo-moya uthi: “Ningabi nexhala. Ngumqhubi lo uthethayo.” UJim unikina intloko aze athi, “Inceda ngantoni loo nto?” Kodwa, uqaphela ukuba uBen akanaxhala. UJim uyambuza ukuba kutheni ephole kangaka. UBen uyancuma aze athi: “Kuba ndimazi kakuhle lo mqhubi. Ngutata!” Emva koko uBen uthi: “Makhe ndikuxelele ngotata. Ndiqinisekile ukuba xa umazi, uyazi nendlela ayiqhuba ngayo inqwelo-moya, nawe awuzukuba naxhala.”

11. Yintoni esiyifundayo kumzekelo kaJim noBen?

11 Yintoni esinokuyifunda kulo mzekelo? NjengoBen, nathi asinaxhala kuba simazi kakuhle uTata wethu osezulwini, uYehova. Siyazi ukuba uza kusinceda sinyamezele kwanezona ngxaki zinzima sinazo kule mihla yokugqibela. (Isa. 35:4) Sithembele ngoYehova, yiloo nto sizolile nangona ihlabathi lisoyika. (Isa. 30:15) Nathi sifana noBen, sixelela abantu ngezizathu zokuba simthemba uThixo. Loo nto iza kubanceda nabo baqiniseke ukuba enoba zinjani iingxaki abanazo, uYehova uza kubaxhasa.

“NDIZA KUKUQINISA [KWAYE] NDIZA KUKUNCEDA”

12. (a) Sesiphi isithembiso sesithathu esiza kuthetha ngaso? (b) Amazwi athi “ingalo” kaYehova iya kulawula asikhumbuza ntoni?

12 Ngoku, makhe sithethe ngesithembiso sesithathu esikuIsaya: “Ndiza kukuqinisa. Ndiza kukunceda ngokwenene.” UIsaya wayesele eyicacisile indlela uYehova awayeza kubaqinisa ngayo abantu bakhe, xa wathi: ‘UYehova uya kuza kanye njengowomeleleyo, yaye ingalo yakhe iya kulawula.’ (Isa. 40:10) Xa iBhayibhile ithetha ngamandla idla ngokusebenzisa igama elithi “ingalo.” Ngoko, amazwi athi ingalo kaYehova iya kulawula asikhumbuza ukuba uYehova unguKumkani onamandla. Wasebenzisa amandla akhe angenakuthelekiswa nanto ukuze axhase aze alwele abakhonzi bakhe bakudala, ibe usaqhubeka ebaqinisa aze abakhusele abo bathembela ngaye nanamhlanje.—Dut. 1:30, 31; Isa. 43:10.

Akukho sixhobo siya kuphumelela xa uYehova esikhusele ngeengalo zakhe ezomeleleyo (Jonga isiqendu 12-16) *

13. (a) UYehova usigcina ngakumbi xa kutheni isithembiso sakhe esithi: “Ndiza kukuqinisa”? (b) Yintoni asixelela yona uYehova esenza sibe namandla size simthembe?

13 UYehova uyasigcina isithembiso sakhe esithi, “ndiza kukuqinisa,” ingakumbi xa sitshutshiswa ziintshaba zethu. Kwezinye iindawo namhlanje, iintshaba zethu zizama kangangoko zinako ukuyekisa umsebenzi wethu wokushumayela okanye ukuvala intlangano yethu. Nakubeni kunjalo, asizixhalabisi kakhulu ngezinto ezinje. Into uYehova asixelela yona isenza sibe namandla size simthembe. Usithembisa esithi: “Nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nawe asiyi kuphumelela.” (Isa. 54:17) Loo mazwi asikhumbuza izinto ezintathu ezibalulekileyo.

14. Kutheni ingasothusi into yokuba iintshaba zikaThixo zisilwa nathi?

14 Okokuqala, njengabalandeli bakaKristu, siyilindele into yokuba abantu basicaphukele. (Mat. 10:22) UYesu watsho kwangaphambili ukuba abafundi bakhe babeza kutshutshiswa ngeyona ndlela ngemihla yokugqibela. (Mat. 24:9; Yoh. 15:20) Okwesibini, isiprofeto sikaIsaya sasilumkisa kwangaphambili ukuba iintshaba zethu zazingazukusicaphukela nje qha, kodwa kukho nezinto ezaziza kuzenza kuthi. Izinto ezifana nokuxoka ngathi kunye nokusitshutshisa. (Mat. 5:11) UYehova akazukuzinqanda iintshaba zethu ukuba ziyeke ukulwa nathi. (Efe. 6:12; ISityhi. 12:17) Kodwa asimele soyike. Ngoba?

15-16. (a) Yintoni enye yesithathu esimele siyikhumbule, ibe uIsaya 25:4, 5 uyibonisa njani loo nto? (b) UIsaya 41:11, 12 uthi yintoni eza kwenzeka kwabo balwa nathi?

15 Nantsi enye into yesithathu esimele siyikhumbule. UYehova wathi, “nasiphi na isixhobo” esiya kusetyenziswa kuthi asiyi kuphumelela.” Njengokuba udonga lusikhusela xa kukho imvula enkulu, noYehova uyasikhusela xa sihlaselwa ziintshaba zethu. (Funda uIsaya 25:4, 5.) Azinakuze zisenzakalise de kube ngonaphakade.—Isa. 65:17.

16 UYehova usenza simthembe ngakumbi ngokusichazela ngokweenkcukacha into eza kwenzeka kwabo “bavuthayo ngumsindo nxamnye” nathi. (Funda uIsaya 41:11, 12.) Nokuba iintshaba zethu zizama kangakanani na ukulwa nathi okanye indlela ezilwa ngayo nathi iyaqatsela, inye into eza kwenzeka kuzo: Zonke iintshaba zikaThixo ziza ‘kuba njengento engento, zitshabalale.’

INDLELA YOKUMTHEMBA NGAKUMBI UYEHOVA

Siye simthembe ngakumbi uYehova xa sifunda qho ngaye eBhayibhileni (Jonga isiqendu 17-18) *

17-18. (a) Ukufunda iBhayibhile kunokusinceda njani simthembe ngakumbi uThixo? Yenza umzekelo. (b) Ukucinga ngomxholo wonyaka ka-2019 kuza kusinceda njani?

17 Siye simthembe ngakumbi uYehova xa sizimisele ukumazi. Eyona ndlela sinokumazi kakuhle ngayo uThixo kukufunda iBhayibhile size sicinge ngezinto esizifundayo. IBhayibhile isixelela izinto esinokuzithemba ezibonisa indlela uYehova awabakhusela ngayo abantu bakhe bakudala. Ezo zinto zisinika ithemba lokuba uza kusikhathalela nathi namhlanje.

18 Khawucinge ngomzekelo omhle uIsaya awawusebenzisayo ukuze abonise indlela uYehova asikhusela ngayo. Xa ethetha ngoYehova uthi, ungumalusi baze abakhonzi bakhe babe ngamatakane. Uyibeka ngolu hlobo: ‘Ngengalo yakhe uya kuqokelela ndawonye amatakane; uya kuwathwala ngesifuba sakhe.’ (Isa. 40:11) Iba ngathi uYehova usifunqule ngeengalo zakhe kwaye loo nto isenza sizive sikhuselekile kwaye sizolile. Ukuze lisincede sihlale sizolile nakubeni sineengxaki, ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi likhethe uIsaya 41:10 njengomxholo wonyaka ka-2019, Sukuba nexhala, kuba ndinguThixo wakho. Khawukhe ucinge ngala mazwi asinika ithemba. Aza kukunceda ube namandla okumelana neengxaki oseza kuba nazo.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

^ isiqe. 5 Umxholo wonyaka ka-2019 usinika izizathu ezithathu zokuba sihlale sizolile nokuba kwenzeka izinto ezimbi emhlabeni okanye kubomi bethu. Kweli nqaku kuza kuthethwa ngezo zizathu ibe liza kusinceda singabi naxhala kakhulu size sizimisele ngakumbi ukumthemba uYehova. Khawukhe ucinge ngomxholo wonyaka, uze uwunkqaye ukuba uyakwazi. Uza kukunceda ube namandla okumelana neengxaki oseza kuba nazo.

^ isiqe. 3 IGAMA ELICACISIWEYO: Isithembiso sikaYehova ngamazwi anokuthenjwa asixelela ngento eza kwenzeka enoba sekutheni. Izinto esizithenjiswa nguYehova zisinceda singabi naxhala kakhulu ngeengxaki esisenokuba nazo kubomi bethu.

^ isiqe. 4 UMBHALO OSEMAZANTSI: Amazwi athi “Musa ukoyika” avela kathathu, kuIsaya 41:10, 13, 14. Ezi vesi ziphinde zibe namazwi athi “kuba ndinawe,” “kuba ndinguThixo wakho,” nathi “ndiza kukunceda.” Kwakutheni ukuze uYehova aphefumlele uIsaya ukuba abhale la mazwi? Wayefuna ukubethelela into ebalulekileyo yokuba kukuthembela ngaye kuphela okunokusinceda singoyiki kakhulu.

^ isiqe. 52 IMIFANEKISO: Bonke kule ntsapho baneengxaki, emsebenzini, entsimini, esikolweni, aze omnye abe nengxaki yempilo.

^ isiqe. 54 IMIFANEKISO: Amapolisa angena eze kuhlasela kwindlu ekuqhutyelwa kuyo iintlanganiso, kodwa abazalwana noodade bazolile.

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: Ukuqhuba uNqulo Lwentsapho qho kusinika amandla okunyamezela.